Imbono YomKristu Ngamagunya Awongamileyo
“Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya elingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.”—ROMA 13:1, “NW”.
1, 2. (a) Kwakutheni ukuze uPawulos abe libanjwa eRoma? (b) Kuphakamisa yiphi imibuzo ukubhena kukaPawulos kuKesare?
UMPOSTILE uPawulos wabhalela abaseRoma la mazwi angasentla malunga nowama-56 C.E. Kwiminyaka embalwa kamva, wazifumanisa elibanjwa eRoma. Kwakutheni? Wayehlaselwe lihlokondiba eYerusalem waza wahlangulwa ngamajoni aseRoma. Ekubeni wayethatyathelwe eKesareya, wajamelana nezityholo zobuxoki, kodwa wakwazi ukuzithethelela phambi koFelikis, irhuluneli yaseRoma. Enethemba lokunyotywa, uFelikis wamgcina entolongweni kangangeminyaka emibini. Ekugqibeleni, kwirhuluneli elandelayo, uFesto, uPawulos wafaka isibheno ukuze ityala lakhe lichotshelwe nguKesare.—IZenzo 21:27-32; 24:1–25:12.
2 Wayenelungelo lokwenjenjalo njengoko wayengummi waseRoma. Kodwa ngaba kwakufanelekile ngoPawulos ukuba abhene kwelo gunya longamileyo ngoxa uYesu wayebhekisele kuSathana ‘njengomphathi wokwenene weli hlabathi’ nasekubeni kwauPawulos ngokwakhe wayebize uSathana ngokuthi “uthixo weli phakade”? (Yohane 14:30; 2 Korinte 4:4) Okanye ngaba igunya laseRoma ‘lalikwisikhundla esithile esilinganiselweyo’ esenza kwaba kokufanelekileyo ngoPawulos ukukhangela kwelo gunya ukuze kukhuselwe amalungelo akhe? Enyanisweni, ngaba amazwi angaphambilana abapostile athi, “Simelwe kukuthi sive uThixo [njengomlawuli, NW] kunokuba sive abantu,” anika amaKristu imvume yokuthobela abalawuli abangabantu nanini na apho intobelo kuThixo ingabandakanyekanga?—IZenzo 5:29.
3. Yiyiphi imbono elungeleleneyo ayivelisayo uPawulos, ibe isazela sibandakanyeke njani koku?
3 UPawulos usinceda ukuba siyiphendule le mibuzo kwincwadi yakhe eya kwabaseRoma, athi kuyo avelise imbono elungeleleneyo ngolawulo lwabantu. KwabaseRoma 13:1-7, uPawulos uyenza icace indima yesazela somKristu ekulungelelaniseni intobelo epheleleyo kwiGunya Eliphakamileyo, uYehova uThixo, nentobelo elinganiselweyo ‘kumagunya awongamileyo.’
Ukufanisa Amagunya Awongamileyo
4. Yiyiphi imbono eyalungiswayo ngowe-1962, nto leyo ebangela ukuphakama kwayiphi imibuzo?
4 Kangangeminyaka ethile, de kwangowe-1962, amaNgqina kaYehova ayenembono yokuba igunya elongamileyo nguYehova uThixo noKristu Yesu. Noko ke, ngokuvisisana neMizekeliso 4:18, ukukhanya kwanda, yaza le mbono yalungiswa, nto leyo esenokuphakamisa imibuzo ezingqondweni zabathile. Ngaba ngoku sichanile ngokuthi la magunya ngookumkani, abongameli, iinkulumbuso, oosibonda beedolophu, oomantyi, nabanye abanegunya kwimicimbi yehlabathi neyezobupolitika nokuba simele ukuwalulamela ngendlela elinganiselweyo?
5. Kungayiphi indlela othi umongo weyabaseRoma 13:1 usincede sifanise amagunya awongamileyo, yaye iinguqulelo ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile ziyixhasa njani le ndlela siwafanisa ngayo?
