Ngaba Uhlala Ucocekile Kuzo Zonke Iinkalo?
“Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova.”—ISAYA 52:11.
1. (a) Umyalelo owaphuma kukumkani wakuvumela njani ukubuyiselwa kwempahla kaYehova eYerusalem? (b) Yangcoliswa njani enye yaloo mpahla?
BAKHULULEKA ngequbuliso—emva kokuba ngamakhoboka iminyaka engama-70! Umyalelo owaphuma kukumkani malunga nowama-538 B.C.E. wavumela uhlanga lwakwaYuda ukuba lubuye ‘luze lwakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli.’ (Ezra 1:2, 3) Ngokulandelayo, kwenzeka esinye isiganeko esothusayo: “Ukumkani uKoreshi [wasePersi] wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare.” (Ezra 1:7, 8) Phakathi kwezi mpahla kwakukho impahla engcwele eyayingcoliswe nguBheleshatsare nezikhulu zakhe ngobusuku bokuwa kweBhabhiloni ngokuthi ngokuzikhukhumalisa bayisebenzisele ukudumisa oothixo bobuxoki! (Daniyeli 5:3, 4) Ngoku aba babefudula bengabathinjwa babenako ukuzibuyisela eYerusalem ezi mpahla ukuze zisetyenziselwe ukudumisa uYehova!
2. (a) Sisiphi isiprofeto sikaIsaya esasiza kukhunjulwa ngabo babuyileyo? Sasiza kusebenza kubani? (b) Kutheni le nto bayalelwa ukuba bangachukumisi nanye into engcolileyo?
2 Njengoko ngemincili ayelungiselela ukufuduka, ngokungathandabuzekiyo la maYuda ayebuyela ekhaya athi akhumbula amazwi omprofeti uIsaya athi: “Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova.” (Isaya 52:11) Kambe ke, abona bantu babethwele le mpahla yayingabaLevi. (Numeri 1:50, 51; 4:15) Phofu ke, uIsaya waxela kwangaphambili ukuba onke amaYuda abuyileyo ayeya kuba ngabathwali ababekekileyo bale mpahla. Ngaloo ndlela onke ayenyanzelekile ukuba acoceke. Ayengamele awaphange izinto zawo ezixabisekileyo amaBhabhiloni njengoko enzayo amaSirayeli xa ayefuduka eYiputa. (Thelekisa iEksodus 12:34-38.) Ayengamele afune ubunewunewu bakhona okanye abe ngazingcayo ekubuyeni kwawo. Zona ‘izigodo’ zaseBhabhiloni, ukusa nje isandla kwesinye sazo kwakuya kuthetha ukuzingcolisa.a (Yeremiya 50:1, 2) Kuphela kungokucoceka ngazo zonke iindlela awayenokuthi amaYuda ahambe ‘endleleni engcwele’ ukubuyela eYerusalem.—Isaya 35:8, 9.
3. Ngoobani namhlanje abathwele “impahla” kaYehova? Kutheni kulucelomngeni kangaka nje kubo ukuhlala becocekile?
3 Ngokufanayo namaNgqina kaYehova namhlanje amele acoceke njengabathwali ‘bempahla’ kaYehova. Umpostile uPawulos wacaphula amazwi kaIsaya waza wawasebenzisa kumaKristu omhla wakhe, esithi: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.” (2 Korinte 6:17-7:1) Ngaphandle kwako nje ukuphila kwihlabathi elingacocekanga, sifanele silwe notyekelo lwethu lwesono esasizuz’ ilifa. (Genesis 8:21) UYeremiya 17:9 usikhumbuza oku: “Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?” Bambi bazibetha bona kunye nabanye ngemfe iphindiwe ngokukholelwa ukuba iindlela abaphila ngazo zicocekile yaye zamkelekile kuThixo, ngoxa ngokwenene kungenjalo. Bayahanahanisa. Ngoko ngamnye wethu umele azibuze oku, ‘Ngaba ndenza umgudu kangangoko ukuze ndicoceke phambi koYehova kuzo zonke iinkalo?’ Ukusinceda senze oko, makhe sitsalel’ ingqalelo kwiinkalo ezine zokucoceka.
