Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
“Sibhalo Ngasinye Awayesifunda Sayichukumisa Intliziyo Yam”
“ILIZWI likaThixo liphilile, lisebenza [linamandla, NW],” watsho njalo umpostile uPawulos. (Hebhere 4:12) Oku kungqineke kuyinyaniso kubomi bomfazi waseVietnam owakhuliswa engumBhuda. Nali ibali lakhe.
“Abazali bam, abaseseVietnam, bangamaBhuda ngegama, ngoko ndakhula ndingumBhuda de ndatshata ndikubudala beminyaka engama-22. Intsapho yakulo myeni wam yazama ukundinyanzelela ukuba ndibhaptizwe kwiCawa yamaKatolika. Bathi umazala wam owayefile wayengakwazi ukungena ezulwini ngenxa yokuba ndandingumBhuda! Ekuqaleni ndala ukwenjenjalo, kodwa kamva ndabhaptizwa ukuze ndibakholise. Noko ke, emazantsi entliziyo yam ndandivakalelwa kukuba ndiyintlekisa kuba ndandilucaphukela uhanahaniso olwalukho kwiCawa yamaKatolika. Yayingahlukanga kunqulo lobuBhuda. Yayibandakanyeke ngokufanayo kwiimfazwe nakwezobupolitika, yaye zombini ezi nkonzo zazikhuthaza ukunqulwa kwezinyanya.
“Ukuba ndandihleli eVietnam, ngendandibe namathuba amancinane kakhulu okufunda inyaniso. Ndakhula ngexesha apho iziphendu zobupolitika zazigquba eMzantsi Vietnam, ibe ndandihlala kwidolophu ekude ngokwenene eSaigon. Ngoko kwaba yintsikelelo ukukwazi ukubalekela eOstreliya.
“Ndaba ngomnye wabanethamsanqa ngakumbi kubantu abahamba ngephenyane. Ndifunqule usana lwam oluneenyanga ezimbini ubudala, kwafuneka ndibaleke amapolisa ebumnyameni ndize ndikhwele kwelo phenyane lokuloba. Emva kweentsuku ezisixhenxe elwandle, safika eMalaysia, apho sahlala khona iinyanga ezimbalwa kwinkampu yeembacu ngaphambi kokuya eOstreliya.
“Emva kweminyaka emibini enesiqingatha ndiseOstreliya, kwafika amaNgqina kaYehova kum ekubulungiseleli bawo bendlu ngendlu. Kutyelelo lokuqala, ndasamkela isifundo seBhayibhile esithe rhoqo ngenxa yokuba ndasibona njengethuba elihle lokufunda isiNgesi. Kodwa ihambo yeNgqina elandifumanayo nenyaniso elalindifundisa yona yayindichukumisa kakhulu. Sibhalo ngasinye awayesifunda sayichukumisa intliziyo yam, yaye ndandingaboni luhanahaniso kwintlangano kaYehova. Emva kokufundisisa iBhayibhile unyaka onesiqingatha, ndahlulela ubomi bam kuYehova ndaza ndabhaptizwa.
“Manditsho ukuba inyaniso iyiguqule ngokupheleleyo imbono yam ngobomi. Umyeni wam akakholwa, kodwa uYehova uye wandinceda waza wandomeleza, kunye nentsapho yam encinane. EbenguMyaleli wam Ozukileyo yaye uye wandifundisa ukuba ngumfazi nomama olunge ngakumbi. Ndiyaqhubeka ndimbulela uYehova kuba eye wandinceda wandikhupha kubumnyama bokomoya wandingenisa ekukhanyeni kwenyaniso yeBhayibhile.”
Ngokwenyaniso, amandla eLizwi likaThixo eliphefumlelweyo aphumela kokulungileyo kule meko. Ukufundisisa iBhayibhile nokusebenzisa oko ukufundayo kunika intsingiselo nenjongo ebomini yaye kukhokelela kubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. Kunjengokuba uThixo waphefumlela uMoses ukuba athi, “ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu.”—Duteronomi 32:47.