5 UIrenaeus, umbhali wenkulungwane yesibini yeXesha Eliqhelekileyo, wathi ngokutsho kwabathile ngomhla wakhe, uPawulos kwabaseRoma 13:1 wayethetha “ebhekisela kumagunya ezithunywa zezulu [okanye] abalawuli abangabonakaliyo.” Noko ke, uIrenaeus yena wayewagqala amagunya awongamileyo “njengamagunya okoqobo abantu.” Umongo wamazwi kaPawulos ubonisa ukuba uIrenaeus wayechanile. Kwiindinyana zokugqibela zeyabaseRoma isahluko 12, uPawulos ucacisa indlela amaKristu afanele aziphathe ngayo phambi ‘kwabantu bonke,’ eziphatha ‘kwaneentshaba’ ngothando nangentlonelo. (Roma 12:17-21) Ngokucacileyo, ibinzana elithi “abantu bonke” lisebenza kubantu abangaphandle kwebandla lamaKristu. Ngoko “amagunya awongamileyo,” uPawulos ahlabela mgama exubusha ngawo, nawo amele ukuba angaphandle kwebandla lamaKristu. Ngokuvisisana noku, phawula indlela iinguqulelo ezahlukahlukeneyo eziyibhala ngayo inxalenye yokuqala yabaseRoma 13:1: “Wonke ubani umele awathobele amagunya aseburhulumenteni” (Today’s English Version); “wonke ubani umele awalulamele amagunya alawulayo” (New International Version); “wonke ubani ufanele awathobele amagunya elizwe.”—INew Testament in Modern English kaPhillips.
6. Amazwi kaPawulos angokuhlawulwa kweerhafu nonikelo abonisa njani ukuba amagunya awongamileyo amele ukuba ngamagunya ehlabathi?
6 UPawulos uhlabela mgama esithi la magunya afuna irhafu nonikelo. (Roma 13:6, 7) Ibandla lamaKristu alifuni rhafu okanye lunikelo; zingafunwa nanguYehova okanye uYesu okanye nangabo nabaphi na “abalawuli abangabonakaliyo.” (2 Korinte 9:7) Iirhafu zihlawulwa kuphela kumagunya ehlabathi. Ngokuvisisana noku, amagama esiGrike aguqulelwe ngokuthi “irhafu” kwakunye “nonikelo” asetyenziswe nguPawulos kwabaseRoma 13:7 abhekisela ngokukhethekileyo kwimali ehlawulwa kuRhulumente.a
7, 8. (a) Izibhalo eziliqela zivisisana njani nembono yokuba amaKristu afanele awalulamele amagunya ezobupolitika eli hlabathi? (b) Kunini kuphela apho umKristu enokuhambisana nemiyalelo ‘yegunya’?
7 Ngokubhekele phaya, isibongozo sikaPawulos sokuba kululanyelwe amagunya awongamileyo siyavisisana nomyalelo kaYesu wokunikela “izinto zikaKesare kuKesare,” apho “uKesare” amela igunya lehlabathi. (Mateyu 22:21) Kwakhona siyavumelana namazwi kaPawulos amva kuTito athi: “Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, baphulaphule abaphathi, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo.” (Tito 3:1) Ngenxa yoko, xa amaKristu eyalelwa ngoorhulumente ukuba abe nenxaxheba kwimisebenzi yasentlalweni, ahambisana ngokufanelekileyo noko lo gama nje loo misebenzi ingekokuthabathela indawo ngokulalanisayo inkonzo ethile engekho ngokweZibhalo okanye ngandlela ithile ingqubana nemigaqo engokweZibhalo, njengalowo ufumaneka kuIsaya 2:4.
8 KwanoPetros waqinisekisa ukuba sifanele siwalulamele amagunya eli hlabathi xa wathi: “Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo.” (1 Petros 2:13, 14) Ngokuvisisana noku, kwakhona amaKristu ebeya kusithobela isiluleko sikaPawulos kuTimoti esithi: “Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola.”b—1 Timoti 2:1, 2.
