IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 3/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Ungayeki ‘Ukummamela’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • UBukumkani BukaThixo—Ngaba Uyabuqonda?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Akholelwa Ukuba Icawa Yawo Yeyona Ichanileyo?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 3/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

◼ Ngokusuka kuMateyu 7:13, 14 noLuka 13:24 ngaba sifanele sigqibe kwelokuba kwanasemva kovuko, inkoliso yabantu iya kulugatya unqulo lokwenyaniso?

Akunjalo, kuba ezi ndinyana azisixhasi eso sigqibo. Kunoko, ngokukhethekileyo zibhekisela ekuzuzeni ubomi kuBukumkani basezulwini.

Amazwi kaYesu kuMateyu 7:13, 14 ayinxalenye yeNtshumayelo Yasentabeni. Wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangelele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.”

Uninzi loko kwathethwa nguYesu kwesi sihlandlo ngokukhethekileyo kubhekisela kuBukumkani basezulwini. Ngokomzekelo, waqala ngala mazwi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo engokomoya, ekubeni ubukumkani bamazulu bubobabo.” (NW.) Wathi abahlambulukileyo entliziyweni baya “kumbona uThixo” nokuba “ubukumkani bamazulu” bobabo “batshutshiswa ngenxa yobulungisa.” (Mateyu 5:3, 8, 10) Kamva kwakuloo ntetho, uYesu wathetha ngendlela ebanzi ekhokelela entshabalalweni nendlela emxinwa ekhokelela ebomini. Ngokuyinxenye, wongezelela esithi: “Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukabawo osemazulwini.”—Mateyu 7:13, 14, 21.

Intsingiselo kaLuka 13:24 iyafana, njengoko ibonakaliswa ngumongo. UYesu wanikela imizekeliso emibini, ‘engobukumkani bukaThixo.’ Kamva, wabuzwa oku: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?” UYesu waphendula esithi: “Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.” Ibinzana elithi “baninzi” libhekisela kubantu abacela ukungeniswa emva kokuvalwa nokutshixwa kocango. Aba ‘yayingabenzi bokungalungileyo’ ababengafanelekanga ukuba babe kunye ‘noAbraham, nolsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo.’ Aba “baninzi” baye bacinga ukuba babeya kuba ngabokuqala “ebukumkanini bukaThixo;” kodwa ngokwenene baya kuba ngabokugqibela, nto leyo ngokucacileyo ethetha ukuba abasayi kungena kwaphela.—Luka 13:18-30.

Umongo ubonisa ukuba uYesu wayethetha ngokungena kuBukumkani bukaThixo basezulwini. Emva phayaa iinkokeli zamaYuda kwakulithuba elide zinandipha isikhundla esinelungelo, elalizenza zifikelele kwiLizwi likaThixo. Zazivakalelwa kukuba zazityebile ngokomoya yaye zazizigqala zingamalungisa emehlweni azo, ngokwahlukileyo kubantu abaqhelekileyo, abantu ezazibajongela phantsi. (Yohane 9:24-34) Kanti, uYesu wathi ababuthi berhafu namahenyukazi awasamkelayo isigidimi sakhe aza aguquka ayenokwamkelwa nguThixo.—Thelekisa uMateyu 21:23-32; Luka 16:14-31.

Abantu abaqhelekileyo ababa ngabafundi bakaYesu babelindele ukwamkelwa njengoonyana bokomoya xa ubizo lwasezulwini lwavulekayo ngePentekoste yowama-33 C.E. (Hebhere 10:19, 20) Nangona izihlwele zamvayo uYesu, abo bayamkelayo baza kamva banethemba lasezulwini baba mbalwa. Kodwa umhlambi omncinane wabantu abathanjiswe ngomoya abafumana to mvuzo banokuthelekiswa noYakobi engqengqe kwisithebe sasemazulwini noYehova (UAbraham omkhulu) noNyana wakhe (ofuziselwa ngulsake). Ngokuqinisekileyo oku kwakuyifanele into yokuba ubani azame ngamandla. Kodwa inkoliso yabo bamvayo uYesu ayizange yenjenjalo.

Ngenxa yoku, sinokubona ngokusuka kumongo wezi zihlandlo zozibini ukuba uYesu wayethetha (ngabambalwa abakwindlela ecutheneyo esa ebomini nabasindiswayo) ngokuhlobene ngokuyintloko nokwamkelwa nguThixo ngexesha Yena wayesalibeke phambi kwabo ithemba lobomi basezulwini. Ngokwentelekiso abambalwa abasivayo isigidimi senyaniso baza bakuqonda oko kwakufuneka basabele baze bangqinwa bethembekile.—Mateyu 22:14; 24:13; Yohane 6:60-66.

Kubangela umdla ukuba nanamhlanje, ngoxa iBhayibhile ifumaneka yaye kukho inzaliseko egqithiseleyo yeziprofeto ezingokobuthixo ezingemihla yokugqibela, ngokwentelekiso bambalwa abasabela kwisigidimi samaKristu baze banyamezele ekukhonzeni uYehova. Oku kuyavisisana nomzekeliso kaYesu ongemihlaba eyahlukahlukeneyo. Wathi bambi babeya kuliva “ilizwi lobukumkani,” kodwa uSathana wayeya kuncothula oko kwakutyaliwe. Abanye babeya kulamkela ilizwi ngentumekelelo kodwa ekuhambeni kwexesha babeya kusilela ngenxa yembandezelo okanye intshutshiso. Kanti abanye babeya kungqineka bengavelisi ziqhamo ngenxa ‘yexhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi.’—Mateyu 13:18-23.

Sinokuqiniseka ukuba kuya kwahluka gqitha xa izigidi ngezigidi zivuswa ebudeni boMhla woMgwebo. Ngoko uSathana akasayi kukhululeka ukuze ancothule imbewu yenyaniso etyalwe ezintliziyweni zabo. Akusayi kufuneka ukuba bahlangabezane nentshutshiso okanye amaxhala ale nkqubo yezinto ingendawo. Baya kufundiswa kwiimeko ezinobulungisa, berhangqwe ngumsebenzi omangalisayo kaThixo, kuquka ukuvuswa kwabafileyo nokuphiliswa kweentlanga. Kuyavunywa ukuba, bambi abasayi kusabela kwanangoko. (Thelekisa uYohane 11:45-53.) Kodwa kukho isizathu esihle sokucinga ukuba uninzi luya kuyifumana ingongoma yelizwi, lusabele kulo, luze lusindiswe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share