Ngoobani Abaya Kuba Ngabakholekileyo KuYehova?
“Lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, . . . Kuba nguThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo [yokukholiswa kakuhle, “NW”] yakhe.”—FILIPI 2:12, 13.
1, 2. UYesu walufumana kuyiphi imeko uvakaliso lokukholeka kuThixo, yaye kutheni oku kufanele kube kokubangel’ umdla kuthi?
KWAKULIXESHA lenguqulelo embalini. UYohane uMbhaptizi wayeshumayela isigidimi sikaThixo yaye ebantywilisela emanzini abaguqukayo. Kwandula ke kwafika indoda awayeyazi uYohane ililungisa; yayinguYesu. Wayengenasono ekwakufuneka eguqukile kuso, kanti wacela ukuba abhaptizwe ‘ukuze kuzaliseke bonke ubulungisa.’—Mateyu 3:1-15.
2 Emva kokuba uYohane evumelene noko ngokuthozama, ibe uYesu ephumile emanzini, “asuka amazulu avuleka kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe.” Ngaphezu koko, “nalo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:16, 17; Marko 1:11) Anjani wona amazwi! Sonke siyakuvuyela ukukholisa umntu esimhlonelayo. (IZenzo 6:3-6; 16:1, 2; Filipi 2:19-22; Mateyu 25:21) Ngoko, khawuthelekelele indlela obuya kuvakalelwa ngayo ukuba uThixo usomandla ebevakalise oku, ‘Ndikholisiwe nguwe!’
3. Yintoni esifanele sizixhalabise ngayo mayela nokuba ngabakholekileyo kuThixo?
3 Ngaba kunokwenzeka ukuba umntu abe ngokholekileyo kuThixo namhlanje? Ngokomzekelo, khawuthabathe umntu ‘ongenathemba, nongenaThixo,’ ‘ongazaniyo nobomi bukaThixo.’ (Efese 2:12; 4:18) Ngaba unokusuka kwimeko enjalo aye kwimeko esikelelekileyo yokuba ngokholekileyo kuYehova? Ukuba kunjalo, kunokwenzeka njani oko? Makhe sibone.
Ayethetha Ntoni Amazwi Akhe?
4. (a) Linayiphi ingcamango igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “okholekileyo” ngokokutsho kukaThixo? (b) Kutheni ukusetyenziswa kwalo kule meko kukokomdla okhethekileyo?
4 Iingxelo zeVangeli ezinamazwi kaThixo athi “[UYesu] endikholisiweyo nguye” zisebenzisa isenzi sesiGrike esingueu·do·keʹo. (Mateyu 3:17; Marko 1:11; Luka 3:22) Sithetha “ukukholiswa kakuhle, ukugqala okuthile ngenkoliseko, ukuvuyiswa kokuhle,” ibe imo yalo ekwisibizo inengcamango yomnqweno wokulungileyo “inkolelo, ukukholiseka kakuhle, ubabalo, umnqweno, ukulangazelela.” Igama elithi eu·do·keʹo alipheleliselwanga ekubeni ngokholekileyo kuThixo. Ngokomzekelo, amaKristu elaseMakedoni ‘kwakholeka kuwo’ ukuba abelane nabanye ngemali. (Roma 10:1; 15:26; 2 Korinte 5:8; 1 Tesalonika 2:8; 3:1) Sekunjalo, asingobantu koko nguThixo owavakalisa ukukholiswa kwakhe nguYesu. Eli binzana lisetyenziswe kubhekiselwa kuYesu kuphela emva kokubhaptizwa kwakhe. (Mateyu 17:5; 2 Petros 1:17) Okubangel’ umdla kukuba, uLuka 2:52 usebenzisa igama elahlukileyo elithi—khaʹris—xa ethetha ngoYesu njengoselula owayengabhaptizwanga owathi ‘wathandwa’ nguThixo nangabantu.
5. (a) Kucaca njani ukuba uluntu olungafezekanga lunokuba lolukholekileyo kuThixo? (b) Ngoobani ‘abantu bomnqweno wokulungileyo’?
