Oko Kuthetha Kona Ukuthanda UThixo
“Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe.”—1 YOHANE 5:3.
1. Sifanele silubonise njani uthando lwethu ngoThixo, yaye oko kuya kuba nawuphi umphumo?
NGOKUPHATHELELE imfanelo yokuba abantu bamele banqule uThixo, uYesu wathi: “Uze uyithande iNkosi [“uYehova,” NW] uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:37) Sifanele silubonise njani olu thando? IBhayibhile iyaphendula: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe.” (1 Yohane 5:3) Oku kunawuphi umphumo omhle kwabo bakwenzayo? UYohane wathi: “Lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo.”—1 Yohane 4:16b.
2. Ngubani kuphela esifanele simnqule?
2 Ukuba siyamthanda uThixo, asisayi kunqula nasiphi na isidalwa, esiphilayo okanye esifileyo, kodwa siya kunqula uThixo kuphela. (Luka 4:7, 8) Umpostile uPetros, kwanesithunywa sezulu, bakwala ukunqulwa ngabantu. (IZenzo 10:25, 26; ISityhilelo 22:8, 9) Kwakhona, uYesu wabonisa ukuba unina, uMariya, wayengafanelanga anikwe nayiphi na intlonelo engokonqulo, kuba nguThixo kuphela ofanelwe yintlonelo enjalo. (Luka 11:27, 28; Yohane 2:3, 4; ISityhilelo 4:11) Ukunqula ngokungafanelekanga kuya kuphumela ekungqubaneni nemithetho kaThixo, kuba “akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini.”—Mateyu 6:24.
Ukusetyenziswa Komnqamlezo Elunqulweni
3. INgqobhoko ikugqala njani ukusetyenziswa komnqamlezo?
3 Kukwakho izinto ezingaphiliyo ekunokuthi ukuhlonelwa kwazo kukhokelele ekwaphuleni imithetho kaThixo. Enye yezona zibalaseleyo ngumnqamlezo. Kangangeenkulungwane ubusetyenziswa ngabantu beNgqobhoko njengenye yezinto abazinqulayo. IThe New Encyclopædia Britannica iwubiza umnqamlezo ngokuthi “ngumfuziselo oyintloko wonqulo lwamaKristu.” Xa kwakuchotshelwe ityala lasenkundleni eGrisi, iCawa yobuOthodoki bamaGrike yade yaqononondisa ukuba abo bawugatyayo ‘uMnqamlezo Ongcwele’ abangomaKristu. Kodwa ngaba ngokwenene umnqamlezo ungumfuziselo wamaKristu? Wavela phi?
4, 5. (a) Sithini isichazi-magama ngegama elithi stau·rosʹ, eliguqulelwe ngokuthi “umnqamlezo” kwiiBhayibhile zesiXhosa? (b) Kwavela phi ukusetyenziswa komnqamlezo?
4 Isixhobo sokubulala uYesu sikhankanyiwe kwizicatshulwa zeBhayibhile ezinjengoMateyu 27:32 neyama-40. Apho igama lesiGrike ustau·rosʹ liguqulelwe ngokuthi “umnqamlezo” kwiiBhayibhile zesiXhosa. Kodwa igama elithi stau·rosʹ lalithetha ukuthini ngenkulungwane yokuqala xa kwakubhalwa iZibhalo zesiGrike? IAn Expository Dictionary of New Testament Words, ebhalwe nguW. E. Vine, ithi: “Ustauros . . . ubonisa, ngokuyintloko, ipali okanye isibonda esimi nkqo. Kuso kwakubethelelwa abenzi bobubi ukuze bafele apho. Kokubini isibizo [ustau·rosʹ] nesenzi ustauroō, ezithetha ukubophelela esibondeni okanye epalini, ntlandlolo zazahlukile kuhlobo lomnqamlezo wasecaweni onezibonda ezibini. Umnqamlezo wavela kwiKhaledi yamandulo, yaye wawusetyenziswa njengomfuziselo kathixo uTamuzi (omile ngokukaTau oyimfihlelo, unobumba wegama lakhe) kwelo lizwe nakumazwe ayingqongileyo, aquka iYiputa.”
