IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 1/1 iphe. 18-27
  • Banoyolo Abo Banyamezelayo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Banoyolo Abo Banyamezelayo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba UYehova Anyamezele
  • Umvuzo Ngenxa Yokunyamezela
  • Owona Nyaka Wethu Usemagqabini
  • Ahlala Ethembekile Phantsi Kokulingwa
  • Ukuhlangabezana Nokungabikho Komdla
  • Oko Kufunjethwe Likamva
  • Unyamezelo—Lubalulekile KumaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Unyamezelo Oluzuzisa Uloyiso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • ‘Mqwalaseleni Ngokusondeleyo Lowo Uye Wanyamezela’
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
  • “Unyamezelo Lwenu Malupheleliswe”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 1/1 iphe. 18-27

Banoyolo Abo Banyamezelayo”

1. Ukususela ngowe-1914, yiyiphi imeko emhlabeni eye yazalisekisa uMateyu 24:3-8, ibe ngawaphi amabango ngoManyano Lwezizwe nangeZizwe Ezimanyeneyo aye asilela?

KWINCWADI yakhe ethi The Present Age, uRobert Nisbet, uthetha “ngeMfazwe eqhubeke Iminyaka Engamashumi Asixhenxe Anesihlanu, phantse engenasiqabu, ukususela ngowe-1914.” Ewe, “iimfazwe namarhe eemfazwe,” kuquka neemfazwe zehlabathi—koko uYesu Kristu wakuxela kwangaphambili ngeli xesha lokuphela. (Mateyu 24:3-8) Kwaqulunqwa uManyano Lwezizwe ngowe-1920 “ukuze kuthintelwe imfazwe ngonaphakade.” Hayi indlela olwasilela ngayo ngokulusizi! Ngowe-1945 kwalungelelaniswa iZizwe Ezimanyeneyo “ukuze kusindiswe izizukulwana ezizayo kwisibetho semfazwe.” Kodwa incwadi kaMax Harrelson ethi Fires All Around the Horizon ibalisa oku: “Kube ngenkankulu ukuba kubekho usuku apho kunokuthiwa ngalo akukhange kuliwe ndaweni ithile ukususela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II.”

2. Bambi abantu babuza yiphi imibuzo mayela neemeko zehlabathi, kodwa thina yiyiphi imibuzo esifanele siyibuze?

2 Ubugrogrisi nogonyamelo, ukonakala nobuhlwempu, iziyobisi neendyikitya zokufa—zonke ezi zinto zongezelela kwimeko elusizi esele ikho kade. Bambi basenokubuza bathi: ‘Uluntu lunokuqhubeka njani lunyamezele imeko enjalo ukungonwabisi?’ Noko ke, okubaluleke ngakumbi kukuba, sifanele sibuze umbuzo othi: ‘UThixo ukunyamezela njani ukonakaliswa kwendalo yakhe esemhlabeni? Kode kube nini evumele abantu abangendawo bonakalise umhlaba yaye begculela igama lakhe elikhulu?’

3. (a) Umprofeti uIsaya wabuza wuphi umbuzo, ibe kwakutheni? (b) UYehova waphendula wathini, ibe oku kubonisa ntoni ngomhla wethu?

3 Umprofeti uIsaya waphakamisa umbuzo ofanayo. Wayenikwe isabelo sokuvakalisa isigidimi esivela kuYehova kubantu belizwe lakowabo. Kodwa wayelunyukiswe kwangaphambili ukuba babengayi kumphulaphula yena noThixo owayemthumile. Ngoko uIsaya naye wabuza: “Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi?” Ewe, kwakuya kuba lithuba elide kangakanani na uIsaya eshumayela kwabo bantu babe ngoontamo lukhuni, ibe kwakuya kuba lithuba elide kangakanani na uYehova ebanyamezele ekunyeliseni kwabo besala ukuphulaphula isigidimi sakhe? UYehova waphendula esithi: “Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu, utshabalale umhlaba kube senkangala.” (Isaya 6:8-11) Ngokufanayo namhlanje, uThixo unyamezele ukugculelwa okunjalo de kube lixesha lakhe alimisileyo lokuphumeza umgwebo kwihlabathi ethe iNgqobhoko engathembekanga yangumoni obalaseleyo.

