Nyusa Imibingelelo Emkholisayo UYehova
“Ngoko masithi ngaye [uYesu Kristu] sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.”—HEBHERE 13:15.
1. UYehova wawabongoza ukuba enze ntoni amaSirayeli awayenesono?
UYEHOVA unguMcedi wabo banyusa kuye imibingelelo emkholisayo. Ngoko ke, ngaphambili inceba yakhe yayikumaSirayeli awayenyusa imibingelelo yezilwanyana. Kodwa kwenzeka ntoni xa ona ngokuphindaphindiweyo? Ngomprofeti uHoseya, abongozwa kwathiwa: “Sirayeli, buya, uze kuYehova, uThixo wakho; ngokuba ukhubekile ngobugwenxa bakho. Thabathani niphathe amazwi, nibuyele kuYehova; yithini kuye, Sixolele bonke ubugwenxa, wamkele izinto zethu ezilungileyo, ukuze sinikele iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wethu.”—Hoseya 14:1, 2.
2. Zaziyintoni ‘iinkunzi zeenkomo ezintsha zomlomo,’ yaye umpostile uPawulos wabhekisela njani kwisiprofeto sikaHoseya?
2 Ngoko abantu bakaThixo bamandulo bakhuthazwa ukunikela kuYehova uThixo ‘iinkunzi zeenkomo ezintsha, imibulelo yomlomo wabo.’ Zaziyintoni ezi zinto? Ewe, yayiyimibingelelo yokudumisa ngokunyaniseka! Ebhekisela kwesi siprofeto, umpostile uPawulos wabongoza amaKristu angamaHebhere ukuba ‘anyuse kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.’ (Hebhere 13:15) Yintoni enokuwanceda amaNgqina kaYehova ukunikela imibingelelo enjalo namhlanje?
‘Xelisani Bona Elukholweni Lwabo’
3. Ngokusisiseko, wathini umpostile uPawulos kumaHebhere 13:7, mazwi lawo abangela kuphakame wuphi umbuzo?
3 Ukusebenzisa isiluleko uPawulos awasinikela kumaHebhere kuya kusinceda ukunyusa imibingelelo eyamkelekileyo kuMncedi wethu Omkhulu, uYehova uThixo. Ngokomzekelo, lo mpostile wabhala wathi: “Bakhumbuleleni abakhokeli benu, abalithethayo kuni ilizwi likaThixo; nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelisa bona elukholweni lwabo.” (Hebhere 13:7) UPawulos wayebhekisela koobani xa wathi: “Bakhumbuleleni abakhokeli benu,” okanye “abo banilawulayo”?—New World Translation Reference Bible, umbhalo osemazantsi.
4. (a) Ngokutsho kwesibhalo sesiGrike, benza ntoni abo “bakhokelayo”? (b) Ngoobani abo “bakhokelayo” phakathi kwamaNgqina kaYehova?
4 UPawulos wathetha ‘ngabo bakhokelayo’ okanye balawulayo. (Heb 13 Indinyana 7, 17, 24) Igama lesiXhosa elithi “ukulawula” liguqulelwe ngesiLatini lithatyathwa kwigama lesiGrike elithi ky·ber·naʹo, elithetha “ukuqhuba inqanawa, ukwalathisa, ukulawula.” Abadala abangamaKristu bayalawula ngokusebenzisa “ubuchule babo bokwalathisa” (ngesiGrike, ky·ber·neʹseis) ekubeni besalathisa kwimicimbi yokukhokela kumabandla asekuhlaleni. (1 Korinte 12:28) Kodwa abapostile nabanye abadala baseYerusalem bakhonza njengequmrhu elinikela ukhokelo nesiluleko kuwo onke amabandla. (IZenzo 15:1, 2, 27-29) Ngoko ke, namhlanje, iqumrhu elilawulayo labadala lenza umsebenzi wokuvelela ngokomoya kumaNgqina kaYehova ehlabathini lonke.
