Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ukusuka KuPilato Ukuya KuHerode Nokubuyela Kuye
XA AMAYUDA emangalela uYesu ngokuthi ungukumkani, uPilato ungena kwakhona kwibhotwe lerhuluneli ukuze amncine. Nangona uYesu engazami kuzifihla ukuba ungukumkani, ucacisa ukuba uBukumkani bakhe abusosisongelo kwiRoma.
UYesu uxelela uPilato oku, “Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.” Ngaloo ndlela uYesu uvuma kathathu ukuba unabo uBukumkani, nangona ingebubo obeli hlabathi.
Sekunjalo, uPilato uhlabela mgama embuza: “Hina ke, ungukumkani na wena?” Okuthetha ukuba, ungukumkani nakubeni uBukumkani bakhe ingebubo obeli hlabathi.
UYesu uyamazisa uPilato ukuba ufikelele kwisigqibo esilungileyo, ephendula esithi: “Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam.”
Ewe, ubukho bukaYesu emhlabeni kukungqinela ‘inyaniso,’ ingakumbi inyaniso engoBukumkani bakhe. UYesu ukulungele ukuthembeka kuloo nyaniso kwanokuba inokumphulukanisa nobomi bakhe. Nangona uPilato ebuza ukuba: “Yintoni na yona inyaniso?” akalindi ngcaciso ibhekele phaya. Uve ngokwaneleyo ukuba angadlulisela isigwebo.
UPilato ubuyela kwisihlwele esilinde ngaphandle kwebhotwe. Ngokucacileyo uYesu esecaleni lakhe, uxelela ababingeleli abakhulu nabo bakunye nabo oku: “Andifumani tyala kulo mntu.”
Zicatshukiswe sesi sigqibo izihlwele ziqalisa ukunkqangaza zisithi: “Uxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.”
Impambano engekho ngqiqweni yamaYuda imele ukuba iyamothusa uPilato. Ngoko, njengoko ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu beqhubeka bekhwaza, uPilato uphethukela kuYesu aze abuze athi: “Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?” Sekunjalo, uYesu akenzi nzame yakuphendula. Ukuzola kwakhe phezu kwazo nje izityholo ezibukhali kuyammangalisa uPilato.
Akuba evile ukuba uYesu ungummi waseGalili, uPilato ubona indlela yokuzikhulula kuye. Umlawuli waseGalili, uHerode Antipas (unyana kaHerode Omkhulu), ukwiPasika eYerusalem, ngoko uPilato uthumela uYesu kuye. Ngaphambili, uHerode Antipas wayalela ukuba uYohane uMbhaptizi anqunyulwe intloko, waza ke uHerode woyika akuva ngemisebenzi engummangaliso uYesu awayeyenza, esoyika ukuba uYesu eneneni wayenguYohane ovuswe kwabafileyo.
Ngoku, uHerode uvuyiswa kakhulu lithemba lokubona uYesu. Oku akungenxa yokuba exhalabele ukulungelwa kukaYesu okanye kuba efuna ukwenza nayiphi na imigudu yokwenene yokufumanisa enoba ezi zityholo nxamnye naye ziyinyaniso okanye akunjalo kusini na. Kunoko, unomdla nje wokwazi yaye unethemba lokubona uYesu esenza ummangaliso.
Noko ke, uYesu uyala ukwanelisa ukufun’ ukwazi kukaHerode. Enyanisweni, njengoko uHerode embuza, akakhuphi nelimdaka. Edanile, uHerode nabalindi bakhe abangamajoni bamenza intlekisa uYesu. Bamnxibisa ingubo eqaqambileyo baze bamgculele. Bandula ke bambuyisele kuPilato. Ngenxa yoko, uHerode noPilato, abebefudula beziintshaba, baba ngabahlobo abakhulu.
Xa uYesu ebuya, uPilato ubizela ndawonye ababingeleli abakhulu, abalawuli bamaYuda nabantu aze athi: “Nizise kum lo mntu, ngathi ngophambukisa abantu; niyabona ke, ndimncinile mna emehlweni enu, andafumana tyala kulo mntu, kwezo zinto nimmangalele ngazo; kwanoHerode, kuba ndinithumela kuye. Nanku ke kungekho nto ifanelwe kukufa, yenziwe nguye. Ndothi ke ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.”
Ngaloo ndlela, uPilato uye wamvakalisa kabini uYesu emsulwa. Ungxamele ukumkhulula, kuba uyaqonda ukuba kungenxa yomona kuphela le nto ababingeleli abakhulu beye bamnikela. Kodwa njengoko uPilato esenza umzamo ongakumbi wokukhulula uYesu, ufumana olunye ukhuthazo olunamandla lokwenjenjalo. Ngoxa ekwisihlalo sakhe sokugweba, umfazi wakhe uthumela isigidimi, embongoza esithi: “Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni [ngokucacileyo elivela kuThixo], ngenxa yakhe.”
Kanti uPilato unokumkhulula njani lo mntu ungenatyala, njengoko esazi ukuba ufanele amkhulule? Yohane 18:36-38; Luka 23:4-16; Mateyu 27:12-14, 18, 19; 14:1, 2; Marko 15:2-5.
◆ UYesu uwuphendula njani umbuzo omalunga nokuba ngukumkani kwakhe?
◆ Yiyiphi “inyaniso” uYesu awachitha ubomi bakhe basemhlabeni eyingqinela?
◆ Siyintoni isigwebo sikaPilato, basabela njani abantu, yaye yintoni uPilato ayenzayo ngoYesu?
◆ Ngubani uHerode Antipas, kutheni evuyiswa kakhulu kukubona uYesu, yaye wenza ntoni ngaye?
◆ Kutheni uPilato engxamele ukukhulula uYesu?