Inkululeko Esiyinikwe NguThixo Izisa Uvuyo
“Uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.”—NEHEMIYA 8:10.
1. Luyintoni uvuyo, yaye kutheni abo bazahlulele kuThixo benokuba nalo?
UYEHOVA uzizalisa ngovuyo iintliziyo zabantu bakhe. Olu lonwabo okanye ukumemelela okukhulu kungumphumo wokufumana okanye wokulindela ukulunga. Abantu abazahlulele kuThixo banokuba nayo le mvakalelo ngenxa yokuba uvuyo lusisiqhamo somoya wakhe oyingcwele, okanye amandla asebenzayo. (Galati 5:22, 23) Ngoko nokuba sifikelwa ziimvavanyo ezinxunguphalisayo, sinokuvuya njengabakhonzi bakaYehova, abakhokelwa ngumoya wakhe.
2. Kwakutheni ukuze amaYuda avuye ngesihlandlo esithile esikhethekileyo ngomhla kaEzra?
2 Ngesihlandlo esithile esikhethekileyo ngenkulungwane yesihlanu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, amaYuda asebenzisa inkululeko awayeyinikwe nguThixo ukuze aqhube uMthendeleko Weminquba owawusisihlandlo sovuyo eYerusalem. Emva kokuba uEzra nabanye abaLevi bewafundele baza bawacacisela uMthetho kaThixo, “besuka bonke abantu, baya kudla, basela, bathuma izabelo, bavuya kakhulu; ngokuba bawaqonda amazwi ababewaxelelwa.”—Nehemiya 8:5-12.
Uvuyo LukaYehova Ligwiba Lethu
3. Kuphantsi kwaziphi iimeko olunokuthi “uvuyo lukaYehova” lube ligwiba lethu?
3 Ebudeni baloo mthendeleko, amaYuda abuqonda ubunyaniso bala mazwi: “Uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.” (Nehemiya 8:10) Olu vuyo lukwaligwiba lethu ukuba siyimela ngokuqinileyo inkululeko esiyinikwe nguThixo njengamaNgqina kaYehova azahluleleyo nabhaptiziweyo. Imbinana yethu iye yathanjiswa ngomoya oyingcwele yaza yamkelwa kwintsapho kaThixo njengeendlalifa zasezulwini kunye noKristu. (Roma 8:15-23) Inkoliso yethu namhlanje inethemba lobomi kwiparadisi esemhlabeni. (Luka 23:43) Hayi indlela esifanele sivuye ngayo!
4. Kutheni amaKristu enokunyamezela iimbandezelo neentshutshiso?
4 Nangona sinamathemba amangalisayo, akulula ukunyamezela ukubandezeleka nokutshutshiswa. Noko ke, sinokukwenza oko ngenxa yokuba uThixo usinika umoya wakhe oyingcwele. Ngenxa yawo sinovuyo nolweyiseko lokuba akukho nto inokusihlutha ithemba lethu okanye uthando lukaThixo. Ngaphezu koko, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuba ligwiba lethu logama nje sisamthanda ngentliziyo, ngomphefumlo, ngamandla nangengqondo yethu yonke.—Luka 10:27.
5. Sinokuzifumana phi izizathu zokuvuya?
5 Abantu bakaYehova banandipha iintsikelelo ezityebileyo yaye banezizathu ezininzi zokuvuya. Ezinye zezizathu zokuvuya zikhankanywe kwincwadi kaPawulos eya kwabaseGalati. Ezinye ziboniswe kwezinye iindawo eZibhalweni. Kuya kusikhuthaza ukuqwalasela ezo ntsikelelo zivuyisayo.
Yixabise Inkululeko Evela KuThixo
6. Kutheni uPawulos wabongoza amaKristu aseGalati ukuba eme eqinile?
6 NjengamaKristu, sinentsikelelo evuyisayo yokuba nokuma okwamkelekileyo kuThixo. Ekubeni uKristu wabakhululayo abalandeli bakhe kuMthetho kaMoses, amaGalati abongozwa ukuba ame aqine yaye angabanjiswa “yiloo dyokhwe yobukhoboka.” Kuthekani ngathi? Ukuba sizama ukuvakaliswa singamalungisa ngokugcina uMthetho, siya kwahlukaniswa noKristu. Noko ke, ngoncedo lomoya kaThixo silinde ubulungisa obuthenjisiweyo obungumphumo wokholo olusebenza ngothando, kungekhona olungumphumo wolwaluko lwenyama okanye eminye imisebenzi yoMthetho.—Galati 5:1-6.