5. Kutheni sifanele sibathandazele abadala bebandla namalungu eQumrhu Elilawulayo yaye sinokukwenza njani oko?
5 Abadala basekuhlaleni namalungu eQumrhu Elilawulayo ngawo asikhokelayo; ngenxa yoko, sifanele sibahlonele size sibathandazele ukuba uYehova abanike ubulumko obufunekayo kumsebenzi wokulawula ibandla. (Thelekisa eyabase-Efese 1:15, 17.) Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba sibakhumbule nabaphi na ‘abalithethayo kuthi ilizwi likaThixo’! UTimoti wayengafundiswa kuphela ngunina nonina-khulu kodwa kamva nguPawulos nangabanye. (2 Timoti 1:5, 6; 3:14) Ngoko uTimoti wayenokucinga nzulu ngendlela eyayingayo ihambo yabo babekhokela yaye wakwazi ukuxelisa ukholo lwabo.
6. Lukholo loobani esifanele siluxelise, kodwa ngubani esimlandelayo?
6 Abantu abanjengoAbheli, uNowa, uAbraham, uSara, uRahabhi noMoses babonakalisa ukholo. (Hebhere 11:1-40) Ngaloo ndlela, ngokungathandabuzekiyo sinokuxelisa ukholo lwabo, kuba bafa bethembekile kuThixo. Kodwa kwakhona ‘sinokuxelisa ukholo’ lwamadoda athembekileyo akhokelayo phakathi kwethu. Kambe ke, asilandeli abantu abangafezekanga kuba sitsolise amehlo ethu kuKristu. Kunjengokuba umguquleli uEdgar J. Goodspeed wathi: “Amagorha amandulo awayomizekelo emele ilandelwe ngabakholwayo, kuba anomzekelo ofanelekileyo onguKristu . . . Imbaleki engumKristu imele iwathi nzo amehlo ayo kuYesu.” Ewe, ‘uKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo ukuba silandele emanyathelweni akhe.’—1 Petros 2:21; Hebhere 12:1-3.
7. AmaHebhere 13:8 afanele asichaphazele njani isimo sethu sengqondo ngokuva ubunzima ngenxa kaYesu Kristu?
7 Esalathisela ingqalelo kuNyana kaThixo, uPawulos wongezelela ngokuthi: “UYesu Kristu ukwanguye izolo, nanamhla, ase nakuwo amaphakade.” (Hebhere 13:8) Amangqina athembekileyo anjengoStefano noYakobi awazange axengaxenge kwingqibelelo yawo, exelisa umzekelo wokuthembeka kukaYesu. (IZenzo 7:1-60; 12:1, 2) Ekubeni ayekulungele ukufa njengabalandeli bakaKristu, sifanele siluxelise ukholo lwawo. Kwixesha elidluleyo, ngoku, kwanakwixesha elizayo, abantu aboyika uThixo abakoyiki ukuva ubunzima njengabafeli-nkolo njengokuba abafundi bakaKristu babenjalo.
Ziphephe Iimfundiso Zobuxoki
8. Ubuya kuyichaza njani ngamanye amazwi ingxelo kaPawulos ekumaHebhere 13:9?
8 Ukungaguquguquki kobuntu bukaYesu neemfundiso zakhe kufanele kusenze sinamathele koko yena nabafundi bakhe bakufundisayo. AmaHebhere axelelwa oku: “Musani ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo; kuba kuhle ukuba intliziyo iqine lubabalo; kungabi ngeento ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.”—Hebhere 13:9.
