Kholosa Ngenkxaso Yeengalo ZikaYehova Ezingunaphakade
“UThixo ongunaphakade uyindawo yakho yokuhlala, yaye ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade.”—DUTERONOMI 33:27, American Standard Version.
1, 2. Kutheni abantu bakaYehova benokuba nentembelo kwinkxaso yakhe?
UYEHOVA ubakhathalele abantu bakhe. Ngokomzekelo, ebudeni bako konke ukubandezeleka kwamaSirayeli, “wabandezeleka”! Ngothando nangovelwano, ‘wawafunqula, wawathwala.’ (Isaya 63:7-9) Ngoko ukuba sithembekile kuThixo, sinokuba nentembelo yokuba uya kusixhasa.
2 Umprofeti uMoses wathi: “Likhaya uThixo wamandulo, ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade.” (Duteronomi 33:27) Enye inguqulelo ithi: “UThixo ongunaphakade uyindawo yakho yokuhlala, yaye ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade.” (American Standard Version) Kodwa iingalo zikaThixo zibaxhasa njani abakhonzi bakhe?
Kutheni Kukho Iingcinezelo Ezininzi Kangaka?
3. Uluntu oluthobekileyo luya kuyinandipha nini ngokupheleleyo ‘inkululeko yozuko lwabantwana bakaThixo’?
3 Ukukhonza uYehova akusikhuseli kwiingcinezelo eziqhelekileyo kubantu abangafezekanga. Umkhonzi kaThixo uYobhi wathi: “Umntu, into ezelwe ngumfazi, imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.” (Yobhi 14:1) Ngokubhekisele ‘kwimihla yeminyaka yethu,’ umdumisi wathi: “Ukuba mininzi kwayo kuzisa iinkathazo nezinto ezibuhlungu.” (INdumiso 90:10, NW) Ubomi buya kuhlala bunjalo de ‘indalo ikhululwe ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.’ (Roma 8:19-22) Oko kuya kwenzeka ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. Ngelo xesha abalawulwa boBukumkani baya kukhululwa esonweni nasekufeni ngedini lentlawulelo likaYesu. Ekupheleni kweWaka Leminyaka, uKristu kunye nookumkani abangababingeleli kunye naye baya kube beluncedile uluntu oluthobekileyo ukuba luzuze imfezeko, yaye amagama abo banyanisekileyo kuThixo ebudeni bovavanyo lokugqibela lukaSathana needemon zakhe aya kubhalwa ngokusisigxina “encwadini yobomi.” (ISityhilelo 20:12-15) Ngoko baya kuyinandipha ngokupheleleyo inkululeko yozuko lwabantwana bakaThixo.
4. Endaweni yokukhalazela imeko esiphila phantsi kwayo, yintoni esifanele siyenze?
4 Okweli thuba, kunokuba sibe sikhalazela imeko esiphila phantsi kwayo, masikholose ngoYehova. (1 Samuweli 12:22; Yuda 16) Kwakhona masibe nombulelo ngoMbingeleli wethu Omkhulu, uYesu, lowo sinokusondela ngaye kuThixo “ukuze samkeliswe inceba, sifumane ubabalo lokusiza ngexesha elililo.” (Hebhere 4:14-16) Masingaze sifane noAdam. Enyanisweni, wamtyhola uYehova ngokuthi umnike umfazi ongendawo, esithi: “Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.” (Genesis 3:12) UThixo usinika izinto ezilungileyo yaye akaze asizisele ingcinezelo. (Mateyu 5:45; Yakobi 1:17) Ngokufuthi sizizisela ngokwethu inkxwaleko ngenxa yokungasebenzisi ubulumko okanye ibangelwa ziimpazamo zabanye. Kwakhona isenokubangelwa kukuba sinesono yaye siphila kwihlabathi elisemandleni kaSathana. (IMizekeliso 19:3; 1 Yohane 5:19) Ukanti, iingalo zikaYehova ezingunaphakade zisoloko zibaxhasa abakhonzi bakhe abanyanisekileyo abakholosa ngaye ngomthandazo baze basisebenzise isiluleko esiseLizwini lakhe.—INdumiso 37:5; 119:105.
Ukuzinyaswa Ngethuba Lokugula
5. Luluphi ukhuthazo abagulayo abanokulufumana kwiNdumiso 41:1-3?
5 Maxa wambi inkoliso yethu iyabandezeleka ngenxa yokugula. Ukanti, uDavide wathi: “Hayi, uyolo lwalowo unyamekela ihlwempu! Ngomhla wobubi uYehova uya kumhlangula. UYehova uya kumlondoloza amgcine, aphile. Kuya kuthiwa unoyolo yena ehlabathini; ungamnikeli elitheni leentshaba zakhe. UYehova uya kumxhasa elukhukweni lobulwelwe; uya kuluguqula ukhuko lwakhe lonke esifeni sakhe.”—INdumiso 41:1-3.