7. Sifanele siyijonge njani inkonzo engcwele esiyinikela kuYehova?
7 Kuyintsikelelo ukusebenzisa inkululeko esiyinikwe nguThixo ukuze ‘simkhonze uYehova sivuya.’ (INdumiso 100:2) Ngokwenene, kulilungelo elingathethekiyo ukunikela inkonzo engcwele ‘kuYehova uThixo, uSomandla,’ oyena “unguKumkani wamaphakade”! (ISityhilelo 15:3, NW) Ukuba kunokuze kwenzeke uzive uphelelwa kukuzixabisa, kusenokuba luncedo ukuqonda ukuba uThixo ukutsalele kuye ngoYesu Kristu waza wakunika isabelo ‘kumsebenzi weendaba ezilungileyo zikaThixo.’ (Roma 15:16; Yohane 6:44; 14:6) Ezinjani izizathu zokuba novuyo nombulelo kuThixo!
8. Ngokubhekisele kwiBhabhiloni Enkulu, sisiphi isizathu sokuvuya abanaso abantu bakaThixo?
8 Omnye unobangela wovuyo kukukhululwa kwethu nguThixo kwiBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 18:2, 4, 5) Nangona eli henyukazi lonqulo ngokomfuziselo “lihleli phezu kwawo amanzi amaninzi,” okuthetha “abantu, nezihlwele, neentlanga, neelwimi,” alihlelanga phezu kwabo, okanye alibaphembeleli ngokonqulo, abakhonzi bakaYehova. (ISityhilelo 17:1, 15) Sivuyela ukukhanya kukaThixo okumangalisayo, ngoxa abaxhasi beBhabhiloni Enkulu besebumnyameni bokomoya. (1 Petros 2:9) Ewe, kusenokuba nzima ukuziqonda ezinye ‘iinzulu zikaThixo.’ (1 Korinte 2:10) Kodwa ukuthandazela ubulumko noncedo lomoya oyingcwele kuya kusinceda siyiqonde inyaniso yeZibhalo ebakhululayo ngokomoya abo banayo.—Yohane 8:31, 32; Yakobi 1:5-8.
9. Ukuba siza kunandipha intsikelelo yokuhlala sikhululwe kubuxoki bonqulo, simele senze ntoni?
9 Sinandipha intsikelelo yokuhlala sikhululekile kubuxoki bonqulo, kodwa ukuze siyigcine loo nkululeko, simele silugatye uwexuko. AmaGalati ayelubaleka kakuhle ugqatso lwamaKristu, kodwa abathile babewathintela ekuthobeleni inyaniso. Ukulukuhlwa okunjalo kwakungaveli kuThixo yaye kwakumele kuxhathiswe. Njengokuba igwele elincinane libilisa intlama iphela, abafundisi bobuxoki okanye ukutyekela kuwexuko kunokonakalisa ibandla liphela. UPawulos wayenga abo babekhuthaza ulwaluko befuna ukukhukulisa ukholo lwabaseGalati bangangapheleli nje ngokwaluswa kodwa barhunulwe amalungu esini. Amazwi abukhali ngokwenene! Kodwa simele siqine ngokufanayo ekuchaseni uwexuko ukuba siza kugcina inkululeko yethu esiyinikwe nguThixo kubuxoki bonqulo.—Galati 5:7-12.
Khonzanani
10. Sinayiphi imbopheleleko njengenxalenye yobuzalwana bobuKristu?
10 Inkululeko esiyinikwe nguThixo isingenise kumanyano lobuzalwana obunothando, kodwa simele sifeze indima yethu yokubonakalisa uthando. AbaseGalati babengamele bayisebenzise inkululeko yabo njengendlela ‘yokuvulela inyama ithuba’ okanye isingxengxezo sokuzingca okungenaluthando. Babemele bakhonzane beshukunyiswa luthando. (Levitikus 19:18; Yohane 13:35) Nathi simele sikuphephe ukuphikisana ngamazwi nentiyo enokuphumela ekubeni sidlane sigqibane. Kakade ke, oku akuyi kwenzeka ukuba sibonisa uthando lobuzalwana.—Galati 5:13-15.