9. Ziziphi izinto ezibalulekileyo uPawulos alatha kuzo kwincwadi yakhe eyayisiya kumaKristu angamaHebhere?
9 AmaYuda alatha kwizinto ezinjengendlela emangalisayo yokunikelwa koMthetho kwiNtaba yeSinayi nobukumkani obungapheliyo bukaDavide. Kodwa uPawulos wabonisa amaKristu angamaHebhere ukuba nangona ukunikelwa komnqophiso woMthetho kwakubandakanya iziganeko ezothusayo, uYehova wanikela ubungqina obunamandla ngakumbi ngemiqondiso, imimangaliso, imisebenzi yamandla nokuthululwa komoya oyingcwele xa kwakumiselwa umnqophiso omtsha. (IZenzo 2:1-4; Hebhere 2:2-4) UBukumkani basemazulwini bukaKristu abunakushukunyiswa, njengoko kwaba njalo ngethuba lokulawula kwabalawuli basemhlabeni bomnombo kaDavide ngowama-607 B.C.E. (Hebhere 1:8, 9; 12:28) Ngaphezu koko, uYehova uhlanganisa abathanjiswa ngaphambi kokuba kwenzeke eyona nto ebandakanya iziganeko ezoyikisa ngakumbi kunommangaliso owabonakaliswa kwiNtaba yeSinayi, kuba basondela kwiNtaba yeZiyon yasezulwini.—Hebhere 12:18-27.
10. Ngokutsho kwamaHebhere 13:9, intliziyo iqiniswa yintoni?
10 Ngoko ke amaHebhere kwakufuneka akuphephe “ukuphetshethwa ziimfundiso ngeemfundiso nezingezizo” zeenkokeli zamaYuda. (Galati 5:1-6) ‘Intliziyo inokuqiniswa lubabalo’ ukuze ihlale ibambelele enyanisweni kungekhona ngeemfundiso ezinjalo. Kubonakala ukuba bambi babephikisana ngokutya nokunikelwa kwamadini, kuba uPawulos wathi intliziyo yabo yayingenziwanga yaqina “ngezinto ezidliwayo, abangancedekanga zizo abo bahamba kuzo.” Iingenelo ezingokomoya zazifumaneka ngokuhlonela uThixo nokuba noxabiso kwintlawulelo kungekhona ngokuxhalabela ngokungafanelekileyo izinto ezithile ezidliwayo nokugcina imihla ethile. (Roma 14:5-9) Ngaphezu koko, idini likaYesu lawabhangisa amadini awayesenziwa ngabaLevi.—Hebhere 9:9-14; 10:5-10.
Imibingelelo Emkholisayo UThixo
11. (a) Uyintoni umongo wamazwi kaPawulos akumaHebhere 13:10, 11? (b) Sisiphi isibingelelo esingokomfuziselo amaKristu anaso?
11 Ababingeleli abangabaLevi babeyidla inyama yamadini ezilwanyana, kodwa uPawulos wabhala wathi: “Sinesibingelelo thina, abangenagunya lakudla kuso abo bakhonza umnquba. Kuba ezo zinto ziphilileyo, zigazi lazo lingeniswa ngenxa yesono kweyona ngcwele nguye umbingeleli omkhulu, imizimba yazo itshiselwa ngaphandle kweminquba” ngoMhla Wocamagushelo. (Hebhere 13:10, 11; Levitikus 16:27; 1 Korinte 9:13) AmaKristu anesibingelelo esingokomfuziselo esifanekiselwa kukusondela kuThixo ngesizinzi sedini likaYesu elicamagushela isono lize likhokelele ekuxolelweni nguYehova nasekusindiselweni kubomi obungunaphakade.
12. KumaHebhere 13:12-14, amaKristu athanjisiweyo abongozwa ukuba enze ntoni?
12 UPawulos akagxininisi ukufana kwale mibingelelo kunye naleyo yoMhla Wocamagushelo, kanti wongezelela ngokuthi: “Kungoko athe noYesu, ukuze abangcwalise abantu ngelilekakhe igazi, weva ubunzima ngaphandle kwesango” laseYerusalem. UKristu wafela apho waza walungiselela idini elisebenza ngokufanelekileyo nangokupheleleyo. (Hebhere 13:12; Yohane 19:17; 1 Yohane 2:1, 2) Umpostile uPawulos wawabongoza amaKristu athanjisiweyo angoowabo esithi: “Masiphume ke ngoko siye kuye [uKristu] ngaphandle kweminquba, sithwele ingcikivo yakhe. Kuba apha asinamzi uhleliyo, sigxamele lowo uza kuza.” (Hebhere 13:13, 14; Levitikus 16:10) Nangona singcikivwa njengoYesu, siyanyamezela njengamaNgqina kaYehova. ‘Siyakuthiya ukungahloneli Thixo nokukhanuka okukokwehlabathi kweli phakade langoku’ ngoxa sikhangele phambili kwihlabathi elitsha. (Tito 2:11-14; 2 Petros 3:13; 1 Yohane 2:15-17) Yaye abathanjiswa abaphakathi kwethu bawulangazelela ngamandla ‘umzi,’ uBukumkani basezulwini.—Hebhere 12:22.
