Ngokwenene Bangoobani Abalungiseleli BakaThixo?
“KWELI xesha linzima siyala onke amajoni ethu angamaKatolika ukuba enze umsebenzi wawo ekuthobeleni iFuehrer [uHitler].”—La ngamazwi oobhishophu abangamaKatolika baseJamani, njengoko ecatshulwe kwiThe New York Times, kaSeptemba 25, 1939.
UDavid Walker, umqhubi wenqwelo-moya waseBritani, encokola nomfundisi ongumKatolika ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, wathetha ngolu hlobo: “Uyazi mfundisi, kwinqwelo-moya yethu elinye ijoni lingumKatolika, yaye uyalisikelela xa sisiya kuwisa iziqhushumbisi phezu kweJamani. Ngoku, kwaunqulo olufanayo lwamaKatolika eJamani lusikelela ijoni elikwinqwelo-moya yaseJamani elingumKatolika elize kutshabalalisa izixeko zethu. Ngoko ke umbuzo wam ngulo, ‘UThixo ukweliphi icala?’”
Ngokwahlukileyo koku, amaNgqina kaYehova angamawakawaka achitha iminyaka kwiikampu zoxinaniso ezoyikekayo zamaNazi ngenxa yokungavumi ukuthi heil Hitler okanye ukulwa kwimikhosi yakhe exhobileyo. KuMazwe Amanyeneyo awayesilwa nelaseJamani, amaNgqina amaninzi avalelwa ngenxa yokwala ukuya emkhosini.
Ngoobani abalungiseleli bakaThixo bokwenyaniso, yaye ziziphi izinto eziyimfuneko abamele bazifikelele?
Ukukholelwa EBhayibhileni
Ngokucacileyo umlungiseleli oyinyaniso kaThixo umele abe nenkolelo eqinileyo eBhayibhileni. Kwakhona umele ayazi ngokwaneleyo ukuze afundise nabanye. Kodwa abefundisi beNgqobhoko abaninzi abazizalisekisi ezi zinto ziyimfuneko ngokusisiseko. Ugqirha wezamayeza waseMzantsi Afrika wavakalisa ukuba abalungiseleli baseTshetshi, apho wayekhonza khona ngaphambili, ‘bayisebenzisa kancinane iBhayibhile’, yaye kubonakala ukuba iintshumayelo zaziba yingcamango yobuqu yomshumayeli. Kwakhona wakhalazela amalungu esifundisi, anjengoAtshibhishophu Tutu waseKapa, ngokubandakanyeka kwiipolitiki.
Ngokwahlukileyo koku, abakhonzi abanyanisekileyo bakaYehova ngokuqinileyo bakholelwa eBhayibhileni yaye bachitha ixesha labo elininzi ekuyifundisiseni nasekuyicaciseni kwabanye. Umdla wabo eBhayibhileni nothando lwabo ngayo lunzulu kangangokuba baye bavelisa inguqulelo ephandwe ngokunzulu ebizwa ngokuba yiNew World Translation of the Holy Scriptures, esekelwe kwimibhalo-ngqangi enokuthenjwa yesiHebhere, yesiAram neyesiGrike esemgangathweni. KuHlelo Oluneembekiselo lwale Bhayibhile kukho amawakawaka eenkcazelo zemibhalo esemazantsi neembekiselo zokunceda abafundi ukuba bayiqonde ngokungakumbi iBhayibhile nokubanceda ukuba bakwazi ukuyicacisela abanye. Ngaphezu koko, le nguqulelo yeBhayibhile ibalaseleyo iye yaguqulelwa, iyonke okanye inxalenye yayo kwezinye iilwimi ezilishumi, yaye amashumi ezigidi emibhalo aye asasazwa zwenibanzi.
Abalungiseleli Bokwenyaniso Nokuziphatha
IBhayibhile izigweba ngokungqongqo zonke iintlobo zesono esingokwesini—kuquka ukukrexeza, ukuhenyuza, ubufanasini nokulala nesilwanyana. (Levitikus 20:10-15; Roma 1:26, 27; Galati 5:19) Abalungiseleli bokwenyaniso abangamaKristu ngeentliziyo ezipheleleyo baphakamisa imigaqo yokuziphatha kaThixo. Ewe, amaNgqina kaYehova awujonga ngokunzulu umthetho kaThixo. Ayabasusa kubudlelane abo ngokungaguqukiyo benza izono ezinjalo, ngoxa ebonakalisa inceba kwabo baguquka ngokunyanisekileyo kwizenzo zokuziphatha okubi baze babucoce ubomi babo.—1 Korinte 5:11-13; 2 Korinte 2:5-8.