5 Lo kaVine utyatyadula ngokubhekele phaya esenjenje: “Malunga nasembindini wenkulungwane yesi-3 A.D. iicawa zashenxisa, okanye zagqwetha, ezinye iimfundiso zokholo lwamaKristu. Ukwenzela ukwandisa iwonga lenkqubo yabefundisi bowexuko abahedeni bamkelwa ezicaweni ngaphandle kokuzalwa ngokutsha ngokholo, baza bavunyelwa ngokubanzi ukuba bayigcine imiqondiso nemifuziselo yabo yobuhedeni. Ngenxa yoko uTau okanye uT, ekwimo yakhe eyeyona iqhelekileyo, onesishunqwana esinqamlezileyo esehlisiweyo, wamkelwa ukumela umnqamlezo kaKristu.”
6, 7. (a) Livela phi igama elithi “cross” (umnqamlezo), yaye kutheni le nto ukusetyenziswa kwalo kwiiBhayibhile zesiXhosa kungafanelekanga? (b) Ukusebenzisa kweBhayibhile igama elithi xyʹlon kungqina njani ukuba ustau·rosʹ wayesisibonda somthi esimi nkqo?
6 IThe Companion Bible, phantsi komxholo othi “Umnqamlezo Nokubethelela Emnqamlezweni,” ithi: “Igama lethu lesiNgesi elithi ‘cross’ [umnqamlezo] liguqulelwe ngokusuka kwelesiLatini elithi crux; kodwa igama lesiGrike ustauros alisathethi ucrux njengokuba negama elithi ‘intonga’ lingathethi ‘umsimelelo.’ UHomer usebenzisa ustauros obhekisela kwipali okanye isibonda esiqhelekileyo, okanye ukhuni olunye. Yaye le yintsingiselo nendlela elalisetyenziswa ngayo elo gama kuso sonke isiGrike samandulo. Alizange lithethe izibonda ezibini ezinqamlezileyo. . . . Akukho kwanto kwiT[estamente] E[ntsha] yesiGrike ethetha ngezibonda ezibini.”
7 Elinye igama lesiGrike, uxyʹlon, lisetyenziswa eBhayibhileni ukubhekisela kwisixhobo awafela kuso uYesu. Eli gama liyasinceda sibone ukuba ustau·rosʹ wayesisibonda somthi esimi nkqo esingenasibonda sinqamlezileyo. Kunjengokuba iThe Companion Bible isithi: “Igama elithi [xyʹlon] . . . ngokuqhelekileyo libhekisela kwisiqobo somthi owomileyo, okanye iinkuni, ezisetyenziselwa ukubasa okanye nayiphi na enye injongo. . . . Njengoko igama elithi [xyʹlon] lisetyenziswa endaweni yegama lokuqala elithi stauros, oko kusibonisa ukuba intsingiselo yawo omabini la magama ifana twatse. . . . Ngenxa yoko ukusetyenziswa kwegama elithi [xyʹlon] . . . kuhlobene nokufa kweNkosi yethu, yaye liguqulelwe ngokuthi ‘umthi’ kwiZenzo 5:30; 10:39; 13:29; Galati 3:13; 1 Petros 2:24.”