13. Imibingelelo emkholisayo uThixo ayiquki ntoni kuphela?
13 Ngokulandelayo uPawulos wathetha ngemibingelelo emkholisayo uThixo, ebhala esithi: “Ngoko masithi ngaye [uYesu] sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe. Ke ukwenza okuhle nobudlelane, musani ukukulibala; kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.” (Hebhere 13:15, 16) Imibingelelo yamaKristu ayiquki nje kuphela imisebenzi yokunceda abantu. Ngokuqhelekileyo abantu bayazenza izinto ezinjalo. Ngokomzekelo, oku kwenzeka xa abantu bamazwe amaninzi banceda amaxhoba enyikima yomhlaba eArmenia eRashiya ekupheleni kowe-1988.
14. Ukunyusa umbingelelo owamkelekileyo kuThixo kugxininisa wuphi umsebenzi?
14 Inkonzo engcwele esiyinikela kuYehova “ngokugubha nokoyika uThixo” isekelwe kuhlobo lothando lokuzincama uYesu awalubonisayo. (Hebhere 12:28, NW; Yohane 13:34; 15:13) Le nkonzo igxininisa kumsebenzi wethu wokushumayela, kuba ngoKristu njengoMbingeleli Omkhulu ‘sinikela umbingelelo wendumiso, isiqhamo somlomo olivuma ekuhleni igama lakhe.’ (Hoseya 14:2; Roma 10:10-15; Hebhere 7:26) Kambe ke, ‘asikulibali ukwenza okulungileyo nokwabelana ngezinto nabanye’ kuquka nabo bangengabo ‘abaselukholweni.’ (Galati 6:10) Ngokukodwa xa amaKristu angoowethu ehlelwe yintlekele okanye eswele okanye ecinezelekile, sinikela uncedo lothando ngokwezinto eziphathekayo nangokomoya. Ngoba? Ngokuba siyathandana. Kwakhona sifuna ukuba akwazi ukubambelela ngokupheleleyo kuvumo lwasekuhleni lwethemba analo ngokungaxengaxengiyo, “kuba imibingelelo enjalo uyakholiswa kakuhle yiyo uThixo.”—Hebhere 10:23-25; Yakobi 1:27.
Yiba Ngothobelayo
15. (a) Ubuya kusichaza njani ngamanye amazwi isiluleko esikumaHebhere 13:17? (b) Kutheni sifanele sibahlonele abo bakhokelayo?
15 Ukuze sinikele imibingelelo eyamkelekileyo, simele sisebenzisane ngokupheleleyo nentlangano kaThixo. Ngaphandle kokuwunokoza lo mbandela wegunya, uPawulos wabhala wathi: “Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula, ukuze bakwenze oko bevuyile, bengancwini; kuba anisizakali kuko oko.” (Hebhere 13:17) Sifanele sibahlonele abadala abamiselweyo abakhokelayo ebandleni, ukuze bangancwini beziva becinezelekile ngenxa yokudakumba okubangelwa kukungabi nantsebenziswano kwethu. Ukungathobeli kwethu kuya kungqineka kungumthwalo kwabo bavelelayo yaye kuya kuphumela ekwenzakaleni kwethu okungokomoya. Umoya wentsebenziswano wenza kube lula kubadala ukunikela uncedo uze ufak’ isandla kumanyano nakwinkqubela-phambili kumsebenzi wokushunyayelwa koBukumkani.—INdumiso 133:1-3.