4. Waba yintoni umphumo wokunyamezela kukaYobhi, ibe oku kusinika siphi isiqinisekiso namhlanje?

4 Kudala uYehova enyamezele ukugculelwa nguSathana. Kwiminyaka edluleyo enokuba ngama-3 600, noYobhi owayethembekile kwafuneka enyamezele, elungqina lungenakuphumelela ucelomngeni lukaSathana lokuba wayengenakugcina ingqibelelo ukuba wayenokuvavanywa. Hayi indlela oku okwayivuyisa ngayo intliziyo kaYehova! (Yobhi 2:6-10; 27:5; IMizekeliso 27:11) Kunjengokuba umntakwabo Yesu ngonina uYakobi kamva wathi: “Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.” Ngokukwanjalo, abo banyamezele bengakuYehova namhlanje baqinisekiswa ngokuba baya konwaba.—Yakobi 5:11.

5. Wabonisa njani uYesu ukuba abantu bakaThixo kwakuya kufuneka banyamezele namhlanje, ibe nguwuphi umsebenzi ekwakuya kufuneka bewenzile ngoxa benyamezele?

5 UYesu wabonisa ngokucacileyo ukuba ngomhla wethu kwakuya kufuneka banyamezele abantu bakaThixo. Ekuxeleni kwangaphambili umqondiso “wokupheliswa kwephakade eli,” wathi: “Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.” Onyamezele esenza ntoni? Amazwi kaYesu alandelayo anikela impendulo: “Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Mateyu 24:3, 13, 14) Kwakuya kuba semva koko kuphela ekwakuya kuthi ‘kufike ukuphela.’—Bona kwanoMarko 13:10, 13; Luka 21:17-19.

Isizathu Sokuba UYehova Anyamezele

6. Kutheni le nto uYehova engumzekelo obalaseleyo wonyamezelo, ibe sisiphi isizathu esimbangele wanyamezela kangaka?

6 Umpostile uPawulos wacacisa ukuba “uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala [“wanyamezela,” NW] enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselelwe intshabalalo.” (Roma 9:22) Kutheni le nto uYehova enyamezele bangendawo abaqhubeke bephila, ezi zitya zengqumbo? Esinye sezizathu sesi: ukubonisa ukuba ukulawula komntu, ukuzimela geqe komntu kuMdali, akunakuphumelela. (Yeremiya 10:23) Kungekudala, ulongamo lukaThixo luza kuthethelelwa njengoko ezingqina ukuba nguye kuphela onokuzisa uxolo, imvisiswano nolonwabo kwintsapho yoluntu, ngolawulo lukaYesu loBukumkani.—INdumiso 37:9-11; 45:1, 6, 7.

7. Sisiphi esinye isizathu sokunyamezela kukaYehova, ibe oku kube yingenelo njani kwizigidi ukususela ngeminyaka yee-1930?

7 Ngaphezu koko, uYehova uye wanyamezela “ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba.” (Roma 9:23) Ezi zitya zenceba ngabathanjiswa abangabagcini bengqibelelo ‘abathengwe ebantwini’ ukuze balawule noKristu Yesu kuBukumkani bakhe basezulwini. Ukutywinwa kwe-144 000 kuye kwaqhubeka kususela kwixesha labapostile. Ngoku kufikelela esiphelweni. (ISityhilelo 7:3; 14:1, 4) Ibe ngokwenene imeko ibonakala injalo! Ukususela ngeminyaka yee-1930 ukuqhubeka kukaYehova enyamezele kuye kwavumela ukuba kuhlanganiswe izigidi zabanye, “isihlwele esikhulu . . . esiphuma kuzo zonke iintlanga,” esivuyayo ngenxa yethemba laso lokusinda kwimbandezelo yokugqibela ukuze sibudle ilifa ubomi obungunaphakade kumhlaba owenziwe iparadisi. (ISityhilelo 7:4, 9, 10, 13-17) Ngaba ungomnye weso sihlwele sikhulu? Ukuba kunjalo, akuvuyi na kuba uYehova eye wazinyamezela izitya ezikhoyo zengqumbo de kube ngalo mzuzu? Phofu ke, umele uqhubeke unyamezela, njengoko uYehova esenjenjalo.