5 Kwakhona, ngaba kunokwenzeka ngabantu abangafezekanga njengathi, ukuba babe ngabakholekileyo kuThixo? Okonwabisayo kukuba, impendulo nguewe. Ngethuba lokuzalwa kukaYesu, izithunywa zezulu zavakalisa oku: “Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkolelo [eu·do·kiʹas] ebantwini [kubantu bomnqweno wokulungileyo, NW].” (Luka 2:14) KwisiGrike senkobe, izithunywa zezulu zazivuma ingoma ngentsikelelo ezayo ‘kubantu ekucingwa okuhle ngabo’ okanye “abantu akholiswayo ngabo uThixo.”a Unjingalwazi uHans Bietenhard ubhala okuthile ngokusetyenziswa kwamagama athi en an·throʹpois eu·do·kiʹas esithi: “Eli binzana libhekisela kubantu akholiswa kakuhle ngabo uThixo . . . Ngoko ke, asithethi ngomnqweno olungileyo wabantu . . . Sithetha ngomnqweno kaThixo obalaseleyo nozukileyo, othi wona ngokwawo uzikhethele abantu bokusindiswa.” Ngaloo ndlela, njengoko amaNgqina kaYehova kudala akucacisayo oko, uLuka 2:14 ubonisa ukuba ngokuzahlulela nangokubhaptizwa, kunokwenzeka ngabantu abangafezekanga ukuba babe ngabantu bomnqweno olungileyo, abantu abakholekileyo kuThixo!b
6. Yintoni ekusafuneka siyifundile ngokuba ngokholekileyo kuThixo?
6 Phofu ke, usenokuba uyawazi umahluko okhoyo phakathi kokuba ‘ziintshaba zikaThixo ngeengqondo ezikwimisebenzi engendawo,’ nokuba zizinxulumani ezikholekileyo kuThixo wethu osesikweni nolumkileyo. (Kolose 1:21; INdumiso 15:1-5) Ngenxa yoko, nangona usenokuziva ukhululekile kukuva ukuba abantu banokuba ngabakholekileyo, usenokufuna ukwazi oko kubandakanyekileyo. Sinokufunda okuninzi mayela nalo mbandela kwiinkqubano zikaThixo kumaxesha adluleyo.
Wabamkela Abantu
7. IEksodus 12:38 ibonisa ntoni mayela nesimo sengqondo sikaThixo?
7 Kangangeenkulungwane ngaphambi kokuba kuvakaliswe oko kukuLuka 2:14, uYehova wabamkela abantu ukuba beze baze bamnqule. Kakade ke, uThixo wayeqhubana ngokukhethekileyo nohlanga lwakwaSirayeli, olwaluzahlulele kuye. (Eksodus 19:5-8; 31:16, 17) Noko ke, khumbula ukuba xa uSirayeli wenza ungcelele oluphuma kubukhoboka baseYiputa, “kwenyuka ke [nawo] inkitha engumxube.” (Eksodus 12:38) Aba bantu babengengomaSirayeli abasenokuba babeneenkqubano nabantu bakaThixo baza bazibona izibetho ezehlela iYiputa ngeli thuba bakhetha ukuhamba noSirayeli. Ngokunokwenzeka abanye baguqukela ebuYudeni ngokupheleleyo.
8. Ziziphi iindidi ezimbini zabaphambukeli ezazihlala kwaSirayeli, yaye kutheni le nto kwakukho umahluko ngendlela amaSirayeli awayeqhubana ngayo nabo?