Ukucoceka Emzimbeni: Kuyinto Yokuqala
4. (a) Kutheni ukucoceka ngokwasemzimbeni kuyinto yokuqala nje kubantu bakaYehova? (b) Kutheni kusenokuba nzima nje maxa wambi ukugcina umlinganiselo ophakamileyo wokucoceka?
4 Ukucoceka emzimbeni kuyinto yokuqala kubantu bakaYehova namhlanje njengoko kwakunjalo kumaxesha amandulo. (Eksodus 30:17-21; 40:30-32) Ngapha koko, ngaba besiya kuba siziphatha ngentlonelo ‘iimpahla zikaYehova’ ukuba iinwele zethu, izandla zethu, ubuso bethu, amazinyo ethu, okanye iinzipho zethu bezimdaka, okanye ukuba imizimba yethu ibinevumba elibi? Noko ke, kulula ukuvumela imilinganiselo ephantsi yehlabathi ukuba isiphembelele.—Roma 12:2.
5. (a) Kutheni kubaluleke kangaka nje ukuba sigcine umlinganiselo wethu wokucoceka usemgangathweni? Chaza imizekelo yasekuhlaleni engendlela esi siluleko esinokusetyenziswa ngayo. (b) Abadala banokunceda njani?
5 Singahluka njani ehlabathini ukuba sihambisana nemilinganiselo yalo ephantsi? Ngaba ikhaya elimdaka okanye indawo yokunqula exhifilili ibingayi kubangela ukuba ‘ilizwi likaThixo linyeliswe’? (Tito 2:5) Kodwa xa singabantu abacocekileyo, sichole inkunkuma endibanweni, sifak’ igxalaba ekugcinweni kweHolo yoBukumkani ibukeka size sigcine amakhaya ethu—kwanawona makhaya adelekileyo—emahle yaye ecocekile, sizisa uzuko kuThixo! (Thelekisa eyoku-1 kaPetros 2:12.) Badala, miselani umzekelo omhle ekucocekeni ngokobuqu. Musani “ukuba mathidala” ekunikeleni isiluleko esifanelekileyo apho sifuneka khona.—IZenzo 20:20, NW.
6. Sifanele sinxibe njani xa sisiya ezintlanganisweni nakwinkonzo yasentsimini?
6 Kuthekani ngempahla esiyinxibayo xa sinqula ezintlanganisweni naxa sikwinkonzo yasentsimini? Ngaba ayifanele ibe ‘yebonisa intlonipho nefanelekileyo’? (1 Timoti 2:9; Hebhere 10:23-25) Musa ukucinga ukuba kunyanzeleke sinxibe kakuhle kuphela xa sinenxaxheba entlanganisweni. Ukunxiba ngendlela engandilisekanga kuthob’ isidima yaye akulufanelekelanga unqulo. Izingxobo zeencwadi ezidlakadlaka neeBhayibhile ezimdaka okanye ezinamaphepha ashwabeneyo ngenxa yobudala nazo ziyasiphazamisa isigidimi soBukumkani.
Ukuphepha Ukungcoliseka Kwengqondo
7. Yintoni efunekayo ukuze sicoceke engqondweni, ngokutsho kweyabaseFilipi 4:8?
7 KumaFilipi 4:8 uPawulos wanikela esi siluleko: “Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.” Sekunjalo, naphi na izilingo zisidudulela ukuba sondele “iinzulu zikaSathana.”—ISityhilelo 2:24.
