Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ibali Lonyana Wolahleko
ABAFARISI baye bamgxeka uYesu ngokwakha ubuhlobo naboni abaziwayo, yaye kwimpendulo yakhe ebegqiba kubalisa ngomzekeliso wokufunyanwa kwemvu ebilahlekile nowedrarhima ebilahlekile. Uyaqhubeka ngoku ebalisa ngomnye umzekeliso, lo wona ngowobawo onothando nendlela aqhubana ngayo noonyana bakhe ababini, ngamnye wabo enesiphoso esinzulu.
Okokuqala, kukho unyana omncinane, umlinganiswa oyintloko womzekeliso. Uhlanganisa ilifa lakhe, alinikwa nguyise ngaphandle kwamathandabuzo. Wandula ke alishiye ikhaya aze abandakanyeke kwindlela yokuziphatha okubi okugqithiseleyo ebomini. Kodwa phulaphula njengoko uYesu ebalisa eli bali, uze ubone ukuba unokuthi aba balinganiswa bamele oobani na.
UYesu uqalisa ibali lakhe ngokuthi, “Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini. Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndinike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela [uyise] imfuyo leyo.” Wenza ntoni lo nyana umncinane ngoko akufumanayo?
UYesu uyacacisa, “Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa.” Inyaniso yile, uyichithe imali yakhe ehlala noonongogo. Emva koku kufika amaxesha anzima, njengoko uYesu eqhubeka ebalisa:
“Akubon’ ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye. Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalusa iihagu. Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.”
Hayi indlela ekulihlazo ngayo ukunyanzeleka ukuba waluse iihagu, ekubeni ezi zilwanyana zazingacocekanga ngokoMthetho! Kodwa okwamenza buhlungu ngakumbi lo nyana yindlala ekrekrethayo ede imbangele ukuba anqwenele ukudla okwakudliwa ziihagu. Ngenxa yentlekele embi akuyo, uYesu wathi, ‘waba nokuziqonda.’
Eqhubeka nebali lakhe, uYesu uyacacisa: “Wathi [lo nyana], Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, abadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala? Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho. Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndenze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho. Wesuka weza kuyise.”
Naku okufuneka sikuphawule: Ukuba uyise wayemjikele waza wamngxolisa ngokunomsindo xa wayeshiya ikhaya, lo nyana ngewayengazange abe nenjongo enye ngoko wayemele akwenze. Ngewayegqibe nasekubeni abuyele emva azame ukufuna umsebenzi kwenye indawo kwilizwe lakowabo ukuze angajongani noyise. Noko ke, akazange acinge ngento enjalo. Wayefuna ukuba kowabo!
Ngokucacileyo, ubawo osemzekelisweni kaYesu umela ubawo wethu wasezulwini onothando nenceba, uYehova uThixo. Yaye mhlawumbi nawe uyaqonda ukuba unyana wolahleko, ufanekisela aboni abaziwayo. AbaFarisi, athetha nabo uYesu, bamgxeka uYesu ngaphambili ngokudla kunye nabantu abanjalo.
Kodwa umela bani yena unyana omkhulu? Yaye usebenza njani umzekeliso kaYesu kule nkulungwane yethu yama-20? Inkupho yethu elandelayo yeli phephancwadi iza kuphendula le mibuzo xa iqwalasela lonke ibali likaYesu elingonyana wolahleko owafumanekayo. Luka 15:11-20, 30; Levitikus 11:7, 8.
◆ UYesu uwuxelela oobani lo mzekeliso, okanye ibali, yaye kungani?
◆ Ngubani umlinganiswa oyintloko kweli bali, yaye kwenzeka ntoni kuye?
◆ Ubawo nonyana omncinane bamela oobani?
◆ Yiyiphi inkcazelo emasiyilindele kwinkupho elandelayo yeli phephancwadi?