EMzantsi Afrika oyiDini yaseTshetshi eKapa kuthiwa wathi: “Olunye ulwalamano olungokwesini lobufanasini lulunge ngakumbi kunolo lwebhinqa nendoda yaye ngenxa yobunzulu bothando, ndiqinisekile ukuba luyamonwabisa uThixo.” Isichasi soko siyinyaniso. UThixo uluthiyile ulwalamano olunjalo.—1 Korinte 6:9, 10.
Abalungiseleli Bokwenyaniso Bafundisa Iimfundiso Eziyinyaniso
Abalungiseleli bokwenyaniso bafundisa iimfundiso ezisekelwe ngokuqinileyo eLizwini likaThixo. Abalungiseleli bobuxoki bafundisa iimfundiso ezingaxhaswa yiBhayibhile okanye ezingasekelwanga kuyo. Ngokomzekelo khawuqwalasele imfundiso kaBathathu Emnye. Njengoko iThe Encyclopædia Britannica (Uhlelo lwe-15) isitsho: “Igama elithi Bathathu Emnye, nemfundiso ecacileyo enjengaleyo, azibonakali kwiTestamente Entsha, ibe noYesu nabalandeli bakhe abazange bayiphikise iShema kwiTestamente Endala: ‘Yiva, Sirayeli: INkosi uThixo wethu yiNkosi enye’ (Dut. 6:4).” Imfundiso kaBathathu Emnye ayizange ibe yimfundiso esemthethweni yecawa de kwayinkulungwane yesine yeXesha Eliqhelekileyo. Enyanisweni, ngokuyinxenye kwakungenxa yodumo nempembelelo awayenayo uMlawuli waseRoma uConstantine ekwathi le mfundiso ebubuxoki yaqalisa ukubalaseliswa kwiBhunga laseNicaea ngowama-325 C.E.
Imfundiso kaBathathu Emnye ibangele ukuba amalungu amaninzi ecawa, lawo afuna inyaniso ngokunyanisekileyo, aphelelwe yintembelo kubalungiseleli bawo. Oku kwakuyinyaniso ngomfazana waseMzantsi Afrika owayengakholelwa ukuba unqulo lwakhe, iCawa yaseDatshi yafundisa inkolelo edida ngolo hlobo enjengoBathathu Emnye de omnye wamaNgqina kaYehova wamnika ubungqina obubhaliweyo bokuba eneneni kunjalo! Igqwetha elikhulileyo nelidla umhlala phantsi, kwanalo ilelaseMzantsi Afrika, larhoxa kwicawa yalo ngenxa yokuba “iimfundiso ezingaqiqekiyo ezifundiswa ezicaweni ziphosakele ngokupheleleyo yaye ziyalahlekisa.”
Enye imfundiso ebubuxoki yeNgqobhoko yileyo yesihogo somlilo. Nangona ingasashunyayelwa ngokubanzi okanye ikholelwe njengokuba kwakunjalo ngaphambili, iseyimfundiso esemthethweni yenkoliso yeecawa. Ezi cawa zithi xa umntu esifa kufa umzimba kodwa umphefumlo, ungongenakufa, uqhubeka uphila, yaye abo bebephila ubomi obungendawo bathuthunjiswa ngonaphakade kumlilo otshisayo. Ngaba uyakukholelwa oko? Okubaluleke ngakumbi, ngaba kuyinyaniso? Akunjalo ngokusuka eBhayibhileni, kuba yona ithi: “umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.” (Hezekile 18:4, 20) Ngaphezu koko, umpostile uPawulos ophefumlelweyo wabhala: “Kuba umvuzo wesono kukufa”—ingesiso isihogo somlilo!—Roma 6:23.
Ngoku makhe siqwalasele imilinganiselo abamele bahlangabezane nayo abalungiseleli bokwenyaniso abangamaKristu.
Izinto Eziyimfuneko NgokweZibhalo Kubalungiseleli Bokwenyaniso
Igama lesiXhosa elithi “umlungiseleli” liyinguqulelo yegama lesiGrike elithi: “di·aʹko·nos,” elinemvelaphi engaziwa ngokuqinisekileyo. Libhekisela kothile ophumeza imiyalelo yomnye, ngokukhethekileyo eyenkosi yakhe. Ngenxa yoko, igama elisetyenziswa yiBhayibhile lithetha umkhonzi. Ukusetyenziswa kweli gama eBhayibhile kubonisa uthile ongayekeleliyo ekunikeleni ngokuzithoba inkonzo ezeleyo ngenxa yabanye. UYesu wayigxininisa imfuneko yenkonzo enjalo yokuzithoba, njengoko umzekelo olandelayo ubonisa.
