Uyakhumbula Na?
Ngaba uye wakuxabisa ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko khawubone ukuba uya kukwazi na ukuphendula le mibuzo ilandelayo:
◻ Sisiphi isizathu abanaso abalusi bokomoya sokuqalisa ngokwabo ukuthabatha inyathelo lokuthetha nabo basusiweyo kubudlelane ukubona enoba bangashukunyiselwa ukuba baguquke kusini na?
Kwanaxa amaSirayeli ayesekuthinjweni ibe engekaguquki, uYehova, njengomalusi, wathabatha amanyathelo okuqala okuwafuna, ethumela kuwo abaprofeti bakhe. Abalusi abangamaKristu banomdla wokunceda nabaphi na abantu abaguqukayo abanokufana nezimvu ezilahlekileyo. (Thelekisa uLuka 15:4-7.)—4/15, iphepha 21-3.
◻ Umzekeliso kaYesu ongonyana wolahleko uyibonisa njani indlela esifanele sivakalelwe ngayo noko sifanele sikwenze xa ubani ebuyiselwa ebandleni lamaKristu? (Luka 15:22-32)
Usukelo lwethu lufanele lube kukuxelisa loo bawo, owabonakalisa uvuyo ngokubuya konyana wakhe wolahleko. Ngenxa yoko, sifanele sithethe ngokukhululekileyo nomzalwana obuyiselweyo size ukususela ngoku simkhuthaze ukuba enze inkqubela enyanisweni.—4/15, iphepha 25.
◻ Ziziphi izilumkiso ezisebenzisekayo onokuzithabatha ukuze ukuphephe ukuba lixhoba lolwaphulo-mthetho?
Nanini na kunokwenzeka, kuphephe ukuhamba kwimimandla eyingozi ngexesha lasebusuku. Wafihle amatye akho anqabileyo, yaye faka izinto ezinjengeekhamera kwingxowa yokufaka izinto ozithengileyo. Kulumkele ukuhamba kanye ekupheleni kwendledlana eyayame isitrato, ingakumbi ukuba uphethe ibrifkheyisi okanye ingxowa encinane. (Bona IMizekeliso 3:21-23.)—5/1, iphepha 5-6.
◻ Kutheni isiprofeto esikuZefaniya 2:3 sisithi: “Mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova”?
Ukusindela ebomini kuxhomekeke kwintembeko nakunyamezelo. (Mateyu 24:13) Kungoko, iya kuba ngabo benza ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yobulungisa baze baqhubeke bethetha intetho enyulu kuphela abaya kusitheliswa ngemini yomsindo kaYehova. (Zefaniya 2:1, 2)—5/1, iphepha 14.
◻ Yintoni ebandakanyekileyo ekubekeni uThixo tanci kubomi bentsapho?
Abazali nabantwana bamele bamnqule uYehova baze bafikelele imilinganiselo yakhe njengoko ibhalwe eBhayibhileni.—5/15, iphepha 5.
◻ Kutheni uYehova engabohlwayanga ngoko nangoko nje aboni?
Esinye isizathu sikukuba igama likaThixo limele laziswe ehlabathini liphela. (Thelekisa amaRoma 9:17.) Esinye isizathu sikukuvumela ithuba elaneleyo ukuze kuzinziswe imbambano yolongamo lukaThixo neyengqibelelo yoluntu, mbambano leyo eyabangelwa yimvukelo yase-Eden. Kwakhona, ukuzeka kade umsindo kukaThixo kuvulela abanxaxhayo ithuba lokulungisa iindlela zabo. (2 Petros 3:9)—5/15, iphepha 11-12.
◻ Ziziphi izibakala ezingqina ukuba iBhayibhile ivela kumthombo ongaphaya komntu?
IBhayibhile yabhalwa ngababhali abahlukahlukeneyo abanokuba ngama-40, ababeneemvelaphi ezahlukahlukeneyo nababephila kwisithuba seminyaka eli-1 600; sekunjalo bonke aba babhali balandela umxholo omnye osisiseko. Oku kuvisisana kokuqulethwe yiBhayibhile bekungenakwenzeka ukuba bekuyekelwe nje kumabona-ndenzile okanye kulwalathiso nje lomntu.—6/1, iphepha 5.
◻ Sisiphi isenzo esisodwa nomsebenzi ongaqhelekanga, owaxelwa kwangaphambili kuIsaya 28:21, uYehova aza kuwuphumeza kumhla wethu?
Isilumkiso esikwiSityhilelo 17:16 sibonisa ukuba izithandane zobupolitika zeBhabhiloni Enkulu ziya kuthi ngamhla uthile ziyijikele. Ngenxa yoko, iNgqobhoko iya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo ndawonye nazo zonke ezinye iinkonzo zobuxoki. Esi iya kuba sisenzo sikaYehova esisodwa nomsebenzi wakhe ongaqhelekanga womhla wethu.—6/1, iphepha 23.
◻ Yintoni afanele ayikhumbule amabhinqa angamaKristu ngokuphathelele ukusetyenziswa kwezihombiso ezinamatye anqabileyo nezithambiso ezithile?