Umvuzo Ngenxa Yokunyamezela

8. Kutheni le nto sonke kufuneka sinyamezele, ibe nguwuphi umzekelo wonyamezelo esifanele siwondele?

8 Sonke kufuneka sinyamezele ukuba sifuna ukufumana izinto esizithenjisiweyo. Emva kokuchaza inyaniso esisiseko kumaHebhere 10:36, umpostile uPawulos uchaza ngokweenkcukacha ukholo olomeleleyo nonyamezelo ‘lwelifu lamangqina’ amandulo. Wandula ke anikele isiluleko mayela ‘nokulubaleka ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu; sise amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu, owathi, ngenxa yovuyo olwalubekwe phambi kwakhe,’ uYesu wanyamezela enikela inkonzo yomphefumlo uphela, engaphulukani nombono womvuzo. Hayi indlela umzekelo wakhe osomeleza ngayo ukuba nathi sinyamezele!—Hebhere 12:1, 2.

9. Ube yintoni umphumo wemizekelo yanamhlanje yokunyamezela?

9 Nanamhlanje baninzi abantu abayimizekelo yokunyamezela. Usenokuba uyabazi, okanye uyabazi abazalwana noodade abaye baba ngababalaseleyo kunyamezelo lwabo. Hayi indlela ukuthembeka kwabo okuye kwasikhuthaza ngayo! Ibe nyaka ngamnye, njengoko amaNgqina kaYehova enikela ingxelo yawo yomsebenzi wehlabathi lonke kwiWatch Tower Society, kufumaneka iingxelo ezingakumbi zabantu abanyamezelayo nabagcina ingqibelelo ngendlela ebangela imincili. Isicangca esikumaphepha amane alandelayo sibonisa umsebenzi omhle owenziwe ebudeni bowe-1989 njengoko la maNgqina aye ‘ongezelela unyamezelo kukholo lwawo.’—2 Petros 1:5, 6.

Owona Nyaka Wethu Usemagqabini

10. (a) Mangaphi amazwe namaqela eziqhithi abe nesabelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani kulo we-1989, ibe bangaphi ababenenxaxheba kulo msebenzi? (b) Bangaphi oovulindlela abafak’ ingxelo kwiinyanga ezinencopho, ibe sibe singakanani isimbuku seeyure ezichithelwe kwinkonzo yasentsimini?

10 Njengoko isicangca esandulelayo sibonisa, amazwe angama-212 namaqela eziqithi aye anenxaxheba ekushumayeleni uBukumkani bukaYehova obuzayo. Mfundi othandekayo weMboniselo, ngaba ubunelungelo lokuba phakathi kwabazizi-3 787 188 abaye banesabelo kulo msebenzi usemagqabini? Ngaba ubungomnye wama-808 184 abaye bafak’ ingxelo njengoovulindlela kwinyanga yencopho kuloo mnyaka wenkonzo? Enoba ube negalelo elingakanani kwisimbuku seeyure ezizizi-835 426 538 ezichithelwe kwinkonzo yasentsimini, unesizathu sokuvuya.—INdumiso 104:33, 34; Filipi 4:4.

11. (a) Babebangaphi abebeze eSikhumbuzweni ngoMatshi 22 odluleyo nto leyo engunobangela wemincili, ibe ngoba? (b) Bangaphi ababhaptizwayo, yaye ngawaphi amazwe aye abalasela kwisicangca kule nkalo?

