Intetho Enyulu Imanyanisa Isihlwele Esikhulu Sabanquli
INTETHO enyulu esiyinikwa nguThixo ingamandla okumanyanisa amaKristu. Ubungqina boko babonakala kubo bonke ababekho kwindibano yamaNgqina kaYehova eyayiseNtshona Berlin ukususela ngoLwesibini ukusa ngoLwesihlanu, ngoJulayi 24 ukusa-27, 1990, ekubeni kuyo kwakukho amaNgqina awayevela kumazwe angama-64 awahlukahlukeneyo.
Xa kwakuqhutywa iiNdibano Zesithili “Zokuhlonela UThixo” ePoland ebudeni behlobo lowe-1989, amawaka eendwendwe ezazikho ayevela eRashiya naseCzechoslovakia, kodwa yayingamakhulu ambalwa kuphela awayevela eMpuma Jamani. Hayi indlela imekobume yehlabathi yezobupolitika eguquke ngayo ukususela ngoko! Ngesi sihlandlo, iindwendwe ezimalunga nama-30 000 ezivela eMpuma Jamani zazihlanganisene namaNgqina eOlympia Stadium eNtshona Berlin. Le ndibano yayifana nezinye ezingamakhulukhulu ezaqhutyelwa kweminye imimandla yehlabathi, ngokuqhelekileyo ngoLwesine ukusa ngeCawa.
Kwintetho yakhe yolwamkelo ngoLwesibini, usihlalo wenza amagqabantshintshi ngendima iindibano ebezinayo ukususela ngowe-1919 ekuncedeni amaNgqina kaYehova ukuba enze inkqubela ekuthetheni intetho enyulu. Ngokufanayo le ndibano yayiza kunceda bonke ababekho ukuba baphucule ubuchule babo bokuthetha intetho enyulu nokuphila ngokuvisisana nayo. Wakhumbuza ababekho ukuba kwanendlela abazilungisa ngayo nehambo yabo, ibonakalisa inkqubela abayenzileyo abantu bakaYehova ekuthetheni intetho enyulu.
“Intetho Enyulu Yazo Zonke Iintlanga”
Ngokufanelekileyo, intetho engumxholo yendibano yabalaselisa umxholo ongasentla. Yayisekelwe kuZefaniya 3:9, apho uThixo wathembisa oku: “Kuba ngelo xesha ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonke ziphela, zimkhonze ngaxhatha linye.” Intetho enyulu iquka ukuyiqonda ngokuchanileyo nokuyixabisa inyaniso engoThixo neenjongo zakhe. NguYehova kuphela onokukwenza oku ngomoya wakhe oyingcwele. Uthando ngenyaniso lumele lube yintshukumisa yokufunda intetho enyulu, engenako konke ukungacoceki ngokokuziphatha.
Ngaphezu koko, ukuthetha intetho enyulu akungombandela nje wokusebenzisa isigama esithile. Kunoko, indlela yethu yokuphila imele ivisisane noko sikuthethayo. Enyanisweni, imvakalo yelizwi, inkangeleko yobuso nezimbo zomzimba zethu kwanazo zibalulekile, kuba zibonakalisa oko sikuko ngaphakathi. Ukuze siqhubeke siyithetha intetho enyulu eyandayo, simele sibe nocwangciso lofundisiso oluthe rhoqo size siye rhoqo kuzo zonke iintlanganiso zebandla.
Ukufunda Intetho Enyulu
Njengoko intetho yasemva kwemini ngoLwesbini yagxininisayo, ukufunda intetho enyulu kuthetha “Ukusuka Kwelengqalo Ukusa Ekukhuleni.” Inkqubela phambili ibalulekile ukuba siza kuqhubeka sikhula ngokomoya. Oko kuthetha ukusebenzisa onke amalungiselelo akhoyo ukuze siqhubele phambili ngokomoya nokuze sisebenzise imigaqo yeBhayibhile imihla ngemihla.
