Ngaba Uyakufanelekela Ukukhonza?
“Ukufaneleka kwethu kakuhle kuphuma kuThixo.”—2 KORINTE 3:5, “NW”.
1. Ngabantu abaluhlobo luni abangamkelekanga kwibandla lamaKristu?
UYEHOVA UTHIXO noYesu Kristu bangabasebenzi. UYesu wathi: “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.” (Yohane 5:17) UThixo akakholiswa ngabantu abangafuniyo ukusebenza; akakholiswa nangabo bafuna ilungelo ukuze babe negunya phezu kwabanye. Abamkelekanga ebandleni lamaKristu abangamavila okanye abanamabhongo okuzingca.—Mateyu 20:25-27; 2 Tesalonika 3:10.
2. Kutheni ngoku kukho imfuneko enkulu yamadoda okuthwala imbopheleleko ebandleni lamaKristu?
2 AmaNgqina kaYehova ‘ahlala ephuphuma umsebenzi weNkosi,’ ingakumbi ngoku xa abantu abaninzi bethontelana ukuza ‘kwintaba’ yonqulo oluyinyaniso. (1 Korinte 15:58; Isaya 2:2-4) Kukho imfuneko enkulu yamadoda afanelekayo ngokomoya okuthwala imbopheleleko ebandleni. Engaqhutywa libhongo lokuzingca, amadoda anjalo aphakamisa uYehova, kungekhona iziqu zawo. (IMizekeliso 8:13) Ayazi ukuba uYehova uyawanceda ukuba abe ngazifanelekeleyo iimbopheleleko zebandla, kanye njengokuba ‘ebenza abafaneleke kakuhle babe ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha.’—2 Korinte 3:4-6, NW.
3. Ngokusisiseko, ziziphi iimbopheleko zabadala nezicaka zolungiselelo?
3 Namhlanje, njengakumaKristu okuqala, amadoda amiselwa ngumoya oyingcwele nangelungiselelo lentlangano kaYehova ukuba akhonze njengabadala nezicaka zolungiselelo. (IZenzo 20:28; Filipi 1:1; Tito 1:5) Abadala balusa umhlambi kaThixo ngokomoya, benikela ukhokelo oluyinkuselo. Bancediswa zizicaka zolungiselelo, ezimbopheleleko yazo ingabandakanyi ngokungqalileyo ukuvelela kokomoya. (1 Petros 5:2; thelekisa IZenzo 6:1-6.) NjengoNyana kaThixo, oweza kulungiselela, abamiselwe ngolo hlobo banqwenela ukukhonza amakholwa angoowabo. (Marko 10:45) Ukuba uyindoda engumKristu, ngaba unawo loo moya?
Iimfaneleko Ziyafana
4. Kuphi ngokukhethekileyo apho sifumana khona uludwe lweemfaneleko zabo bathwaliswe imbopheleleko yebandla?
4 Ngokukhethekileyo iimfuneko zabo baphathiswe imbopheleleko yebandla zandlalwe ngumpostile uPawulos kweyoku-1 kuTimoti 3:1-10, 12, 13 nakuTito 1:5-9. Njengoko siqwalasela ezi mfaneleko, ezithile zazo ezisebenza kubadala nakwizicaka zolungiselelo, asifanele sizijonge ngokwemilinganiselo yehlabathi. Kunoko, sifanele sizigqale ngokwembono yenkulungwane yokuqala nanjengezisebenzisekayo kubantu bakaYehova. Ukufikelela ezi mfuneko akufuni ukuba ubani afezeke, kuba ukuba bekunjalo bekungayi kubakho mntu ufanelekayo. (1 Yohane 1:8) Kodwa ukuba uyindoda engumKristu, enoba ngoku uneembopheleleko ebandleni okanye akunazo, kutheni ungahlolisisi iimfaneleko zakho siqu?