8. Eminye imithombo ithini ngomnqamlezo nangemvelaphi yawo?
8 IDictionnaire Encyclopédique Universel yesiFrentshi (Isichazi-magama Jikelele Sentyilalwazi) ithi: “Kangangethuba elide besikholelwa ukuba umnqamlezo, ogqalwa njengomfuziselo wonqulo, wawenzelwe amaKristu ngokukhethekileyo. Kuthe kanti akunjalo.” Incwadi ethi Dual Heritage—The Bible and the British Museum ithi: “Kusenokukhwankqisa ukwazi ukuba akukho kwagama elithi ‘umnqamlezo’ kwiTestamente Entsha yesiGrike. Igama eliguqulelwe ngokuthi ‘umnqamlezo’ lisoloko libhekisela kwigama lesiGrike elithi [stau·rosʹ] elithetha ‘umthi’ okanye ‘ipali emi nkqo.’ Ntlandlolo umnqamlezo wawungengomfuziselo wamaKristu; wafunyanwa eYiputa nakuConstantine.” INew Catholic Encyclopedia ithi: “Umzobo wokufa kukaKristu okulidini eGolgota awufumaneki kwimizobo efuziselayo yeenkulungwane zokuqala zamaKristu. AmaKristu okuqala, ephenjelelwa sisalelo seTestamente Endala semifanekiso eqingqiweyo, ayethingaza kwanokuzoba umfanekiso wesixhobo [esabulala] iNkosi. . . . Umnqamlezo uvele ngexesha likaConstantine.”
Umnqamlezo KaConstantine
9. UMlawuli uConstantine uhlobene njani nomnqamlezo?
9 UConstantine wayengumlawuli waseRoma owathi wahlanganisa iBhunga laseNicaea ngowama-325 C.E. waza waliphembelela ukuba liqulunqe imfundiso engeyoyazibhalo yokuba uKristu wayenguThixo. Wakwenza oku ngenjongo yokuqinisa ubukhosi bakhe bobuhedeni nobamaKristu awexukileyo. IThe New Encyclopædia Britannica ithi ngaye: “Ngengokuhlwa yangaphambi kokoyisa kukaConstantine uMaxentius ngowama-312, wabona umbono ‘womqondiso wasezulwini’ womnqamlezo, nto leyo awayekholelwa ukuba yayingumqondiso kaThixo woloyiso lwakhe.” Ikwathi emva koko uConstantine wakhuthaza ukuhlonelwa komnqamlezo.
10. Kutheni le nto kungekho ngqiqweni okanye kungekho ngokweZibhalo ukukholelwa ukuba uThixo okanye uKristu wanika uConstantine “umqondiso” ophathelele umnqamlezo?
10 Khona ke sekwatshiwo, ngaba uThixo wayenokunikela umqondiso kwinkokeli engumhedeni eyayingenzi kuthanda kukaThixo, namqondiso ongowobuhedeni? UYesu wabakhalimela abantu besixeko sakowabo ngokufuna imiqondiso. (Mateyu 12:38-40) Ngaphezu koko, le nkokeli engumhedeni yayiphalaza igazi labamsulwa ngezixhobo zokoqobo ngenjongo yokufumana iwonga kwezobupolitika ibe, yenza iyelenqe lobupolitika, lokuba kubulawe izalamane nezinye izinxulumani zayo. Ngokwahlukileyo koko, uYesu wathi: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela.” (Yohane 18:36, TE) Kungoko wayalela uPetros esithi: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.”—Mateyu 26:52.
11. Yintoni eyashukumisela uConstantine ukuba akhuthaze ukusetyenziswa komnqamlezo?
11 Incwadi ethi Strange Survivals ithi ngoConstantine nangomnqamlezo wakhe: “Asinakuyithandabuza nakancinane into yokuba kwakukho icebo elichuliweyo kulawulo lwakhe; kwelinye icala umqondiso awawumiselayo wawuvuyisa amaKristu awayesemkhosini wakhe, yaye kwelinye icala wawuvuyisa abemi baseFransi [ababengabahedeni]. . . . Kwaba bahedeni lwalungumfuziselo wokuxhasa uthixo wabo welanga,” lowo babemnqula. Unotshe, ‘umqondiso wasezulwini’ kaConstantine wawungenanto yakwenza noThixo okanye uKristu kodwa wawunemvelaphi yobuhedeni.
Ngaba Uza Kuhlonela Isixhobo Sokubulala?
