Beka UThixo Tanci Kubomi Bentsapho Yakho!
UBOB NOJEAN—isibini esitshatileyo ekuthethwe ngaso kwinqaku elandulelayo—abazange bawuqhawule umtshato. Kunoko, bazixubusha iingxaki zabo nomlungiseleli ongumKristu. Ngokukhawuleza indoda yafumanisa ukuba iingxaki zabo ngokusisiseko zazibangelwa ziimvelaphi zabo ezahlukeneyo.
Ngokomzekelo, ekubeni uBob wayesuka kwintsapho yabantu abangabarhwebi nabasebenza ngezandla yaye naye wayesenza umsebenzi wezandla, wayefuna isidlo sakusasa esinesondlo ntsasa nganye. UJean, owayekhulele kwintsapho yabantu abasebenza eziofisini, wayemenzela ikofu nesonka esirhawuliweyo (toast) kuphela. Ngoko seso sizathu esabangela impikiswano ngesidlo sakusasa eyade yangumlo!
Kwafuneka uBob noJean baphucule ukuncokolisana kwabo. Noko ke, isizekabani seengxaki zabo sasinzulu kunoko. Umlungiseleli wababuza, “Ngaba nijongana ngendlela ethetha ngayo eyoku-1 kwabaseKorinte 13:4?” Loo ndinyana yeBhayibhile ifundeka ngolu hlobo: “Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali.” Indinyana elandelayo ithi uthando “alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa; alucaphuki; alunanzondo.” UJean noBob babekulungele ukuwasebenzisa la mazwi kulwalamano lwabo.
Iingxaki zesi sibini sitshatileyo ngokuyintloko zazifuna isicombululo esingokomoya. Ekubeni uBob noJean babenqwenela ukulondoloza ulwalamano oluhle noThixo, ngaphezu kwako konke kwakufuneka basebenzise imigaqo yeBhayibhile baze baqonde ukuba “ukuba akayakhi uYehova indlu, bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo.” (INdumiso 127:1) Indinyana 3 ukusa kweyesi-5 ziphathelele nokwakhiwa kwentsapho. Yaye eyona mpumelelo inkulu ekukhuliseni ulonwabo ekhayeni ibakho ngokubeka uThixo tanci kubomi bentsapho.—Efese 3:14, 15.
Oko Kubandakanyekileyo Ekubekeni UThixo Tanci
Ukubeka uThixo tanci kubomi bentsapho yakho akupheleli nje kumazwi athi, “Intsapho ethandaza kunye ihlala imanyene.” Ngokutsho kolindixesha iFamily Relations, abaninzi bakholelwa kwelokuba “unqulo lubangela ulwalamano lwentsapho oluhle nolusempilweni yaye luyabuphucula ubomi nolwaneliseko lwamalungu ayo.” Kodwa ukuba lilungu nje lonqulo akunto efanayo nokubeka uThixo tanci. Abaninzi babambelele nje kunqulo ngenxa yokuba sele kungumkhwa oko, isithethe sentsapho, okanye kuyingenelo ekuhlaleni. UThixo akanampembelelo ingako kubomi babo bemihla ngemihla. Okubaluleke ngakumbi kukuba, asilulo lonke unqulo ‘olulunqulo oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo.’—Yakobi 1:27.
Ukuze sibeke uThixo tanci kubomi bethu bentsapho, thina nabathandekayo bethu simele sinqule uYehova, “Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke,” ngendlela afuna ukunqulwa ngayo. (INdumiso 83:18) UNyana kaThixo, uYesu Kristu, wathi: “Kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya, abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:23, 24) Ukuze sinqule uYehova uThixo “ngoMoya,” inkonzo yethu engcwele kuye imele ishukunyiswe yintliziyo ezaliswe luthando nokholo. (Marko 12:28-31; Galati 2:16) Ukunqula uYehova ‘ngenyaniso’ kufuna ukuba sibuphephe ubuxoki obungokonqulo size sizivisisanise ngokupheleleyo nokuthanda kwakhe njengoko kutyhilwe eBhayibhileni. Asinakumbeka tanci uYehova uThixo ngaphandle kokuba unqulo lwethu lube luyayifikelela imilinganiselo yakhe.a Yeyiphi eminye yayo? Yaye ukuyisebenzisa kunokuyizisela ziphi iingenelo intsapho yakho?