11. Sinokuba yintsikelelo njani kwabanye, yaye banokusisikelela njani?
11 Ngokusebenzisa inkululeko esiyinikwe nguThixo ngokuvisisana nokhokelo lomoya kaThixo, siya kubonakalisa uthando size sibe yintsikelelo kwabanye. Kufanele kube ngumkhwa wethu ukuzivumela silawulwe yaye sikhokelwe ngumoya oyingcwele. Ngaloo ndlela asiyi kutyekela ekuthini ngokungenaluthando sanelise inyama yethu enesono ‘ekhanuka okuchaseneyo nomoya.’ Ukuba sikhokelwa ngumoya kaThixo, siya kwenza ngothando kodwa kungekhona kuba umthetho unyanzelisa intobelo okanye ubohlwaya abenzi bobubi. Ngokomzekelo, uthando—kungekhona nje umthetho—luya kusithintela ekuhlebeni abanye. (Levitikus 19:16) Uthando luya kusishukumisela ukuba sithethe size senze izinto ngeendlela zothando. Ngenxa yokuba sibonakalisa isiqhamo somoya esiluthando, abanye baya kusisikelela, okanye bathethe kakuhle ngathi. (IMizekeliso 10:6) Ngaphezu koko, ukunxulumana nathi kuya kuba yintsikelelo kubo.—Galati 5:16-18.
Iziqhamo Ezahlukileyo
12. Ziziphi ezinye zeentsikelelo ezinxulumene nokuphepha “imisebenzi yenyama” enesono?
12 Iintsikelelo ezininzi ezinxulumene nenkululeko yethu esiyinikwe nguThixo zingumphumo wokuphepha “imisebenzi yenyama” enesono. Njengabantu bakaThixo ngokubanzi, siyabuphepha ubuhlungu obuninzi ngenxa yokuba asibandakanyeki kuhenyuzo, ukungcola nehambo embi. Ngokuphepha unqulo-zithixo, sinovuyo olungumphumo wokukholisa uYehova kulo nkalo. (1 Yohane 5:21) Ekubeni singakhafuli, sikhululekile kulawulo lweedemon. Ubuzalwana bethu bobuKristu abonakaliswa bubutshaba, iimbambano, umona, imisindo, ukruthakruthwano, iiyantlukwano amahlelo namakhwele. Kwaye asilahlekani novuyo lwethu ezindywaleni nasemithayini. UPawulos walumkisa ngelokuba abo babesenza imisebenzi yenyama babengayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. Noko ke, ngenxa yokuba sithobela amazwi akhe, sinokubambelela kwithemba elivuyisayo loBukumkani.—Galati 5:19-21.
13. Umoya oyingcwele kaYehova uvelisa siphi isiqhamo?
13 Inkululeko esiyinikwe nguThixo isizisela uvuyo ngenxa yokuba amaKristu abonakalisa isiqhamo somoya kaYehova. Ngokusuka kumazwi kaPawulos kwabaseGalati, kulula ukubona ukuba imisebenzi yenyama enesono ifana nameva xa ithelekiswa neziqhamo zomoya ezimangalisayo eziluthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali nokuzeyisa ezifakwe kwiintliziyo ezihlonel’ uThixo. Ekubeni sizimisele ukuphila ngokuchasene neenkanuko zenyama enesono, sifuna ukukhokelwa ngumoya kaThixo nokuphila ngawo. Umoya usenza sithobeke yaye sibe noxolo, singabi “ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.” Akumangalisi ke ngoko ukuba kuluvuyo ukunxulumana nabo babonisa isiqhamo somoya!—Galati 5:22-26.
Ezinye Izizathu Zokuvuya
14. Sisiphi isikrweqe ekufuneka sibe naso kumlo wethu namandla oomoya abangendawo?
14 Inkululeko esiyinikwe nguThixo inxulumene nentsikelelo yokukhuselwa kuSathana nedemon. Ukuze siphumelele kumlo wethu namandla oomoya abangendawo, simele sinxibe “sonke isikrweqe sikaThixo.” Kufuneka sibe nombhinqo wenyaniso nesigcina-sifuba sobulungisa. Ezinyaweni zethu simele sinxibe izixhobo zeendaba ezilungileyo zoxolo. Kwakhona, kufuneka sibe nekhaka elikhulu lokholo, lokucima iintolo zomlilo zongendawo. Simele sinxibe isigcina-ntloko sosindiso size siphathe “ikrele loMoya,” iLizwi likaThixo. Kwakhona ‘masiqhubeke sithandaza ngamaxesha onke sikuye umoya.’ (Efese 6:11-18) Ukuba sinxiba isikrweqe sokomoya size sibugatye ubudemoni, sinokungoyiki yaye sibe novuyo.—Thelekisa IZenzo 19:18-20.