8. Zinokuzekeliswa njani iingozi ezibangelwa ziindlela ezahlukahlukeneyo zokuzonwabisa? Chaza imizekelo yasekuhlaleni.
8 Ngokomzekelo, ukufumaneka lula kwezinto ezibonisa amanyala nezinogonyamelo oluhambis’ umzimba kuye kwabafaka ezingxakini ezinkulu abasebenzisi boomashini bezidlali-khasethi zevideo. EYurophu, omnye umzalwana otshatileyo wayebukela imifanekiso yeeteyiphu ebonisa amanyala emva kokuba owakwakhe eye kulala. Waba nomnqweno obukhali wokwenza okubi, owaphumela ekukrexezeni. (Thelekisa uYakobi 1:14, 15.) Kwelinye ilizwe laseAfrika, iqela lolutsha lwamaNgqina laboleka iiteyiphu ezibonisa amanyala koogxa balo basesikolweni laza labukela imifanekiso yazo ngoxa abazali balo babengekho. Noko ke, umdala waseNigeria uthi: “Ingozi enkulu idla ngokuba sekubukeleni iinkqubo zikamabonwakude eziboniswa rhoqo ezithi ngokufanayo zibonise ugonyamelo, ulwaphulo-mthetho, imfazwe, imifanekiso ebonisa iintlobano zesini nokunganyaniseki emtshatweni.’ Amaphephandaba afinyeziweyo anemifanekiso emininzi abiza imali encinane, amaphephancwadi abonisa amanyala, iinoveli ezivuselela isini, imiboniso-bhanyabhanya nomculo othob’ isidima zikwaziingozi ezixhaphakileyo.
9. (a) Kutheni simele sikukhethe nje esikuphulaphulayo, esikubukelayo nesikufundayo? (b) Sifanele senze ntoni xa sijongene nezinto ezimbi?
9 Asinako ukungcolisa iingqondo zethu ngezinto ‘ekulihlazo nokuzithetha.’ (Efese 5:12) Ngoko kukhethe okuphulaphulayo, okubukelayo nokufundayo. Yiba ngophaphileyo uze uzichase ngoko nangoko izinto ezimbi. (INdumiso 119:37) Oku kuya kufuna ukuzeyisa kokwenene, mhlawumbi ‘ukuwuqoba umzimba wakho, uwuxinzelele phantsi,’ ngokomfuziselo. (1 Korinte 9:27) Noko ke, khumbula ngalo lonke ixesha ukuba oko sikubukela ngasese kuyabonwa ‘nguLowo ungenakubonwa’ (Hebhere 11:27) Ngoko kuphephe oko kungalunganga. ‘Cikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.’—Efese 5:10.
‘Ukuzigcina’ Ukuze Uhlale Ucocekile Ngokokuziphatha
10. (a) Siyintoni esinye isizathu sokuba abaninzi besohlwaywa okanye besuswa kubudlelane nyaka ngamnye? (b) Nguwuphi umgaqo weBhayibhile ofanele ulawule ihambo yethu xa sikwikhefu naxa sisemsebenzini?
10 KumaEfese 5:5 uPawulos wanikela esi siluleko: “Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.” Kanti, nyaka ngamnye kohlwaywa okanye kususwa kubudlelane abangamawakawaka ngenxa yokuziphatha okubi ngokwesini—‘besona umzimba.’ (1 Korinte 6:18) Ngokufuthi, iba ngumphumo nje ‘wokungazigcini ngokwelizwi likaThixo.’ (INdumiso 119:9) Ngokomzekelo, abazalwana abaninzi bayekelela umxakatho ngokokuziphatha ebudeni bamaxesha ekhefu. Bezityeshela iintlanganiso ezingokobuthixo, bakha ubuhlobo nabantu behlabathi abasekhefini. Eqiqa ngelithi aba ‘ngabantu abalunge ngokwenene,’ wambi amaKristu aye abathelela kwizenzo ezingaqondakaliyo. Ngokufanayo, amanye aye aba ngumtya nethunga namaqabane awo omsebenzi. Omnye umdala ongumKristu waqhogana nomqeshwa olibhinqa kangangokuba wayishiya enyanyeni intsapho yakhe wahlalisana naye! Umphumo waba kukususwa kubudlelane. Hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi eBhayibhile athi, “Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo”!—1 Korinte 15:33.
