Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Yintoni Emenza Inqambi Umntu?
UKUCHASWA kukaYesu kuya kuthabath’ unyawo. Akashiywa nje kuphela ngabafundi bakhe kodwa namaYuda akwelakwaYuda afuna ukumbulala, kanye njengokuba enzayo xa wayeseYerusalem ebudeni bePasika yowama-31 C.E.
Ngoku yiPasika yowama-32 C.E. Kusenokwenzeka ukuba, ngokuvisisana nemfuneko kaThixo yokuba kuyiwe ePasikeni, uYesu uyenyuka esiya khona eYerusalem. Phofu ke, ukwenza oku ngobulumko kuba ubomi bakhe busengozini. Emva koko ubuyela eGalili.
Mhlawumbi uYesu useKapernahum ngeli xesha abaFarisi nababhali abavela eYerusalem besiza kuye. Bafuna izinto abanokumtyhola ngazo ngokwaphula kwakhe umthetho ongokonqulo. Babuza besithi, “Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? Kuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.” Le asinto efunwa nguThixo, kanti abaFarisi bakugqala kusisono esinzulu ukungenziwa kwesi sithethe, esasiquka ukuhlamba izandla ukuya kutsho ezingqinibeni.
Kunokuphendula isimangalo sabo, uYesu ubabonisa indlela abawaphula ngayo kakubi nangabom uMthetho kaThixo. Ufuna ukwazi oku, “Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu? Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela okubi uyise nokuba ngunina, makafe ukufa. Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile: akasayi kuba sambeka uyise nokuba ngunina.”
Eneneni, abaFarisi bafundisa ukuba imali, into anayo umntu, okanye nantoni na enikelwe njengesipho kuThixo yeyetempile, kwaye ayinakusetyenziselwa ezinye iinjongo. Kanti, ngokwenene, isipho esinikelweyo sigcinwa ngumntu lowo usinikeleyo. Ngale ndlela unyana, ngokusuka nje athi imali yakhe okanye into anayo ‘ingumsondezo’—isipho esinikelwe kuThixo okanye etempileni—uyayibaleka imbopheleleko yakhe yokunceda abazali bakhe abakhulileyo, abasenokuba bayiswele ngokupheleleyo imali.
Ecatshukiswe ngokufanelekileyo kukugqwetha kakubi kwabaFarisi uMthetho kaThixo, uYesu uthi: “Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu. Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi. Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo, kanti intliziyo yabo ikude lee kum; bafumana ke bendihlonela, befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.”
Mhlawumbi isihlwele sasibuye umva ukuze sinike abaFarisi ithuba lokubuza uYesu. Ngoku, xa abaFarisi bengenampendulo xa uYesu ebakhalimela ngokuqatha, usibizela kuye isihlwele. Uthi kuso, “Phulaphulani . . . niqonde: akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu.”
Kamva, xa bengena emzini, abafundi bakhe babuza besithi: “Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?”
UYesu uphendula athi, “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa. Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.”
UYesu ubonakala emangalisiwe xa uPetros esithi, ngenxa yabafundi, acele ukuba acaciselwe ngento eyenza umntu abe yinqambi. UYesu uphendula ngale ndlela, “Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese? Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu. Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa. Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.”
Apha uYesu akabadimazi abantu ekusebenziseni imithetho yezempilo. Akatsho ukuba umntu akufuneki azihlambe izandla zakhe phambi kokuba alungiselele ukutya okanye phambi kokuba atye. Kunoko, uYesu ugxeka uhanahaniso lweenkokeli zonqulo ezithi ngobuqhetseba zizame ukuphepha imithetho kaThixo yobulungisa ngokubambelela kwizithethe ezingekho zibhalweni. Ewe, zizenzo ezingendawo ezimenza inqambi umntu, kwaye uYesu ubonisa ukuba ezi zenzo zingendawo ziqalisa entliziyweni yomntu. Yohane 7:1; Duteronomi 16:16; Mateyu 15:1-20; Marko 7:1-23; Eksodus 20:12; 21:17; Isaya 29:13.
◆ UYesu ujongene nayiphi inkcaso ngoku?
◆ AbaFarisi benza siphi isimangalo, kodwa ngokutsho kukaYesu, abaFarisi bawaphula njani ngabom uMthetho kaThixo?
◆ Ziziphi izinto uYesu azichaza njengezimenza inqambi umntu?