Imibuzo Evela Kubafundi
Kwakutheni ukuze uNowa athume ihlungulu aze alandelise ngehobe?
IBhayibhile ayinikeli nkcazelo ineenkcukacha. Noko ke, kuyabonakala ukuba ikhondo likaNowa lalinengqiqo.
Kangangeentsuku ezingama-40 nobusuku obungama-40 emhlabeni kwakukho imvula enkulu, eyabangela unogumbe owagubungela kwaneencopho zeentaba kangangeenyanga ezintlanu. Waza ‘umkhombe wazimisa phezu kweentaba zaseArarati.’ (Genesis 7:6–8:4) Kwiinyanga ezalandelayo, emva kokuba ‘zibonakele iincopho zeentaba,’ uNowa “wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula.”—Genesis 8:5, 7.
Kwakutheni ukuze athume ihlungulu? Le ntaka ayidinwa msinya kukubhabha, yaye inokuphila ngeentlobontlobo ezininzi zokutya, kuquka inyama efileyo. Kusenokuba uNowa wathuma ihlungulu ukuze abone enoba laliya kubuya okanye laliya kuhlala ngaphandle komkhombe kusini na, mhlawumbi lisidla iintsalela zezidumbu ezazidunduluzile njengoko amanzi ayewutha nomhlaba uvela. Noko ke, ihlungulu alizange lihlale ngaphandle komkhombe. IBhayibhile ithi labuya, kodwa ayithi labuyela kuNowa. Mhlawumbi labuya laza lahlala phezu komkhombe njengoko lalimana ukubhabha ukuze lifumane ukutya okudada phezu kwamanzi awayemaninzi.
Kamva, uNowa wakhetha ukuthuma ihobe. Sifunda oku: “Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni.” (Genesis 8:9) Oku kubonisa ukuba ngendlela yalo, ihobe lalinokufumanisa enoba amanzi omkhukula ayewuthile kusini na. Amahobe abonakalisa intembelo esengqiqweni ebantwini. UNowa wayenokulindela ukuba ihobe laliya kubuya, ingekuba laliya kubuyela nje ukuphumla phezu komkhombe, kodwa laliya kubuyela kuNowa ngokwakhe.
Kuthiwa amahobe aphumla kuphela phezu komhlaba owomileyo, aziwa ngokubhabhela phantsi ezintlanjeni, yaye adla imifuno. (Hezekile 7:16) IGrzimek’s Animal Life Encyclopedia ithi: “Njengokuba kunjalo ngawo onke amavukuthu namahobe atya iinkozo namandongomane, kuba nzima kuwo ukuzuza ukutya xa umhlaba ugqunywe likhephu [okanye amanzi] ngokuqhubekayo ngaphezu kosuku olunye, kuba ukudla kwawo okuninzi kufumaneka phezu komhlaba.” Ngoko ihobe lalinokuzisa kuNowa ubungqina obuthile bokuba lalifumene umhlaba owomileyo okanye izityalo ezihlumayo. Isihlandlo sokuqala uNowa awalithuma ngaso, ihobe lasuka nje labuyela kuye emkhombeni. Isihlandlo sesibini, ihobe labuya liphethe igqabi lomnquma. Kwisihlandlo sesithathu, alizange libuye, linikela ubungqina bokuba kwakunokwenzeka yaye kwakukhuselekile ngoNowa ukuba aphume emkhombeni.—Genesis 8:8-12.
Ngoxa abathile besenokucinga ukuba ezi ziinkcukacha eziziveleleyo, isibakala sokuba le ngxelo ibe ingqale ngolu hlobo, kungekho nawaphi na amalinge okuzama ukunikela iingcaciso ezipheleleyo, ibonisa ukuthembeka kweBhayibhile. Isinika isizathu esongezelelekileyo sokuba siyamkele le ngxelo njengechane ngokunyanisekileyo, ingeyiyo eyiliweyo okanye ebunjiweyo. Ukungabikho kweenkcukacha neengcaciso ezininzi kukwabonisa izinto ezibangel’ umdla amaKristu athembekileyo anokufuna ukuzibuza kuNowa xa evusiwe aze akwazi ukuzichaza ngokwakhe iinkcukacha zezenzo zakhe.—Hebhere 11:7, 39.