Ukubeka UThixo Tanci Njengendoda
Kweyoku-1 kwabaseKorinte 11:3, iBhayibhile ithi: “Intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu, intloko ke yomfazi yindoda, intloko ke kaKristu nguThixo.” Ukuba uyindoda, unembopheleleko oyinikwe nguThixo yokuba ngumenzi wezigqibo oyintloko entshatsheni yakho. Kodwa oku akuyiniki nayiphi na indoda imvume yokuba ngocinezelayo okanye uzwilakhe.
IBhayibhile ikhuthaza amadoda ukuba acinge ngeemvakalelo zabafazi bawo xa esenza izigqibo ezibachaphazelayo. (Thelekisa iGenesis 21:9-14.) Enyanisweni, iZibhalo zisibongoza sonke ngabanye ukuba ‘singaxuneli kwezethu izinto zodwa kodwa sixunele nakwezabanye.’ (Filipi 2:2-4) Apho kungabandakanyekanga umgaqo weBhayibhile, indoda engumKristu ngokufuthi iya kuyekelela koko kuthandwa ngumfazi wayo. Icinga ngezilangazelelo zakhe, iya kuqinisekisa kwanokuba akubekwa phezu kwakhe iimbopheleleko ezingumthwalo. Ngokomzekelo, isenokumnceda kwimisebenzi yasekhaya, ingakumbi ukuba uyaphangela.
Umpostile uPawulos wabhala oku: “Amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda; kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla.” (Efese 5:28, 29) UYesu Kristu uqhubana ngendlela enothando namalungu ebandla.
Kwakhona sifanele sinikele ingqalelo kwisiluleko sompostile uPetros esithi: “Nina madoda, hlalani nabo [abafazi benu] ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.” (1 Petros 3:7) Ngaba akunto inzulu ukuqonda ukuba ukuphatha umfazi ngendlela engabonakalisi uthando kusenokuyithintela imithandazo yendoda? Ewe, indoda imele iqhubane ngendlela enothando nomfazi wayo ukuba uThixo uza kuva aze aphendule imithandazo yayo.
Ukubeka uThixo tanci kukwachaphazela nolwalamano lukabawo nabantwana bakhe. Ufanele ayixhalabele ngokunzulu impilo-ntle yabo yokomoya. Kanti, kuphando oluphambili olwenziwe eUnited States, sisiqingatha samadoda kuphela esathi “ukuba nenxaxheba kufundisiso lweZibhalo okanye ukuba neengxubusho njengamaqela” ‘kwakuyeyona nto ibalulekileyo ekukhuleni ngokomoya kwentsapho zawo.’ Esinye isiqingatha sathetha ngezinto ‘ezinjengokubukela okanye ukuphulaphula iinkqubo ezisasazwayo zonqulo’ okanye ‘ukuxubusha ngentsingiselo yobomi.’
Noko ke, iBhayibhile ixelela oobawo oku: “Musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.” (Efese 6:4) KumaNgqina kaYehova, kulindeleke ukuba oobawo bakhokele kunqulo lwentsapho. Ngokuqhuba rhoqo izifundo zentsapho zeBhayibhile, ngokubakho kwiintlanganiso zamaKristu, nangokuvumelana nezinye iimfuneko ezingokweZibhalo, amadoda anjalo abeka uThixo tanci kubomi bentsapho.
Ukubeka UThixo Tanci Njengomfazi
Ukuba ungumfazi, unokubeka uThixo tanci ngokuxhasa indoda yakho kwindima yayo njengentloko-ntsapho. IBhayibhile ithi: “Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini.” (Kolose 3:18) Oku kusenokuba nzima gqitha ukuba indoda ayincokoli okanye iyasilela ukukhokela kunqulo lwentsapho. Nokuba imeko iyintoni na, ukusoloko usalatha kwiintsilelo zayo okanye, okubi ngakumbi, ukungayithobeli kuya kwandisa uxinezeleko lwentsapho kuphela.