9. Kutheni kungaphunguli nto kuzuko lukaYehova ukubhekisela kumagunya abantu ‘njengawongamileyo’?
9 Ngokubiza amagunya ehlabathi ngokuthi “awongamileyo,” ngaba ngandlel’ ithile siphungula kuzuko olumele luye kuYehova? Nakanye, kuba uYehova ungaphezulu kunokuba ngowongamileyo nje. ‘UyiNkosi Engumongami,’ “Ophakamileyo.” (INdumiso 73:28, NW; Daniyeli 7:18, 22, 25, 27, NW; ISityhilelo 4:11, NW; ISi 6:10, NW) Ukuwalulamela ngokufanelekileyo amagunya abantu akuphunguli nangayiphi na indlela kunqulo lwethu lweGunya Eliphakamileyo, iNkosi enguMongami uYehova. Ngoko, ongame ukusa kuwuphi umlinganiselo la magunya? Kuphela ngokubhekisele kwabanye abantu nakwimimandla alawula kuyo. Anembopheleleko yokulawula nokukhusela abantu, yaye ukuze enze oku amisela imithetho engokusingathwa kwemicimbi yoluntu.
“Amiswe nguThixo Kwizikhundla Zawo Ezilinganiselweyo”
10. (a) Amazwi kaPawulos ‘angokumiswa’ kwamagunya awongamileyo angqina ntoni ngegunya likaYehova? (b) Yintoni aye wayivumela uYehova mayela ‘nokumiswa’ kwabalawuli abathile, ibe ngaloo ndlela baye bavavanywa njani abakhonzi bakhe?
10 Ukuphakama kukaYehova uThixo ngaphezu kwawo amagunya ehlabathi kubonwa kwisibakala sokuba la magunya “amiswe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo.” Noko ke, la mazwi aphakamisa umbuzo. Kwiminyaka ethile emva kokuba uPawulos ebhale la mazwi, umlawuli waseRoma uNero waqalisa iphulo lokutshutshisa ngogonyamelo amaKristu. Ngaba uThixo wayemmise ngokwakhe uNero kwisikhundla sakhe? Nakanye! Oku akuthethi ukuba mlawuli ngamnye ukhethwa nguThixo aze amiswe esikhundleni ‘ngeemfefe zikaThixo.’ Kunoko, ngamathuba athile uSathana usebenzisa iindlela ezichuliweyo ukuze amise abantu abakhohlakeleyo kwizikhundla zokuba ngabalawuli, yaye uYehova uyakuvumela oko, kunye novavanyo abalawuli abanjalo abaluzisayo kubakhonzi bakhe abagcina ingqibelelo.—Thelekisa uYobhi 2:2-10.
11, 12. Ziziphi iimeko ezibhaliweyo apho uYehova awathi ngokobuqu wamisa okanye washenxisa amagunya ehlabathi ezikhundleni?
11 Phofu ke, uYehova uye wangenelela ngokobuqu kwimeko yabalawuli okanye oorhulumente abathile ukuze aphumeze injongo yakhe ezukileyo. Ngokomzekelo, ngexesha lika-Abraham amaKanan avunyelwa ukuhlala kwilizwe lakwaKanan. Noko ke, kamva uYehova wawakhupha waza elo lizwe walinikela kwimbewu ka-Abraham. Ebudeni bokuphambukela kwamaSirayeli entlango, uYehova akazange awavumele ukuba alibhukuqe ilizwe lakwa-Amon, lakwaMowabhi, kwakunye neNtaba yakwaSehire. Kodwa wawayalela ukuba alitshabalalise ilizwe lakwaSihon nelakwaOgi.—Genesis 15:18-21; 24:37; Eksodus 34:11; Duteronomi 2:4, 5, 9, 19, 24; 3:1, 2.
12 Emva kokuba amaSirayeli ezinzile kwelakwaKanan, uYehova waqhubeka ebonakalisa umdla ongqalileyo kumagunya awayechaphazela abantu bakhe. Ngamanye amaxesha, xa amaSirayeli ayesona, uYehova wayewavumela ukuba abe ngaphantsi kolawulo lwabahedeni. Xa ayeguquka, wayelishenxisa elo gunya elizweni. (ABagwebi 2:11-23) Ekugqibeleni, wavumela uYuda, kunye nezinye iintlanga ezininzi, ukuba abe phantsi kolawulo lweBhabhiloni. (Isaya 14:28–19:17; 23:1-12; 39:5-7) Emva kokuba uSirayeli ethinjelwe eBhabhiloni, uYehova waxela kwangaphambili ukuvela nokuwa kwamagunya ehlabathi okwakuya kuchaphazela abantu bakhe ukususela kwiBhabhiloni ukuhla ukuza kuthi ga kumhla wethu.—Daniyeli, isahluko 2, 7, 8 nese-11.
