Imizekeliso—Undoqo Ekufikeleleni Iintliziyo
UDAVIDE ebebalekela ukusindisa ubomi bakhe. Utshaba lwakhe nguSawule, ukumkani othanjisiweyo wakwaSirayeli. Phofu ke, uSawule lo yindoda emthiye gqitha uDavide, ibe unekhwele. Kwiphulo lakhe lokuzama ukumbulala, ukumkani ngoku uze nabaphumi-mkhosi abangama-3 000. Bembalwa gqitha ngenani, uDavide namadoda akhe bazimele engontsini yomqolomba entlango.
Njengokuba uDavide namadoda akhe bengungelene ndawonye ebumnyameni, kwenzeka into eyothusayo. Ukumkani uSawule ungena kanye kulo mqolomba ezokuzikhulula kwindalo. UDavide uyachwechwa uya kolu tshaba lwakhe lungenakuzinceda, ephethe ikrele. Kodwa uDavide akambulali ukumkani, nto leyo iwamangalisayo amadoda akhe. Kuphela nje usika isondo lengubo kaSawule. Ezisola kwanangoku, uDavide uthi: “Makube lee kum, ngenxa kaYehova, ukuthi ndiyenze loo nto enkosini yam, umthanjiswa kaYehova, ndisise isandla sam kuye; ngokuba ungumthanjiswa kaYehova.”—1 Samuweli 24:1-6.
Le ngxelo yeBhayibhile isifundisa isifundo sobulumko sokuhlonela igunya elimiswe nguThixo. Ikwafikelela intliziyo, mhlawumbi ngokunomphumo ngakumbi kunesiluleko esingqalileyo. Zinamandla gqitha iingxelo ezibhalwe eLizwini likaThixo ezilungiselelwe ukwenzela ukufundiswa kwethu.—Roma 15:4.
Ngenxa yoko, amaNgqina kaYehova azabalazela ukwenza okungakumbi kunokusuka nje abeke izibakala xa eshumayela iindaba ezilungileyo, eqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya, enikela iintetho ezingokweZibhalo, okanye enikela ubungqina ngokungacwangciswanga. Azama ukufikelela iintliziyo ngokubalisa amava nokusebenzisa imizekeliso. Incwadi yawo Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo icacisa isithi: “Imizekeliso ivuselela umdla ize ibalaselise iingcamango eziyimbaluleka. Ishukumisa amandla okucinga kukabani yenze kube lulana ukunqakula iingcinga ezintsha. Imizekeliso ehlelisisiweyo ihlanganisa ubhenelo lwengqiqo nontlithwano lwemvakalelo. . . . Ngamathuba athile, umzekeliso unokusetyenziselwa ukuphamba intiyo okanye inkcaso.”a—Iphepha 168.
Kwincwadi yakhe ethi Essentials of Public Speaking, uWarren DuBois uthi: “Vumela umbhali okanye isithethi ukuba sivakalise iingcamango zaso ngezenzo okanye ngamazwi abantu, yaye nombandela oyindinisa usuka ube nentsingiselo.” Ngaloo ndlela, ukongezelela intsingiselo kwisigidimi sakho esisele sidlamkisa nesinik’ ubomi kuqinisekile ukunceda abalungiseleli bamaKristu ekufikeleleni iintliziyo.
Imizekeliso Efundisayo
Luhlobo olunjani lwemizekeliso ephumelela ngakumbi? Ngokuqhelekileyo, ngulowo usekelwe kwinto abaphulaphuli abanokuyiqonda ngokulula. UYesu Kristu wamisela umzekelo omhle kule nkalo. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathetha ngezinto eziqhelekileyo ezinjengetyuwa, izibane neentaka. (Mateyu 5:1–7:29) Ngokomzekelo, wonk’ ubani wayeqhelene nezibane ezazivutha ngeoli yeminquma yaye maxa wambi ezazibekwa esiphathweni sesibane. Ngoko ke, abafundi bakaYesu bamele ukuba bakuqonda ukuba bafanele babe zizikhanyiso zokukhanya kokomoya xa wabaxelela oku: “Kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini.” (Mateyu 5:15, 16) Imizekeliso engantsonkothanga efanelekele umbandela iya kunceda abalungiseleli abangamaKristu ukuba bacacise iingcamango neemfundiso zeBhayibhile.