16. Kutheni kufanelekile ukubathobela abo bakhokelayo phakathi kwethu?
16 Hayi indlela ekufaneleke ngayo ukuba sibathobele abo bakhokelayo! Bayafundisa ezintlanganisweni zethu baze basincede kubulungiseleli. Njengabalusi, banomdla kwintlalontle yethu. (1 Petros 5:2, 3) Bayasinceda ukuze silondoloze ulwalamano oluhle noThixo nebandla. (IZenzo 20:28-30) Ngokuzithoba kwinkqubo yokuvelelwa ngobulumko nangothando, sibonakalisa intlonelo ngoMveleli Owongamileyo, uYehova uThixo, noSekela-Mveleli wakhe, uYesu Kristu.—1 Petros 2:25; ISityhilelo 1:1; 2:1–3:22.
Thandaza Ngokunyanisekileyo
17. Yimithandazo enjani eyacelwa nguPawulos, yaye kwakutheni ukuze kube kokufanelekileyo ngaye ukuba ayicele?
17 Ekubeni uPawulos nezinxulumani zakhe babengekho ndaweninye namaHebhere, mhlawumbi ngenxa yentshutshiso, wathi: “Sithandazeleni; kuba sikholosekile kukuthi sinesazela esilungileyo, singa ezintweni zonke singahamba kakuhle. Ndiyavuselela ke ngokugqithiseleyo, ukuba nikwenze oko, ukuze ndibuyiselwe kuni kamsinyane.” (Hebhere 13:18, 19) Ukuba uPawulos wayengumntu ogwenxa nonesazela esimgwebayo, wayeya kuba naliphi ilungelo lokucela amaHebhere ukuba amthandazele ukuze abuyiselwe kuwo? (IMizekeliso 3:32; 1 Timoti 4:1, 2) Kambe ke, wayengumlungiseleli othembekileyo, owathi ngesazela esilungileyo wamelana neenkokeli zamaYuda. (IZenzo 20:17-27) Kwakhona uPawulos wayeqinisekile ukuba wayeya kukwazi ukubuyela kumaHebhere ngokukhawuleza ukuba ayethandazele ukuba oko kwenzeke.
18. Ukuba silindele ukuba abanye basithandazele, yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?
18 Isicelo sikaPawulos semithandazo yamaHebhere sibonisa ukuba kufanelekile ngamaKristu ukuba athandazelane, ade akhankanyane nangamagama. (Thelekisa eyabase-Efese 6:17-20.) Kodwa ukuba silindele abanye ukuba basithandazele, ngaba asifanele sixelise lo mpostile size siqinisekise ukuba ‘sinesazela esilungileyo yaye siziphatha ngokunyanisekileyo kwizinto zonke’? Ngaba unyanisekile kuzo zonke iinkqubano zakho? Ibe ngaba unentembelo efanayo emthandazweni njengokuba uPawulos wayenjalo?—1 Yohane 5:14, 15.
Amazwi Okuqukumbela Nesiluleko
19. (a) Nguwuphi umnqweno uPawulos awayenawo awawuvakalisa emthandazweni ngamaHebhere? (b) Kutheni le nto umnqophiso omtsha ungumnqophiso ongunaphakade?
19 Akuba ecele ukuthandazelwa ngamaHebhere, emthandazweni uPawulos wavakalisa umnqweno wakhe, esithi: “Ke kaloku uThixo woxolo, lowo wamvusayo kwabafileyo uMalusi oMkhulu wezimvu, ngegazi lomnqophiso ongunaphakade, iNkosi yethu uYesu, wanga anganilungisa, nigqibelele emisebenzini yonke elungileyo, ukuze nikwenze ukuthanda kwakhe, esenza ngaphakathi kwenu oko kukholekileyo emehlweni akhe, ngoYesu Kristu. Kuye makubekho uzuko, luse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.” (Hebhere 13:20, 21) Ecinga ngomhlaba oseluxolweni ozayo, “uThixo woxolo” wamvusela uKristu kubomi bokungafi basezulwini apho uYesu wanikela ixabiso legazi lakhe elaphalalayo elawenza waba nokusebenza umnqophiso omtsha. (Isaya 9:6, 7; Luka 22:20) Lo ngumnqophiso ongunaphakade kuba abo basemhlabeni bafumana iingenelo ezihlala zihleli kwinkonzo enikelwa ngoonyana bakaThixo abangokomoya abali-144 000 abalawula noYesu ezulwini nabakumnqophiso omtsha. (ISityhilelo 14:1-4; 20:4-6) KungoKristu athi uThixo, lowo simzukisayo, ‘asixhobisele konke okulungileyo okufunekayo ekwenzeni ukuthanda kwakhe nokukholekileyo emehlweni akhe.