5. Kuthetha ukuthini ukuba ngongenakukhalazelwa?
5 Engongenakukhalazelwa; enobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle; engongenakumangaleleka. (1 Timoti 3:2, 7, 8, 10; Tito 1:6, 7) Xa bemiselwa nasebudeni bokukhonza kwabo, izicaka zolungiselelo nabadala bamele babe ngabangenakukhalazelwa, oko kukuthi, bangabi natyala yaye kungabikho mfuneko yokuba bohlwaywe ngenxa yokubekw’ ityala okufanelekileyo ngehambo okanye ngemfundiso ephosakeleyo. Izimangalo zobuxoki ezenziwa ‘ngabazalwana ababuxoki’ okanye abanye aziyenzi indoda ibe yenokukhalazelwa. Ukuze isimangalo siyenze indoda ingakufanelekeli ukukhonza ebandleni, simele singabi yimfeketho, yaye simele singqinwe ngokuvumelana nemilinganiselo engokweZibhalo. (2 Korinte 11:26; 1 Timoti 5:19) Ubani omiselwe ebandleni “umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.” Ukuba indoda yayenze isono esithile esinzulu kwixesha elidluleyo, inokumiselwa kuphela ukuba iye yaguquka ngokupheleleyo yaza yazenzela igama elihle.
6. Ukuba yindoda yamfazi mnye kuthetha ntoni?
6 Eyindoda yamfazi mnye. (1 Timoti 3:2, 12; Tito 1:6) Oku akuthethi ukuba kuphela ngamadoda atshatileyo anokuba zizicaka zolungiselelo nabadala. Noko ke, ukuba indoda itshatile imele ibe nomfazi omnye kuphela ophilayo ize ithembeke kuye. (Hebhere 13:4) Ngokungafaniyo namadoda amaninzi awayengengomaKristu kwinkulungwane yokuqala, ayinakuba nesithembu.a
7. (a) Ngaba yiminyaka yobudala eyenza indoda ifanelekele ukuba ngumdala? (b) Yintoni ebandakanyekileyo ekongameleni kakuhle indlu?
7 Eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele. (1 Timoti 3:4, 5, 12; Tito 1:6) Bambi basenokuvakalelwa kukuba abadala bamele ubuncinane babe neminyaka engama-30 ubudala, kodwa iBhayibhile ayimiseli mlinganiselo weminyaka. Kanti, umntu umele enze izinto njengendoda ekhulileyo ngengqiqo yokomoya. Izicaka zolungiselelo nabadala bamele babe badala ngokwaneleyo ukuba bangaba nabantwana. Ukuba itshatile, indoda ayifaneleki ukuba yenza izinto ngendlela yobuthixo xa ikwenye indawo kodwa inguzwilakhe ekhaya. Imele ibe yehlonelwayo ngenxa yokuba iyongamela kakuhle indlu yayo ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile, yaye injongo yayo ifanele ibe kukuphumelela ngokomoya kwelungu ngalinye lentsapho. Ngokuqhelekileyo, umdala ongutata ufanele abe nabantwana abaziphethe kakuhle abasakhulayo “abakholiweyo.” Babe benza inkqubela eya ekuzahluleleni kuThixo okanye sele bebhaptiziwe njengamaNgqina kaYehova. Indoda engakwaziyo ukwakha ukholo kubantwana bayo akubonakali ukuba ingakwazi ukwenjenjalo kwabanye.
8. Ngaphambi kokuba indoda enentsapho ibe ingaba ngumdala, yintoni emele ifunde ukuyenza?
8 Ngaphambi kokuba indoda enentsapho ingaba ngumdala okwaziyo ukuvelela ngokomoya ebandleni, imele ifunde ukwalathisa eyayo indlu. “Ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?” (1 Timoti 3:5) Liyinyaniso elokuba, indoda isenokuchaswa ngumfazi ongakholwayo. (Mateyu 10:36; Luka 12:52) Okanye omnye wabantwana bayo usenokuba netyala lesono esinzulu, nangona abanye beqhuba kakuhle ngokomoya. Sekunjalo, ukuba loo ndoda yenze konke ebekulindelekile, yaye ingakumbi ukuba iye yaba nempumelelo ekuwakheni ngokomoya amanye amalungu endlu yayo, ukugatywa kolwalathiso lwayo oluhle lelinye ilungu lentsapho akuyi kuthi ngokuyimfuneko kuyenze ingakufanelekeli ukuba sisicaka solungiselelo okanye umdala.