12, 13. Kungaziphi ezinye izizathu le nto umnqamlezo ungafanele uhlonelwe?
12 Kwanokuba siyabutyeshela obu bungqina size siyithabathe njengenyaniso into yokuba uYesu wabethelelwa emnqamlezweni, ngaba ufanele uhlonelwe? Akunjalo, kuba uYesu wabulawa njengesaphuli-mthetho, njengamadoda awayebethelelwe ecaleni kwakhe, yaye indlela awafa ngayo yammela ngokuphosakeleyo ngeyona ndlela imbi ngokugqithiseleyo. AmaKristu enkulungwane yokuqala ayengayi kusigqala njengesingcwele isixhobo esasetyenziswa ekumbulaleni. Ukusihlonela kwakuya kuthetha ukuzukisa isenzo esiphosakeleyo esathi senziwa ngeso sixhobo, ukubulala uYesu.
13 Ukuba umhlobo wakho osenyongweni uye wabulawa ngezityholo zobuxoki, ngaba ubuya kwenza umfanekiso wesixhobo esambulalayo (mhlawumbi wenze umfanekiso wentambo yokuxhoma umntu okanye isihlalo sokubulala ngombane okanye umpu womkhosi odubulayo) uze uwange, ukhanyise amakhandlela phambi kwawo, okanye uwunxibe emqaleni njengesihombiso esingcwele? Ubungenakuze ucinge ukwenza into enjalo. Kukwanjalo ke, nangokuhlonela umnqamlezo. Isibakala sokuba umnqamlezo unemvelaphi yobuhedeni siwenza ube ngoxhalabisa ngakumbi lo mbandela.
14. Sisiphi isigqibo esimele sifikelele kuso ngokuphathelele umnqamlezo ngenxa yobungqina behlabathi nobeBhayibhile?
14 Ukuhlonelwa komnqamlezo akukokwamaKristu. Akubonisi ukuba nothando ngoThixo okanye uKristu kodwa kugculela isigxina sabo. Kukukwaphula imithetho kaThixo enxamnye nokunqula izithixo. Kukukuhlonela umfuziselo wobuhedeni owenziwa ubonakale ngathi ngowamaKristu. (Eksodus 20:4, 5; INdumiso 115:4-8; 1 Korinte 10:14) Ukugqala umfuziselo wobuhedeni njengongcwele kukukuvukela umthetho kaThixo othi: “Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? . . . Nento engcolileyo ningayichukumisi.”—2 Korinte 6:14, 17.
Ukubambelela KwiLizwi Eliphefumlelweyo
15. Kutheni sifanele sizichase izithethe ezingqubanayo neLizwi likaThixo?
15 Iicawa zithi uqheliselo olunjengokuhlonela umnqamlezo luyinxalenye “yesithethe esingcwele.” Kodwa xa isithethe singqubana neLizwi likaThixo, abo bathanda uThixo bayasicekisa eso sithethe. Oko sikufunayo ngokwenene kunqulo oluyinyaniso sele kubhaliwe kwiLizwi likaThixo. Kunjengokuba uPawulos wabhalela uTimoti esithi: “Uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu. Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:15-17) Akukho ndawo apho iBhayibhile ithi izithethe eziphikisana neLizwi likaThixo zingundoqo ukuze kufunyanwe usindiso.
16. Wathini uYesu kwiinkokeli zonqulo zamaYuda ngokuphathelele izithethe zazo?
16 Ukungqubana kweZibhalo nesithethe sabantu akunto intsha. Ukususela kwixesha lokugqitywa kweZibhalo eziphefumlelweyo zesiHebhere ukuza kuthi ga ekufikeni kukaYesu, iinkokeli zonqulo zamaYuda zongezelela izithethe ezininzi ezazivakaliswa ngomlomo, ezathi kamva zazibhala phantsi ngaphandle kokuphefumlelwa nguThixo. Ezo zithethe zazingqubana ngokufuthi neZibhalo. Ngoko uYesu wazixelela oku ezo nkokeli zonqulo: “Kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu? . . . Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.” Wasebenzisa iLizwi likaThixo kubo xa lathi: “Bafumana ke bendihlonela, befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.” (Mateyu 15:1-6, 9) Kwiimfundiso zakhe, uYesu akazange acaphule kwezo zithethe. Wabhenela kwiLizwi likaThixo elibhaliweyo neliphefumlelweyo.—Mateyu 4:4-10; Marko 12:10; Luka 10:26.