Ukuze sibe ngabayithetha ngobuchule intetho enyulu, sifuna “Ukufundiswa NguYehova,” lowo yayingumxholo wongcelele lweentetho kusasa ngoLwesine. Isithethi sokuqala sabonisa indlela oku ‘Okwabonakala Ngayo Kumzekelo KaYesu Kristu.’ Isibakala sokuba uYesu wafundiswa nguYehova sabonakala kumazwi nakwizenzo zakhe. Ngoko sifuna ukuxelisa indlela awafundisa ngayo. Yaye njengoko uYesu wayesoloko ethobela ukuthanda kukaYise, ngoko nathi simele senjenjalo.
Izithethi ezithathu ezilandelayo zabonisa indlela uYehova afundisa ngayo ngeentlanganiso neendibano. Siyangenelwa kuzo zonke iintlanganiso ezintlanu zebandla ibe asifanele sityeshele nanye kuzo. Ntlanganiso nganye ibalulekile kwinkqubela phambili yethu engokomoya. Kwakhona uYehova usifundisa ngeendibano zethu zesiphaluka, iindibano zesithili nocwangciso lweendibano ezikhethekileyo zosuku. Ukuze singenelwe kuzo zonke ezi, simele siphulaphule ngenyameko size sikusebenzise oko sikufundayo.
Olu ngcelele lweentetho lwalandelwa yintetho ethi “Ukuzincama Ukwenzela Ufundisiso Lobuqu.” Ukuze sibe nexesha lokulwenza, simele sithobele isiluleko esikwabase-Efese 5:15, 16 sokuzongela ixesha ngokuncama izinto ezingabalulekanga kangako.
Usukelo olusengqiqweni lokufunda kwethu intetho enyulu lukukuzahlulela nokubhaptizwa. Le nyaniso yabalaseliswa kwintetho ethi “Ubhaptizo Lwabo Bafunda Intetho Enyulu.” Le ntetho ikhokelela abaninzi ekubeni bazahlulele baze babhaptizwe. Noko ke, emva koko ubani umele aqhubeke elandela umzekelo kaYesu ngokushumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo, esambatha ubuntu obutsha, yaye ezigcina ahlukile ehlabathini.
Ukudla Okuqinileyo Kokomoya
Kwakhona ababeze endibanweni bavuyela ukufumana ukudla okuqinileyo kokomoya okwakusekelwe ekuzalisekeni kweziprofeto. Ngemva kwemini yangoLwesine, iintetho ezimbini zazisekelwe kwimixholo eyayithatyathwe kwisiprofeto sikaHezekile. Eyokuqala eyayisithi, “Inqwelo Yokulwa KaYehova Yasezulwini Iyahamba,” yachaza isithuthi sasezulwini esikhwankqisayo, esizukileyo, esoyikekayo nesihamba ngesantya esiphakame gqitha. Ifanekisela intlangano kaYehova yasezulwini, uYehova ayikhwele ngengqiqo yokuba eyalathisa ngokunothando kuko konke ekwenzayo, ibe eyisebenzisa ukufeza iinjongo zakhe. UHezekile ufanekisela intsalela ethanjiswe ngokomoya, ngokukodwa ukususela ngowe-1919. Ingakumbi ukususela ngowe-1935 iye yathelelwa ‘sisihlwele esikhulu.’—ISityhilelo 7:9.
Intetho elandelayo yayinomxholo othi “Hambisana Nesantya Sentlangano Ebonakalayo.” Alithandabuzeki elokuba intlangano kaThixo ebonakalayo ihamba ngesantya esilinganayo nentlangano yakhe yasezulwini enjengenqwelo yokulwa. Njengoko wenzayo uHezekile, abakhonzi bakaYehova namhlanje bamele baphumeze uthumo lwabo olubuprofeti phezu kwako nje ukuchaswa, ukungcikivwa kwanokutshutshiswa. Ukuhamba ngesantya esilingana nesale nqwelo kukhokelela kwiintsikelelo ezininzi ngoku nakubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha elisondela ngokukhawuleza likaThixo.