13. (a) Ngokutsho kwengoma kaMoses, kwakutheni ukuze uYehova amisele imida yabantu? (b) Kutheni le nto kamva uThixo wabuyisela uSirayeli kwilizwe lakhe?
13 UMoses wacula ngoYehova wathi: “Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa, ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam, wayimisa imida yezizwe ngokwenani loonyana bakaSirayeli. Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe, uYakobi licandelo lelifa lakhe.” (Duteronomi 32:8, 9; thelekisa IZenzo 17:26.) Ewe, ukuze aphumeze iinjongo zakhe, apho uThixo wayalela ngamagunya awayeya kusala nangalawo ayeya kutshatyalaliswa. Ngale ndlela, wabela inzala ka-Abraham ilizwe ukuba ilidle ilifa waza kamva wayibuyisela kwelo lizwe, ukuze ekugqibeleni iMbewu ethenjisiweyo ivele apho, kanye njengoko kwakuprofetiwe.—Daniyeli 9:25, 26; Mika 5:2.
14. Ubukhulu becala, kungayiphi ingqiqo athi uYehova amise amagunya abantu kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo?
14 Noko ke, kwiimeko ezininzi uYehova umisa abalawuli kwizikhundla zabo ezilinganiselweyo ngengqiqo yokuba nguye ovumela abantu ukuba babekwizikhundla zegunya elilinganiselweyo phezu kwabanye kodwa elisoloko lingaphantsi kwelakhe. Ngaloo ndlela, xa uYesu wayemi phambi koPontiyo Pilato, wamxelela oku loo mlawuli: “Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu.” (Yohane 19:11) Oku kwakungathethi ukuba uPilato wayebekwe esikhundleni nguThixo uqobo, kodwa kwakuthetha ukuba igunya lakhe lokumisela ukuphila okanye ukufa kukaYesu wayenalo kuphela ngokuvunyelwa nguThixo.
“Uthixo Weli Phakade”
15. Kungayiphi indlela uSathana anegunya ngayo kweli hlabathi?
15 Noko ke, kuthekani ngamazwi eBhayibhile athi uSathana unguthixo, okanye umlawuli, weli hlabathi? (Yohane 12:31; 2 Korinte 4:4) Eneneni, kuthekani ngokuqhayisa kukaSathana kuYesu xa wabonisa uYesu zonke izikumkani zehlabathi waza wathi: “Bonke obu bukhosi . . . bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona.” (Luka 4:6) UYesu akazange akuphikise ukuqhayisa kukaSathana. Yaye amazwi kaSathana avisisana noko uPawulos kamva wakubhalela abase-Efese esithi: “Umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yoomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” (Efese 6:12) Ngaphezu koko, incwadi yeSityhilelo imfanisa uSathana njengenamba enkulu enikela kumfanekiso werhamncwa wenkqubo yehlabathi yezobupolitika “amandla ayo, netrone yayo, negunya elikhulu.”—ISityhilelo 13:2.
16. (a) Kunokubonwa njani ukuba igunya likaSathana lilinganiselwe? (b) Kutheni uYehova evumela ukuba uSathana abe negunya phakathi koluntu?
16 Noko ke, phawula ukuba amazwi kaSathana kuYesu athi, “Bonke obu bukhosi . . . bunikelwe kum,” abonisa ukuba naye unegunya kuphela kuba evunyelwe ukuba abe nalo. Kutheni uThixo enikela ngeli gunya? Ukusebenza kukaSathana njengomlawuli wehlabathi kwaqala emva phayaa e-Eden xa wathi ngokuphandle watyhola uThixo ngokuxoka nangokulusebenzisa kakubi ulongamo Lwakhe. (Genesis 3:1-6) UAdam noEva balandela uSathana baza abamthobela uYehova uThixo. Esebenzisa okusesikweni ngokupheleleyo, uYehova ngalo elo xesha ngewayemtshabalalisile uSathana kwakunye nabalandeli bakhe ababini awayesandul’ ukubazuza. (Genesis 2:16, 17) Kodwa eneneni amazwi kaSathana ayelucelomngeni lobuqu kuYehova. Ngoko uThixo ngobulumko bakhe wamvumela uSathana ukuba aphile okwethutyana, ibe uAdam noEva bavunyelwa ukuba babe nabantwana ngaphambi kokuba bafe. Ngale ndlela, uThixo wavumela ixesha nethuba lokuba bubonakaliswe ubuxoki bocelomngeni lukaSathana.—Genesis 3:15-19.