9. Yintoni abamele bayilumkele abadala nezicaka zolungiselelo mayela neziselo ezinxilisayo?
9 Engageziswa yiwayini okanye engazinikeli kwiwayini eninzi. (1 Timoti 3:3, 8; Tito 1:7) Isicaka solungiselelo okanye umdala akamele azifice ngokugqithiseleyo kwiziselo ezinxilisayo. Ukuba likhoboka lazo kusenokukhokelela ekungakwazini ukulawula iingcinga neemvakalelo, kukhokelele ekugezisweni yiwayini okanye kwimilo. Akafanele ‘azinikele kwiwayini eninzi’ okanye adume ngokuba yindla-manzi. (IMizekeliso 23:20, 21, 29-35) Hayi indlela ebekuya kuba buhlungu ngayo ukuba utyelelo lokwalusa beluya konakaliswa kukungabi nabungcathu! Ukuba umzalwana uyasela kwaukusela, akafanele enjenjalo xa enesabelo kwiintlanganiso, kubulungiseleli, okanye kwenye inkonzo engcwele.—Levitikus 10:8-11; Hezekile 44:21.
10. Kutheni abathandi bemali nabo babawela inzuzo yokunganyaniseki bengakufanelekeli nje ukuba ngabadala okanye izicaka zolungiselelo?
10 Engemthandi wamali okanye engangxameli inzuzo embi [“engabaweli inzuzo yokunganyaniseki,” “NW”]. (1 Timoti 3:3, 8; Tito 1:7) Abathandi bemali basengozini yokomoya, yaye “abantu ababawayo” abayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. Ngenxa yoko, amadoda anjalo awakufanelekeli ukuba ngabadala okanye izicaka zolungiselelo. (1 Korinte 6:9, 10; 1 Timoti 6:9, 10) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukunganyaniseki” ngokusisiseko lithetha “ehlazisayo,” yaye igama eliguqulelwe ngokuthi “inzuzo” libhekisela kulo naluphi na uhlobo lwengeniso okanye ukulungelwa. (Filipi 1:21; 3:4-8) Kakade ke, indoda enesimo sengqondo esibonisa ukuba iya kuwuphatha ngokunganyaniseki “umhlambi” kaThixo ayiyifanelekeli imbopheleleko yebandla. (Hezekile 34:7-10; IZenzo 20:33-35; Yuda 16) Ukuqonda ukuba umntu unokuphathiswa iimali aze ahendelwe ekubeni ayibe ethile yaloo mali kwenza ukuba kubekho imfuneko yokuphapha ngakumbi xa kusenziwa uncomelo.—Yohane 12:4-6.
11. Kutheni le nto ‘umntu osandul’ ukungeniswa’ engafanele anconyelwe ukuba nembopheleleko ebandleni?
11 Angabi ngosandula ukungeniswa; acikidwe. (1 Timoti 3:6, 10) Umntu osandul’ ukubhaptizwa akakabi nalo ixesha lokuzingqina ukuba uya kuthembeka ekunyamekeleni iimbopheleleko azabelweyo. Usenokungabi nalo uvelwano ngabaziintsizana okanye ubulumko obufunekayo bokunceda abanquli abangoowabo yaye usenokude abajongele phantsi abanye. Ngoko ke, ngaphambi kokunconyelwa njengesicaka solungiselelo yaye ingakumbi njengomdala, indoda ifanele ‘icikidwe’ kwaye ifanele inikele ubungqina bogwebo oluhle nobokuba inokuthenjwa. Akukho xesha liqingqiweyo loku kucikidwa, yaye abantu bayahluka ngomlinganiselo wokukhula ngokomoya. Kodwa abadala abafanele bakhawuleze ukumncomela umntu osemtsha “ukuze angathiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi.” Yivumeleni indoda kuqala ibonakalise ukuthobeka okufana nokukaKristu.—Filipi 2:5-8.
Ukutsalela Ingqalelo Kwizicaka Zolungiselelo
12. Ngaba iimfuneko ezidweliselwe izicaka zolungiselelo zimele zifikelelwe zizo kuphela?
12 Kudweliswe iimfuneko ezithile zezicaka zolungiselelo. Kanti, ukuba abadala bebengazifikelelanga iimfuneko ezinjalo, bebengayi kukufanelekela ukukhonza. Njengendoda engumKristu, ngaba uyafaneleka kwezi nkalo?
13. Kuthetha ukuthini ukuba ngonokundileka?
13 Enokundileka. (1 Timoti 3:8) Indoda efanelekela ukukhonza njengesicaka solungiselelo ayifanele ikuthabathe lula ukuba nembopheleleko. Ifanele iziphathe ngendlela enesidima ezuzisa intlonelo. Nangona ngamathuba athile uburharha bamkelekile, ibingayi kufaneleka ukuba ibingumntu ofane enze.
