Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Iyintoni ‘incwadi kaThixo yobomi,’ ibe igama lam lingabhalwa njani lize ligcinwe kuyo?
Kukho izibhalo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile ezibonisa ukuba uYehova uThixo ‘unencwadi,’ okanye “incwadi esongwayo,” enoludwe lwabantu abathembekileyo abaza kufumana ubomi obungunaphakade, enoba kusezulwini okanye kusemhlabeni.
Esemazulwini uThixo oyinyaniso uphawula abantu ababonakalisa ukholo, abafanelwe yinkoliseko yakhe nakukukhunjulwa nguye. Sifunda oku ngokubhekisele kumaYuda athile omhla kaMalaki: “Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.”—Malaki 3:16.
Kuyabonakala ukuba, ukususela kwixesha lika-Abheli ukusa phambili, uThixo ubephawula abo banokusindiswa kwihlabathi loluntu abafanele bakhunjulwe ukuze bafumane ubomi obungunaphakade, yaye oko ebekwenza ngokungathi ubabhala encwadini. (Mateyu 23:35; Luka 11:50, 51) KwanamaKristu athanjisiweyo ‘amagama awo aye abhalwa kule ncwadi yobomi,’ okanye kwincwadi yokukhumbuza ukuze afumane ubomi obungunaphakade, yaye kuwo iya kuba bubomi basezulwini. (Filipi 3:14, 20; 4:3) Ngokwahlukileyo koko, ISityhilelo 17:8 sithi ngabo ‘bamangalisiweyo lirhamncwa’: “Abamagama angabhaliweyo encwadini yobomi kuseloko kwaba sekusekweni kwehlabathi.”
Kodwa loo ndlela yokuphawulwa komntu ngokukhunjulwa nokuba ngokholekileyo (igama lakhe libhaIwe ‘encwadini yobomi’) ayitheth’ ukuba uqinisekiswa ngokufumana ubomi obungunaphakade, ngokungathi oku kumiselwe kwangaphambili okanye akunakuguquIwa. Ngokubhekisele kumaSirayeli, uMoses wambuza uYehova oku: “Khawusixolele ngoko isono sabo; ukuba akunakuba njalo, wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.” UThixo waphendula wathi: “Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.” (Eksodus 32:32, 33) Ewe, kwanasemva kokuba uThixo embhalile ‘encwadini’ yakhe umntu akholisiweyo nguye, loo mntu usenokungathobeli okanye alunikel’ umva ukholo lwakhe. Ukuba oko kuyenzeka, uThixo uya “kulicima igama lakhe encwadini yobomi.”—ISityhilelo 3:5.
Kwelinye icala, ukuba ngoku amagama ethu ‘asencwadini kaThixo yobomi,’ okanye ‘encwadini yokukhumbuza,’ sifanele siqhubeke sibonakalisa ukholo. Ngaloo ndlela siya kuwagcina amagama ethu kuyo. Ngokufanayo, njengoko abantu beya kuvuswa ‘kuvuko lwabangemalungisa’ oluzayo, baya kuba nethuba lokubonakalisa ukholo baze ngeso sizathu bakufanelekele ukuba amagama abo abhalwe kuloo ncwadi. (IZenzo 24:15) Ekugqibeleni, abantu ababhaliweyo baya kukwazi ukuwagcina amagama abo elapho ngonaphakade. Oko kunjalo ngabathanjisiweyo njengoko bezingqina ‘bethembekile kude kube sekufeni.’ (ISityhilelo 2:10; 3:5) Ngokubhekisele kwabo banethemba lokuphila emhlabeni, ngokuzingqina bethembekile ngoku, ukuhla ukutyhubela uLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka, kwanokutyhubela uvavanyo oluya kubangela kwenziwe isigqibo noluya kulandela, amagama abo aya kuhlala “ebhaliwe encwadini yobomi’’ ngonaphakade.—ISityhilelo 20:5-15.