Imithandazo Ngokuqinisekileyo Eya Kuphendulwa
KUKHO imithandazo ngokuqinisekileyo eya kuphendulwa. Umongo wayo uqulethwe kumthandazo ongumzekelo uYesu Kristu awawunika abafundi bakhe xa wathi: “Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.”—Mateyu 6:9-13.
Loo mazwi omthandazo kaYesu ongumzekelo aye aphindaphindwa izihlandlo ezininzi. Nangona uKristu wayengalindelanga ukuba abalandeli bakhe bokwenyaniso bawucengceleze loo mthandazo, izicelo zabo ezivakalisa iingcamango ezifanayo ngokuqinisekileyo ziya kuphendulwa. (Mateyu 6:7, 8) Ngoko, kuthetha ukuthini ukungcwalisa igama likaThixo? Kutheni simele sithandazele ukufika koBukumkani bukaThixo? Yaye kutheni simele sicele ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe?
“Malingcwaliswe Igama Lakho”
UYehova, “Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke,” Nguye uYesu awambiza ngokuthi “Bawo wethu osemazulwini.” (INdumiso 83:18) UThixo ‘wawazala’ amaSirayeli ngokuwakhulula kubukhoboka baseYiputa nangokuwangenisa kulwalamano lomnqophiso kunye naye. (Duteronomi 32:6, 18; Eksodus 4:22; Isaya 63:16) Namhlanje, amaKristu athanjisiweyo ayamhlonela uYehova njengoYise. (Roma 8:15) Ngokunjalo namaqabane awo, anethemba lasemhlabeni, athandaza kuYehova uThixo njengoYise.—Yohane 10:16; ISityhilelo 7:1-9.
Kodwa kutheni simele sithandazele ukuba igama likaThixo lingcwaliswe? Kaloku, ukususela kwimvukelo yesibini sokuqala esingabantu emyezweni wase-Eden, igama likaThixo liye langcikivwa. Ephendula loo mthandazo, uYehova uya kususa yonke ingcikivo eye yafunjwa kwigama lakhe lesikhumbuzo. (INdumiso 135:13) Oku uya kukwenza ngokususa ubungendawo emhlabeni. Mayela nelo xesha, esebenzisa umprofeti uHezekile uThixo wathi: “Ndiya kuzikhulisa, ndizingcwalise, ndizazise ngokwam emehlweni eentlanga ezininzi; zazi ukuba ndinguYehova.”—Hezekile 38:23.
UYehova uThixo ungcwele yaye ucocekile. Ngoko ke igama lakhe lifanele lingcwaliswe, okanye liphathwe ngobungcwele. Ubungcwele bakhe uya kububonakalisa ngokuthabatha isenzo sokuzingcwalisa phambi kwayo yonke indalo. (Hezekile 36:23) Abo bafuna inkoloseko yakhe nobomi obungunaphakade bamele bamoyike uYehova baze balingcwalise igama lakhe ngokuligcina njengelahlukileyo neliphakamileyo kuwo onke amanye. (Levitikus 22:32; Isaya 8:13; 29:23) Ngenxa yoko, uYesu waxelela abafundi bakhe ukuba bathandaze bathi: “Malingcwaliswe igama lakho” okanye, “maliphathwe ngobungcwele.” Sinokuqiniseka ukuba uThixo uya kuyiphendula le nxalenye yomthandazo kaYesu ongumzekelo.
“Mabufike Ubukumkani Bakho”
Kwakhona uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Mabufike ubukumkani bakho.” Ngokuqinisekileyo imithandazo yokuba mabufike uBukumkani bukaThixo iya kuphendulwa. UBukumkani lulawulo lukaYehova njengomongami njengoko luphunyezwa ngorhulumente kaMesiya olawulwa nguNyana wakhe, uYesu Kristu, kunye namaqabane akhe “abangcwele.” (Daniyeli 7:13, 14, 18, 22, 27; Isaya 9:6, 7) Kudala amaNgqina kaYehova engqina ngokusuka eZibhalweni ukuba uYesu wabekwa etroneni njengoKumkani wasezulwini ngonyaka we-1914. Ngoko, kutheni ubani efanele athandazele ukuba uBukumkani “bufike”?
Enyanisweni ukuthandazela ukuba uBukumkani bufike kuthetha ukucela ukuba bufike nxamnye nabo bonke abachasi bolawulo lukaThixo emhlabeni. Kungekudala ngoku “ubukumkani [bukaThixo] . . . buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani [zasemhlabeni], bona bume ngonaphakade.” (Daniyeli 2:44) Esi siganeko siya kuba negalelo ekungcwalisweni kwegama likaYehova elingcwele.
“Makwenziwe Ukuthanda Kwakho”
Ngokubhekele phaya uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bathandaze bathi: “Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” Esi sisicelo sokuba uYehova enze ngokuvisisana nokuthanda kwakhe ngomhlaba. Siyafana noko kwavakaliswa ngumdumisi: “Konke akuthandileyo uYehova uyakwenza, ezulwini nasemhlabeni, ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila. Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi, imvula wayenzela imibane; ulorhola umoya koovimba bakhe. Owawabulalayo amazibulo aseYiputa, ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni; wathumela imiqondiso nezimanga phakathi kwakho, Yiputa, kuFaro nakubakhonzi bakhe bonke; owabulala iintlanga ezinkulu, wabulala ookumkani abanamandla.”—INdumiso 135:6-10.
Ukuthandazela ukuba ukuthanda kukaYehova kwenzeke emhlabeni kusisicelo sokuba aphumeze iinjongo zakhe ngokubhekisele kulo mhlaba. Oku kuquka ukususa ngonaphakade abachasi bakhe, kanye njengokuba wabasusayo ngomlinganiselo omncinane kumaxesha amandulo. (INdumiso 83:9-18; ISityhilelo 19:19-21) Imithandazo yokuba ukuthanda kukaYehova kwenziwe emhlabeni wonke nakwindalo iphela ngokuqinisekileyo iya kuphendulwa.
Xa UBukumkani Bulawula
Kunokuba kubekho ubungendawo obuzalise ibutho labantu ngoku, kunokulindelwa ntoni xa uBukumkani bukaThixo bulawula yaye ukuthanda kukaThixo kusenziwa emhlabeni njengasezulwini? Ngokutsho kompostile uPetros, “ngokwedinga [likaThixo] silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) “Elitsha izulu” ngamandla okomoya okulawula ngobulungisa—uYesu Kristu neendlalifa kunye naye ezili-144 000 kuBukumkani basezulwini. (Roma 8:16, 17; ISityhilelo 14:1-5; 20:4-6) “Omtsha umhlaba” asilogaqa lomhlaba elilelinye. Kunoko, libutho labantu abangamalungisa elihlala emhlabeni.—Thelekisa INdumiso 96:1.
Ngaphantsi kolawulo loBukumkani, umhlaba uya kuguqulelwa ekubeni yiparadisi yomhlaba wonke. (Luka 23:43) Luya kwandula ke lonke uluntu oluthobelayo lunandiphe uxolo nempumelelo yokwenyaniso. (INdumiso 72:1-15; ISityhilelo 21:1-5) Unokuba phakathi kwezo nginginya zabantu zonwabileyo ukuba ungummeli othembekileyo wolawulo lukaMesiya phezu kwabalawulwa abathobelayo basemhlabeni. Abameli bolawulo olunjalo ngokunyaniseka bathandazela ukungcwaliswa kwegama likaYehova, ukufika koBukumkani bakhe, nokuba ukuthanda kwakhe kwenziwe. Imithandazo yabo esuka entliziyweni ngokuqinisekileyo iya kuphendulwa.