Ukukholosa NgoYehova Kuzisa Ulonwabo
NGOKUBALISWA NGUJACK HALLIDAY NATHAN
Mhlawumbi ukhe wayiva intetho ethi, “Uzelwe necephe lesilivere emlonyeni wakhe.” Kaloku, xa ndazalwayo emva phayaa ngonyaka we-1897, oko kwakuphantse kwaba yinyaniso engokoqobo kwimeko yam.
KWAKUNGUNYAKA wama-60 wolawulo lukaKumkanikazi uVictoria, isikhumbuzo soku. Abantwana abazalwa ngaloo nyaka eNgilani baphiwa icephe lesilivere. UBukhosi baseBritani babukuzuko lwabo, buxhamla iingenelo zeNguqulelo yezoRhwebo ekhaya neyorhwebo olunempumelelo kumathanga anenkqubela akwamanye amazwe.
Utatomkhulu wayengumYuda, yaye utata waba ngumfundi wesiHebhere, ezazi kakuhle iZibhalo zesiHebhere. Kodwa umakhulu wayeyintombi yeBhishophu yaseTshetshi, yaye ngenxa yempembelelo yakhe, utata wamamkela uYesu Kristu njengoMesiya. Iincwadi zikaCharles Taze Russell zaba nempembelelo kubazali bam bobabini, ngoko asizange sikholelwe kwimfundiso kaBathathu Emnye okanye yesihogo somlilo.
Ebuntwaneni bam, amahashe ayeyindlela eyintloko yothutho eNgilani, yaye zazimbalwa iinqwelo ezazingasebenzisi mahashe, okanye iinqwelo-mafutha. Ngonyaka we-1913, ngenxa yendlela endandiwathanda ngayo amahashe, ndangenela iqela lezothutho lomkhosi welizwe nolwalusebenzisa amahashe. Ekuqhambukeni kweMfazwe Yehlabathi I, ndatshintshelwa kumkhosi osisigxina ndaza ndathunyelwa eGrisi ngenqanawa, apho ndangenwa khona sisifo seengcongconi. Kamva, ndathunyelwa kumkhosi okwimida yentshona yeFransi njengomdubuli osebenzisa inkanunu ndaza ekugqibeleni ndabanjwa ngamaJamani ngowe-1917.
Ukufumana Injongo Ebomini EINdiya
Emva kokuba imfazwe iphelile ngowe-1918, kwakungekho msebenzi ufumanekayo eNgilani, ngoko ndabuya ndangenelela emkhosini ndaza ndathunyelwa eIndiya njengenxalenye yomkhosi omiswe edolophini wexesha loxolo. NgoMeyi 1920 ndabuya ndahlaselwa sisifo, yaye ndathunyelwa phezulu ezintabeni ukuze ndibuyele empilweni kwakhona. Apho ndafunda zonke iincwadi endandinokuzifumana, kuquka iBhayibhile. Ukufunda iZibhalo kwakhulisa umdla endandinawo owawungokubuya kweNkosi.
Kwiinyanga kamva, eKanpur, ndaqalisa iqela lesifundo seBhayibhile, ndinethemba lokufunda okungakumbi ngokubuya kweNkosi. Kwakulapha endathi ndadibana noFredrick James, owayefudula elijoni laseBritani ngoku owayenguMfundi weBhayibhile onenzondelelo. Wandicacisela ukuba uYesu ubekho ukususela ngowe-1914, engabonakali ebantwini. Ezi yayizezona ndaba zivuyisayo kwendakha ndaziva. Into yokuqala endandiyilangazelela yayikukuphuma emkhosini. Uphalazo-gazi nokufa kwabantu okwakuqhubeka kwiMfazwe yaseYurophu kwakulisikizi kum. Ndafuna ukuba ngumvangeli wasemazweni ndize ndishumayele ezi ndaba zilungileyo ezingobukho bukaKristu.