Kusasa ngoLwesihlanu, kwakhona kwadluliselwa ukudla kokomoya okuqinileyo ngeentetho ezintathu ezazisekelwe kuIsaya isahluko sama-28. Eyokuqala yezi yabonisa ngamazwi angacengi solalaphi ukuba amanxila okomoya kaSirayeli nakaYuda wamandulo ayefanekisela amanxila okomoya eNgqobhoko. The njengokuba lawo amandulo afumana imigwebo eqatha kaYehova, kuya kuba njalo nangalawo eNgqobhoko.
Intetho eyalandelayo, eyayinomxholo othi “Ihlathi Labo—Lelobuxoki!,” yayinesilumkiso esibukhali esithi: Njengokuba ukuthembela kukaYuda wamandulo kwiYiputa kwangqineka kulihlathi lobuxoki, kuya kuba njalo nangolwalamano olukhoyo phakathi kweNgqobhoko namagunya ezobupolitika omhla wethu. Intetho yesithathu kuIsaya 28, eyayisithi ” (Qhubeka Ulumkisa Ngomsebenzi Ongaqhelekanga KaYehova,” yayibhekiselwe kubantu bakaThixo. Oko uYehova aya kukwenza kwiNgqobhoko ngokufanelekileyo kubizwa njengokungaqhelekanga, kuba kuya kuyifikela ingalindelanga ngokupheleleyo. Namhlanje, uYehova usisithsaba sozuko kwiqaqobana lamaKristu athanjisiweyo ‘nakwezinye izimvu’ ezingaphezu kwezigidi ezine. (Yohane 10:16) Isithethi saqukumbela ngala mazwi achukumisayo: “Ngamana inzondelelo, uzimiselo nokunyaniseka kwethu kungafak’ isandla ekudumiseni ngonaphakade uThixo wethu ongusomandla, uYehova!”
Ukuthetha Intetho Enyulu Kuthetha Ukubonakalisa Uthando Lobuzalwana
Ngemva kwemini ngoLwesithathu ababeze endibanweni benziwa bacacelwa kukuba ukuthetha intetho enyulu kukwathetha nokuthi “Nyamekela Iinkedama Nabahlolokazi Kwimbandezelo Yabo.” Abantwana abangenabazali banokuncedwa ngokufumana uqeqesho lobuqu. Sinokubonakalisa ulwazelelelo ngabahlolokazi ngamazwi obubele okubakhuthaza, ngokubaquka kwimisebenzi nakwiimbutho zobuKristu, nangokubanceda ngezinto eziphathekayo ukuba bayalufanelekela yaye balufuna ngokwenene. Udliwano-ndlebe lwabonisa indlela ezi zinto ezenziwa ngayo.
Emva kwemini ngoLwesine, enye intetho echukumisayo yabonisa “Indlela Anyamekelana Ngayo AmaKristu.” AmaNgqina kaYehova anengxelo entle yokunyamekelana, ingakumbi xa kusihla iintlekele ezinjengezitshingitshane neenyikima, xa kufuneka kubhalelwe amagosa karhulumente, okanye xa kukho iintswelo zasekuhlaleni. Kodwa xa kuphakama iingxaki ngenxa yokungafezeki kobuntu, sifanele sisebenzise imigaqo ebandakanyekileyo kwisiluleko sikaYesu esikuMateyu 5:23, 24 nesikwese-18:15-17. Ingakumbi xa kufikelelwa kwimicimbi yezoshishino phakathi kwabazalwana kukho imfuneko yokuba kuhlonelwane nokuba kuboniswe inkxalabo ukuze kungabikho uxhaphaza ulwalamano lokomoya enoba ngumqeshi okanye ngumqeshwa.
Ukuthetha Intetho Enyulu Kuthetha Ukulinda Ihambo Yethu
Imfuneko yokulinda ihambo yethu yagxininiswa ngokuphindaphindiweyo. Ngenxa yoko, isithethi sokuqala ngemva kwemini ngoLwesibini sathetha ngomxholo othi “Ukuva Nokugcina ILizwi LikaThixo.” Sabonisa ukuba kwakukho izizathu ezibini eziyintloko zokuza kwethu kwiindibano: Ukuzondla ngolwazi oluchanileyo nokushukunyiselwa ukwenza izinto ngokuvisisana nolo lwazi.