11. Kutheni le nto zifanele zonganyelwe kakuhle nje iimbutho zamaKristu?
11 Nantsi ingxelo evela eMzantsi Afrika: “Enye ingozi esongela ukuthi tye kokuziphatha kwabaninzi zizibhadlalala zamatheko . . . wambi awo awayesiba semva kocwangciso lwendibano yesithili.” Noko ke, iimbutho ezincinane zamaKristu ezonganyelwe kakuhle azifane ziphelele ‘ezindywaleni.’ (Galati 5:21) Ukuba kuza kubakho iziselo ezinxilisayo, mazisetyenziswe phantsi kweliso elibukhali nangobungcathu. “Ingumgxeki iwayini,” yaye bephantsi kwempembelelo yayo, bambi abazalwana baye bayekelela umxakatho ngokokuziphatha okanye bavuselela ubuthathaka babo obabuthomalele. (IMizekeliso 20:1) Ngaloo ndlela, abalungiseleli ababini abaselula babandakanyeka kwizenzo zobufanasini emva kokuzinkcinkca ngotywala.
12, 13. (a) Bambi baye bayithethelela njani ihambo yokuziphatha okubi? Kutheni ukuqiqa ngolo hlobo kuphosakele nje? (b) Sinokuzigcina njani kwizinto ezisisisongelo sokuziphatha okuhle?
12 Xa uhendelwa ukuba uphambuke, khumbula ukuba, kungakhathaliseki ukuba sisenokubonakala sicoceke kangakanani na ngaphandle, okuthethayo koko sikuko ngaphakathi. (IMizekeliso 21:2) Ngokucacileyo bambi banoluvo lokuba uThixo uya kuyixolela ihambo yokuphambukela rhoqo ekuziphatheni okubi kuba bebuthathaka. Kodwa ngaba oku ‘asikokulujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu’? (Yuda 4) Bambi bade bacinge ukuba “uYehova akasiboni.” (Hezekile 8:12) Noko ke, khumbula ukuba “akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe; izinto zonke ke zize, zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthanani naye.”—Hebhere 4:13.
13 Ngoko zilumkele izinto ezisisisongelo sokuziphatha okuhle! “Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele; kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo.” (Efese 5:3, 4) “Kuthiyeni okungendawo,” kungakhathaliseki ukuba bekuyiyolisa kangakanani na inyama.—Roma 12:9.
Ukuhlala Sicocekile Ngokomoya
14, 15. (a) Bambi baye bazibeka njani esichengeni sokungcoliseka ngokomoya? (b) Abawexuki bayisebenzisa njani ‘imilomo yabo ukonakalisa ummelwane wabo’? (c) Ziziphi iindlela abangcole ngokwenene ngazo abawexuki, yaye yintoni abaye bayilibala?
14 Bambi baye bazibeka esichengeni sokungcoliseka ngokomoya ngokuvulela iinkqubo zonqulo kunomathotholo nakumabonwakude. Kwelinye ilizwe laseAfrika, bambi baye babukela imidlalo kamabonwakude ebonisa nethethelela iinkolo zesithethe zabantu abakholelwa ukuba umphefumlo wahlukile emzimbeni. Noko ke, umpostile uPawulos walumkisa ngengozi ebulala ngakumbi—amadoda angabawexuki ‘awayelubhukuqa ukholo lwabanye.’ (2 Timoti 2:16-18) Abantu abanjalo basekho! (2 Petros 2:1-3) Yaye maxa wambi baye baphumelela ekugqwetheni iingcinga zabanye. Kunjengokuba IMizekeliso 11:9 isithi: “Intshembenxa [umwexuki, (NW)] iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo.”