20. Ubuya kuwuchaza njani ngamanye amazwi umyalelo wokugqibela kaPawulos owawusiya kumaKristu angamaHebhere?
20 Engaqinisekanga ngendlela awayeya kusabela ngayo amaHebhere kule ncwadi yakhe uPawulos wathi: “Ndiyanivuselela ke nina, bazalwana, linyamezeleni ilizwi lovuselelo olu [niphulaphule kuNyana kaThixo, kungekhona kwiinkokeli zamaYuda]; kuba ke ndinibhalele ngokufutshane [ndibuqonda ubunzulu boko ikuquletheyo]. Yazini ukuba umzalwana wethu uTimoti ukhululwe [entolongweni]; endothi, xa angaba uthe wafika kamsinya, ndinibone ndinaye.” Ngokunokwenzeka ekubeni wayebhala eseRoma, lo mpostile wayenethemba lokuba yena noTimoti babeya kutyelela amaHebhere eYerusalem. Wandula ke uPawulos wathi: “Babuliseni bonke abakhokeli benu [abanjengabadala abasebenza nzima], nabo bonke abangcwele [abo banethemba lokuphila ezulwini]. Bayanibulisa abavela eItaliya. Ubabalo [lukaThixo] malube nani nonke.”—Hebhere 13:22-25.
Incwadi Eya Kuhlala Ixabisekile
21. Incwadi eyayisiya kumaHebhere isinceda ukuba siqonde ziphi iingongoma eziziintloko?
21 Mhlawumbi ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi yeZibhalo EziNgcwele, incwadi eya kumaHebhere isinceda siqonde ukubaluleka kwamadini awayenikelwa phantsi komthetho. Le ngxelo yabapostile ibonisa ngokucacileyo ukuba idini likaYesu Kristu likukuphela kwelo lilungiselela intlawulelo eyayifuneka ngenxa yoluntu olunesono. Yaye isigidimi esiphawulekayo esifumaneka kule ncwadi sesokuba simele simphulaphule uNyana kaThixo.
22. Ziziphi ezinye izizathu ezisenza sibe nombulelo ngencwadi eya kumaHebhere?
22 Ngaphezu koko, njengoko sesibonile kumanqaku amabini awandulela eli, sinezinye izizathu zokuba nombulelo ngale ncwadi iphefumlelwe nguThixo eyayisiya kumaHebhere. Isinceda ukuba singadinwa kubulungiseleli bethu, yaye isenza sizive sikhuthazekile, kuba siyazi ukuba uYehova unguMncedi wethu. Ngaphezu koko, isikhuthaza ukuba sisebenzise imilomo yethu namandla ethu ngokungazingci ekunikeleni inkonzo engcwele imini nobusuku nokunikela imibingelelo esuka entliziyweni ekholisa uThixo wethu onothando nofanele kukuzukiswa, uYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Incwadi eyayisiya kumaHebhere yawanceda njani ukuba aphephe iimfundiso zobuxoki?
◻ Imibingelelo emkholisayo uThixo igxininisa wuphi umsebenzi obalulekileyo?
◻ Ngoobani abo “bakhokelayo” yaye kutheni sifanele sibathobele?
◻ Incwadi eya kumaHebhere iwubalaselisa njani umthandazo?
◻ Kutheni sinokuthi incwadi eyayisiya kumaKristu angamaHebhere iya kuhlala ixabisekile?
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Imibingelelo emkholisayo uThixo iquka ukwenza amatyelelo okwalusa nokwakha amaKristu angoowethu ngesiluleko sothando