17. Kutheni le nto sinokuba nentembelo eBhayibhileni njengesiseko esiluqilima sethemba lethu?
17 UThixo akazange aliyekele kwabo bagcini besithethe bonqulo abangathembekanga ‘ilizwi lobomi’ ukuba balilondoloze. (Filipi 2:16) Kunoko, ngomoya wakhe oyingcwele onamandla, waphefumlela ukubhalwa kweBhayibhile ukuze “ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.” (Roma 15:4) Ukuthi iBhayibhile ayiphelelanga yaye ke sifanele sikholose kwanangeengcamango ezingazinzanga zabantu abangafezekanga nabangaphefumlelwanga kukukhanyela amandla kaThixo. Ngokuqinisekileyo, uMdali ongusomandla nowoyikekayo wendalo iphela wayenokuyibhala incwadi! Ibe wakwenza oko ukuze sibe nesiseko esiluqilima sethemba lethu nokuze singaxhomekeki kwizithethe zabantu ezikhokelela abantu ekuvukeleni imithetho kaThixo. Ngenxa yoko, iLizwi likaThixo lithi: “Ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo.” (1 Korinte 4:6) Abo bamthanda ngokwenyaniso uThixo baya kusiphaphela eso siluleko.—Bona kwaneMizekeliso 30:5, 6.
‘Gcina Imithetho Yakhe’
18. Ukuba simthanda ngokwenyaniso uThixo, nguwuphi umthetho esimele siwuthobele?
18 “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe,” itsho njalo eyoku-1 kaYohane 5:3. Xa iinkokeli zonqulo ziyisingela phantsi okanye ziyityeshela loo mithetho, okanye zimisela izithethe zabantu ezingqubanayo nayo, ngoko zikhokela abalandeli bazo ngokuchasene nokuthanda kukaThixo. Ngokomzekelo, qwalasela umgaqo osisiseko wobuKristu: uthando. Lwaluyinxalenye ebalulekileyo yemfundiso kaYesu. Wathi: “Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.”—Mateyu 22:39.
19. (a) Kubaluleke kangakanani ukuba amaKristu okwenyaniso athandane? (b) “Umthetho omtsha” uYesu awawunikayo ngokuphathelele uthando wahluke njani komdala?
19 Kubaluleke kangakanani oku kuthanda ummelwane? UYesu wafundisa ukuba amaKristu okwenyaniso anokufaniswa ngothando analo phakathi kwawo. Wathi: “Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.” (Yohane 13:34, 35) Ngokwenyaniso, uMthetho kaSirayeli wamandulo wawuquka umthetho ‘wokuthanda ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.’ (Levitikus 19:18) Kodwa into eyayintsha kulo mthetho kaYesu yayingamazwi athi, “njengoko ndinithandileyo nina.” Oku kwalomeleza ngakumbi uthando lobuKristu, kuba umKristu umele ade akulungele ukuncama ubomi bakhe ngenxa yamakholwa angoowabo, njengokuba kanye uYesu wenzayo.