Phofu ke, isebe lomkhosi alizange livume ukundikhulula. Endaweni yoko, ndathunyelwa kwintshona Indiya, ngoku ekuthiwa yiPakistan. Ngoxa ndandilapho, ndafunda incwadi ethi Studies in the Scriptures, ebhalwe nguCharles Taze Russell, yaye ndeyiseka ngakumbi kunangaphambili kukuba ndandifanele ndisabele kubizo lokushumayela. Ndaqalisa ukuba namaphupha amabi awandishiya ndidandathekile. Ndiphelelwe lithemba ndabhalela uMzalwana uJames, owandimemela kwikhaya lakhe eKanpur. Imini endafika ngayo yayiyeyesiSikhumbuzo sokufa kweNkosi. Loo mini yaba nempembelelo enkulu ebomini bam—ndenza isigqibo sokungatshati nokubenza ubulungiseleli bexesha elizeleyo usukelo lwam ebomini.
Ukubuyela ENgilani
Ekupheleni kowe-1921, ndatshintshelwa apho ndandivela khona eNgilani, yaye ngentwasahlobo yowe-1922, ndakhululwa emkhosini. Ngelo hlobo uJ. F. Rutherford, umongameli wesibini weWatch Tower Society, weza eNgilani, yaye ndahamba nabazali bam ukuya kuphulaphula intetho yakhe kwiHolo iRoyal Albert, eLondon. Emva koko, ndashukunyiselwa ekuzinikeleni ndize ndikhonze eBheteli, njengokuba iiofisi zesebe zeWatch Tower Society zibizwa njalo, kodwa ndakhuthazwa ngobubele ukuba ndiqale ngokwenza umsebenzi wokusasaza iincwadi zonqulo (ukushumayela ixesha elizeleyo). Ngoko ndawuyeka umsebenzi wam ndaza ndamkela isabelo somhlaba kumazantsi eNgilani. Ndingenamava, ndine-crown [R1,30] engxoweni yam, ndikholose ngoYehova, ndaqalisa inkonzo yam njengomlungiseleli wexesha elizeleyo. Malunga noMatshi 1924, ndamenyelwa eBheteli.
Nangona kunjalo, kunyaka owalandelayo ndacelwa ukuba ndihambe eBheteli, yaye ndandikhathazeke kakhulu, ndivakalelwa kukuba ndandisohlwayelwa into endandingenatyala layo. Kwelo xesha lifutshane, iBheteli yayisele ilikhaya lam lokugqibela. Kodwa ngokubeka ingxaki phambi koYehova ngomthandazo nangokukholosa ngokuba kwakuya kwenzeka ukuthanda kwakhe, ndakwazi ukuqhubeka ndinovuyo kwisabelo sobuvulindlela endasinikwayo. NgoMeyi 1926, ndamenyelwa eBheteli kwakhona, apho ndahlala iminyaka eli-11 eyalandelayo.
UMzalwana uRutherford watyelela eNgilani kwakhona ngowe-1936 waza wandimemela ukuba ndiye eKhanada ukuya kuba nesabelo kumsebenzi woBukumkani apho. Phofu ke, ngenxa yokungaqondani okuthile, ndabangela ukuba uMzalwana uRutherford ale ukuba ndihambe ngokutyhila inkcazelo eyimfihlelo. Ndisawakhumbula kakuhle amazwi akhe kuba wathi: “Jack, andinako ukukuthemba. Wakrazule amatikiti akho!” Anjani wona amava ukuba buhlungu! Kodwa yayisisohlwayo esasifuneka kakhulu, yaye emva koko, ndinomnye umzalwana ndabelwa ukuba nguvulindlela kwiinyanga ezisibhozo ezalandelayo. Eli lungelo lenkonzo landenza ndaphinda ndanethemba, yaye ndafunda kwisohlwayo.