6, 7. UThixo wamnceda njani uDavide xa wayelele ngandletyana nye, yaye oku kunokubakhuthaza njani abakhonzi bakaYehova namhlanje?
6 Umntu onolwazelelelo uyamnceda osweleyo. ‘Umhla wobubi’ unokuba siso nasiphi na isiganeko esibi okanye ithuba elide lengcinezelo emenza buthathaka umntu. Ukholosa ngoThixo ukuba amlondoloze ebudeni bokugula kwakhe, yaye abanye ‘bathi unoyolo ehlabathini’ oko bekwenza ngokusasaza udaba lwemisebenzi kaYehova yenceba ngakuye. UThixo wamxhasa uDavide “elukhukweni lobulwelwe,” mhlawumbi ebudeni bexesha elimaxongo laxa unyana kaDavide uAbhisalom wayefuna ukuhlala etroneni yakwaSirayeli.—2 Samuweli 15:1-6.
7 Ekubeni uDavide wabonisa ulwazelelelo kumahlwempu, wavakalelwa kukuba uThixo wayeya kumxhasa ngoxa wayelele ngandletyana nye. (INdumiso 18:24-26) Nangona wayegulel’ ukufa, wayenentembelo yokuba uThixo “uya kuluguqula ukhuko lwakhe,” kungekhona ngokumphilisa ngokungummangaliso, kodwa ngokumomeleza ngeengcinga ezithuthuzelayo. Oko bekuya kufana nokungathi uYehova umnyangile kwisigulo sakhe waza wachacha. Ngokufanayo, ukuba sithiwe mbende kukugula njengabakhonzi bakaThixo, iingalo ezingunaphakade zikaYehova ziya kusixhasa.
Intuthuzelo Kwabadandathekileyo
8. Omnye umKristu ogulayo ukubonise njani ukuxhomekeka kwakhe kuThixo?
8 Ukugula kusenokusenza sidandatheke. Omnye umKristu ogula ngokungaginyisi mathe, oye maxa wambi aphelelwe ngamandla angakwazi nokufunda, ubalisa esithi, “Oku kundenza ndidandatheke ngolona hlobo, ndizive ndiyintw’ engento, suke kusenjalo zithi waxa iinyembezi.” Esazi ukuba uSathana ufuna ukumaphula uluvo ngokuthi amenze azive edimazekile, uyalwa, eqonda ukuba ngoncedo lukaYehova akanakunikezela. (Yakobi 4:7) Le ndoda ilukhuthazo kwabanye abaziyo ukuba ikholose ngoThixo. (INdumiso 29:11) Naxa ilele esibhedlele, itsalela abagulayo umnxeba nabanye ukuze ibomeleze ngokomoya. Yona ngokwayo yomelezwa kukuphulaphula iikhasethi ezirekhodiweyo zeeKingdom melodies nangamanqaku akulindixesha onjengalo nakwiphephancwadi, uVukani!, nangokunxulumana namaKristu ekhonza kunye nawo. Lo mzalwana uthi: “Ndithetha rhoqo noYehova ngomthandazo, ndimcela ukuba andomeleze, andalathise, andithuthuzele, aze andincede ndinyamezele.” Ukuba ungumKristu onempilo enkenenkene, ngalo lonke ixesha kholosa ngoYehova uze uthembele kwinkxaso yeengalo zakhe ezingunaphakade.
9. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba maxa wambi nabantu abahlonel’ uThixo bayathwaxwa kukudandatheka?
9 Ukudandatheka kuyingxaki yamhlamnene. Ngoxa wayevavanywa, uYobhi wathetha njengomntu oziva elahliwe nguThixo. (Yobhi 29:2-5) Ukuxhalabela ukuphanziswa kweYerusalem neendonga zayo kwamenza uNehemiya wathi khunubembe, yaye uPetros wayedandatheke kakhulu ngokukhanyela uKristu kangangokuba walila ngokukrakra. (Nehemiya 2:1-8; Luka 22:62) UEpafrodito wadandatheka kuba amaKristu aseFilipi evayo ukuba wayegula. (Filipi 2:25, 26) Ukudandatheka kwathwaxa namanye amaKristu aseTesalonika, kuba uPawulos wababongoza abazalwana apho ukuba “bayithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.” (1 Tesalonika 5:14, NW) Ngoko uThixo ubanceda njani abantu abanjalo?
