USathana—Ngaba Ungumntu Wokwenene?
NGABA uyakholelwa ukuba uSathana ukho? Ukuba kunjalo, kuyabonakala ukuba uyinxalenye yeqela labantu elinciphayo. “Ngeminyaka yee-1980 abantu babengasakholelwa kuMtyholi ngaphandle kwamaKatolika abambelele kwisithethe, kwabantu beeCawa zomoya, kwamaProtestanti abambelele kwisithethe, kwabantu bobuOrthodox baseMpuma, kwamaSilamsi—nabantu abambalwa abenza izinto zobugqi.” Ichaza njalo incwadi ethi Mephistopheles—The Devil in the Modern World, nguJeffrey Burton Russell.
Noko ke, asinguye wonke umntu oye wayeka ukukholelwa ukuba uSathana ungumntu wokwenene. Kwintetho yakutshanje eItali uPopu John Paul II wathi: “Umtyholi usaphila yaye uyasebenza ehlabathini.”
Ngaba upopu uchanile? Ukuba kunjalo, uSathana uselungelweni lokwenza nantoni na ayifunayo ehlabathini. Ukuba abantu ababukholelwa ubukho bakhe, abayi kumchasa. Akumangalisi ukuba uCardinal Ratzinger, oyena mntu ugqalwa njengophambili ekufundiseni eVatican, wachaza wathi: “UMtyholi unokufumana ikhusi kubuntu bakhe, bokuba ngongaziwayo.”
Ngaba ngokwenene uSathana ukho? Ukuba siyayikholelwa iBhayibhile, sifanele siphendule ngokuvumayo! Izihlandlo ezininzi uSathana kubhekiselwa kuye ngegama kuloo ngxelo iphefumlelweyo. Ngokomzekelo, umbhali weBhayibhile uPawulos, elumkisa “ngabapostile ababuxoki” ‘nangabasebenzi abakhohlisayo’ phakathi kwibandla lamaKristu, wabhala wenjenje: “Ke akummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.” UPawulos wambona uSathana njengokrelekrele, umntu okhohlisayo.—2 Korinte 11:13, 14.
Ngoko, kutheni le nto ubukho bukaSathana bungathatyathwa nzulu ngabantu abaninzi namhlanje? Mhlawumbi, oko kubonisa umoya wexesha esiphila kulo. Njengoko siphila kwixesha abanye abaye balibiza ngokuba lelasemva kobuKristu, izinto ezinjengokungakholelwa kuThixo, imfundiso yokuba ulonwabo yeyona nto ibalulekileyo ebomini bomntu, izinto eziphathekayo nobukomanisi ziye zathabathel’ indawo ukholo olungokonqulo kubantu abaninzi. Izigidi zabantu azisakholelwa kuThixo, ubukho bakhe zibujonga njengobungeyomfuneko kwiingcamango zazo. Yaye baye bamkhuph’ ezingqondweni zabo uSathana ndawonye noThixo. Bambi abantu bonqulo kwiNgqobhoko, nangona besazibanga bekholelwa kuThixo, bavakalelwa kukuba ukukholelwa kuSathana kuphelelwe lixesha kule nkulungwane yama-20.
Noko ke, kuyaphawuleka ukuba, oko kukhanyela uThixo akunto intsha. Kwiminyaka enokuba ngama-3 000 eyadlulayo, imbongi engumHebhere uDavide yabhala oku: “Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo.” (INdumiso 14:1; 53:1) Kwenye indawo wathi: “Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.” (INdumiso 10:4) Kwanamandulo ngoko, abantu babesenza izinto ngokungathi uThixo wayengekho. Yaye isigqibo esingqinelana noko simele sibe sesokuba ukuba akukho Thixo, akanakubakho noSathana.
Bambi Basakholelwa
Noko ke, njengoko sele kuphawuliwe, bambi basayamkela inkolelo yobukho bukaMtyholi. Kukho abo bakholelwa kwimfundiso yamandulo kaZoroaster yoothixo ababini, besithi okulungileyo nokubi, uThixo noMtyholi, bamele ukuba babesoloko bekho omnye esecaleni komnye. Abanye bade bathi okulungileyo nokubi ziimbonakalo zobuthixo. Yaye kusekho abaninzi kwiNgqobhoko nakumaSilamsi ababukholelwayo ubukho bukaSathana. Eneneni, kwabaninzi, usekho njengesidalwa somoya esinamaphiko nesineempondo nomsila esilawula ikamva ‘lemiphefumlo engafiyo’ eyabelwe ‘esihogweni somlilo,’ njengoko kwaboniswa kwiincwadi zomzobi odumileyo ongumFrentshi uGustave Doré.
Enyanisweni, abanye bakholelwa kuSathana ngokude kwangakumbi. Bayamnqula—enoba kungegama okanye ngeenkqubo zobusathana okanye zobudemon. Kangangamawaka eminyaka, ubugqwirha buye bachazwa njengonqulo lukaSathana. Nakwesi sizukulwana sethu sanamhlanje, sithandabuzayo, ukunqula uSathana kusaqhubeka. Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba sixubushe oko iBhayibhile ikutshoyo malunga noSathana, makhe siqwalasele ezinye iingongoma malunga nokunqula uSathana namhlanje.
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Umzobo wamaBhuda ‘wesihogo’ sobusathana