15. Yiyiphi intsikelelo evuyisayo esinayo ngenxa yokuba siziphatha ngokuvisisana neLizwi likaThixo?
15 Sinovuyo ngenxa yokuba ihambo yethu ivisisana neLizwi likaThixo, yaye asinayo imvakalelo yetyala ekhathaza abenzi bobubi abaninzi. ‘Ngamaxesha onke sizama ukuba singabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.’ (IZenzo 24:16) Ngenxa yoko, akuyomfuneko ukuba soyike ingqumbo kaThixo eza kufikela abo bona ngabom yaye bangaguqukiyo. (Mateyu 12:22-32; Hebhere 10:26-31) Ngenxa yokusebenzisa isiluleko esikwiMizekeliso 3:21-26, siyayiqonda inzaliseko yaloo mazwi: “Londoloza uzimaso nonkqangiyelo. Zoba bubomi emphefumlweni, nento entle emqaleni wakho. Uya kwandula uhambe ngendlela yakho ukholosile. Lungabetheki unyawo lwakho. Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; wolala, bube mnandi ubuthongo bakho. Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe, nasithonga sabangendawo, sakufika. Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.”
16. Umthandazo usiso njani isizathu sokuvuya, yaye umoya kaYehova unayiphi indima kule nkalo?
16 Esinye isizathu sokuvuya yinkululeko esiyinikwe nguThixo yokusondela kuYehova ngomthandazo siqinisekile ukuba siya kuviwa. Ewe, imithandazo yethu iphendulwa ngenxa yokuba ngentlonelo ‘soyika uYehova.’ (IMizekeliso 1:7) Ngaphezu koko, ‘ukuthandaza sikumoya oyingcwele’ kuya kusinceda sihlale eluthandweni lukaThixo. (Yuda 20, 21) Oku sikwenza ngokubonakalisa intliziyo eyamkelekileyo kuYehova nangokuthandazela izinto ezivisisana nokuthanda kwakhe neLizwi lakhe, elisibonisa indlela yokuthandaza noko simele sikucele emthandazweni, ngaphantsi kwempembelelo yomoya. (1 Yohane 5:13-15) Ukuba sivavanywa kabuhlungu yaye asikwazi oko simele sikuthandazele, ‘umoya uncedisana nokuswela kwethu amandla; asithethelele ngezincwino ezingathethekiyo.’ UThixo uyayiphendula imithandazo enjalo. (Roma 8:26, 27) Masithandazele umoya oyingcwele yaye siwuvumele uvelise kuthi ezo ziqhamo zawo ziyimfuneko ukuze sijamelane novavanyo oluthile. (Luka 11:13) Kwakhona siya kulwandisa uvuyo lwethu ukuba ngomthandazo nangenkuthalo sifundisisa iLizwi likaThixo eliphefumlelwe ngomoya neempapasho zamaKristu ezilungiselelwe ngaphantsi kokhokelo lomoya.
Intsikelelo Yoncedo Oluhlala Luhleli
17. Oko kwenzeka kuMoses namazwi kaDavide abonisa njani ukuba uYehova unabantu Bakhe?
17 Ngokuyisebenzisa kakuhle inkululeko esiyinikwe nguThixo, sinovuyo lokwazi ukuba uYehova unathi. Xa iimeko ezibuhlungu zabangela ukuba uMoses ayishiye iYiputa, ngokholo “wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.” (Hebhere 11:27) UMoses wayengahambi yedwa; wayesazi ukuba uYehova wayenaye. Ngokufanayo, oonyana bakaKora bavuma le ngoma: “UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene. Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle. Makagqume alephuze amanzi alo, iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo.” (INdumiso 46:1-3) Ukuba unokholo olunjalo kuThixo, akayi kuze akulahle. UDavide wathi: “Ngokuba ubawo noma bandishiyile, wesuka uYehova wandichola.” (INdumiso 27:10) Olunjani lona uvuyo esiba nalo ngokwazi ukuba uThixo ubakhathalele kangako abakhonzi bakhe!—1 Petros 5:6, 7.
18. Kutheni abo banovuyo lukaYehova benikwe inkululeko nguThixo kumaxhala ebenokuboyisa?
18 Ekubeni sinovuyo lukaYehova, uThixo usikhulule kumaxhala ebenokusoyisa. UPawulos wathi: “Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Uxolo lukaThixo lunokusinika inzolo engenakuthelekiswa nanto nangaphantsi kwezona meko zilingayo. Xa sinalo iintliziyo zethu zihlala zizolile—nto leyo eluncedo kuthi ngokomoya, ngokweemvakalelo nasemzimbeni. (IMizekeliso 14:30) Ikwasinceda sigcine ulungelelwano lwengqondo, kuba siyazi ukuba akukho nto uThixo ayivumelayo enokusenzakalisa ngonaphakade. (Mateyu 10:28) Siba nolu xolo lungumphumo wolwalamano olusenyongweni noThixo ngoKristu ngenxa yokuba sizahlulele kuYehova yaye sizithoba kukhokelo lomoya wakhe, ovelisa iziqhamo ezifana novuyo noxolo.
