IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 1/15 iphe. 8-9
  • Ukufunwa Kwabalahlekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukufunwa Kwabalahlekileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufunwa Kwabalahlekileyo
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ukuvuyela Umoni Oguqukayo
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ngaba Uza Kuxelisa Inceba KaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • ‘Fundani Kum’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 1/15 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

Ukufunwa Kwabalahlekileyo

UYESU ulangazelela ukufuna nokufumana abo baya kumkhonza ngokuthobekileyo uThixo. Ngoko uyabafuna aze kubo bonke abantu athethe ngoBukumkani, kuquka naboni abadumileyo. Ngeli thuba abantu abanjalo basondela kufutshane baze kumphulaphula.

Ekubeni bebona oku, abaFarisi nababhali bayamgxeka uYesu ngokusoloko ephakathi kwabantu ababajonga bengabalulekanga. Bayambombozela besithi: “Lo wamkela aboni, adle nabo.” Hayi indlela okubathoba ngayo isidima oko! AbaFarisi nababhali babaphatha abantu abaqhelekileyo njengokungcola okuphantsi kweenyawo zabo. Enyanisweni, basebenzisa ibinzana lesiHebhere elithi ‛am ha·’aʹrets, “Abantu balo mhlaba [belizwe],” ukubonisa ukucekisa kwabo abanjalo.

Kwelinye icala, uYesu yena uphatha wonke umntu ngesidima, ngobubele nangemfesane. Ngenxa yoko, uninzi lwaba bantu bathobekileyo, kuquka abantu abadume ngokuba ngabenzi bobubi, balangazelela ukumphulaphula. Kodwa kuthekani ngokumgxeka kwabaFarisi uYesu ngenxa yokwenza eyona migudu ukulungiselela abo babajonga bengaxabisekanga?

UYesu uphendula amazwi abo okuchasa ngokusebenzisa umzekeliso. Uthetha ngembono yabaFarisi, yokuba besithi bangamalungisa yaye bekhuselekile ebandleni likaThixo, ngoxa abo bacekisekayo ekusetyenziswe kubo ibinzana elithi ‛am ha·’aʹrets beye bakhukuliseka baze bakwimeko yokulahleka. Phulaphula njengoko ebuza:

“Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi, ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya. Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile.”

Wandula ke uYesu abonise indlela elisebenziseka ngayo ibali lakhe ecacisa: “Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.”

AbaFarisi bazicingela bengamalungisa yaye ngaloo ndlela kungekho mfuneko yokuba baguquke. Xa abanye babo bagxeka uYesu kwiminyaka embalwa ngaphambili ngokudla nababuthi berhafu naboni, wabaxelela oku: “Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.” AbaFarisi abazingcayo, abangayiboniyo imfuneko yokuba baguquke, abazisi luvuyo ezulwini. Kodwa bona aboni abaguquke ngokwenyaniso benjenjalo.

Ukugxininisa ngamandla ingongoma yokuba ukubuyiselwa kwaboni abalahlekileyo kubangela uvuyo olukhulu, uYesu ubalisa omnye umzekeliso. Uthi: “Nguwuphi na umfazi eneedrarhima ezilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane? Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile.”

Wandula ke athethe ngendlela efanayo okusebenza ngayo oku, esithi: “Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.”

Hayi indlela ephawuleka ngayo le nkxalabo enothando yezithunywa zezulu zikaThixo ngenxa yokubuyiselwa kwaboni abalahlekileyo! Ngokukhethekileyo oku kunjalo ekubeni aba babekhe bangabantu abakumgangatho ophantsi, becekiswa kusetyenziswa kubo ibinzana elithi ‛am ha·’aʹrets ekugqibeleni baye bakuluhlu lokuba ngamalungu eBukumkanini bukaThixo basezulwini. Ngenxa yoko, bazuze isigxina ezulwini esingaphezu kweso sezithunywa zezulu ngokwazo! Kodwa kunokuba zizive zinomona okanye zidelekile, izithunywa zezulu ziyasiqonda ngokuthobekileyo isibakala sokuba aba bantu banesono baye bajamelana baza ebomini boyisa iimeko ezinokubaxhobisela ukukhonza njengookumkani nababingeleli basezulwini abanovelwano nemfesane. Luka 15:1-10; Mateyu 9:13; 1 Korinte 6:2, 3; ISityhilelo 20:6.

◆ Kutheni uYesu enxulumana naboni abaziwayo, oko kubangela ukuba bamgxeke ngelithini abaFarisi?

◆ AbaFarisi babajonga njani abantu abaqhelekileyo?

◆ UYesu usebenzisa yiphi imizekeliso, yaye sinokufunda ntoni kuyo?

◆ Kutheni le nto ukuvuya kwezithunywa zezulu kuphawuleka nje?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share