Ubulungiseleli Obandisiweyo EKhanada
Ebudeni botyelelo lwakhe olulandelayo eNgilani malunga nonyaka kamva, uMzalwan’ uRutherford wawuphakamisa kwakhona umbandela wokuya eKhanada. Ndandilangazelela elo thuba yaye ndasamkela ngentumekelelo isabelo sokuya apho. Emva kokukhonza iinyanga ezimbalwa kwiBheteli yaseKhanada, ndabelwa njengommeli ohambahambayo woMbutho emzantsi-ntshona weOntario. Inkoliso yamabandla apho ayemancinane yaye efuna ukhuthazo olukhulu. Kodwa olunjani lona uvuyo endalufumanayo kuloo minyaka yangaphambili, phezu kwazo nje iingxaki ezingokwenyama nangenxa yemozulu embi neemeko zezothutho ezingaqinisekanga!
Andinakuze ndibulibale ububele noxabiso olungokomoya olwalukho kwelinye ibandla elincinane lamaIndiya elikufuphi eBrantford. Kwakusebusika, yaye ikhephu lalinzulu, lisenza kube nzima ngeModel T Ford yam ukuba ihambe. Kwakungekho mntu wayendilindele, yaye xa ndafikayo, ndafumanisa ukuba abazalwana babeye ehlathini ukuya kugawula iinkuni zomlilo. Ngoko ndahamba ukuya kubafuna, ikhephu lifikelela esinqeni. Xa ndathi ekugqibeleni ndafika kubo, babemangalisiwe, ukanti bevuya, kukundibona. Balahla phantsi yonke into, bagoduka, baza balungiselela intlanganiso kanye ngaloo ngokuhlwa.
KwiBeamsville ekufutshane, mna nabazalwana abathembekileyo saba nengxaki iminyaka emininzi ngabadala ababevotelwe kunye nabawexuki. Elinjani lona ilungelo ekwakulilo ukubona indlela umoya kaYehova owawusebenza ngayo ekulungiseni le meko! Ukukholosa ngoYehova nokunyaniseka kwintlangano yakhe kwaphumela kwiintsikelelo ezininzi emabandleni ebudeni baloo minyaka yangaphambili. Abantwana abaninzi ababekula mabandla bakhulela ekubeni bangenele ubuvulindlela, baya eBheteli, banandipha iizabelo zobuvangeli basemazweni, yaye baba ngabaveleli abahambahambayo. Andizange ndiyilibale imivuyo yokuhlala neentsapho zamaKristu anyanisekileyo athi avelisa ulutsha oluhle kangaka. Ezi ntsapho zaba yintsapho yakowethu, yaye abantwana bazo baba ngabam.
Iminyaka Phantsi Kokuvalwa Komsebenzi Wokushumayela
Ebudeni bezoyikiso zemfazwe yowe-1940, umsebenzi wamaNgqina kaYehova wavalwa. Enjani yona into ukothusa! Izaziso zikanomathotholo oxhaswa ngurhulumente zasiyalela ukuba sinikezele emapoliseni uncwadi lwethu, iingxelo zethu zamabandla, nezitshixo zeeHolo zethu ZoBukumkani. Ndiluqonda ungxamiseko lwale meko, ndajikeleza amabandla ndaza ndawabongoza ukuba alufihle uncwadi neengxelo zawo. Abazalwana bakhuthazelwa ukuba bahlanganisane kumakhaya abo, kwikhaya elahlukileyo veki nganye. Ekuhambeni kwexesha amabandla abuqalisa kwakhona ubulungiseleli bendlu ngendlu, esebenzisa iBhayibhile kuphela. Oku kwangqineka kuyintsikelelo, njengokuba sonke safunda ukusebenzisa iiBhayibhile zethu kakuhle.
Kamva ngaloo nyaka safumana isixa esikhulu sencwadana ethi End of Nazism esivela eUnited States. Ukungenisa olo ncwadi lwalelweyo eKhanada kwafuna ubuchule obukhulu. Abanye abazalwana bakhwelisa amajoni kwiinqwelo-mafutha zabo, awahlala phezu kweebhokisi zeencwadi, ngokungazi efihla iincwadana ezazalelwe. Ngenye intsasa ngoNovemba, phakathi kwentsimbi yesithathu neyesithandathu, lonke elo ilizwe lahlaselwa ngamaNgqina awashiya le ncwadana kwiminyango yamakhaya amaninzi eKhanada.