8 Umnqophiso woMthetho uyathetha ngemeko yabo bantu babengengomaSirayeli ngokuhlobene noThixo nabantu bakhe. Abanye abaphambukeli babengabemi ababezihlalela nje kwilizwe lakwaSirayeli, apho kwakuyimfuneko ngabo ukuba bathobele imithetho esisiseko, enjengaleyo inxamnye nokubulala ngenjongo neyayifuna ukuba kugcinwe iSabatha. (Nehemiya 13:16-21) Kunokuba amkele aba bemi njengabazalwana, umSirayeli wayezilumkela ngokusengqiqweni xa ethetha okanye eqhubana nabo, kuba ngelo xesha babengekabi yinxalenye yohlanga lukaThixo. Ngokomzekelo, ngoxa umSirayeli wayengavumelekile ukuba athenge aze atye inyama engophiswanga yesilwanyana esiye sazifela, abo baphambukeli banjalo ababengekabi ngabantu abaguqukileyo babesenokwenjenjalo. (Duteronomi 14:21; Hezekile 4:14) Bambi baba bemi bangabaphambukeli babesenokuthi ekuhambeni kwexesha balandele ikhondo labanye abaphambukeli ababa ngabantu abaguqukela ebuYudeni nabolukileyo. Kuphela kwakusemva koko ababethi baphathwe njengabazalwana kunqulo oluyinyaniso, bebophelelekile ukuba bagcine wonke uMthetho. (Levitikus 16:29; 17:10; 19:33, 34; 24:22) URute, umMowabhikazi noNahaman, umSiriya owayeneqhenqa, babengabantu ababengengomaSirayeli awathi uThixo wabamkela.—Mateyu 1:5; Luka 4:27.
9. Wasingqinela njani uSolomon isimo sengqondo sikaThixo kwabo bolunye uhlanga?
9 Ngemihla kaKumkani uSolomon, sikwabona isimo sengqondo sikaThixo sokwamkela abantu ababengengomaSirayeli. Xa uSolomon wayevula ngokusesikweni itempile, wathandaza wathi: “Owolunye uhlanga, ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho . . . wathandaza ekule ndlu: yiva ke wena emazulwini, . . . ukuze zonke izizwe zomhlaba zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli.” (1 Kumkani 8:41-43) Ewe, uYehova wayamkela imithandazo yabo bantu banyanisekileyo bezinye iintlanga ababemfuna. Mhlawumbi nabo aba babeza kufunda imithetho yakhe, baze bavume ukuba baluswe, baze babe ngamalungu amkelekileyo abantu bakhe abasikelelekileyo.
10. AmaYuda amele ukuba aqhubana njani nethenwa elingumTiyopiya, yaye kutheni le nto ulwaluko lwaba yingenelo kulo?
10 Enye indoda eyakwenzayo oku kumaxesha amva yayingunondyebo kaKumkanikazi uKandase waseTiyopiya ekude. Ngokunokwenzeka, xa yevayo okwesihlandlo sokuqala ngamaYuda nangonqulo lwawo, indlela yona eyayiphila ngayo okanye iindlela eyayinqula ngazo zazingamkelekanga kuYehova. Ngoko amaYuda kwakuya kufuneka abonakalise umlinganiselo womonde ngoxa le ndoda yolunye uhlanga eyayiphakathi kwabo yayifundisisa uMthetho ukuze ifunde ngezinto ezazifunwa nguThixo. Ngokucacileyo yenza inkqubela yaza yenza iinguqulelo ezazifuneka ukuze ifanelekele ulwaluko. IZenzo 8:27 zisixelela ukuba ‘yayize kunqula uThixo eYerusalem.’ (Eksodus 12:48, 49) Oku kwakuza kubonisa ukuba ngeli xesha yayingumntu oguquke ngokupheleleyo. Ngaloo ndlela yayikwimeko yokwamkela uMesiya ize ibe ngumfundi wakhe obhaptiziweyo, ngaloo ndlela isenza izinto ngokomnqweno kaThixo oqhubela phambili.
Abangakholwayo Nebandla LamaKristu
11, 12. (a) Kwabakho yiphi inguqulelo engakumbi xa wabhaptizwayo umTiyopiya? (b) Oko kwakuvisisana njani nabaseFilipi 2:12, 13?
11 UYesu waxelela abalandeli bakhe oku: “Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” (Mateyu 28:19, 20) UmTiyopiya owayeguqukele ebuYudeni osele ekhankanyiwe wayenolwazi ngoYehova nangomoya oyingcwele. Akuba uFilipu emncedile ukuba aqonde aze amkele uYesu njengoNyana kaThixo onguMesiya, wabhaptizwa. Ngaloo ndlela wayeza kuba lilungu elamkelekileyo labantu bakaYehova ababelandela uKristu. Ngokuqhelekileyo, wayeza kuba nembopheleleko yokuphendula kuThixo, owayefuna ukuba ‘kugcinwe zonke izinto ezaziyalelwe’ amaKristu. Kodwa kunye nale mbopheleleko yokuziphendulela kwabakho ithemba elimangalisayo: usindiso!