Mhlawumbi imizekeliso kaYesu enamandla yayibhekiselwa ebantwini. Khawucinge ngaleyo ibhalwe kuLuka isahluko 15 nese-16. Ababhali nabaFarisi baye bamgxeka uYesu ngokwamkela aboni nababuthi berhafu. Ephendula oko, wabalisa amabali achukumisayo angabantu. Wathetha ngomalusi owafumana imvu yakhe ebilahlekile, unyana wolahleko owabuyela ekhaya negosa elalingalungisi.
Imizekeliso yokwenene namava okwenene obomi asenokusebenziseka gqitha kumlungiseleli ongumKristu. Ngokomzekelo, phawula indlela uAlexander H. Macmillan, owahamba-hamba kwiindawo ezikude njengesithethi sasesidlangalaleni kangangeminyaka engama-60, awacacisa ngayo inyaniso yeBhayibhile engabafileyo. Kungekudala ngaphambi kokufa kukayise, owayekholelwa ukuba umphefumlo awufi, uMacmillan wancokola naye wenjenje:
“Ubawo wandibuza umbuzo ongqalileyo othi: ‘Nyana, ngaba ndiza kuba nesithukuthezi engcwabeni ngoxa ndisalinde ubukumkani ukuba buqalise umsebenzi wabo wokuzalisa umhlaba ngezinto ezifezekileyo?’
“Lowo yayingumbuzo owawungenakuphendulwa ngokulula ngumfana ngendlela enokwanelisa umntu omdala owayengazange acinge nokucinga ngento elolo hlobo.
“Ekumphenduleni ndambuza oku: ‘Tata, ulele kakuhle phezolo?’
“Waphendula wathi, ‘Ewe, nyana wam, ndilele kakuhle emva kokuba ugqirha endinike iipilisi zokulala.’
“‘Ngaba ubunesithukuthezi ngoxa ubulele?’
“‘Hayi, bendingenaso. Akwaba bendinokulala lonke ixesha, kuba xa ndilele andiva zintlungu.’”
UA. H. Macmillan wandula ke wafundela uyise uYobhi 14:13-15 nesesi–3:17-19 waza wathi: “Ngoko ke uyabona, tata, abafileyo bakubuthongo bokufa yaye abazi nto ngoxa bekuloo meko, ngoko banokuba nesithukuthezi njani?”
Enjani yona ndlela yokufundisa ngokuphumelelayo! Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova, nawe unokuzisebenzisa izibhalo nemizekeliso ukuze ufikelele ingqondo nentliziyo.
Ukufumana Imizekeliso
Kodwa unokuyifumana phi imizekeliso enomphumo okanye amava okwenene obomi? Amaninzi unokuwathabatha kuvimba wakho wamava obuqu. Ngokomzekelo, ngaba ufuna ukubonisa iintsikelelo zokuba nokholo, amandla omthandazo, okanye uvuyo oluzuzwa kubulungiseleli? Ukuba ungumKristu ozahluleleyo, kusenokuba unokubalisa iziganeko ezahlukahlukeneyo ezenzeka ebomini bakho. Unokuva amava amnandi kwiintlanganiso zebandla okanye xa uncokola namaKristu okhonza kunye nawo. Okanye usenokufunda amava akhuthazayo kwiYearbook of Jehovah’s Witnesses. Enyanisweni, iWatch Tower Publications Index yenza ukwazi ukufumana amava ashicilelweyo avela kulo lonke ihlabathi.