Intetho yokuqala kusasa ngoLwesithathu yaphakamisa umbuzo ogocagocayo othi “UKristu ‘Wakuthiya Ukuchas’ Umthetho’—Ngaba Wena Unjalo?” Ukuthanda ubulungisa akwanele. Sikwamele sikuthiye ukuchas’ umthetho ukuze sibe nesazela esilungileyo, silondoloze ulwalamano oluhle noYehova, ukuze sikuphephe ukuzisa ugculelo kwigama lakhe, nokuze sikuphephe ukuvuna iziqhamo zokuchas’ umthetho—ukonakala nokufa.
Intetho elandelayo yayinxibelelene ngokusondeleyo naloo mxholo, yayisithi “Zichase Iingcamango Ezingento Zehlabathi, Sukela Izinto Eziyinene ZoBukumkani.” USathana, uEva, nezithunywa zezulu ezinesono bonke basukela iingcamango ezingento ezakhokelela ekubeni babe baza kutshatyalaliswa. Iingcamango ezingento zehlabathi, eziquka ukusoloko ucinga ngezinto eziphathekayo okanye ukuba nolwalamano olungekho mthethweni, kuphumela kunxunguphalo kungenjalo kwisono esinzulu. Ukuze siziphephe ezi ngcamango zingento, simele sisukele izinto eziyinene zoBukumkani ngofundisiso, umthandazo, nokubakho kwiintlanganiso nakubulungiseleli basesidlangalaleni.
Ukuze siphile ubomi obuthe tye bobuKristu, sikwafanele sithobele isiluleko esanikelwa emva kwemini ngoLwesithathu kwintetho ethi “MaKristu—Philani Ngokuvisisana Nemali Eniyifumanayo.” Ukusilela ukwenza oku ngokuqinisekileyo kuya kuba nemiphumo eyingozi ngokwenyama nangokomoya. Ikhondo lobulumko likukuyilawula iminqweno kabani yenyama ngokungangeni ematyaleni ngokungeyomfuneko nangokuceba uqingqo-mali olusengqiqweni uze ubambelele kulo. Ngamaxesha onke sifanele sihlakulele ikhondo lokuhlonel’ uThixo. Kundawonye nokwanela, oku kukokwenzuzo enkulu.—1 Timoti 6:6-8.
Imbaluleka yokuluphaphela unxulumano lwethu yabalaseliswa kwintetho yangoLwesibini ethi “Ngaba Abahlobo Bakho Bangabahlobo BakaYehova?” Abahlobo bethu bafanele babe ngamaKristu aye ambatha ubuntu obunjengobukaKristu nanenzondelelo kumsebenzi wokushumayela. Izinxulumani zehlabathi azingobahlobo bakaThixo, ibe asinakunxulumana nazo size singazenzakalisi. Kwanangaphakathi ebandleni, simele sizikhethe ngenyameko izinxulumani zethu ukuba ziza kuba zezakhayo ngokwenene.
Esi siluleko esandulelayo siphathelele ihambo sabalaseliswa ngumdlalo wezi mini. Wawunomxholo othi “Ukumelana Namaqhinga KaMtyholi.
Isiluleko Sentetho Enyulu Kwiintsapho
Intetho eyafika ngexesha elifanelekileyo yayingoLwesithathu neyayisithi “Bazali—Phumezani Iimbopheleleko Zenu!” Abazali bamele bakwazi ukuthanda kukaThixo ibe bakwenze ngamandla abo onke. Bakwamele babethelele iLizwi likaThixo kubantwana babo. Ngaphezu koko, ukuya nabantwana kwiintlanganiso zamaKristu nakubulungiseleli basentsimini akwanelanga. Bamele bafundiswe ukumthanda uYehova nokuba babone ubulumko bokwenza izinto ezibonisa ukuhlonela uThixo.
