Ngaba Uya Kungenelwa Lubabalo?
UFRANK wathi: “Okukhona ndifunda ngemilinganiselo kaThixo eBhayibhileni, kokukhona ndiya ndiziva ndingayifanele inceba nentsikelelo yakhe.” Waba nomdla kakhulu eBhayibhileni ngoxa wayesentolongweni ngenxa yamatyala eziyobisi. Wafunda umbhalo wencwadi ethi INyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade,a wavakalelwa eqinisekile kukuba oko kwakuthethwa apho kwakuyinyaniso, ibe, emva kokuba ekhululwe entolongweni waqhagamshelana namaNgqina kaYehova ukuze afunde okungakumbi ngeBhayibhile.
Kwakutheni ukuze ukufundisisa kwakhe iBhayibhile kumenze azive engafanelekanga? Kuba indlela yakhe yokuphila yexa elidluleyo yayichasene nemigaqo kaThixo emininzi. Ukusebenzisa kakubi iziyobisi, iziselo ezinxilisayo neminye imikhwa eyahlukahlukeneyo elihlazo yamenza wayinjubaqa kangangokuba ngesinye isihlandlo ipolisa lathi kuye: “Ngaba ubunokundinceda undixelele idilesi yekhaya lakho? Ndifuna nje ukwazi apho ndinokusithumela khona isidumbu sakho!”
Noko ke, okwamenza kamva waziva engongafanelekanga konke konke yayikukuba nakubeni wayezama nzima, wakufumanisa kunzima kakhulu ukwahlukana nale mikhwa ingacocekanga yendeleyo kuye. Ngokomzekelo, ukukhotyokiswa okuhlazisayo kotywala kwaphantse kwamoyisa. Wathi: “Ndandisoyisakala ngokumangalisayo ngokuthe rhoqo ibe ndadandatheka kakhulu. Ndaphantse ndanikezela ngokupheleleyo, ndivakalelwa kukuba ndandingenakuncedakala.”
Abanye basenokungabi njengokuba wayenjalo uFrank. Sekunjalo, basenokuba neemvakalelo ezinzulu zokungafaneleki. Oku kusenokubangelwa kukuba bazibekela imilinganiselo ephakamileyo engekho ngqiqweni njengokuba bezama ukuphila ngokuvisisana noko bavakalelwa kukuba kuyimigaqo kaThixo. Xa bengaphumeleli, baziva benetyala. UGqr. Claire Weekes kwincwadi yakhe ethi Self-Help for Your Nerves, uchaza esithi: “Ukuziva unetyala kunokuba liphupha elibi, ingakumbi kwabo bazama ukuzibekela imilinganiselo ephakamileyo.” Unokwenzani umKristu ukuba uchatshazelwa ziimvakalelo ezinjalo zokuziva engongafanelekanga?
Bonakalisa Uxabiso Ngobabalo
UFrank wathi: “Into eyandinceda kakhulu yaba kukuqonda oko iBhayibhile ikutshoyo kumaHebhere 4:15, 16.” Apho umpostile uPawulos usikhumbuza ukuba uYesu ngumncedi okhathalayo onako “ukuvelana nezilwelwe zethu” lowo wenze kwanokwenzeka ngathi ukuba “samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusisiza ngexesha elililo.”
Ngaba ubuya kusithanda isikhokelo sokoyisa iimvakalelo zokuziva ungengongaxabisekanga? Nasi: Khumbula ukuba uYehova uThixo noYesu Kristu bayazi ukuba sibuthathaka ngenxa yokungafezeki esakuzuz’ ilifa. Bayaqonda ukuba asinako ukufikelela ngokupheleleyo kwimilinganiselo yobulungisa. (INdumiso 51:5; Roma 3:23; 5:12, 18; Yakobi 3:2) Ngoko ke, abalindelanga kuthi okungaphezu kwesinokukwenza. Bajonga iimpawu zethu ezintle kungekhona iimpazamo esizenzayo. Umdumisi wabuza oku: “Ukuba uthe wabugqala ubugwenxa, Yehova, ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?” (INdumiso 130:3) Unokuqonda kakuhle ukuba akukho namnye kuthi onokuma. Noko ke, ngedini lentlawulelo likaYesu Kristu ngenceba uYehova unokusenza sibe kwimeko yokuma okucocekileyo phezu kwazo nje iintsilelo zethu. (1 Yohane 2:2; 4:9, 10) Sinokufumana “ukuxolelwa ke kweziphoso zethu”-size ngaloo ndlela sincedwe ukoyisa naziphi na iimvakalelo zokuziva singabangaxabisekanga-“ngobutyebi bobabalo lwakhe.”—Efese 1:7.