Ngenye imini, kanye ngaphambi kokufa kukaYesu kumthi wentuthumbo, unina kaYakobi noYohane weza kuye waza wathi: “Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho.” Abanye abafundi bayicaphukela le nto. Emva koko ngobubele uYesu wabafundisa isifundo esibalulekileyo. Wabahlanganisela ndawonye waza wathi: “Osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu.”—Mateyu 20:20, 21, 24-27.
Kwenye yeentetho zakhe zasesidlangalaleni ezibhaliweyo nezakhayo, uYesu wabalumkisa abo babemphulaphule ngababhali nangabaFarisi. Kwakhona walatha kwezinye zeentsilelo ezicace nakuthathatha zabo balungiseleli bangamaxoki, nabangabahanahanisi. Wabachaza njengabanekratshi nababefuna izinto ngegunya nababesoloko befuna ukubaluleka.—Mateyu 23:1-7.
Namhlanje, abefundisi abaninzi, ngokungakumbi abefundisi beCawa yamaKatolika yaye kwezinye iimeko, nabaseTshetshi, banyanzelisa ukuba babizwe ngokuthi “Bawo.” Ngokomzekelo, omnye umfundisi waseTshetshi eMozambique, xa wathi kwiminyaka edlulileyo wabuzwa ngomnye wamaNgqina kaYehova isizathu sokuba asebenzise isibizo esithi “Bawo,” waphendula wathi: “Ndiyazidla ngaso!” Kambe ke, kuyinto eyaziwa nangubani na ukuba upopu waseRoma uyavuya kukubizwa ngokuthi “Bawo Ongcwele”—phezu kwawo nje umyalelo kaYesu kubafundi bakhe wokuba “ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini.” UYesu wongezelela lo mgaqo usisiseko ngokuthi: “Osukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.”—Mateyu 23:9-12.
Ngaba Amabhinqa Afanele Amiselwe?
Kumaxesha akutshanje, liye longezeleleka inani lamabhinqa amiselwa njengamalungu esifundisi. Kodwa uPawulos wayalela uTimoti esithi: “Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda.” (1 Timoti 2:12) Noko ke, oku akuthethi ukuba ibhinqa elingumKristu alinakubafundisa abantwana balo okanye lifundise phakathi koluntu ngokubanzi, kodwa wayethetha ukuba alinakufundisa ebandleni.
Ngoko ke, ngaba amabhinqa awamele athethe kwiintlanganiso zamaKristu? AmaNgqina kaYehova afundisisa eli phephancwadi, IMboniselo, kwenye yeentlanganiso zawo zeeveki ngeeveki esebenzisa amanqaku anemibuzo yeziqendu. Umlungiseleli oqhuba esi sifundo, ngokuqhelekileyo umzalwana, umema amalungu ebandla, kuquka noodade, ukuba baphendule le mibuzo. Kodwa la mabhinqa akafundisi. Kuphela nje avakalisa iingcamango zawo ezikweli nqaku ngamazwi awo. Kwanabantwana bayakhuthazwa ukuba babe nenxaxheba ekuphenduleni, yaye amagqabaza abo, ngokuqhelekileyo amafutshane nalula, atsho emxholweni.
Kwakhona uPawulos wanikela le ngxelo ngokuphathelele amabhinqa: “Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni.” (1 Korinte 14:35) Oku kuthetha ukuba xa kukho nto ithile oodade abangayiqondiyo okanye baphazanyiswe ziinkcazelo ezithile ezifundiweyo okanye ezenziwe ebudeni beentlanganiso, abafanele bavuse imbambano phambi kwebandla. Kunoko, bafanele babuze amadoda abo ukuba ayicacise imicimbi xa besekhaya.
Noko ke, zikho izihlandlo apho amabhinqa angamaKristu anokushumayela ngazo emadodeni. AmaNgqina kaYehova achithela ixesha elininzi ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani kwindlu ngendlu. Xa umshumayeli olibhinqa edibana nendoda, ngaba umele nje acel’ uxolo aze emva koko ahambe? Akunjalo konke konke. Kule meko, akashumayeli ebandleni kodwa kumntu osenokuba akakholwa. Ngokufanayo, umlungiseleli olibhinqa unokufundisisa iBhayibhile nentsapho engengomaKristu kwanaxa utata walapho ekho.