11 Kwakhona, vuyiswa leli nani labantu abazizi-9 479 064 ababeze kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu kwihlabathi lonke ngoMatshi 22! Eli nani lithembisa ngokubakho kwabavakalisi boBukumkani abangakumbi abazizi-5 691 876, ukuba kuphela aba bantu babumvu banokuthundezelwa kubuhlanti bezimvu, ukuze babe nesabelo rhoqo ekukhonzeni uYehova. Ngaba sinokubanceda benze oku? (Yohane 10:16; ISityhilelo 7:9, 15) Sele bebaninzi kade abasabelayo, njengoko oko kuboniswa linani elipheleleyo labo basandul’ ukuba ngamaNgqina abangama-263 855 ababhaptizwe ebudeni bonyaka wenkonzo we-1989.

12. Ziziphi ezinye iimbalasane ezingaboniswanga kwisicangca (a) ngokuphathelele imizi-mveliso yeWatch Tower Society? (b) ngokuphathelele ukuhanjiswa kwamaphephancwadi nokufunyanwa kwemirhumo?

12 Kukho iimbalasane ezithile ezingaboniswanga kwisicangca. Ukunxanelwa iimpapasho—iBhayibhile, iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso, amaphephancwadi—akuzange kwaneliswe. Ngenxa yoko, imizi-mveliso yeWatchtower eNew York yasebenzisa iitoni zephepha ezingama-25 999 ekushicileleni iiBhayibhile, iincwadi neencwadana ezinemifanekiso ezingama-35 811 000, ulwando lwe-101 ekhulwini kunyaka odluleyo we-1988. Kweminye imizi-mveliso emikhulu yeWatch Tower Society, ngakumbi kowaseJamani, eItali, naseJapan, kwasetyenziswa amaxesha awongezelelekileyo ukuze kuhlangatyezwane noku, kuxhaswa ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ ekuphakeni ‘ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo.’ (Mateyu 24:45) Ebudeni buka-Aprili noMeyi, kwanikelwa ingxelo esemagqabini yokuhanjiswa kwamaphephancwadi nokufunyanwa kwemirhumo kumazwe aliqela, kugxininiswa ngamandla ekusasazweni kweenkupho zeMboniselo ezazithetha ‘ngeBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhilelo 17:5) Ngokungathandabuzekiyo, kulo Aprili uzayo, oovulindlela babancedani namanye amaNgqina baza kuba libubu kwintsimi yehlabathi koko kuya kungqineka kubobunye ubungqina obakhe babuhle kwesakhe sabunikela kwiphulo lonyaka wenkonzo we-1990.—Thelekisa uIsaya 40:31; Roma 12:11, 12.

13. Ngawaphi amazwe abaliweyo kwisicangca awayengekho nyakenye? Cacisa.

13 Khawukhangele kwakhona kwisicangca. Ngaba ubona amazwe awayengabalwanga kunyaka ophelileyo? Ewe, kunjalo ngenene! IHungary nePoland zezinye zeendawo apho umsebenzi wethu uye wavunyelwa ngokusemthethweni. Kule nkalo, imithandazo yobuzalwana behlabathi lonke iye yaphendulwa, “ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo.”—1 Timoti 2:1, 2.

