IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 4/15 iphe. 29
  • Qhubekani Nihamba Ekukhanyeni Naseluthandweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Qhubekani Nihamba Ekukhanyeni Naseluthandweni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Hambani Ekukhanyeni’
  • Abantwana BakaThixo Babonakalisa Uthando
  • Ukholo ‘Loyisa Ihlabathi’
  • Incwadi YeBhayibhile 62—1 Yohane
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • “Ukhanyiso Lufikile Ehlabathini”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Landela Ukhanyiselo Lwehlabathi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Iimbalasane Zeencwadi ZikaYohane NekaYude
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 4/15 iphe. 29

Qhubekani Nihamba Ekukhanyeni Naseluthandweni

Iimbalasane ZeyokuQala KaYohane

UYEHOVA unguMthombo wokukhanya nothando. Simele sikhangele kuThixo ukuze sifumane ukukhanya kokomoya. (INdumiso 43:3) Yaye uthando luphakathi kweziqhamo zomoya wakhe oyingcwele.—Galati 5:22, 23.

Kuxutyushwa ngokukhanya, uthando neminye imibandela kwincwadi yokuqala ephefumlelweyo yompostile uYohane, ngokunokwenzeka eyabhalwa e-Efese okanye kufuphi ne-Efese malunga nowama-98 C.E. Isizathu esiyintloko sokuyibhala sasikukulondoloza amaKristu kuwexuko nokuwanceda aqhubeke ehamba ekukhanyeni. Ekubeni sijamelene nezinto ezicel’ umngeni uthando, ukholo nengqibelelo yethu kwinyaniso, ngokuqinisekileyo ukuqwalasela le ncwadi kuya kusizisela iingenelo.

‘Hambani Ekukhanyeni’

UYohane wenza kwacaca ukuba amaKristu athembekileyo amele ahambe ekukhanyeni kokomoya. (1Yoh 1:1–2:29) Wathi: “UThixo ukukukhanya, akukho bumnyama [akukho nto imbi, ingcolileyo, ingeyonyaniso okanye ingengcwele] kuye.” Ngenxa yokuba amaKristu athanjiswe ngomoya ‘ehamba ekukhanyeni,’ ‘anobudlelane’ noThixo, uKristu nomnye nomnye. Akwahlanjululwe esonweni ngegazi likaYesu.

Enoba singamaKristu athanjisiweyo nanethemba lasezulwini okanye sijonge phambili kubomi obungunaphakade emhlabeni, siya kuqhubeka singenelwa kwidini likaYesu kuphela ukuba sithanda abazalwana bethu kungekhona ihlabathi. Sikwamele sikuphephe ukuphenjelelwa ngabawexuki, ‘abanjengomchasi-Kristu,’ okhanyela uYise noNyana. Yaye masingaze silibale ukuba ubomi obungunaphakade buya kunanditshwa kuphela ngabo banamathela enyanisweni nabaqhelisela ubulungisa.

Abantwana BakaThixo Babonakalisa Uthando

Ngokulandelayo uYohane wafanisa abantwana bakaThixo. (3:1–4:21) Phakathi kwezinye izinto, benza oko kububulungisa. Bakwathobela umyalelo kaYehova uThixo ‘wokuba babe nokholo egameni loNyana wakhe, uYesu Kristu, yaye bathandane.’

Umntu ‘onolwazi lukaThixo’ uyazazi iinjongo zikaYehova nendlela olubonakaliswa ngayo uthando Lwakhe. Oku kufanele kumncede ubani abonakalise uthando. Enyanisweni, “lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.” Uthando lukaThixo lwabonakaliswa xa uThixo “wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.” Ukuba uYehova wasithanda ukusa kuloo mlinganiselo, sibophelelekile ukuba sithandane. Ewe, nabani na othi uyamthanda uThixo ukwamele amthande umzalwana wakhe wokomoya.

Ukholo ‘Loyisa Ihlabathi’

Uthando lushukumisela abantwana bakaThixo ukuba bayigcine imithetho yakhe, kodwa kungokholo abathi ‘boyise ihlabathi.’ (5:1-21) Ukholo lwethu kuThixo, kwiLizwi lakhe nakuNyana wakhe lusenza sikwazi ‘ukoyisa ihlabathi’ ngokuchasa indlela yalo yokucinga neendlela zalo eziphosakeleyo nangokugcina imithetho kaYehova. UThixo uye wanika ‘aboyisi behlabathi’ ithemba lobomi obungunaphakade, yaye uyayiphulaphula imithandazo yabo evisisana nokuthanda kwakhe. Ngenxa yokuba nabani na ‘ozelweyo nguThixo’ engasenzi isono, uSathana akabambeleli nkqi kumntu onjalo. Kodwa abathanjisiweyo nabakhonzi bakaYehova abanethemba lasemhlabeni bafanele bakhumbule ukuba “ihlabathi liphela lilele kulowo ungendawo.”

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 29]

Isicamagushelo: UYesu ‘usisicamagushelo sezono zethu [ezo zabalandeli bakhe abathanjisiweyo], engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela,’ uluntu luphela. (1 Yohane 2:2) Ukufa kwakhe ‘kwakusisicamagushelo’ (hi·la·smosʹ ngesiGrike, okuthetha “iindlela zokwenza uxolo,” “isicamagusho”) kodwa kungekhona ngengqiqo yokuthuthuzela iimvakalelo ezenzakeleyo zikaThixo. Kunoko, idini likaYesu laxolisa, okanye lazalisekisa, iimfuno zokusesikweni okugqibeleleyo kukaThixo. Njani? Ngokulungiselela isiseko sobulungisa nokusesikweni sokuxolela isono, ukuze uThixo “abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo [onesono asizuze ilifa] waselukholweni lukaYesu.” (Roma 3:23-26; 5:12) Ngokulungiselela iindlela zokuhlawulela ngokupheleleyo izono zabantu, idini likaYesu lenza kwafaneleka, okanye kwamkeleka, ngomntu ukuba afune aze afumane ukubuyiselwa kulwalamano olulungileyo noYehova. (Efese 1:7; Hebhere 2:17) Hayi indlela sonke esifanele sibe nombulelo ngayo ngako oku!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share