20. Ngoobani ingxelo engokwembali yale nkulungwane ebachaza njengabathobela umthetho ‘wokuthandana’?
20 Ngaloo ndlela, abakhonzi bokwenyaniso bakaThixo namhlanje baphawulwa ngentambo engaqhawukiyo nemanyanisayo yothando lwezizwe ngezizwe. Ngoobani kwixesha lethu ababonakalisa ukuyithobela ngolo hlobo imithetho kaThixo ephathelele uthando? Ngoobani abaye batshutshiswa, bavalelwa ezintolongweni, bavalelwa kwiikampu zoxinaniso, okanye babulawa ngenxa yokuba bengenakulwa namakholwa angoowabo—okanye kwanabangakholwayo—bezinye iintlanga? Ingxelo engokwembali yale nkulungwane iphendula ngokuthi: ngamaNgqina kaYehova kuphela.
21. Iicawa zeNgqobhoko zenze ntoni ngokuphathelele umthetho wokuthanda amakholwa angoowethu?
21 Kwelinye icala, iinkonzo zeNgqobhoko ziye zayaphula rhoqo imithetho kaThixo ephathelele uthando. Kuzo zonke iimfazwe zale nkulungwane, abefundisi beecawa zeNgqobhoko baye bakhokelela abantu babo ukuba bahlanganisane emadabini nokuze babulalane ngokwezigidi. AmaProtestanti abulala amaProtestanti angoowabo, amaKatolika abulala amaKatolika angoowabo, ukanti bonke bathi bangamaKristu. Kodwa iLizwi likaThixo lithi: “Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga? Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.”—1 Yohane 4:20, 21.
22. Ngokwenkcazelo ekweyoku-1 kaYohane 3:10-12, zingabantwana bakabani iicawa zeNgqobhoko, yaye ngoba?
22 Kwakhona iLizwi likaThixo lithi: “Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa abangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe. . . . Ukuba sithandane; singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe.” (1 Yohane 3:10-12) Abo beecawa zeNgqobhoko bazibanga bengabantwana bakaThixo, kodwa abanakuba ngabo, kuba abayithobeli konke konke imithetho kaThixo ephathelele uthando yaye ‘babulala abazalwana babo.’ Kuphela banokuba ngabantwana ‘bongendawo.’ Ngenxa yoko, iLizwi likaThixo libongoza abanyanisekileyo abakwezo nkonzo lisenjenje: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.” (ISityhilelo 18:4) Kungekudala uThixo uza kuphumeza imigwebo yakhe kuzo zonke iinkonzo zobuxoki. Abo babambelele kuzo baza kuva imiphumo yeshwangusha lazo. (ISityhilelo 17:16) Kwelinye icala, “ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
Unokuphendula Uthini?
◻ Kutheni le nto igama lesiXhosa elithi “umnqamlezo” liyinguqulelo engachananga yegama lesiGrike elithi stau·rosʹ?
◻ Kwavela phi ukuhlonelwa komnqamlezo, yaye kutheni le nto sifanele sikuchase?
◻ UYesu wamisela wuphi umzekelo ngokuphathelele izithethe zonqulo?
◻ Bubuphi ubungqina obufanisa abo bathobela imithetho ephathelele uthando lobuzalwana?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 25]
IIMVELAPHI ZOMNQAMLEZO
Kude kudala ngaphambi kwexesha lobuKristu, iindidi zeminqamlezo zazisetyenziswa phantse kuzo zonke iindawo zomhlaba njengemiqondiso yonqulo
ICrux Ansata yayisetyenziswa ngamaYiputa amandulo njengomqondiso wobomi bexesha elizayo
ICrux Quadrata yayifuzisela iziqalelo ezine ekwakukholelwa ukuba zonke izinto zadalwa kuzo
ICrux Gammata kucingelwa ukuba yayingumqondiso womlilo okanye ilanga; ngenxa yoko, yayingumqondiso wobomi
Umnqamlezo iLatin uxhaphakile kwiNgqobhoko
Lo mnqamlezo ungumqondiso woonobumba ababini bokuqala besiGrike kwigama elithi “Kristu”
[Umfanekiso okwiphepha 24]
UKristu wafela esibondeni somthi esimi nkqo, kungekhona emnqamlezweni
[Imifanekiso ekwiphepha 26, 27]
“Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela.”—Tito 1:16