15 Ngokufuthi abawexuki babhenela ekuzigwagwiseni, besima ngelithi siye sabandezwa inkululeko yethu, kuquka inkululeko yokucacisa iBhayibhile ngokwezethu iimbono. (Thelekisa iGenesis 3:1-5.) Eneneni, aba babeza kuba ngabawexuki kwixesha elizayo akukho nto iyenye bayinikelayo ngaphandle nje kokubuyela kwiimfundiso ezinyanyekayo ‘zeBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhilelo 17:5; 2 Petros 2:19-22) Abanye babhenela enyameni, bebongoza izinxulumani zabo zangaphambili ukuba “zikuthabathe lula” kuba umsebenzi ophantsi wokunikel’ ubungqina kwindlu ngendlu “awuyomfuneko” okanye “awukho zibhalweni.” (Thelekisa uMateyu 16:22, 23.) Liyinyaniso elokuba, abawexuki abanjalo abathi lala gusha ndikuchebe basenokubonakala becocekile ngaphandle ngokwasemzimbeni nangokokuziphatha. Kodwa ngaphakathi bangcolile ngokomoya, bathiwe lwale likratshi, banengcinga yokwenza nayiphi na into abayithandayo. Bakulibele konke abakufundayo ngoYehova, ngegama lakhe elingcwele nangeempawu zakhe. Abasavumi ukuba konke abathi bakufunda ngenyaniso yeBhayibhile—ithemba elizukileyo loBukumkani nomhlaba oyiparadisi nokubhukuqwa kweemfundiso zobuxoki, ezinjengoBathathu Emnye, ukungafi komphefumlo womntu, intuthumbo kanaphakade nentlambululo-miphefumlo—kweza kubo ‘ngomkhonzi othembekileyo noqondayo?—Mateyu 24:45-47.
16. Amalungisa ahlangulwa njani “ngokwazi”?
16 Okubangel’ umdla kukuba, umveleli wesiphaluka waseFransi uthi: “Bambi abazalwana bayakhohliswa ngenxa yokuba bengenalo ulwazi oluchanileyo.” Kungenxa yeso sizathu le nto IMizekeliso 11:9 isithi: “Ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.” Oku akuthethi ukubaz’ iindlebe koko kuthethwa ngabawexuki okanye ukuphanda kwiincwadi zabo. Kunoko, kuthetha ukuba ‘nolwazi [oluchanileyo] ngemfihlelo kaThixo’ oluzuzwa ngokukhuthalela ukufundisisa ngokobuqu iBhayibhile neempapasho zoMbutho ezisekelwe eBhayibhileni. Ngubani obeya kuthi enolu lwazi luchanileyo, abe nomdla wokufun’ ukwazi kwanokuva izinto ezithethwa ngabawexuki? Kwanga ‘akungebikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo’! (Kolose 2:2-4) Ukusasazwa kweengcamango ezibubuxoki zonqulo ngawo nawuphi na umthombo kufanele kuphetshwe njengokuyityhefu! Ngokwenene, ekubeni iNkosi yethu iye yasebenzisa ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ ukudlulisela kuthi ‘amazwi obomi obungunaphakade,’ kutheni sifanele sifune ukujonga kuyo nayiphi na enye indawo?—Yohane 6:68.
Ngaba Uza Kuhlala Ucocekile?
17, 18. Kutheni kubalulekile nje ukuhlakulela (a) ukucoceka ngokwasemzimbeni, (b) ukucoceka ngokwasengqondweni, (c) ukucoceka ngokokuziphatha (d) nokucoceka ngokomoya?