12 Kamva, uPawulos wabhala esithi onke amaKristu kwakufuneka ‘alusebenze alufeze usindiso lwawo, enoloyiko nokungcangcazela.’ Kanti, kwakunokwenzeka ukuba akwenze oko, “kuba nguThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yokukholiswa kakuhle [eu·do·kiʹas].”—Filipi 2:12, 13.
13. AmaKristu amele ukuba aqhubana njani nabo babengabhaptizwa ngokukhawuleza njengethenwa elingumTiyopiya?
13 Asingabo bonke abathi xa bedibana namaKristu okwenyaniso baba ngabakulungeleyo nabakufanelekeleyo ukuya ngokukhawuleza ekubhaptizweni njengoko wayenjalo umTiyopiya. Bambi, bengengawo amaYuda okanye abantu abaguqukele ebuYudeni, babenolwazi oluncinane okanye bengenalwazi kwaphela ngoYehova nangeendlela zakhe; kwanjengokuba nendlela ababeziphethe ngayo yayingakhokelwa yimilinganiselo yakhe. Kwakuza kuqhutyanwa njani nabo? AmaKristu ayeza kulandela umzekelo kaYesu. Ngokuqinisekileyo akazange asikhuthaze okanye ade asibethe ngoyaba isono. (Yohane 5:14) Sekunjalo, wayeqhubana ngomonde naboni ababesiza kuye nababenqwenela ukuvisisanisa iindlela zabo nezikaThixo.—Luka 15:1-7.
14, 15. Ngaphandle kwamaKristu athanjisiweyo, ziziphi iindidi zabantu ezazisiza kwiintlanganiso ezaziqhutywa eKorinte, yaye bamele ukuba babahluke njani kwinkqubela yabo yokomoya?
14 Into yokuba amaKristu aqhubana ngomonde nabo babefunda ngoThixo iyacaca kumagqabaza kaPawulos angeentlanganiso ezaziqhutywa eKorinte. Xa exubusha ngokusetyenziswa kwezipho zomoya ezingummangaliso ezathi ekuqaleni zaphawula ubuKristu njengobabunentsikelelo kaThixo, uPawulos wakhankanya ‘abakholwayo nabangakholwayo.’ (1 Korinte 14:22) ‘Abakholwayo’ yayingabo babamkele uKristu baze babhaptizwa. (IZenzo 8:13; 16:31-34) “Nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.”—IZenzo 18:8.
15 Ngokutsho kweyoku-1 yabaseKorinte 14:24, ‘abangakholwayo okanye abantu abangenakwazi’ nabo beza kwiintlanganiso ezaziqhutywa eKorinte ibe bamkelwa apho.c Ngokunokwenzeka, babenenkqubela eyahlukeneyo ekufundisweni nasekusebenziseni kwabo iLizwi likaThixo. Bambi basenokuba babesasenza isono. Bambi basenokuba babewufumene umlinganiselo othile wokholo, sele bezenzile iinguqulelo ezithile kubomi babo, yaye, kwanangaphambi kokuba babhaptizwe, sele beqalisile ukuxelela abanye oko babekufundile.
16. Abantu abanjalo babenokungenelwa njani kukuba phakathi kwamaKristu kwiintlanganiso zebandla?
16 Kambe ke, akukho namnye wababhaptiziweyo abanjalo ‘owayeseNkosini.’ (1 Korinte 7:39) Ukuba ubomi babo bexesha elidluleyo babuquka ukuziphatha okubi okunzulu neempazamo ezithile ezinzulu zokomoya, kuyaqondakala ukuba kwakuya kubathabatha ixesha elithile ukuze benze ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Ngeli thuba, lo gama nje babengazami ukulubhukuqa ngobutshaba ukholo nokucoceka kwebandla babesamkeleka. Oko babekubona bekuva kwezi ntlanganiso ‘kwakunokubohlwaya’ njengoko ‘izinto ezifihlakeleyo zeentliziyo zabo zazibonakaliswa.’—1 Korinte 14:23-25; 2 Korinte 6:14.
