Ngaba Isihogo Siyatshisa?
“NGAXA lithile kwiminyaka yeenineteen-sixties, [1960] iSihogo saphela.” Watsho njalo umbhali waseBritani uDavid Lodge kwincwadi yakhe ethi Souls and Bodies, yaye amazwi akhe abonisa ingcinga awayenayo amaKatolika namaProtestanti amaninzi ebudeni bamashumi eminyaka asemva kwemfazwe yesibini yehlabathi. Kangangethuba elithile, uninzi lweecawa eziphambili lwayivakalisa buthingaza imfundiso yazo engokwasemthethweni yesihogo somlilo kwimigudu yazo yokwamkela iingcamango zezi mini.
Ingcamango yokohlwaywa emva kokufa yayingamkelekanga ngokukhethekileyo ebantwini ngenxa yokuba ingcinga yesono ngokwaso yaba mfiliba kwiingqondo zabo. Kudliwano-ndlebe olwaluqhutywa naye ngowe-1984, uKhadinali Ratzinger waseRome wathi: “Impucuko yethu . . . yalathisela ingqalelo kwiimeko ezibangela ukuthetheleleka ngelinge lokubenza abantu bangaziva benetyala, benesono . . . , kanye loo nto ekunxulunyaniswe nayo ukukholelwa kwisihogo nakwindawo yeNtlambululo-miphefumlo.”
Ngaba namhlanje kunokwenzeka ukuba ukholelwe ukuba isono siyinto yokwenene ngaphandle kokwamkela imfundiso yokohlwaywa emva kokufa kwindawo yentlambululo-miphefumlo nasesihogweni? Incwadi yakutshanje ethi, Abrégé de la foi catholique (Isishwankathelo Senkolo yamaKatolika), entshayelelo yayo yabhalwa nguKhadinali Decourtray waseFransi, iwubeka lo mbuzo ngokungqalileyo ngokuthi: “Ngaba kuyimfuneko ukukholelwa kwisihogo?” Impendulo ithi: “Akunakwenzeka ukuwuphepha umbandela owoyikisayo wesihogo.” Incwadi ethi Vatican Council II—More Postconciliar Documents (1982) icaphula “Isivumo Sokholo Sabantu bakaThixo” njengesithi: “Sikholelwa . . . [kukuba] abo baye balwamkela uthando nemfesane kaThixo baya kufumana ubomi obungunaphakade. Abo baye bazichasa ezo zinto kwada kwasekupheleni baya kuphoselwa kumlilo ongasokuze ucinywe.”
Ngoko, phezu kwayo yonke imigudu yemfundiso yonqulo yokukungqina oku kungeyonyaniso, isihogo somlilo siseyinxalenye yemfundiso esemthethweni yamaKatolika. Kanti kwiA New Dictionary of Christian Theology (1983) kuthethwa ‘ngokudana’ ‘nokungazinzi’ okubangelwa yimfundiso yokugwetywa ngonaphakade kumalungu amaninzi eecawa zeNgqobhoko namhlanje. Anengxaki yokuyivisisanisa le mfundiso nengcamango yoThixo oluthando. Ayabuza: ‘Ngaba isihogo esitshisayo ngenene siyimfundiso yobuKristu nengokweBhayibhile? Ukuba akunjalo, yavela phi?’
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Bourges Cathedral, France