17, 18. (a) Kutheni sinokuthi uSathana unguthixo weli hlabathi? (b) Kungayiphi indlela esinokuthi “akukho gunya” kweli hlabathi “lingelilo elivela kuThixo”?
17 Iziganeko ukususela e-Eden ziye zabonisa ukuba izityholo zikaSathana zazibubuxoki ngokupheleleyo. Inzala ka-Adam ayifumananga lonwabo ngaphantsi kolawulo lukaSathana okanye ngaphantsi kolawulo lomntu. (INtshumayeli 8:9) Kwelinye icala, iinkqubano zikaThixo nabantu bakhe ziye zabonisa ukongama kolawulo lobuthixo. (Isaya 33:22) Kodwa ekubeni inkoliso yenzala ka-Adam ingalwamkeli ulongamo lukaYehova, enoba iyazi okanye ayazi ikhonza uSathana njengothixo wayo.—INdumiso 14:1; 1 Yohane 5:19.
18 Kungekudala, iimbambano ezaphakanyiswa e-Eden ziza kuzinziswa. UBukumkani bukaThixo buza kuluthabathela kubo ngokupheleleyo ulawulo lwemicimbi yoluntu, yaye uSathana uza kuphoswa enzonzobileni. (Isaya 11:1-5; ISityhilelo 20:1-6) Noko ke, okwangoku kuye kwafuneka uhlobo oluthile lwelungiselelo phakathi kwabantu ukuze kube yinto enokwenzeka ukuphila ubomi obulungelelanisiweyo. UYehova “uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo.” (1 Korinte 14:33) Ngenxa yoko, uye wavumela ukuba kubekho amagunya phakathi kwabantu abazalelwa ngaphandle kwe-Eden, yaye uye wavumela abantu ukuba babe negunya kweli lungiselelo. Ngale ndlela “akukho gunya lingelilo elivela kuThixo.”
Amagunya Anobuntu
19. Ngaba bonke abalawuli abangabantu bangaphantsi kolawulo lukaSathana ngokuthe ngqo?
19 Ukususela e-Eden, uSathana uye wanenkululeko ebanzi phakathi koluntu, yaye uye wayisebenzisa le nkululeko ekwalathiseni iziganeko emhlabeni, ngokuvisisana noko waqhayisa ngako kuYesu. (Yobhi 1:7; Mateyu 4:1-10) Noko ke, oku akuthethi ukuba bonke abalawuli kweli hlabathi bazithoba ngokungqalileyo ngaphantsi kolawulo lukaSathana. Abathile—njengoNero ngenkulungwane yokuqala noAdolf Hitler kweyethu—baye babonakalisa umoya wobusathana wokwenene. Kodwa abanye abenzanga njalo. USergiyo Pawulos, ibamba laseSipro, ‘wayeyindoda enokuqonda eyanxanelwa ukuva ilizwi likaThixo.’ (IZenzo 13:7) UGaliyo, ibamba kwelaseAkaya, wala ukuphenjelelwa ngamaYuda awayetyhola uPawulos. (IZenzo 18:12-17) Abanye abalawuli abaninzi baye ngendlela ebekekileyo balawula ngendlela ethe tye.—Thelekisa eyabaseRoma 2:15.
20, 21. Ziziphi iziganeko kule nkulungwane yama-20 ezibonisa ukuba abalawuli abangabantu abasoloko besenza ukuthanda kukaSathana?