Ukuhlala Ungokholekileyo KuThixo Ukuze Ufumane Usindiso
17. Waba nayiphi inzaliseko uLuka 2:14 kwinkulungwane yokuqala?
17 Ngokushumayela ekuhleni okwakusenziwa ngamaKristu abhaptiziweyo kwinkulungwane yokuqala, abantu abangamawaka baziva iindaba ezilungileyo. Bazikholelwa izinto ababeziva, baguquka kwikhondo labo lexesha elidluleyo, ibe babhaptizwa, besenza ‘uvumo lwasekuhleni ukuze basindiswe.’ (Roma 10:10-15; IZenzo 2:41-44; 5:14; Kolose 1:23) Kwakungathandabuzeki ukuba abo babebhaptiziwe emva apho babekholekile kuYehova, kuba wabathambisa ngomoya oyingcwele, ebamkela njengoonyana bokomoya. Umpostile uPawulos wabhala: “Wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo [ngokokukholiswa kakuhle, NW] [eu·do·kiʹan] yokuthanda [komnqweno, NW] kwakhe.” (Efese 1:5) Ngaloo ndlela, ebudeni baloo nkulungwane oko kwaxelwa kwangaphambili zizithunywa zezulu ekuzalweni kukaYesu kwaqalisa ukwenzeka: “Uxolo phakathi kwabantu bomnqweno wokulungileyo [okanye kubantu akholisiweyo ngabo uThixo].”—Luka 2:14.
18. Kutheni le nto amaKristu athanjisiweyo engenakukuthabatha lula ukuma kwawo kokuba ngakholekileyo kuThixo?
18 Ukuze balondoloze olo xolo, kwakubalulekile ngabo “bantu bomnqweno wokulungileyo” ukuba ‘balusebenze balufeze usindiso [lwabo], benoloyiko nokungcangcazela.’ (Filipi 2:12) Oko kwakungelula, kuba babesengabantu abangafezekanga. Babeseza kujongana nezilingo neengcinezelo zokwenza isono. Ukuba babeyekelela kwisono, babeya kuphulukana nenkoliseko kaThixo. Ngaloo ndlela, uYehova ngokunothando walungiselela abalusi bokomoya ababeya kuwanceda baze bawakhusele amabandla.—1 Petros 5:2, 3.
19, 20. Ngawaphi amalungiselelo awawenzayo uThixo khon’ ukuze amaKristu athanjisiweyo aqhubeke njengabakhonzi bakhe abakholekileyo kuye?
19 Abo badala banjalo bebandla babeza kulithabathela entliziyweni icebiso likaPawulos: “Ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe.” (Galati 6:1) Njengoko sinokukuqonda oko, umntu othabathe inyathelo elibalulekileyo lokubhaptizwa wayeya kuba nembopheleleko enkulu yokuziphendulela, kwanjengokuba kwakunjalo kwaSirayeli ngomphambukeli owayesiba ngumntu oguqukela ebuYudeni nowalukileyo. Sekunjalo, ukuba umKristu obhaptiziweyo wasenza isiphoso, wayenokufumana uncedo lothando ngaphakathi ebandleni.
20 Abadala abaliqela abasebandleni babenokunikela uncedo kulowo uwele esonweni esinzulu. UYuda wabhala: “Inxenye okunene yenzeleni inceba, nicalula; kodwa inxenye yisindiseni nizoyikela, nibaphanga emlilweni, niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama.” (Yuda 22, 23) Ilungu lebandla elibhaptiziweyo elalincedwa ngale ndlela lalinokuqhubeka linandipha inkoliseko kaYehova noxolo ezathetha ngalo izithunywa zezulu ekuzalweni kukaYesu.
21, 22. Yintoni eyayiya kwenzeka ukuba uthile wayesiba ngumoni ongaguqukiyo, ibe amalungu anyanisekileyo ebandla ayeya kusabela njani?