Ebudeni baloo minyaka yokuvalwa komsebenzi, ndaqhubeka kubulungiseleli bobuvulindlela kwiphondo elisentshona laseKhanada eliyiBritish Columbia. Ngaphambi kokuvalwa komsebenzi, abazalwana basebenzisa iphenyana xa batyelela ebantu abakwilali ezikumatheku amxinwa nagqagqeneyo ukususela eVancouver ukuya kutsho eAlaska. Xa ukuvalwa komsebenzi kwathi kwasebenza, uncwadi oluninzi kakhulu lwalukwiphenyane, ngoko amaNgqina alushiya kubantu abanobuhlobo kwindlela eya kwizibuko apho iphenyane lalithinjelwa khona. Kamva, ndathabatha iphenyane lokuloba ukuya kuthabatha olu ncwadi, yaye ngoko, ebudeni bexesha lokuloba iintlanzi isalmon, ndalungiselela ukuba abazalwana baluthabathe kwaba bantu banomdla. Ekuhambeni kwexesha uncwadi lwaziswa eVancouver ukuba lusasazwe ngokubanzi, lufihlakele ngaphakathi kwiphenyane lokuloba.
Ekupheleni kowe-1943, safumana iindaba zokuba ukuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova kwakuphelisiwe. Noko ke, kwakungapheliswanga kwiWatch Tower Society. Ngoko saqhubeka njengaphambili, sisebenzisa iBhayibhile kuphela kubulungiseleli bethu bendlu ngendlu. Kodwa ngoku sinokuzazisa ngokuphandle njengamaNgqina kaYehova. Xa ukuvalwa komsebenzi kwaqalisayo, kwakukho amaNgqina amalunga nama-6 700; xa kwapheliswayo, kwabakho ali-11 000!
Ubomi Njengomveleli Ohambahambayo
Njengommeli ohambahambayo woMbutho, ndahamba iikhilomitha ezininzi gqitha ebudeni beminyaka embalwa eyalandelayo, ndisebenza namabandla yaye ndiwakhuthaza. Ebusika, ndapheleka abazalwana kwinqwelo-mafutha ekhethekileyo ebizwa ngokuba yicaboose (ikhitshi lenqanawa). Esi yayisisileyi esinophahla, esitsalwa ngamahashe, siphelele ngesitovu seenkuni esingangeni moya kunye netshimini. Ngokufuthi, siphuma phambi kwesifingo singabantu abathandathu abakhweleyo, sahamba ukutyhubela ikhephu elinzulu kangangeekhilomitha ezingama-35 okanye ngaphezulu, sityelela iifama ezisendleleni. Umqhubi kwakufanele aphaphe kuba imfumba yekhephu yayingayiwisa ngecala icaboose, iwise phantsi abo bakhweleyo kunye namalahle atshisayo aphuma kwisitovu seenkuni.
Ngowe-1947, ndamiselwa ukuba ndongamele isithili sokuqala selo lizwe, esasililizwe lonke endandikulo. Ndandinendibano yesiphaluka endandikhonza kuyo phantse veki nganye. Iindibano zaziqhutywelwa kwiindawo zomdlalo wasemkhenkceni, kumabala ebhola ekhatywayo, kwiindawo zomdyarho, kwiiholo zomanyano nakwiiholo zasekuhlaleni. Amalungiselelo ezi ndibano ayefuna ingqalelo enkulu ngaphambi kokuba ucwangciso luqalise. Ngowe-1950, uFrank Franske wamiselwa njengomveleli wesithili wesibini eKhanada, yaye kamva kongezelelwa babahlanu abaveleli abangakumbi abahambahambayo.