14. Nika iimbalasane ezithile zeeNdibano zeSithili ‘Zokuhlonela UThixo’ ePoland.

14 “Ukuhlonela UThixo”! Ewe, iiNdibano zeSithili ‘Zokuhlonela UThixo’ ziye zaba nokuqhutywa nasePoland, kwiindawo ezintathu, ebudeni buka-Agasti! Abanjani bona ukubalasela abamkeli-ndwendwe abangama-91 024 abazingqine bengabo abazalwana bethu basePoland! (Hebhere 13:1, 2, 16) Ngokungathi kungomlingo, amashumi amawaka abazalwana—abavela eCzechoslovakia, eJamani, eRashiya nakwezinye iindawo—bafumana amaphepha-mvume okuza ngooduladula, oololiwe nangeenyawo. Amanye amawaka eza ngeenqwelo-moya evela kumazwe aseMerika, eNtshona Yurophu, nakwezinye iindawo ezikude njengeziqithi zePasifiki naseJapan. Amabala emidlalo amakhulu, awayecocwe ngeyona ndlela esemgangathweni ngabazalwana bethu, ayengemakhulu ngokwaneleyo ukuginya abantu abangama-65 710 ababeseChorzów, abangama-40 442 ababesePoznan, nabangama-60 366 ababeseWarsaw—isimbuku se-166 518 bebonke ababezile! Kwindawo nganye kwezi, ukubukela abo babeza kubhaptizwa kwakubangela ukuphalala kweenyembezi ngenxa yovuyo. EPoznan kwantywiliselwa oneminyaka esithoba noneminyaka engama-90 ubudala, ibe kwisimbuku sabangama-6 093 abantywiliselwa kwezi ndibano zintathu babebaninzi kubo abakwishumi elivisayo, abaninzi babo besuka kumazwe apho kuthiwa unqulo luya kuphela ngokufa kwamaxhego namaxhegokazi. Akunjalo ke ngokubhekisele kunqulo oluyinyaniso olusekelwe kwiLizwi likaThixo! (Thelekisa INdumiso 148:12, 13; IZenzo 2:41; 4:4.) Hayi indlela oluye lwavuzwa ngayo unyamezelo lwabazalwana bethu eMpuma Yurophu!

Ahlala Ethembekile Phantsi Kokulingwa

15. AmaNgqina aseLebanon aye akubonakalisa njani ukunyamezela nokomelela, ibe oko kubangele yiphi imiphumo emihle?

15 Njengompostile uPawulos, kufuneka amaNgqina kaYehova anyamezele phantsi kweemeko ezininzi nezahlukahlukeneyo. (2 Korinte 11:24-27) ELebanon imfazwe yamakhaya isaqhubeka. Baqhuba njani kodwa abazalwana bethu apho? Bomelele yaye bazimisele. Kulo nyaka we-1989 kuye kwakho imilo ekudutyulwa kuyo ngeenkanunu nangeebhombu apho, kodwa nalapho imeko ibimanyumnyezi khona, abazalwana bebezimisele ukuba bangabuyi mva. Ibandla eliseBeirut linikela le ngxelo: “Kwalungiselelwa amaqela aphuma rhoqo ukuya kwinkonzo yasentsimini kuwo onke amarhatya. Phezu kwazo nje iimeko zokhuseleko ezinzima, abazalwana abazange badimazeke. Siye sagubungela imimandla yentsimi engakumbi kunanini na ngaphambili. NgoAprili siye safikelela incopho entsha kwinani loovulindlela. Kwaqaliswa izifundo zamakhaya zeBhayibhile ezitsha, ibe kwahanjiswa amaphephancwadi neencwadi ezingakumbi.”

16. Abazalwana bethu eColombia baye balubonakalisa njani unyamezelo ngokuzisa iindaba ezilungileyo kwiidolophu apho kungekho maNgqina khona?

16 Ezindabeni kuye kwathethwa kakhulu ngeColombia ngenxa yokuthengisa kwayo iziyobisi ngokungekho mthethweni nokuba nogonyamelo. Kodwa kwanokunyamezela ngokuthembeka kwamaKristu kuye kwathethwa kakhulu ngako ezindabeni. Kutshanje, kuye kwathunyelwa oovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana kwiidolophu ezingama-31 ezinabemi abangamawaka alishumi okanye ngaphezulu apho kwakungekho maNgqina khona. Kwenye idolophu, abanye abantu abasebatsha abanomdla bathi bakufumanisa ukuba aba vulindlela babeza kuba lapho kangangeenyanga ezimbalwa, bababongoza ukuba bakhe bahlale. Kwenye idolophu, abantu abali-18 batyobela incwadi bebonakalisa ukuba noxabiso kwabo ngenxa yoncedo lokomoya abaye balufumana ebudeni beenyanga ezintathu zokuhlala koovulindlela apho yaye becela uncedo olungakumbi. Bathi, “lo ngumbandela wokufa nokuphila.” Kambe ke, kuzo zombini ezi meko kwenziwa amalungiselelo athe rhoqo okukhuthaza abantu abanomdla. Ukufikelela imimandla yentsimi ekude ngolo hlobo kufuna unyamezelo, ibe ke umsebenzi omkhulu owenziwa ngoovulindlela usikelelwa ngokutyebileyo.