IBhayibhile ayikwaleli ukusetyenziswa kwezinto ezilolo hlobo zokuzihombisa. (Eksodus 32:2, 3; Estere 2:7, 12, 15) Kodwa kufuneka kubekho ukuthozama. Ibhinqa linokuthi ngokulula lixelise izimbo zehlabathi, lisebenzise ngokugqithiseleyo ilipstick, izinto zokujika ibala lezidlele, okanye izinto zokwandisa imisebe, kwananjengokuba uIzebhele wenzayo. (2 Kumkani 9:30) Kufanele kusetyenziswe ubulumko khon’ ukuze izithambiso zingaqatywa ngokugqithiseleyo yaye namatye anqabileyo asetyenziswayo angabi ngaqaqambe ngokugqithiseleyo.—6/1, iphepha 30-1.
◻ AmaSirayeli asinda njani ‘kubo bonke ubulwelwe obubi baseYiputa’ obabuxhaphakile kumaxesha amandulo? (Duteronomi 7:15)
Ngokucacileyo asinda kwizigulo ezinjalo ubukhulu becala ngenxa yokuba ayelandela imigaqo yezempilo yodidi oluphezulu eyayiyalelwe kumnqophiso woMthetho.—6/15, iphepha 4.
◻ Kutheni uThixo eyalela ukuba abantu bangalidli igazi? (Genesis 9:3, 4; Levitikus 17:10, 11; IZenzo 15:22-29)
Ubomi busisipho esivela kuThixo yaye ubomi bomntu buxhomekeke kulwelo oluzimasa ubomi olubizwa ngokuba ligazi. (INdumiso 36:9) Ngokulihlonela igazi njengento ekhethekileyo, abantu babonakalisa ukuxhomekeka kwabo kuThixo ngobomi. Ngoko ke, isizathu esiyintloko somyalelo kaThixo ongegazi, sasingekuba ukudla igazi kunokuba yingozi empilweni, kodwa sasikukuba igazi lalinentsingiselo ekhethekileyo kuThixo.—6/15, iphepha 8-9.
◻ Abazali nolutsha olungamaKristu banokuqiniseka njani ukuba isigqibo somntwana sokungalwamkeli utofelo-gazi siza kuhlonelwa?
Nangona engengomntu omkhulu ngokwasemthethweni, umKristu oselula ufanele akwazi ukusicacisa ngokucacileyo nangokungqongqo isizathu esomeleleyo esingokonqulo sokwala kwakhe utofelo-gazi. Abazali basenokuba namathuba okuqhelisela nabantwana babo khon’ ukuze abantwana baqhelane nokucacisa oko bakumelayo.—6/15 iphepha 18.
◻ Abafazi babesikelelwe njani ngendlela ebalaseleyo ebudeni bobulungiseleli bukaYesu basemhlabeni?
UYesu waqalisa umsebenzi owazisa intuthuzelo, ithemba nesidima esitsha kubafazi bazo zonke iintlanga. Wabafundisa iinyaniso zokomoya ezinzulu. (Yohane 4:7, 24-26) Ebudeni bobulungiseleli bakhe, wakwamkela ukulungiselelwa ngabafazi njengoko wayekhenketha kwelo lizwe. (Marko 15:40, 41)—7/1, iphepha 14-15.
◻ Bubuphi ubuchule uYesu awayenabo bokufundisa abaye abazali babufumanisa bunempumelelo ebantwaneni babo?
Abazali benza kakuhle ukusebenzisa imizekeliso ukwenza iinyaniso zobuKristu zibe nomtsalane kwiintliziyo zabantwana babo abaselula, yaye banokusebenzisa imibuzo ecingisiswe kakuhle ukuze baqonde oko abantwana babo abadadlana bakucingayo ngenene. (Thelekisa uMateyu 17:24-27.)—7/1, iphepha 26.
◻ Kutheni sifanele sisukele ububele obunothando?
Uphawu lobubele obunothando lusenza sithandwe nguThixo nangabanye. Lukhuthaza ukubuk’ iindwendwe luze lusenze sibacingele abanye. Lomeleza umanyano entsatsheni nasebandleni lamaKristu. Ngaphezu koko, ububele obunothando buzisa uzuko kuYehova.—7/15, iphepha 22.
◻ Kutheni kunokwenzeka ukuba umKristu alahlekiswe lunxulumano? (1 Korinte 15:33, NW)
Umntu usenokubonakala enobuhlobo yaye emhle, kodwa ukuba akanayo inkxalabo umKristu anayo ngenkonzo kaYehova okanye akayikholelwa kwanokuyikholelwa iBhayibhile, usisinxulumani esibi. Ngoba? Ngenxa yokuba ubomi bakhe busekelwe kwimigaqo eyahlukileyo, yaye izinto ezibalulekileyo kumKristu zisenokuthetha okuncinane kuye.—7/15, iphepha 8.
◻ Kutheni iMini Yomgwebo ilixesha lethemba nje?
IMini Yomgwebo ilithuba leminyaka eliwaka. Iya konganyelwa nguThixo ngokwakhe noNyana wakhe, uKristu Yesu, omiswe nguThixo ukuba abe nguMgwebi. Eli iya kuba lithuba lokubuyisela kuluntu ubomi bobuntu obufezekileyo uAdam awayiphulukanisa nabo inzala yakhe. (1 Korinte 15:21, 22)—8/1, iphepha 5-7.