20 Incwadi yeSityhilelo yaxela kwangaphambili ukuba “ngemini eyeyeNkosi,” eyaqala ngowe-1914, uYehova wayeya kude asebenzise amagunya abantu ekuphuthiseni iinjongo zikaSathana. ISityhilelo sichaza ngomlambo ofuzisela intshutshiso, eziswa nguSathana nxamnye namaKristu athanjisiweyo, owawuya kuthi uginywe “ngumhlaba.” (ISityhilelo 1:10; 12:16) Amalungu athile ‘omhlaba,’ ibutho labantu elikhoyo ngoku emhlabeni, ayeya kubakhusela abantu bakaYehova kwintshutshiso kaSathana.
21 Ngaba oku kuye kwenzeka ngokwenene? Ewe kuye kwenzeka. Ngokomzekelo, ngeminyaka yee-1930 neyee-1940 amaNgqina kaYehova aseUnited States ayephantsi kwengcinezelo enkulu, esiba ngamaxhoba okuhlaselwa ngamahlokondiba nokubanjwa ngokufuthi ngokungekho sikweni. Afumana ukukhululeka xa iNkundla Ephakamileyo yaseUnited States yawisa imimiselo eliqela echaza ukuba semthethweni komsebenzi wawo. Nakwezinye iindawo, amagunya aye abanceda abantu bakaThixo. Kwiminyaka engama-40 eyadlulayo eIreland, ihlokondiba lamaRoma Katolika lahlasela amaNgqina amabini kwisixeko saseCork. Ipolisa lasekuhlaleni leza kunceda la maNgqina, yaye inkundla yasemthethweni yabohlwaya abo bahlaseli. Kunyaka nje ophelileyo eFiji, kwintlanganiso yeenkosi ezinkulu kwakhutshwa isindululo sokuba kuvalwe umsebenzi wamaNgqina kaYehova. Enye yeenkosi yawathethelela ngenkalipho amaNgqina kaYehova, yaye eso sindululo satshitshiswa ngokulula.
22. Yiyiphi imibuzo eza kuxutyushwa ngokulandelayo?
22 Hayi, amagunya ehlabathi awasoloko ephumeza iinjongo zikaSathana. AmaKristu anokuwalulamela amagunya awongamileyo ngaphandle kokuba alulamele uSathana ngokwakhe. Eneneni, aya kuwalulamela la magunya logama nje uThixo esawavumele amagunya ukuba abekho. Noko ke, kuthetha ukuthini ukuwalulamela okunjalo? Yaye amaKristu anokulindela ntoni njengembuyekezo kumagunya awongamileyo? Le mibuzo iza kuxutyushwa kumanqaku afundisiswayo aqala kwiphepha 18 nelama-23 kweli phephancwadi.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngokomzekelo, bona ukusetyenziswa kwegama “irhafu” (phoʹros) kuLuka 20:22. Bona kwanokusetyenziswa kwegama lesiGrike elithi teʹlos, apha eliguqulelwe ngokuthi “unikelo,” kuMateyu 17:25, apho liguqulelwe ngokuthi “umnikelo.”
b Isibizo sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “abasekongameni,” hy·pe·ro·kheʹ, sinxulumene nesenzi esithi hy·pe·reʹkho. Igama elithi “awongamileyo” kwelithi “amagunya awongamileyo” lisuka kwakwesi senzi sinye sesiGrike, nto leyo eyongezelela kubungqina bokuba amagunya awongamileyo ngamagunya ehlabathi. Ukuguqulelwa kwabaseRoma 13:1 kwiThe New English Bible ngokuthi, “Bonke abantu bamele bazithobe kumagunya aphakamileyo,” akuchananga. Abantu “abasekongameni” abaphakamanga. Nangona besenokuba bongamile kunabanye abantu.
Ubuya Kuphendula Njani?
◻ Angoobani amagunya awongamileyo?
◻ Sinokutsho njani ukuba “akukho gunya lingelilo elivela kuThixo”?
◻ Kutheni uYehova evumela ukuba ihlabathi libe phantsi kwegunya likaSathana?
◻ Kungayiphi indlela athi uThixo amise amagunya abantu “kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo”?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Emva kokutshiswa kweRoma, uNero wabonakalisa owokwenene umoya wobusathana
[Umfanekiso okwiphepha 15]
USergiyo Pawulos, ibamba laseSipro, wayenxanelwe ukuva ilizwi likaThixo