17 Ngoko ke, kuninzi okubandakanyekileyo ukuze sihlale sicocekile phambi koYehova uThixo. Ukugcina imizimba yethu, amakhaya ethu, impahla yethu neeHolo zethu zoBukumkani zicocekile kusenza siqaqambe isigidimi sethu soBukumkani. Ukuzigcina sicocekile engqondweni kusinceda ukuba sihlale sicocekile ngokokuziphatha nangokomoya. Oku kufuna ukuba sicinge ngesiluleko sikaPawulos esikwabaseFilipi 4:8, sokuba sicinge ngezinto eziyinene, ezinyulu neziludumo luhle.
18 Kwakhona sikwanokukuxabisa ngaphezu kunanini na ngaphambili ukuba simele sihlale sicocekile ngokokuziphatha ngamazwi nangezenzo. UYehova usilumkisa ngokucace gca ukuba abo babandakanyeka kulo naluphi na uhlobo lokuziphatha okubi abasayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 6:9-11) Kungakhathaliseki ukuba izinto ezingcolileyo ezinjalo zisenokubonakala zisonwabisa kangakanani na, ukuba sihlwayelela inyama, siya kuvuna ukonakala ngokwasenyameni. (Galati 6:8) Okokugqibela, kukho umbandela wokuhlala sicocekile ngokomoya, sinemfundiso ecocekileyo. Ukucoceka okunjalo kuyasinceda ukuba silondoloze ukucoceka kweentliziyo nokweengqondo zethu. Ngaloo ndlela sisoloko sishukunyiselwa ukufuna iindlela uThixo ayijonga ngazo imicimbi—kungekhona indlela thina esiyijonga ngayo.
19. Yintoni enokunceda abathanjisiweyo ‘nesihlwele sikhulu’ ukuba bahlale becocekile kuzo zonke iinkalo?
19 Kungekudala oyena mntu ukhuthaza ukungcola—uSathana uMtyholi—uya kuphoswa, enzonzobileni enzulu, kunye needemon zakhe. De kube ngoko, kwanga bonke abakhonzi bakaYehova—abathanjisiweyo ‘nabesihlwele esikhulu’—bangahlala becocekile njengabathwali bempahla kaYehova. (ISityhilelo 7:9, 13-15; 19:7, 8; 20:1-3) Lo mlo awupheli yaye unzima. Noko ke, khumbula ukuba uYehova uwunikezela ngesisa ‘umoya wakhe oyingcwele.’ (Roma 1:4) Intlangano yakhe ecocekileyo, nabadala bayo, ikwakulungele ukusinceda ngokunikela icebiso elisebenzisekayo nelisekelwe kwiZibhalo. Ngoncedo olunjalo nangokuzimisela kwethu, sinako ukuhlala sicocekile kuzo zonke iinkalo!
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama lesiHebhere loothixo abangcolileyo elithi, gil·lu·limʹ, lalilibinzana lamandulo lendelelo elalithetha “iingqatha zelindle”—nto leyo eyayicekiswa ngamaYuda.—Duteronomi 23:12-14; 1 Kumkani 14:10; Hezekile 4:12-17.
Imibuzo Yempinda
◻ Kutheni amaYuda awayebuya eBhabhiloni ayefanele acoceke?
◻ Sinokuhlala njani sicocekile ngokwasemzimbeni?
◻ Singayikhusela njani ingqondo yethu ukuze ingangcoliswa?
◻ Singazigcina njani kwiingozi zokuziphatha?
◻ Sinokukulondoloza njani ukucoceka kwethu ngokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Amakhaya ethu afanele abe ngumzekelo ekucocekeni
[Umfanekiso okwiphepha 17]
AmaKristu amele abe neliso elibukhali ekuphepheni iiteyiphu zevideo neenkqubo zikamabon wakude ezisenokungcolisa ingqondo
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Iimbutho ezincinane zinokwakha ngokokuziphatha
[Umfanekiso okwiphepha 19]
AmaNgqina anenzondelelo azigcina ecocekile ngokomoya ibe azikhusela aze azonwabise ngokukhuthalela ukufundisisa iBhayibhile