Oku kujonge ngale ndlela. Abantu abayithandayo imisebenzi yobugcisa baya kwenza iinzame zokubuyisela imizobo eyonakeleyo okanye ezinye izinto zobugcisa kwimeko yazo yangaphambili. Ngokomzekelo, xa kwiHolo Yokubonisa Ngezinto Zobugcisa eLondon, eNgilani, uthile owayenompu wonakalisa umfanekiso ohlekisayo kaLeonardo da Vinci oxabisa malunga nezigidi ezingama-84 zeerandi ibe akukho bani wacebisa ukuba ekubeni loo mzobo wawonakele wawufanele ulahlwe. Iphulo lomsebenzi lokulungisa loo mfanekiso wobugcisa uneminyaka engama-487 laqalisa ngokukhawuleza. Ngoba? Kuba wawumhle kubathandi bemizobo yobugcisa.
Ngaba wena akuxabisekanga ngaphezu kwetshoko okanye ipensile eyenziwe ngelahle. Ngokuqinisekileyo emehlweni kaThixo unjalo—enoba usenokuba wonakele kangakanani sisono osizuz’ ilifa. (INdumiso 72:12-14; Mateyu 20:28) UYehova uThixo, uMdali onobuchule ongumsunguli wentsapho engabantu uya kwenza oko kuyimfuneko ukubuyisela kwimfezeko amalungu aloo ntsapho akulungeleyo ukusabela kwinkathalo yakhe enothando.—Thelekisa IZenzo 3:21; Roma 8:20-22.
Bonakalisa Intsabelo Kubabalo
Landela umzekelo wompostile uPawulos. Waluxabisa kakhulu ubabalo lukaThixo ekumxoleleni ngokunenceba kwiziphoso zakhe zexesha elidlulileyo ndawonye nokumxhasa ngokuthe rhoqo kumzamo wakhe wokoyisa iziphoso ezazizingisa. (Roma 7:15-25; 1 Korinte 15:9, 10) UPawulos walilungisa ikhondo lakhe lobomi waza ‘wawuqoba umzimba wakhe, wawuxinzelela phantsi’ ukuze ahlale kwikhondo elikholekileyo kuThixo. (1 Korinte 9:27) Akazange awuvumele umzimba wakhe onesono notyekelo olungokwemvakalelo, lumkhokelele ekubeni likhoboka.
Yamkela ubabalo lukaThixo, uze uluvumele lukukhokelele enguqukweni. (Roma 2:4; 2 Korinte 6:1) Ukuba izenzo ezibi zexesha elidlulileyo ziyakukhathaza, zilungise uze ukholelwe kwisiqinisekiso sikaThixo sokuba ukuxolele. (Isaya 1:16-18; IZenzo 2:38) Ukuba ezi zenzo zibi ziyaqhubeka zikukhathaza, qhubeka usilwa nazo. Luthandazele ngokunyanisekileyo uncedo lukaYehova ukuze woyise ngoxa kwangaxeshanye uzilahlela kwinceba yakhe. (INdumiso 55:22) Esalatha kumava akhe, uFrank ucebisa oku: “Xa ubani maxa wambi esiwa phantsi kumlo wakhe nxamnye nomkhwa ombi, ufanele angakujongi nje njengokuwa phantsi okupheleleyo kodwa endaweni yoko njengento edlulayo.” Ukuba abanye bongezelela kwiingxaki zakho ngokufuna okungakumbi kunoko unokukunikela khumbula ukuba nguThixo ozama ukumkholisa kungekhona abantu.—Galati 1:10.
Kumlo wakho wokwenza okulungileyo, zilumkele nxamnye “nezenzo zenkohliso” zikaSathana, ezisenokubizwa “njengezenzo zikaMtyholi zobungendawo nenkohliso.” (Efese 6:11, Reference Bible, umbhalo osemazantsi; Today’s English Version) Phawula “izenzo zobungendawo nezenkohliso” ezimbini aya kuzisebenzisa ukuzama ukukuthintela ukuze ungazizuzi iingenelo zobabalo.
“Izenzo Zobungendawo Nezenkohliso” ZikaSathana
UMtyholi usebenzisa iimvakalelo zokuziva ungongaxabisekanga ukuzama ukukususa kuThixo. Indawo yokuqala uSathana ungumthombo wesono esakonakalisayo. Ngoku usenokuzama ukuphembelela imvakalelo yokuba akuxabisekanga emehlweni kaThixo, njengokuba uBhiledadi wenjenjalo kuYobhi. (Yobhi 25:4-6; Yohane 8:44) Mangaphi amadabi aye akaphunyelelwa kuba amajoni aye angenelela emlweni engazilungiselelanga ngokweemvakalelo! Ngoko, musa ukumvumela uSathana akudimaze. (Efese 6:10-13) Ukuwalumkela amaqhinga kaSathana kufanele kukushukumisele ekubeni ulwele nzima ukwenza okulungileyo.—2 Korinte 2:11.
Ukuba maxa wambi unxunguphaliswa ziziphoso ezithile, qiniseka ukuba ‘akudliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.’ (2 Korinte 2:7) UGqr. Claire Weekes wagqabaza ngomkhwa wokuba bambi bevumele iziphoso ezidluleyo zibacinezele esithi: “Ukuvumela iziphoso ezidlulileyo zikutsalise nzima koko ukwenzayo ngoku kukuphila okutshabalalisayo.”—Bona IZenzo 3:19.