UYesu Kristu—Umzekelo Obalaseleyo
UYesu wayengumzekelo obalaseleyo esenza kakuhle ukuzama ukuwuxelisa! Wayengoyena mfundisi ulungileyo, oyena mshumayeli ulichule, oyena msébenzi unenzondelelo noyena mluleki unothando wakha waphila emhlabeni. Ukulandela emanyathelweni akhe kulilungelo elikhulu gqitha. Ngaba uzabalazela ukwenza oko?
Izigidi zamaNgqina kaYehova zenza konke okusemandleni azo ukumxelisa, nangona zingafezekanga. Iindlela zakhe zokufundisa zazahluke mpela kwezo zabefundisi banamhlanje. Akazange akhalise ntsimbi zeecawa aze alinde abantu ukuba beze kuye, nangona abaninzi babezizela ngokuzithandela. Kunoko, waya ebantwini waza wabafundisa emakhayeni abo, kwiindawo zikawonke wonke, ezintabeni naselunxwemeni loLwandle lwaseGalili. Maxa wambi wathetha namaqela anokuba ngamawakawaka, njengokuba kuzekeliswe ngasezantsi.—Mateyu 9:35; 13:36; Luka 8:1.
Ukunceda Amahlwempu, Abagulayo, Nabalupheleyo
Bangaphi abanjengaba abakhoyo namhlanje? Ngamakhulu ezigidi. Yaye eli nani landa ngamandla njengoko iimeko zehlabathi ngokukhawuleza ziya zisiba mbi nale nkqubo yezinto ikhoyo isondela kwisiphelo sayo sokugqibela kwidabi leArmagedon. (ISityhilelo 16:16) Iintlekele ezibangelwa ngamandla endalo, iindlala nezifo zongezelela kulo monakalo nakobu bunzima. KwanamaKristu okuqala ajamelana neengxaki ezinjalo. Malunga nowama-46 C.E., xa uKlawudiyo wayengumlawuli waseRoma, kwakukho indlala enkulu kulo lonke elo. Ngoko ke, benza ntoni abafundi? Bathi “elowo kubo wagqiba ukuthumela into yokubanceda abazalwana ababemi kwelamaYuda.”—IZenzo 11:27-30.
Kumaxesha anamhla, ngokufuthi amaNgqina kaYehova aye anikela uncedo lweempahla ezininzi kwabo babandezelekileyo okanye basweleyo. Kutshanje, xa iMozambique ibidlakazwe yimfazwe yamakhaya—nto leyo eye yaphumela kunqongophalo lokutya olukhulu, kubujacu, kukungabikho kwamayeza nezinye izinto eziyimfuneko—amaNgqina kaYehova aseMzantsi Afrika engummelwane abanceda abazalwana bawo abakwinkxwaleko. Intabalala yokutya, iimpahla ezininzi nezinye izinto zaqokelelwa zaza zathunyelwa eMaputo, ikomkhulu laloo dolophu, ngeelori ezinkulu.
Ukuzalisa Isiprofeto SeBhayibhile
Ewe, abalungiseleli bokwenyaniso bakaThixo namhlanje banelungelo elimangalisayo lokuba nenxaxheba ekuzalisekeni kweziprofeto zeBhayibhile. Njani? Kwisihlandlo esingokwembali xa abafundi bambuzayo uYesu ukuba: “Ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?” waphendula ngokuthi ngelo xesha lokubakho kweemfazwe ehlabathini, kweendlala, kweenyikima zomhlaba nolwaphulo-mthetho, “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani [zaziya] kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela.” (Mateyu 24:3, 14) UPawulos wamisela umzekelo wabo bonke abalungiseleli bokwenyaniso ngokushumayela “kwizindlu ngezindlu.”—IZenzo 20:20.
AmaNgqina kaYehova aziwa zwenibanzi ngenkuthalo yawo kulo msebenzi wokushumayela. Mhlawumbi ngamanye amaxesha aye afika ekhayeni lakho. Ngaba ukhe wawaphulaphula ngenyameko? Ukuba akunjalo, kutheni ungenzi njalo nje kwixesha elizayo xa athe afika? Usenokumangaliseka gqitha!
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
Based on U.S. Army photo