17, 18. (a) AmaNgqina kaYehova aye anyamezela phantsi kwaziphi iimeko eItali? (b) AmaNgqina aye aqhuba njani phezu kwako nje ukusasazwa kobuxoki ngawo?

17 EItali, amaNgqina kaYehova ajamelene nenkcaso ekrakra yabefundisi, kodwa ngenxa yamandla kaYehova aye akwazi ukunyamezela. Kwimimandla eyahlukahlukeneyo apho kukho khona abefundisi, abefundisi baphuma iphulo lokusasaza amaphepha ancanyatheliswayo abhaliweyo ngenjongo yokuba ancanyatheliswe kwiingcango zamarhamente abo bexelela amaNgqina kaYehova ukuba angankqonkqozi apho. Abefundisi abaninzi barhwebesha amakhwenkwana ukuba ibe ngawo anamathelisa la maphepha kuzo zonke iingcango zommandla othile—kwanakumakhaya eentsapho zamaNgqina! Noko ke, amaNgqina, awoyiki ngakoyikiswa, ibe ngokufuthi asebenzisa loo maphepha njengendlela yokuqalisa incoko. Ngaphezu koko, amaphephandaba nejelo likamabonwakude lalapho lathetha kakhulu ngalo mbandela, ligxeka ukugogotywa kwenkululeko yonqulo kwalapho laza langxininisa kwinto yokuba izinto ezinjengaleyo ngokwenene zingumqondiso wokungabi nto kwecawa. Omnye unjingalwazi weyunivesithi yalapho wacatshukiswa kakhulu ngala maphetshana okuchasa amaNgqina kangangokuba waqalisa ukurhumela IMboniselo noVukani!

18 ICawa yamaKatolika eItali ide isebenzise abawexuki ukuze isasaze ubuxoki ngabantu bakaYehova, kodwa oku akusebenzi kuba abavakalisi abali-172 382 bayaziwa yaye bayahlonelwa. Omnye umntu waxelela amaNgqina awayetyelele ukuba wayefunde ngezinto ezimbi ngathi kuncwadi olubhalwe ngabo babesakuba ngamaNgqina. Ngoko ke, wachasa kakhulu, xa umntakwabo waba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Noko ke, emva kwexesha elithile waphawula inguqulelo entle eyenziwa ngumntakwabo ngenxa yonqulo. Wazibuza: ‘Kungenzeka njani ukuba okuthile okubi ngolu hlobo kuvelise imiphumo emihle ngolu hlobo?’ Ngenxa yoko, wacela ukuba aqhutyelwe isifundo seBhayibhile ngamaNgqina awayemtyelele.—Thelekisa abaseKolose 3:8-10.

Ukuhlangabezana Nokungabikho Komdla

19, 20. (a) Yiyiphi imeko eye yafuna unyamezelo kumaNgqina aseFinland, ibe yintoni ebaluleke ngokwenene ngohlolisiso olwenziwe yicawa apho? (b) Ngawaphi amava abonisa ukubaluleka konyamezelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo?

19 Kumazwe apho amaNgqina atyelela rhoqo kumakhaya abantu, kusoloko kungekho mdla ngeendaba ezilungileyo kuyo yonke indawo. Kunjalo eFinland. Kwelo lizwe icawa yenza uhlolisiso yaza yafumanisa ukuba abemi abangama-70 ekhulwini abakuthandi ukutyelela kwamaNgqina kumakhaya abo. Phofu ke, abangama-30 ekhulwini abachasi kangako, ibe abanye babo, isine ekhulwini sathi siyawathanda amaNgqina kaYehova. Eli linani eliphawulekayo. Isine ekhulwini sabemi baseFinland simela abantu abangama-200 000. Thelekisa elo nani nenani labavakalisi abakhoyo abangama-17 303!