Ukutyhubela iminyaka, ndiye ndahamba ngenqwelo-moya encinane, ngamaphenyane okuloba, ngeenqwelo ezinkulu ezihamba kwikhephu ezinamatyathanga namaplanga okuhamba kwikhephu, ekuthiwa ziibombardiers, izinto zokuhamba ekhephini (izithuthi ezinepropeller ngasemva namaplanga okuhamba kwikhephu okuqhuba ngaphambili), nangeendlela eziqheleke ngakumbi—uloliwe, uduladula nenqwelo-mafutha. Ngamanye amaxesha, kwinqwelo-moya sasidla ngokubhabhela kufuphi neeNtaba iRocky ezintle kakhulu, size sitshone kwiintlambo ezinzulu ezifihlakeleyo ukufikelela amaqela abazalwana abakwanti.
Ndiye ndayihamba hamba kakhulu iKhanada amaxesha amanizi. Ndiye ndahlala kwizindlu ezenziwe ngeziqobo zemithi ezibanda kangangokuba sasinokuwubona umoya ophumayo ngoxa siphefumla ngentsasa elandelayo nakwizindlu zasefama ezingenazo izinto eziluncedo zezi mini. Kanti, kuko konke oku, ndandinemvakalelo enkulu yolwaneliseko, ndisazi ukuba ndandisenza umsebenzi kaYehova, ndikhuthaza abantu bakaYehova.
Amalungelo Awongezelelekileyo Enkonzo
Kwiminyaka engama-33 edluleyo, ndiye ndaba nelungelo lokuba lilungu lentsapho yeBheteli yaseKhanada, kunye nokukhonza njengesithethi kwindibano eNgilani, eYurophu, eAfrika, eOstreliya, eNew Zealand nakwiMpuma Ekude. EOstreliya, ndadibana nentombi yoMzalwana uJames, owayelukhuthazo kakhulu kum eIndiya. UMzalwana uJames akazange abe ngumvangeli wasemazweni, kodwa wadlulisela ilifa elihle elingokomoya kwintsapho yakhe.
Namhlanje ndingqongwe ngamakhulu abafana neentombi kwiBheteli yaseKhanda. Indlela abawasebenzisa ngayo amandla obutsha babo enkonzweni kaYehova iyakhuthaza yaye iyachukumisa. Amehlo am anorhatyazo, kodwa aba baselula bayandifundela. Imilenze yam ibuthathaka, kodwa bahamba nam ukuya kubulungiseleli basentsimini. Abanye babuza indlela endihlangabezana ngayo neengxaki zempilo ezinxulumene nokwaluphala. Ewe, phakathi kwezinye izinto, ndifundisisa iLizwi likaThixo yonke imihla. Oku kuyigcina ingqondo yam nentliziyo yam kwizinto zokomoya.
Enyanisweni, kube lilungelo elikhulu ukuhamba nokuthetha noBawo osezulwini, uYehova, iminyaka engama-69 yobomi bokuzahlulela, engama-67 ichithelwe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Bendisoloko ndimfumanisa uYehova enguThixo onothando, onovelwano, oxolela ubuthathaka babantu nonika amandla nokomelela kwabo bakholosa ngaye. Ithemba lam likukugcina ingqibelelo yam nokuba ndinyaniseke kuYehova nakwintlangano yakhe kude kube sekupheleni, ndikholose ngedinga lokuba ngethuba elililo ndiza kumanywa neNkosi yam endiyithandayo, uYesu Kristu, kunye nabazalwana noodade bam abaninzi nabathembekileyo kuzuko lwasezulwini.—INdumiso 84:12.
[Picture of Jack Halliday Nathan on page 10]
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Iinqwelo ezinokuhamba kwikhephu zihamba ukunqumla ilizwe ngamendu afikelela iikhilomitha ezingama-80 ngeyure
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ebudeni bobusika i“caboose” (ikhitshi lenqanawa) etsalwa ngamahashe yayisetyenziswa ekunikeleni ubungqina kumathafa aseKhanada