14. (a) Ukungabi ntlolela yombini kunayiphi intsingiselo? (b) Ukuba nesazela esihlambulukileyo kufuna ntoni?
14 Angabi ntlolela yombini; abe nesazela esihlambulukileyo. (1 Timoti 3:8, 9) Izicaka zolungiselelo (nabadala) zimele zibe nenyaniso, zingahlebi okanye zibe nobuqhophololo. Ekubeni zingamele zibe ntlolela yombini, azimele zithi ngonyhwalazo zithethe le nto komnye umntu zize zithethe leya komnye. (IMizekeliso 3:32; Yakobi 3:17) La madoda akwamele abe ngabaxhasi abathembekileyo benyaniso etyhiliweyo, ‘benemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.’ Phambi koThixo, isazela sendoda enjalo sifanele sinikele ubungqina bokuba ithe tye yaye ayenzi nantoni na yokukhohlisa okanye ekukungcola. (Roma 9:1; 2 Korinte 1:12; 4:2; 7:1) Akukho mntu ukufanelekelayo ukukhonza umhlambi kaThixo ngaphandle kokuba abe ubambelele ngokuqinileyo kwinyaniso nakwimigaqo yobuthixo.
Ukwalathisela Ingqalelo Kwiimfaneleko Zabadala
15. Ngoku ziimfaneleko zoobani, ezihlolisiswayo yaye zibandakanya ntoni ngokukhethekileyo?
15 Iimfaneleko ezithile zisebenza ngokukhethekileyo kubadala yaye zinento yokwenza ikakhulu nomsebenzi wabo njengabalusi nabafundisi. Njengendoda engumKristu, ngaba uyazifikelela ezi mfaneleko?
16. (a) Yintoni efunekayo ekubeni yingcathu? (b) Umdala unokuzeyisa njani?
16 Eyingcathu; enokuzeyisa. (1 Timoti 3:2; Tito 1:8) Umdala ufanele abe nobungcathu, engelokhoboka lemikhwa emibi. Xa ejamelene nezilingo, uThixo uya kumnceda agcine ulungelelwano ukuba uthandaza njengoko wenzayo umdumisi: “Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe; ndikhuphe ekucuthekeni kwam.” (INdumiso 25:17) Umveleli ukwafanele athandazele umoya kaThixo aze avelise isiqhamo sawo, kuquka ukuzeyisa. (Luka 11:13; Galati 5:22, 23) Ukulawula iingcinga, intetho, nezenzo kuya kumenza umdala akwazi ukuphepha ukuzibaxa izinto njengoko enikela ukhokelo lokomoya kwibandla.
17. Yintoni ebandakanyekileyo ekubeni nesidima?
17 Enesidima. (1 Timoti 3:2) Umdala ufanele abe ngonengqiqo, oqondayo nolumkileyo. Intetho nezenzo zakhe zifanele zibe nenjongo nengqiqo. Ukucinga kwakhe okuthobekileyo, nokulungeleleneyo kusekelwe kubulumko obungokobuthixo nakwiimfundiso eziphilileyo zeLizwi likaYehova, afanele abe ngumfundi okhutheleyo walo.—Roma 12:3; Tito 2:1.
18. Bekuya kufuneka ntoni ngomdala ukuze abe ngozibekileyo?
18 Ezibekile. (1 Timoti 3:2) Igama lesiGrike elisetyenzisiweyo apha liguqulelwe ngokuthi ‘ukufaneleka’ kweyoku-1 kuTimoti 2:9. Ngoko umdala umele abe nendlela yobomi ehloniphekileyo nefanelekileyo. Ngokomzekelo, ufanele abe ngobamba ixesha. Kuyabonakala ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala akazange akwenze umbandela oyintloko ukugcina iingxelo, yaye namhlanje akuyomfuneko ukuba umdala abe yingcungela yomphathi-mali okanye umabhalane. Izicaka zolungiselelo zisenokunyamekela izinto eziyimfuneko kule mibandela. Kodwa igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ezibekile” lisenokuchaza ukuziphatha kakuhle, yaye ngokuqinisekileyo indoda ibingayi kufaneleka njengomdala ukuba ibiyengalawulekiyo nengabekekanga.—1 Tesalonika 5:14; 2 Tesalonika 3:6-12; Tito 1:10.