IMizekeliso 14:1 ithi: “Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe; ukumatha kuyayichitha ngezakhe izandla.” Enye indlela anokuthi umfazi osisilumko ngokwenene abeke ngayo uThixo tanci aze ‘ayakhe indlu yakhe’ kungokuthobela indoda yakhe. (1 Korinte 11:3) ‘Enomyalelo onenceba elulwimini lwakhe,’ uyakuphepha ukuyigxeka ngokungeyomfuneko indoda yakhe. (IMizekeliso 31:26) Ukwasebenza nzima ukuze enze izigqibo zendoda yakhe ziphumelele.
Enye indlela umfazi otshatileyo ambeka tanci ngayo uThixo kungokuba ngumfazi okhutheleyo. Kambe ke, ukuba kufuneka aphangele, usenokungabi nalo ixesha okanye amandla ayimfuneko okunyamekela ikhaya ngendlela abengathanda ngayo. Sekunjalo usenokuzabalazela ukuba ‘njengomfazi onesidima’ iBhayibhile ethi ngaye: “Uyayondela ihambo yendlu yakhe, angasidli isonka sobuvila.”—IMizekeliso 31:10, 27.
Ngaphezu kwako konke, umfazi kufuneka agcine ukunqula uThixo kukwindawo yokuqala ebomini bakhe. Abaninzi xa besiza kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova okwesihlandlo sokuqala bancoma indlela abacoceke ngayo abantwana. Umsebenzi womfazi kule nkalo ungongenakulinganiswa nanto. Kodwa ukwamele asebenzele ukulondoloza ubumoya bakhe ngomthandazo, ngofundisiso, nangokukhonza uThixo.
Ukubeka UThixo Tanci Njengolutsha
Inqaku elikwiAdolescent Counselor lithi: “Abantwana baye batyekela ekukhuliseni izimo zengqondo neentanda-bulumko eziye zabavumela ukuba balawule abazali babo. . . . Ekubeni bephila kwibutho eligxininisa lize lizukise ukuzanelisa ngoku nobutyebi bezinto eziphathekayo, abo bakhulela kubuntu obukhulu baye bakhulisa isimo sengqondo sokuthi ‘ndiyifuna ngoku.’” Ukuba ungosemtsha, ngaba eso sisimo sengqondo onaso?
EyabaseKolose 3:20 ithi: “Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.” Umntu oselula okugqala ukuthobela okunjalo njengemfuneko engokobuthixo uya kusebenzisana nabazali bakhe. Ngokomzekelo, akayi kuthi ngokufihlakeleyo angabathobeli ngokunxulumana namaqabane asesikolweni abangawathandiyo; kwaye engayi kuthi ngobuqhetseba azame ukuqhatha umzali omnye ukuze afumane oko akufunayo. (IMizekeliso 3:32) Kunoko, nawuphi na umntu osemtsha obeka uThixo tanci ebomini bakhe uya kuzithoba kukhokelo lwabazali olunothando.
Beka UThixo Tanci!
Kungakhathaliseki ukuba sikweyiphi na indawo kwisangqa sentsapho, kufuneka sibeke uThixo tanci ebomini size sihlakulele ulwalamano olusondeleyo kunye naye. Ngaba wena nentsapho yakho nenza oko?
Kule ‘mihla yokugqibela,’ sonke sijamelene ‘namaxesha anomngcipheko.’ (2 Timoti 3:1-5) Sekunjalo, kuyinto enokwenzeka ukuphumelela ngokomoya uze usinde kwisiphelo sale nkqubo yezinto. (Mateyu 24:3-14) Ngokwenza ngokuvisisana nolwazi oluchanileyo lweBhayibhile, wena nentsapho yakho ninokuba nethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi. (Luka 23:43; Yohane 17:3; ISityhilelo 21:3, 4) Ewe, oko kunokwenzeka ukuba ubeka uThixo tanci kubomi bentsapho yakho.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona isahluko 22 sencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Umfazi onesidima uxatyiswa ngokunzulu
[Umfanekiso okwiphepha 7]
IBhayibhile ikhuthaza amadoda ukuba akhokele kunqulo lwentsapho