Kwalandela ungcelele lweentetho olunomxholo othi “Intsapho Kumhla Wethu.” Isithethi sokuqala sabonisa ukuba intsapho ililungiselelo likaThixo. Oobawo bamele badlulisele ulwazi oluchanileyo ngezinto zokomoya. Oomama bamele babe ngabalungisi bamakhaya abafanelekileyo, yaye abantwana bamele babonise intlonelo ngoYehova ngokusebenzisana nabazali babo.
Isithethi esilandelayo sabonisa ukuba intsapho “Iyahlaselwa Ziintshaba.” Iingcinezelo ezingokoqoqosho ziyayihlasela. Iindawo esisebenza kuzo zizele zizilingo zokwenza ububi, yaye oko kupapashwayo kukhuthaza ugonyamelo, isini esingekho mthethweni nokukhuthaza ukuthanda izinto eziphathekayo. Bamele baqalise ukufundiswa besebancinane, ibe kufuneka inkuthalo enkulu ukuze koyiswe iimpembelelo zehlabathi. Izixhobo zolawulo lobuthixo ezilungiselelwe yiWatch Tower Society zimele zisetyenziswe kakuhle.
Intetho elandelayo, eyayithetha ‘Ngokusindela Kwentsapho Kwihlabathi Elitsha,’ yayibalaselisa ngokungakumbi imbopheleleko enzulu abazali abanayo. Kumele kwenziwe umgudu onyaniseke ngokugqithiseleyo wokuqeqesha abantwana. Kwanikelwa isiluleko esihle mayela nezifundo zeBhayibhile zentsapho noko kumele kufundisiswe, konke oku ngenjongo yokufikelela iintliziyo zabantwana. Kungoko kuphela abanokuthi abazali nabantwana babe nethemba lokusindela kwihlabathi elitsha njengentsapho.
Intetho ethi “Ukuhlangabezana Neemeko Ezikwikhaya Elahluleleneyo” yanikela isiluleko esihle ngemeko yentsapho amaNgqina amaninzi azifumana ekuyo. Abajongene neemeko ezinjalo balulekwa ukuba bangaze balahle ithemba lokuba lowo ungakholwayo kusenokwenzeka ukuba ngaminazana ithile akholwe. Chitha ixesha neqabane elingakholwayo uze uqinisekise ukuba wenza konke oko kulindelekileyo kwiqabane elingumKristu. Unokufumana uncedo kubadala okanye mhlawumbi kwabanye abakwiintsapho ezahluleleneyo.
Ukuthetha Intetho Enyulu Kwabanye
Ngokufanelekileyo, kwanikelwa ingqalelo enkulu ekusebenziseni kwethu amathuba ukuba sifundise abanye intetho enyulu. Ngaloo ndlela, kusasa ngoLwesithathu ababeze endibanweni baphulaphula intetho ethi “Lisebenzise Ngobulumko Ixesha Lakho Elixabisekileyo.” Ukuze senze oko simele sazi izinto eziza kuqala, ngokuvisisana noMateyu 6:33, othi: “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe.” Oko kubandakanya ukubekela bucala ixesha lofundisiso lobuqu lweBhayibhile, ukuya kuzo zonke iintlanganiso, nokuya rhoqo kwinkonzo yasentsimini. Oku kufuna ukuba siziqwebele ixesha kwizinto zolonwabo ezingabalulekanga kangako. Udliwano-ndlebe nabambalwa lwabonisa indlela abathile abakwenza ngayo oku.
Simele singaze silibale ukuba singamaNgqina kaYehova. Ngemva kwemini ngoLwesine, iqela lemiboniso layibalaselisa loo ngongoma ngaphantsi komxholo othi “Hlalani Nithetha Intetho Enyulu Ngamaxesha Onke.” Le miboniso yabonisa indlela oku okunokwenziwa ngayo xa kunikelwa ubungqina esitratweni, kubungqina obungacwangciswanga nangokusetyenziswa komnxeba. Uthando lokungazingci ngoYehova uThixo nangommelwane luya kusishukumisela ukuba sithethe intetho enyulu ngamaxesha onke.