10. Yintoni esenokusinceda kwimizamo yethu yokumelana nokudandatheka?
10 Umntu ufanele azenzele isigqibo sobuqu ngokuphathelele unyango lodandatheko oluqatha.a (Galati 6:5) Ukuphumla ngokwaneleyo nokulungelelana emsebenzini kusenokunceda. Kunokubopha ngabande linye iingxaki eziliqela njengowona mqobo uyintloko, umntu odandathekileyo usenokukufumanisa kuluncedo ukuzama ukuzicombulula nganye nganye. Intuthuzelo yabadala bebandla isenokuba luncedo kakhulu, ingakumbi ukuba le ngxaki engokweemvakalelo ibangela ukuxhalatyelwa kobumoya bukabani. (Yakobi 5:13-15) Ngaphezu kwako konke, kubalulekile ukukholosa ngoYehova, ‘siphosele lonke ixhala lethu kuye, kuba usikhathalele.’ Ukuthandaza ngokuzingisileyo nangokusuk’ entliziyweni kunokumzisela ubani ‘uxolo lukaThixo, oluya kuzigcina iintliziyo zethu neengqiqo zethu kuKristu Yesu.’—1 Petros 5:6-11; Filipi 4:6, 7.
UYehova Uyasinceda Sinyamezele Intlungu
11-13. Yintoni enokunceda ukudambisa intlungu yokufelwa ngothandekayo?
11 Enye into edandathekisayo kukufelwa ngothandekayo. UAbraham wakulilela ukuphulukana nomfazi wakhe, uSara. (Genesis 23:2) Ekufeni konyana wakhe uAbhisalom, uDavide waba buhlungu kunene. (2 Samuweli 18:33) Ewe, kwanendoda efezekileyo uYesu “walila” xa kwafa umhlobo wakhe uLazaro! (Yohane 11:35) Ngoko kuba buhlungu xa ukufa kusuba ubomi bomntu othandekayo. Kodwa yintoni enokunceda ekudambiseni intlungu enjalo?
12 UThixo uyabanceda abantu bakhe banyamezele intlungu egqithiseleyo yokufelwa. ILizwi lakhe lithi kuza kubakho uvuko. Ngenxa yoko, ‘asibi buhlungu njengabanye abangenathemba.’ (1 Tesalonika 4:13; IZenzo 24:15) Umoya kaYehova uyasinceda ukuba sibe noxolo nokholo size sicamngce ngekamva elimangalisayo elithenjiswe eLizwini lakhe, ukuze singakrekrethwa ziingcinga ezibuhlungu zofileyo othandekayo. Okunye okuthuthuzelayo kukufunda iZibhalo nokuthandaza ‘kuThixo onako konke ukuthuthuzela.’—2 Korinte 1:3, 4; INdumiso 68:4-6.
13 Sinokuthuthuzelwa lithemba lovuko njengoko kwaba njalo ngoYobhi ohlonel’ uThixo owathi: “Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo [Yehova], undisithelise ude ubuye umsindo wakho; undimisele umda, undikhumbule ke! Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, kude kufike ukukhululwa kwam. Ubungabizayo ke, ndisabele mna, uwulangazele umsebenzi wezandla zakho.” (Yobhi 14:13-15) Ngokuqhelekileyo asibi buhlungu kangako xa umhlobo wethu osenyongweni eseluhambeni, kuba sinethemba lokuphinda simbone. Intlungu enzulu ebangelwa kukufelwa inokuncitshiswa ngandlel’ ithile ukuba sikugqala ukufa komKristu othembekileyo ngendlela efanayo. Ukuba wayenethemba lokuphila emhlabeni, uza kuvuswa ekufeni apha emhlabeni ebudeni boLawulo lukaKristu Lweminyaka Eliwaka. (Yohane 5:28, 29; ISityhilelo 20:11-13) Yaye ukuba sinethemba lokuphila emhlabeni ngonaphakade, sisenokuba lapha ukuze samkele othandekayo wethu eluvukweni.