19. Ngenxa yokuba ebuka iindwendwe, wenza ntoni umdala?
19 Ebuka iindwendwe. (1 Timoti 3:2; Tito 1:8) Umdala ‘usukela ikhondo lokubuka iindwendwe.’ (Roma 12:13; Hebhere 13:2) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukubuka iindwendwe” ngokoqobo lithetha “ukuthanda abasemzini.” Ngaloo ndlela, umdala obuka iindwendwe wamkela abatsha kwiintlanganiso zamaKristu, ebonisa umdla ofanayo kumahlwempu ngohlobo awubonisa ngawo kwabo bemi kakuhle ngokwezinto eziphathekayo. Ubonisa ukubuka iindwendwe kwabo bahambahambayo ngenxa yobuKristu, yaye ebandulula “ngokufanele uThixo.” (3 Yohane 5-8) Enyanisweni, umdala umele abe ngobuka iindwendwe ngokukodwa kumakholwa angoowabo ngokweentswelo zawo nangokuvuma kweemeko zakhe.—Yakobi 2:14-17.
20. Kungaziphi iindlela amele umdala abe ngokufanelekeleyo ukufundisa?
20 Enokufundisa. (1 Timoti 3:2) Ukukwazi komdala ukuba ngumfundisi wokomoya akungomphumo wesiphiwo sakhe esingokwengqondo okanye ubulumko behlabathi. (1 Korinte 2:1-5, 13) Kungenxa yokuba “ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo.” (Tito 1:9; thelekisa IZenzo 20:18-21, 26, 27.) Ufanele akwazi ‘ukubaqeqesha ngobulali abaphikayo.’ (2 Timoti 2:23-26) Kwanokuba umdala akasiso esona sithethi sasesidlangalaleni sisemagqabini ebandleni, ufanele abe ngumfundi olungileyo weLizwi likaThixo ukuze abe nobuchule obaneleyo bokufundisa nokululeka abakholwayo, abakwayifundisisayo iBhayibhile. (2 Korinte 11:6) Umele akufanelekele ukudlulisela “imfundiso ephilileyo” enceda iintsapho nabantu ngabanye ukuba baphile ubomi bokuhlonel’ uThixo.—Tito 2:1-10.
21. (a) Kutheni kunokuthiwa umdala akangombethi? (b) Kuthetha ukuthini ukuba ngonengqiqo? (c) Ukungalwi kuthetha ntoni?
21 Engembethi, kodwa ethantamisa [“enengqiqo,” “NW”], engalwi. (1 Timoti 3:3; Tito 1:7) Eseluxolweni, umdala akabethi bantu ngokoqobo okanye abagrogrise ngokuthetha amazwi anyelisayo nahlabayo. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 11:20.) (Amagqabaza awandulelayo athi “engageziswa yiwayini” abonisa ukuba uyakuphepha ukusebenzisa kakubi iziselo ezinxilisayo ngokufuthi okukhokelela kwiimbambano.) Ukuba ‘ngonengqiqo’ (okanye, “obhetyebhetye”), kungekhona uzwilakhe ekunzima ukumkholisa, akenzi izinto ezincinane zibe ziimbambano ezinkulu. (1 Korinte 9:12; Filipi 4:5; 1 Petros 2:18) Ekubeni umdala engalwi, okanye engathandi iingxabano, uyaziphepha iimbambano yaye ‘akaqumbi msinya.’—Tito 3:2; Yakobi 1:19, 20.
22. Kuboniswa ntoni ngesibakala sokuba umdala engamele abe ngowenza ukuzithandela kwakhe?
22 Engenzi ukuzithandela kwakhe. (Tito 1:7) Ngokoqobo, oku kuthetha ukuthi “engazikholisi.” (Thelekisa eyesi-2 kaPetros 2:10.) Umdala akamele abe ngozithembe ngokugqithiseleyo kodwa ufanele abe nembono yokuzithoba ngoko anokukwenza. Engacingi ukuba unokuzinyamekela izinto ngokulunge ngaphezu kwakhe nabani na ongomnye, ngokuzithoba wabelana nabanye ngembopheleleko yaye uyabaxabisa abacebisi abaninzi.—Numeri 11:26-29; IMizekeliso 11:14; Roma 12:3, 16.