Ngaba unokuwabalisa njani amava ngendlela ephumelelayo? Phakathi kwezinye izinto ukwakha umlinganiselo othile wolindelo ukunceda ukuba ugcine abaphulaphuli bakho benomdla. Usenokuqala amava ngokuthi: “Omnye uvulindlela wafunda ngokusuka kuye ngendlela uYehova abasikelela ngayo abo bakholose ngaye.” Ngoko nangoko, abaphulaphuli bakho bayazibuza ukuba ziintsikelelo ezinjani ezinanditshwa ngumshumayeli woBukumkani wexesha elizeleyo. Qiniseka ngokubaxelela.
Zama ukuwabalisa amava ngawakho amazwi. Nikela iinkcukacha, kuba ngokwenjenjalo wenza ukuba ibali lakho libe nomdla ongakumbi. Ngokuzoba umfanekiso ocacileyo weemeko ezibandakanyekileyo, ngokungakumbi unokubaphembelela abaphulaphuli bakho ngokulula. Kodwa qinisekisa ukuba akungeni nzulu gqitha ekubaliseni eli bali kangangokuba abaphulaphuli bakho basilele ukuqonda isizathu sokuba ube ubalisa loo mava. Kwakhona, kuphephe ukuzibaxa izinto, kuba nangona oku kusenokwenza ibali libe lelinomdla ngakumbi, kusenokubangela ukuthandatyuzwa koko ukuthethayo. Ngesizathu esifanayo, kuphephe ukugqithisa undiva okanye ubalise amava ongenabungqina bawo.
Ukuyenza IBhayibhile Iphile
Awona mava afundisayo afumaneka eBhayibhileni ngokwayo. Ngokomzekelo, masithi unqwenela ukubonisa umfundi weBhayibhile okanye abaphulaphuli ukuba abantwana banokuma ngakwicala likaYehova uThixo. Usenokugqiba ngokusebenzisa ingxelo yentombazana engabizwanga ngegama eyathetha nomfazi kaNahaman ngomprofeti kaYehova uElisha. Okokuqala, funda ingxelo ekweyesi-2 yooKumkani 5:1-5. Usenokubuza ke ngoko uthi: “Ngaba ucinga ukuba kwakunzima kangakanani ngale ntombazana ukuba igcine ingqibelelo kuThixo kwilizwe lonqulo lobuxoki? Ngaba akuzange kufune inkalipho ngayo ukuba ithethe ngokoyisayo ngoYehova nomprofeti wakhe?”
Ukuphanda kwangaphambili kusenokukunceda ukuba uyenze iphile le ngxelo. Usenokuba ufumene iinkcazelo eluncedo phantsi kwemixholo ethi NAAMAN, SYRIA, nothi ELISHA kwiWatch Tower Publications Index. Iimbekiselo ezikwiNew World Translation of the Holy Scriptures zisenokuba zikukhokele ngokusuka kwingxelo ekweyesi-2 yooKumkani zakusa kwiNdumiso 148:12, 13, apho sifunda oku: “Umlisela kwanomthinjana, amadoda amakhulu kunye nabafana: mabalidumise igama likaYehova, ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.” Olunjani lona ukhuthazo okululo oku kubantu abaselula ukuba bathethe ngenkalipho ngelizwi likaThixo!—IZenzo 4:29-31.
Ukuba ungumlungiseleli ongumKristu, ‘yilumkele imfundiso yakho’ kulo mbandela. (1 Timoti 4:16) Musa ukusuka nje uthethe inyaniso—yizekelise. Yenza iingxelo zeBhayibhile zicace yaye zibe nentsingiselo. Sebenzisa amava nemizekeliso efanelekayo. Ezi zindlela zokufikelela intliziyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
NjengoYesu, abalungiseleli abangamaKristu banamhlanje basenokusebenzisa imizekeliso ecacileyo ukudlulisela isigidimi sabo baze bafikelele iintliziyo