14. Abahlolokazi ababini abangamaKristu bamelana njani nokuswelekelwa ngabayeni babo?
14 Omnye udade, emva kokufelwa ngumyeni wakhe, wayesazi ukuba kwakufuneka aqhubeke nomsebenzi wakhe enkonzweni kaThixo. Ngaphandle kokuxakeka ‘kukuphuphuma umsebenzi weNkosi,’ wenza isigqumathelo somandlalo seziziba ezidityanisiweyo ezingama-800. (1 Korinte 15:58) Uthi, “Lo yayingumsebenzi omhle, kuba ngalo lonke ixesha ndisebenza ndandinokuphulaphula iiKingdom melodies neekhasethi zeBhayibhile, ezaziyigcina ingqondo yam ixakekile.” Ngovuyo ukhumbula ukutyelelwa kwakhe ngumdala onamava nowakwakhe. Ngokusuka eBhayibhileni, lo mdala wabonisa ukuba ngokwenene uThixo uyabanyamekela abahlolokazi. (Yakobi 1:27) Elinye ibhinqa elingumKristu alizange lizivumele ukuba likrekrethwe ngumvandedwa xa laswelekelwa yindoda yalo. Laliyixabisa inkxaso yabahlobo laza labonakalisa umdla omkhulu kwabanye. Lithi, “Ndandithandaza ngokufuthi ngakumbi yaye ndahlakulela ulwalamano olusondele ngakumbi noYehova.” Yaye enjani yona intsikelelo ekuyiyo ukuxhaswa ziingalo zikaThixo ezingunaphakade!
Uncedo Xa Sinxaxha
15. Uyintoni umongo wamazwi kaDavide akwiNdumiso 19:7-13?
15 Nangona siwuthanda umthetho kaYehova, maxa wambi siyanxaxha. Ngokungathandabuzekiyo oku kuyasidandathekisa, njengoko kwakunjalo nangoDavide, owayeyinqwenela nangaphezu kwegolide imithetho, izikhumbuzo, imiyalelo nezigwebo zikaThixo. Wathi: “Zikwamkhanyisela umkhonzi wakho; ekuzigcineni mkhulu umvuzo. Ukulahleka, ngubani na okuqondayo? Ndenze msulwa kokusitheleyo. Kwanasekukhukhumaleni mnqande umkhonzi wakho; makungandilawuli; ukuze ndandule ukuba ngogqibeleleyo, ndibe msulwa ekukreqeni okukhulu.” (INdumiso 19:7-13) Makhe siwahlalutye la mazwi.
16. Kutheni sifanele sikuphephe ukuzikhukhumalisa?
16 Izenzo zokuzikhukhumalisa zisisono esinzulu ngakumbi kuneempazamo nje. USawule wacekiswa ukuba angabi ngukumkani ngenxa yokunyusa idini ngokuzikhukhumalisa nangokusindisa ukumkani uAgagi wama-Amaleki nangokuthabatha ezona zinto zixabisekileyo zamaxhoba akhe, nakubeni uThixo wayeyalele ukuba ama-Amaleki aphanziswe. (1 Samuweli 13:8-14; 15:8-19) UKumkani u-Uziya wabethwa ngeqhenqa ngokuthi ngokuzikhukhumalisa enze imisebenzi yababingeleli. (2 Kronike 26:16-21) Xa ityeya yomnqophiso yayisiwa eYerusalem zaza iinkomo ezazitsala inqwelo zayigungqisa, uThixo wambulala u-Uza ngenxa yokubamba kwakhe ngokungenantlonelo iTyeya ukuze ingagungqi. (2 Samuweli 6:6, 7) Ngoko, ukuba asikwazi oko sifanele sikwenze okanye asazi enoba sigunyazisiwe ukwenza okuthile, sifanele sibonakalise ukuthozama yaye simele siqhagamshelane nabo banengqiqo. (IMizekeliso 11:2; 13:10) Kambe ke, ukuba sakhe sazikhukhumalisa, sifanele sithandazele ukuxolelwa size simcele uThixo ukuba asincede sikulumkele ukuzikhukhumalisa kwixesha elizayo.
17. Izono ezifihliweyo zinokumchaphazela njani umntu, kanti kona ukuxolelwa nesiqabu zinokufunyanwa njani?
17 Izono ezifihliweyo zisenokubangela ukudandatheka. Ngokutsho kweNdumiso 32:1-5, uDavide wazama ukusifihla isono sakhe, kodwa wathi: “Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am ngokubhonga kwam imihla yonke. Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho, baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni.” Ukuzama ukudambisa isazela esinetyala kwakumgqiba amandla uDavide, yaye unxunguphalo lwayinciphisa inkalipho yakhe njengomthi ongenawo amanzi anik’ ubomi ngexesha lembalela okanye leengqatsini zehlobo. Ngokucacileyo wabandezeleka engqondweni nasemzimbeni waza waphulukana novuyo ngenxa yokungasivumi kwakhe isono sakhe. Kuphela kukuvuma isono sakhe kuThixo okwakunokumenza axoleleke kuze kumzisele nesiqabu. UDavide wathi: “Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo. . . . Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam.” Uncedo lothando lwabadala abangamaKristu lunokunceda ekukuhlaziyeni kwakhona ngokomoya.—IMizekeliso 28:13; Yakobi 5:13-20.
18. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba isono sinokuba nemiphumo ehlala ihleli, kodwa yintoni enokuba yintuthuzelo kwiimeko ezinjalo?
18 Isono sisenokuba nemiphumo ehlala ithuba elide. Saba njalo kuDavide, owakrexeza noBhatshebha, wenza iyelenqe lokuba kubulawe indoda yakhe, waza watshata lo mhlolokazi wayekhulelwe. (2 Samuweli 11:1-27) Nangona uThixo wabonisa inceba ngenxa yomnqophiso woBukumkani, ngenxa yokuguquka kukaDavide nangenxa yokuba nemfesane kwakhe kwabanye, uDavide ‘waveliselwa ububi obuphuma endlwini yakhe.’ (2 Samuweli 12:1-12) Loo mntwana wobuhenyu wafa. Unyana kaDavide uAmnon wadlwengula udade wabo ngoyise uTamare waza wabulawa ngokomyalelo womntakwabo uAbhisalom. (2 Samuweli 12:15-23; 13:1-33) UAbhisalom wamhlazisa uDavide ngokulala namashweshwe kaDavide. Wazama ukurhwaphiliza itrone kodwa wabulawa. (2 Samuweli 15:1–18:33) Kanti futhi isono siba nemiphumo yamva. Ngokomzekelo, umenzi-bubi osusiweyo kubudlelane usenokuguquka aze abuyiselwe kwakhona ebandleni, kodwa kusenokuthabatha iminyaka ukuzenzela igama elihle kwakhona nokuphelisa umvandedwa obangelwa seso sono. Okwangoku, hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukuxolelwa nguYehova nokuxhaswa ziingalo zakhe ezingunaphakade!
Ukuhlangulwa Kwiingcinezelo Esijamelana Nazo
19. Unokusinceda njani umoya kaThixo xa sijamelene nesilingo esiqatha?
19 Xa sijamelene nesilingo esiqatha, sisenokuswela ubulumko namandla awaneleyo okwenza izigqibo nawokuziphumeza. Kwimeko elolo hlobo, umoya kaThixo “uncedisana nokuswela kwethu amandla; kuba esingakuthandazelayo ngokoko simelwe kukuthandaza ngako, asikwazi; uthi ke uMoya ngokwakhe asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.” (Roma 8:26) Ukuba uYehova uyaziguqula iimeko, sifanele sibe nombulelo. Ukanti, ingalo yakhe isenokusisindisa ngenye indlela. Ukuba sithandazela ubulumko, uYehova ngomoya wakhe usenokusibonisa oko sifanele sikwenze aze asinike amandla afunekayo okukwenza. (Yakobi 1:5-8) Ngoncedo lwakhe, sinokunyamezela xa ‘sisiva ubuhlungu phakathi kwezilingo ngezilingo’ size siphumelele kuzo sinokholo oluvavanyiweyo nolomeleleyo.—1 Petros 1:6-8.
20. Yintoni esiya kuyinandipha ukuba ngokwenene sikholosa ngenkxaso yeengalo zikaYehova ezingunaphakade?
20 Masingaze sirhoxobise ekusondeleni kuThixo ngomthandazo. UDavide wathi: “Amehlo am ahlala emi kuYehova, ngokuba nguye ozirholayo eluthanjeni iinyawo zam. Ndibheke, undibabale, ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile. Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe; ndikhuphe ekucuthekeni kwam. Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam, uxolele zonke izono zam.” (INdumiso 25:15-18) NjengoDavide, siya kunandipha ukuhlangulwa nguThixo, ukuba ngabakholekileyo kuye kwanokuxolelwa nguye ukuba ngokwenene sikholose ngenkxaso yeengalo zikaYehova ezingunaphakade.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona amanqaku axubusha ngokudandatheka kuVukani! kaNovemba 8, 1987, iphepha 17-30, nokaNovemba 8, 1987, iphepha 12-16 (ngesiNgesi).
Ubuya Kuphendula Njani?
◻ UYehova ubanceda njani abakhonzi bakhe xa begula?
◻ Yintoni esenokusinceda xa sizama ukumelana nodandatheko?
◻ Yintoni enokunceda ukudambisa intlungu yokufelwa ngothandekayo?
◻ Abo bazifihlayo izono zabo banokusifumana njani isiqabu?
◻ Luluphi uncedo olufumanekayo xa abantu bakaYehova bejamelene nesilingo esiqatha?
[Umfanekiso okwiphepha 16, 17]
Sinokuthuthuzelwa lithemba lovuko, njengoko kwaba njalo nakuYobhi ohlonel’ uThixo