23. (a) Ubuya kumchaza njani “umthandi wokulunga”? (b) Ukuba lilungisa kuthetha ntoni?
23 Umthandi wokulungileyo; ilungisa. (Tito 1:8) Ukuze ifaneleke njengomdala, indoda imele ithande okulungileyo ize ibe lilungisa. Umthandi wokulungileyo uthanda oko kulungileyo emehlweni kaYehova, wenza izenzo zobubele neziluncedo, yaye ubonisa uxabiso ngokulunga kwabanye. (Luka 6:35; thelekisa IZenzo 9:36, 39; 1 Timoti 5:9, 10.) Ukuba lilungisa kuthetha ukuzivisisana nemithetho nemilinganiselo kaThixo. Phakathi kwezinye izinto, indoda enjalo ayikhethi buso yaye engqondweni yayo igcina izinto ezibululungisa, ezinyulu, neziludumo olulungileyo. (Luka 1:6; Filipi 4:8, 9; Yakobi 2:1-9) Ekubeni ukulunga kwahlukile kubulungisa kuba kona kudlulela ngaphaya koko kufunwa kokusesikweni, umthandi wokulunga wenzela abanye okungakumbi kunoko kufuneka ebenzele kona.—Mateyu 20:4, 13-15; Roma 5:7.
24. Ukuba ngonyanisekileyo kufuna ntoni?
24 Enyanisekile. (Tito 1:8, NW) Indoda efanelekayo ukuba ngumdala izinikela ngokupheleleyo kuThixo yaye ithobela umthetho kaThixo, kungakhathaliseki ukuba ingqibelelo yayo ivavanywa njani na. Yenza oko uYehova akulindeleyo kuyo, yaye oku kuquka ukukhonza njengomvakalisi othembekileyo woBukumkani.—Mateyu 24:14; Luka 1:74, 75; IZenzo 5:29; 1 Tesalonika 2:10.
Ukufikelela Iimfaneleko
25. Ezi mfaneleko kusandul’ ukuxutyushwa ngazo zifuneka koobani, yaye zinokufikelelwa njani iimfaneleko ezinjalo?
25 Uninzi lweemfaneleko ekusandul’ ukuxutyushwa ngazo lubandakanya izinto ezifunekayo kulo ngalinye iNgqina likaYehova yaye zinokufikelelwa ngentsikelelo kaYehova kufundisiso, umgudu, unxulumano oluhle, nomthandazo wakhe ngamnye. Abathile basenokuzifikelela kakuhle ngakumbi ezinye iimfaneleko kunezinye. Kodwa ngomlinganiselo ofanelekileyo, izicaka zolungiselelo nabadala bamele bazifikelele zonke iimfaneleko zelungelo labo elikhethekileyo.
26. Kutheni le nto amadoda angamaKristu ezenza afumanekele imbopheleleko yebandla?
26 Onke amaNgqina kaYehova afanele afune ukwenza konke okusemandleni awo enkonzweni kaThixo. Lo moya ushukumisela amadoda angamaKristu ukuzenza afumanekele imbopheleleko yebandla. Ngaba uyindoda ezahluleleyo nebhaptiziweyo? Ukuba kunjalo, zabalazela amalungelo angakumbi ukuze wenze wonke umgudu wokufanelekela ukukhonza!
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona kwaneMboniselo, kaSeptemba 1, 1983, iphepha 27, ngaphantsi komxholwana othi “Uqhawulo-mtshato OlungokweZibhalo.”
Ubuya Kuphendula Njani?
◻ Kutheni ngoku kukho imfuneko enkulu yamadoda abhaptiziweyo ukuba amkele imbopheleleko yebandla?
◻ Ziziphi ezinye zeemfaneleko ezimele zifikelelwe zizicaka zolungiselelo?
◻ Ziziphi ezinye zeemfuneko abadala abamele bazifikelele?
◻ Kutheni umdala emele akwazi ukuyongamela kakuhle eyakhe indlu?
◻ Yintoni eshukumisela amadoda angamaKristu ukuzenza afumanekele imisebenzi yebandla?
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
Abadala nezicaka zolungiselelo bafanele bazongamele kakuhle izindlu zabo ngokwemigaqo yeBhayibhile