Ukuba besinokuhlangabezana ngokugqibeleleyo neemfuno zikaThixo, ibiya kuba lubabalo olusifaneleyo ngaye ukuba asinike iintsikelelo aye wazithembisa. Kodwa uYehova uThixo noYesu Kristu babonisa ubabalo kuthi “olungasifanelanga.” IA Greek-English Lexicon of the New Testament, nguJ. H. Thayer, icacisa intsingiselo yegama elisetyenziswe ngumpostile uPawulos ekuchazeni olu phawu lukaThixo isithi: “Igama elithi [khaʹris] liqulethe ingcamango yobabalo obujizekwa lowo ungalufanelanga.” Akukho misebenzi siyenzayo enokufanelwa yintsikelelo kaThixo. Kunjengokuba umpostile uPawulos esitsho, kungobabalo. Ukuba ngokuyinyaniso unokwenza konke onokukwenza ukuzalisa imbopheleleko yakho kuThixo, konwabele ukwenza oko. UYehova akafuni okungakumbi kuwe.
Noko ke, lumkela olunye uhlobo “lwezenzo zenkohliso nezobungendawo” zikaSathana. Ukhohlisa abanye ekubeni bacinge ukuba banokulusebenzisa kakubi ubabalo lukaThixo, kangangokuba banokuyithabatha lula inceba yakhe. UYehova usixolela ngokunothando kubuthathaka esinabo, kodwa oko akuthethi ukuba sinokuyeka ukulwa ukuze siboyise. UPawulos uchaza abanye abaye ‘bamnyathelela phantsi uNyana kaThixo bamgxeka umoya wobabalo.’ (Hebhere 10:29) Aba abazange bayihlonele imigaqo yobulungisa baza ngendelelo bahlekisa ngemithetho kaThixo, bezenza babe kwimeko yokungabi saguquka. UYuda ongumntakwabo Yesu ngonina, owabona ingozi eyaboniswa ngamaqhinga anjalo kaSathana, wabhala wathi: “Kuthwethwe Bantu bathile [bangena emabandleni], . . . abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo.”—Yuda 4.
USathana usenokubhanxa abo banjalo ngandlel’ ithile bacinge ukuba banokuqhubeka besenza okungendawo ngabom baze emva koko bacele ukuba uThixo abaxolele izono zabo. Kodwa uYehova akayi kubaxolela abo bayaphula ngabom imithetho yakhe. ‘Mninzi ngenceba’ kwabo bazama ukumkhonza kangangoko benako phezu kwako nje ukungafezeki kwabo. “Ongakhe amenze msulwa onetyala” xa kuyimfuneko.—Eksodus 34:6, 7.
Unokungenelwa Lubabalo
Kuyathuthuzela ukwazi ukuba uYehova akajongi kuphela imeko yakho yokungafezeki okanye yokonakala. Uyazi ukuba unokuba njani xa amandla alungisa imekobume edini likaYesu Kristu lentlawulelo esetyenziswa ngokupheleleyo. Ngoko ke, thandaza ngokunyanisekileyo kuYehova njengokuba umdumisi uDavide wenjenjalo. UDavide wathi: “Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam! Ndixovule kunene, busuke ubugwenxa bam undihlambulule esonweni sam. Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke. Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, ubucime bonke ubugwenxa bam. Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.”—INdumiso 51:1-3, 9, 17.
Iziphoso neentsikelelo zakho zisenokusoloko zibonakala phambi kwakho. Maxa wambi usenokuziva unjengonyana wolahleko owachazwa nguYesu. Xa to mfana wabuyela ekhaya emva kokusebenzisa kakubi nangokulihlazo ilifa lakhe kumazwe asemzini, wadanduluka wathi kuyise: “Andisafanele kubizwa ngonyana wakho.” (Luka 15:21) Noko ke, to mfana uselula wayenesimo sengqondo esilungileyo. Akazange akuchase ukwenzelwa inceba nguyise okanye azame ukukuthabatha lula. Ngoko uyise onothando waphinda wamamkelela ekhayeni lakhe. (Luka 15:20-24) UYehova uyakuvuyela ukwenza okufanayo namhlanje kubantu abanesono abazama ngokunyanisekileyo ukwenza ukuthanda kwakhe.—INdumiso 103:8-14; Isaya 55:7.
UFrank akazange azivumele iimvakalelo zokuziva engaxabisekanga ukuba zimoyise. Wasabela kubabalo lukaThixo, ibe ngoku ukhonza njengesicaka solungiselelo kwibandla lamaNgqina kaYehova. Uthi: “Ndiyaxhumaxhuma ngoku luvuyo, xa ndicinga oko uYehova uThixo noYesu Kristu baye basenzela kona nabaya kusenzela kona kwixa elizayo!”
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.