21 Nangona kwakungafane kwenzeke, kwakukho iimeko ezithile apho lowo ungumoni wayengaguquki. Ngoko abadala kwakufuneka bemgxothile ukuze bakhusele ibandla elicocekileyo ekungcolisweni. Oko kwenzeka kwindoda ebhaptiziweyo eKorinte eyayizingisa kulwalamano lokuziphatha okubi. UPawulos wacebisa ibandla: “Maningazidibanisi nabenza umbulo; kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini. Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.”—1 Korinte 5:9-11.
22 Ekubeni le ndoda yaseKorinte yayithabathe inyathelo elibalulekileyo lokubhaptizwa, isiba ngokholekileyo kuThixo yaye isiba lilungu lebandla, ukugxothwa kwayo kwakungumcimbi onzulu. UPawulos wabonisa ukuba amaKristu ayengamele azidibanise nayo, kuba yayikutyeshele ukuma kwayo kokuba ngokholekileyo kuThixo. (Thelekisa eyesi-2 kaYohane 10, 11.) Ngabantu abanjalo abagxothiweyo uPetros wabhala oku: “Kuba ngekubalungele kanye, ukuba bebengayazanga indlela yobulungisa, kunokuba bathi beyazile, babuye umva, baphume kuwo umthetho ongcwele abawuwiselwayo. Bahlelwe ke ngokomlinganiselo oyinene, othi, Inja ibuyele emhlanzweni wayo.”—2 Petros 2:21, 22.
23. Kwinkulungwane yokuqala, yiyiphi imeko eqhelekileyo eyayikho phakathi kwamaKristu mayela nokulondoloza ukuba ngakholekileyo kuThixo?
23 Ngokucacileyo uYehova wayengasenakubagqala abantu abanjalo njengabakholekileyo, kuba babegxothiwe ngenxa yokuba ngaboni abangaguqukiyo. (Hebhere 10:38; thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 10:5.) Ngokucacileyo, ngabambalwa kuphela abasuswayo kubudlelane. Abona baninzi abafumana ‘ubabalo, noxolo oluvela kuThixo’ baza ‘benziwa oonyana ngokokukholiswa kakuhle komnqweno wakhe’ bahlala bethembekile.—Efese 1:2, 5, 8-10.
24. Yiyiphi inkalo yalo mbandela ekufuneka siyihlolisisile ngokubhekele phaya?
24 Ngokusisiseko, oko kunjalo nakwixesha lethu. Noko ke, makhe siqwalasele indlela abanokuncedwa ngayo ‘abangakholwayo okanye abantu abangenakwazi’ ukuze babe ngabakholekileyo kuThixo namhlanje noko kunokwenziwa ukuze bancedwe ukuba baye benza isiphoso njengoko beqhubeka. Inqaku elilandelayo liya kuxubusha ngale mibandela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Thelekisa ibinzana elithi “abantu abakholekileyo kuye,” kwiNew Testament, nguGeorge Swann; “abantu akholisiweyo ngabo,” kwiThe Revised Standard Version.
b Bona IMboniselo kaOktobha 15, 1965, iphepha 469-73.
c “Igama elithi ἄπιστος (apistos, ‘ongakholwayo’) nelithi ιδιώτης (idiōtēs, ‘lowo ungenakuqonda,’ ‘obuzayo’) achaza abantu abakudidi lomntu ongakholwayo xa kuthelekiswa nabo basindisiweyo becawa kaKristu.”—The Expositor’s Bible Commentary, uMqulu 10, iphepha 275.
Uyakhumbula Na?
◻ NgokweZibhalo, abantu banokuba ngabakholekileyo kuThixo ukususela nini yaye ngayiphi indlela
◻ UThixo wayebajonga njani abantu bolunye uhlanga ababephakathi kwabantu bakhe, kodwa kutheni le nto amaSirayeli kwakufuneka alungelelane ekuqhubaneni nabo ngokubalumkela nangomonde?
◻ Sinokugqiba ngelithini kwisibakala sokuba ‘abangakholwayo’ bathi beza kwiintlanganiso zamaKristu eKorinte?
◻ UThixo walenza njani ilungiselelo lokunceda amaKristu abhaptiziweyo ukuze ahlale engabakhonzi bakhe abakholekileyo?