Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Izihlandlo Ezingakumbi Abonakala Ngazo UYesu
ABAFUNDI basadakumbile. Abayiqondi intsingiselo yengcwaba elize, yaye abakukholelwa noko kuthethwa ngabo bafazi. Ngoko kamva ngeCawa, uKleyopa nomnye umfundi bayanduluka eYerusalem besinge e-Emawusi, ekumgama omalunga neekhilomitha ezili-11.
Endleleni, ngoxa bencokola ngeziganeko zaloo mini, umhambi othile uhamba nabo. Uyababuza, “Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba?”
Abafundi bayema, ubuso babo bumatshekile, aze uKleyopa aphendule ngelithi: “Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?”
Uyabuza, “Ziphi na?”
“EzingoYesu waseNazarete,” bamphendula ngelitshoyo. ‘Ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu bamnikele ukuba agwetywe afe, [baza bambethelela emthini, NW]. Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uSirayeli.’
UKleyopa neqabane lakhe bachaza izinto ezimangalisayo ezenzekileyo ngaloo mini—ingxelo engaqhelekanga engokubonwa kwezithunywa zezulu neyengcwaba elize—kodwa bandula ke bachaze ukudideka kwabo kuba bengayazi intsingiselo yezi zinto. Lo mhambi uyabakhalimela: “Oyi! basweli-kuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthethayo abaprofeti! UKristu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?” Wandula ke abachazele iindawo ezisezibhalweni ezingoKristu.
Ekugqibeleni bafika kufutshane ne-Emawusi, yaye lo mhambi wenza ngathi uyegqitha. Befuna ukuva okungakumbi, abafundi bayambongoza: “Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene.” Ngoko uyahlala ukuze badle. Njengoko ethandaza aze aqhekeze isonka abanike, bayaqonda ukuba ngokwenene nguYesu ekumzimba womntu. Kodwa wandula ke athi shwaka.
Ngoku bayasiqonda isizathu sokuba lo mhambi ebesazi izinto ezininzi kangaka! Bayabuza: “Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo?” Ngaphandle kokulibazisa, bayaphakama baze bakhawuleze ukubuyela eYerusalem, apho bafumana abapostile nabo babehlanganisene nabo. Ngaphambi kokuba uKleyopa neqabane lakhe bathethe, abanye bechulumancile babaxelela oku: “INkosi inene ivukile, yabonakala kuSimon.” Baze ke aba babini babalise indlela uYesu abonakale ngayo nakubo. Esi sisihlandlo sesine ngaloo mini athe ngaso wabonakala kubafundi bakhe abahlukahlukeneyo.
Nangona iminyango itshixiwe ngenxa yokuba abafundi besoyika amaYuda, ngequbuliso uYesu ubonakala okwesihlanu. Uma phakathi kwabo aze athi: “Uxolo malube nani.” Bangenwa luloyiko, becinga ukuba babona umshologu. Ngoko, ebachazela ukuba akangomshologu, uYesu uthi: “Yini na ukuba nikhathazeke? Kungani na ke ukuba kunyuke izicamango ezintliziyweni zenu? Khangelani izandla zam neenyawo zam, ngokuba ndim kanye; ndicofeni, nikhangele; ngokuba umshologu awunanyama namathambo, njengokuba nindibona ndinawo mna.” Sekunjalo, kunzima ngabo ukukholwa kuba isibakala sokuba uyaphila asikholeleki.
Ukubanceda baqonde ukuba unguYesu ngokwenene, uyababuza: “Ninanto na idliwayo apha?” Emva kokwamkela intwana yentlanzi eyosiweyo aze ayidle, uqalisa ukubafundisa, esithi: “Ngawo la amazwi endawathethayo kuni ndisenani [ngaphambi kokufa kwam], okokuba zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses, nasebaProfetini, nasezindumisweni.”
Enyanisweni, eqhubeka noko kungqineka kusisifundo seBhayibhile kunye nabo, uYesu uyabafundisa: “Kubhaliwe ngokunjalo, umelwe ngokunjalo uKristu kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu; nokuba kuvakaliswe egameni lakhe inguquko noxolelo lwezono kuzo zonke iintlanga, kuqalelwa eYerusalem. Nina ke ningamangqina ezi zinto.”
Ngasizathu sithile uTomas akakho kule ntlanganiso ebalulekileyo yangokuhlwa ngeCawa. Ngoko ebudeni beentsuku ezilandelayo, abanye ngovuyo bayamxelela: “Siyibonile iNkosi.”
UTomas uyalandula esithi: “Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.”
Ke kaloku, kwiintsuku ezisibhozo kamva kwakhona abafundi bahlanganisene endlwini. Ngesi sihlandlo uTomas ukunye nabo. Nangona iingcango zitshixiwe, kwakhona uYesu uma phakathi kwabo aze athi: “Uxolo malube nani.” Emva koku eguqukela kuTomas, uthi kuye: “Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.”
UTomas udanduluka athi, “Nkosi yam, Thixo wam!”
UYesu uyambuza, “Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.” Luka 24:11, 13-48; Yohane 20:19-29.
◆ Umhambi othile ubabuza ntoni abafundi ababini abasendleleni eya e-Emawusi?
◆ Yintoni ethethwa ngulo mhambi eyenza iintliziyo zabafundi zivuthe ngaphakathi kwabo?
◆ Abafundi baqonda njani ukuba lo mhambi nguYesu?
◆ Xa uKleyopa neqabane lakhe bebuyela eYerusalem, yiyiphi ingxelo echulumancisayo abayivayo?
◆ UYesu ubonakala njani okwesihlanu kubafundi bakhe, yaye yintoni eyenzekayo ebudeni besi sihlandlo?
◆ Yintoni eyenzekayo kwiintsuku ezisibhozo emva kokubonakala kukaYesu okwesihlanu, yaye ekugqibeleni uTomas uqinisekiswa njani ukuba uYesu uyaphila?