Intetho elandelayo eyayisithi, “Iintsikelelo Ezilindele Abo Bangarhoxobisiyo,” yayinxibelelene ngokusondeleyo nalo mxholo. Kukho umahluko omkhulu gqitha phakathi kweNgqobhoko nentlangano yazwenibanzi yamaNgqina kaYehova efundisayo. Thina ngokwabantu ngabanye, simele sizixhathise zonke iingcinezelo, njengokuchaswa ngabasemagunyeni, ukungakhathali okwandileyo neengxaki ezingokoqoqosho. Imiboniso esekelwe kwincwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo yabonisa indlela ezinokoyiswa ngayo ezi ngcinezelo.
Kwakhona umdlalo weBhayibhile othi Ukwenza Ukuthanda KukaThixo Ngenzondelelo wakhuthaza ukushumayela ngenzondelelo. Wabonisa indlela uYehu awayenenzondelelo ngayo ngegama likaYehova nendlela ekubaluleke ngayo ngathi ukubonisa inkalipho nenzondelelo efanayo ngomsebenzi kaThixo.
Iimpapasho Ezakhutshwayo
Kwabakho iimpapasho ezimbini zesiNgesi nesiJamani, ezibalaseleyo ezakhululwa ebudeni bendibano. Eyokuqala yezi mpapasho kwathethwa ngayo kwintetho enomxholo othi “Ukusindisa Ubomi Bakho Ngegazi—Njani?” Isithethi saqala ngokuchaza iingozi ezinxulumene notofelo-gazi. Salatha ukuba kukho izinto ezininzi ezinokusetyenziswa endaweni yegazi ukuze kubuyiselwe igazi elilahlekileyo. Kodwa amaNgqina kaYehova awalamkeli igazi kungengenxa yokuba lingekho mpilweni kodwa ngenxa yokuba ukulamkela akungcwele. Awalamkeli, kungengenxa yokuba kusenokwenzeka ukuba igazi lingcolile, kodwa ngenxa yokuba lixabisekile kuThixo. Igazi elisindisa ubomi ngokwenene ligazi lentlawulelo likaYesu Kristu. Ekuqukumbeleni isithethi sababangela banehlombe abaphulaphuli ngokubonisa incwadana enemifanekiso nenamaphepha angama-32 ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
Incwadi yesibini exabisekileyo yakhululwa kwintetho ethi “Funani UYehova, Nina Bantu.” Ubukhulu becala, abantu abamfuni uThixo. Ubukho beenkonzo ezininzi ezahlukahlukeneyo bubonisa indlela abantu abalahleke ngayo kwiphulo labo lokufuna uThixo ngenxa yokuba beye batyeshela iLizwi likaThixo. Njengoko kunokubonwa kwiingxelo zeSikhumbuzo nyaka ngamnye, kufuneka kuncedwe izigidi zabantu ukuba zimele uYehova. UIsaya 55:6,7 ubonisa ukuba uYehova ngokwenene unguThixo onothando nonenceba, olungele ‘ukuxolela ngokukhulu.’ NjengamaNgqina akhe, siye sanikwa intetho enyulu ukuze sikwazi ukunceda abanye ukuba basithelele ekukhonzeni uYehova ngaxhatha linye.
Namhlanje, abantu bakaYehova bajamelene nocelomngeni ngenxa yokufudukela kwezihlwele zabantu kummandla omnye. Ngokomphumo, abantu abakummandla wethu basenokuba bangamalungu azo zonke iinkonzo ezahlukahlukeneyo. Ukuze sikwazi ukunceda amaHindu, amaBhuda, amaShinto nabo bezinye iinkonzo ezininzi, uMbutho uye walungiselela incwadi entle enamaphepha angama-384 ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo. Inikela ngokucacileyo iimfundiso ezisisiseko zeenkonzo eziphambili ezingezizo ezeNgqobhoko. Kodwa ikwalanda ingxelo yonqulo lobuxoki olukwiNgqobhoko. Le ncwadi inokuhlahlel’ indlela ukuqaliswa kwezifundo zeBhayibhile nabantu abathi bakwiinkonzo ezahlukahlukeneyo.