20 Omnye umvakalisi owayesenkonzweni yasentsimini wacelwa ukuba anikele ingqalelo yakhe kolu hlolisiso waza wabuzwa oku: “Ngaba uyazi ukuba abantu abangama-70 ekhulwini kuthi abanifuni? Kutheni le nto niqhubeka nisiza ezindlwini zethu?” Lo mvakalisi waphendula wathi: “Ewe ndiyazi, kodwa kwaolu hlolisiso lubonise ukuba isine ekhulwini kuni siyasithanda. Sizama ukufumana abo bantu ke. Kwanokuba bebesisinye ekhulwini, besisaya kuya kwindlu ngendlu sizame ukubafumana.” Umnini-khaya wanqumama okomzuzwana ecinga waza wathi: “Ngaba isigidimi senu sibaluleke kangako kubo?” Lo mvakalisi waphendula ngokubuza athi: “Ngaba ubungathanda ukusiva?” Kwangoko lo mnini-khaya waba nomdla kwiindaba ezilungileyo.

Oko Kufunjethwe Likamva

21. (a) Nguwuphi umlo esimele sijamelane nawo kule nkqubo, ibe ngoba? (b) Yintoni ekusenokufuneka siyinyamezele ibe isiprofeto sikaHabhakuki sisiqinisekisa ngantoni?

21 Kuthekani ngathi sonke namhlanje? Ngaba sizimisele ukunyamezela singakuYehova nakuKristu Yesu ukusa esiphelweni? Kusenokwenzeka ukuba ukwenjenjalo akuyi kuthabatha ixesha elide, kodwa okuthethayo kukuba simele sinyamezele! Kule nkqubo kaSathana, kufuneka silulwele ngamandla ukholo, njengoko ukuziphatha okubi kwehlabathi, ukonakala, nentiyo kusijikeleze macala onke. (Yuda 3, 20, 21) Kusenokufuneka sinyamezele iintshutshiso eziza ngeendlela ezahlukeneyo. Nangoku, abazalwana bethu abangamawaka bayabandezeleka ezintolongweni, ibe abanye bayabethwa ngenkohlakalo. Bavakalisa umbulelo ngemithandazo esiyenzayo ngenxa yabo. (2 Tesalonika 3:1, 2) Akuntsuku zatywala ukuba le nkqubo ekhoyo ithi shwaka! Kunjengokuba uHabhakuki esithi: “Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.”—Habhakuki 2:3.

22. Nguwuphi umphumo esinokuwulindela ngentembelo ukuba sibonakalisa umonde abaprofeti ababenawo nonyamezelo lukaYobhi?

22 Umfundi uYakobi eqhutywa luthando usixelela oku: “Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela.” Thina namhlanje esithetha egameni likaYehova sinokuba ngabagcini bengqibelelo ngamathuba ezilingo eziqatha, njengokuba wayenjalo uIsaya, uYeremiya, uDaniyeli nabanye. NjengoYobhi, sinokunyamezela. Hayi indlela awavuzwa ngokumangalisayo ngayo ngenxa yokunyamezela kwakhe! Inceba nobubele obunothando bukaYehova ziya kusizisela imivuzo efanayo—ukuba sinyamezela kude kube sekupheleni. Ibe ngamana angazaliseka kuye ngamnye wethu amazwi kaYakobi athi: “Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo.”—Yakobi 5:10, 11; Yobhi 42:10-13.

Unokuphendula Uthini?

◻ Yintoni efuna unyamezelo awayigxininisayo uYesu?

◻ Ziziphi izizathu ezibangele uYehova wanyamezela?

◻ Ziziphi iimbalasane ezithile zomsebenzi omhle owenziweyo ebudeni bowe-1989?

◻ Luvuzwe njani unyamezelo lwabazalwana bethu ePoland?

◻ AmaNgqina aseLebanon, eColombia naseItali akubonakalise njani ukuthembeka phantsi kwezilingo?

[Isicangca esikwiphepha 20-23]

INGXELO YONYAKA WENKONZO WE-1989 YAMANGQINA KAYEHOVA ZWENIBANZI

(Bona imiqulu)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share