Intetho Yesidlangalala Namagqabaza Okuqukumbela
Intetho yesidlangalala yangoLwesihlanu yayinomxholo othi “Manyanani Ngentetho Enyulu.” Isithethi sabonisa ukuba nangona ngoku kukho iilwimi ezingamawaka amathathu ezahlukahlukeneyo ezibangela kube yinto engenakwenzeka ukumanyana, intetho enyulu ingamandla amanyanisayo. Iye yawakhusela amaNgqina kaYehova kulahlekiso lweBhabhiloni, iye yawafundisa ukuba nentlonelo ngobungcwele bobomi negazi, yaye iye yawanceda ukuba aphile ngokwemigaqo yeBhayibhile ewancedayo ngokomoya nangokwenyama. Sonke simele sikuxhalabele ukufunda nokuthetha intetho enyulu, kuba kuphela ngabenza oko abaya kusinda eArmagedon. Simele singaphozisi maseko ekulandeleni isiluleko esikuZefaniya 2:1-3.
Emva kwesiluleko esihle esingokweZibhalo esingemfuneko ‘Yokukhuthala Emthandazweni,’ kwanikelwa amagqabaza okuqukumbela awayesekelwe kumxholo othi “Ukuhamba Ngokuvisisana Nentetho Enyulu.” Ngoku inani labahamba ngokuvisisana nentetho enyulu liyanda ngokwenene. The abo babekho kwezi ndibano babonisa uxabiso ngentetho enyulu ngokuba ngabacocekileyo, abalungeleleneyo nabanemvisiswano engokwentlangano. Iincwadi ezintsha ezishicilelweyo ezakhutshwayo ziya kuwanceda onke amaNgqina kaYehova ukusasaza intetho enyulu ngokunempumelelo ngakumbi.
Isithethi sokugqibela sendibano sabakhumbuza bonke ngemfuneko yonyamezelo. Sabonisa ukuba njengomphumo wale ndibano, bonke ababekho bafanele bazuze amandla okubomeleza ukuze baqhubele phambili. Saza saqukumbela ngala mazwi: ‘Ngamana singaqhubeka sihamba ngokuvisisana nentetho enyulu esiyinikwe nguThixo ukuze simzukise ubawo wethu onothando wasezulwini, uYehova, ngoku nangonaphakade!
[Ibhokisi ekwiphepha 26]
Incopho yabantu ababezile kwindibano eNtshona Berlin yayingama-44 532, yaye kwabhaptizwa abali-1 018. Kwathabatha imizuzu eli-19 ukuba amalungu obhaptizo aphume kwiOlympia Stadium, ibe ngeli xesha kwakuvakala intswahla yokuqhwatywa kwezandla. Kwakukho icandelo elikhethekileyo elalenzelwe ababeze endibanweni abathetha isiNgesi. Abangama-6 000 baphulaphula ucwangciso luphela ngolwimi lwabo. Kule ndibano, kwakukwakho nabangama-4 500 ababesuka ePoland; ebudeni beeyure ezimbini zasemini, amalungu eQumrhu Elilawulayo, anikela iintetho ezimfutshane ukuze bangenelwe.
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
1. IOlympia Stadium eNtshona Berlin
2. Ucwangciso lwendibano olushicilelweyo
3. Iibhasi ezingamakhulu amabini ezazizise iindwendwe ezazivela eMpuma Jamani
4. AbasePoland ababeze endibanweni bakuvuyela ukufumana iincwadi ezintsha
5. Iintyatyambo ezazihombisile zawuqaqambisa to mbono
6. UA. D. Schroeder, elinye lamalungu eQumrhu Elilawulayo kucwangciso eNtshona Berlin