19. Kukugcina iintliziyo zethu zitsoliswe enini okuya kusinceda sivuye?
19 Ukugcina iintliziyo zethu zitsoliswe kwinkululeko esiyinikwe nguThixo nakwithemba loBukumkani kuya kusinceda sibe novuyo. Ngokomzekelo, maxa wambi akukho nto ingako enokwenziwa ngempilo enkenenkene, kodwa sinokuthandazela ubulumko nokomelela ukuze sijamelane nayo yaye sinokuthuthuzeleka ngokucinga ngempilo yokomoya esiyinandiphayo ngoku nokuphiliswa emzimbeni okuya kwenzeka ngaphantsi kolawulo loBukumkani. (INdumiso 41:1-3; Isaya 33:24) Nangona kusenokufuneka sinyamezele ukuswela namhlanje, akuyi kubakho kunqongophala kwezinto eziyimfuneko zobomi kumhlaba oyiParadisi osele usemnyango. (INdumiso 72:14, 16; Isaya 65:21-23) Ewe, uBawo wethu wasezulwini uya kusixhasa ngoku aze ekugqibeleni aluzalise uvuyo lwethu.—INdumiso 145:14-21.
Yixabise Inkululeko Oyinikwe NguThixo
20. Ngokutsho kweNdumiso 100:1-5, sifanele sibonakale njani phambi koYehova?
20 Njengabantu bakaYehova, ngokuqinisekileyo sifanele siyixabise inkululeko esiyinikwe nguThixo esizisele uvuyo neentsikelelo ezininzi kangaka. Akumangalisi ke ukuba INdumiso 100:1-5 isibongoza ukuba size phambi koThixo ‘sinokumemelela.’ SingabakaYehova yaye usinyamekela njengoMalusi onothando. Ewe, “singabantu bakhe nezimvu ezaluswa nguye.” Isibakala sokuba enguMdali yaye eneempawu zakhe ezizukileyo sisinika isizathu sokungena kwiintendelezo zengcwele yakhe sinendumiso nombulelo. Sishukunyiselwa ukuba ‘silibonge igama lakhe,’ sithethe kakuhle ngoYehova uThixo. Ngaphezu koko, sinokusoloko sithembele ngobabalo lwakhe, okanye uthando lwakhe olunemfesane, ngathi. “Kwizizukulwana ngezizukulwana” uYehova uthembekile, akaguquguquki ekuboniseni uthando kwabo benza ukuthanda kwakhe.
21. Kwanikelwa luphi ukhuthazo kwinkupho yokuqala yeli phephancwadi, yaye sifanele senze ntoni ngenkululeko esiyinikwe nguThixo?
21 Njengabantu abangafezekanga, ngoku asinakuzibaleka zonke iimvavanyo. Noko ke, ngoncedo lukaThixo sinokuba ngamaNgqina kaYehova anenkalipho navuyayo. Kule nkalo aphawuleka ngokukhethekileyo amazwi awayekwinkupho yokuqala yalo lindixesha (kaJulayi 1879): “Yibani nenkalipho . . . bazalwana noodade abangamaKristu, abafuna ukubaleka ngeenyawo ezidiniweyo kwindlela emxinwa. Ningazikhathazi ngokuba indlela inamagingxigingxi; ingcwaliswe ziinyawo ezisikelelweyo zeNkosi. Onke ameva enidibana nawo wabaleleni ekuthini ziintyatyambo; onke amatye ahlabayo ekuthini ngamanyathelo abalulekileyo, akhawulezisa ukulufikelela kwenu usukelo. . . . Gcinani iliso lenu litsoliswe emvuzweni.” Izigidi ezikhonza uYehova ngoku zitsolise amehlo azo emvuzweni yaye zinezizathu ezininzi zokuba nenkalipho novuyo. Kunye nazo, yimele ngokuqinileyo inkululeko oyinikwe nguThixo. Yiqonde injongo yayo, yaye ngamana uvuyo lukaYehova lungahlala luligwiba lakho.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ “Uvuyo lukaYehova” lunokuba ligwiba lethu njani?
◻ Ngokonqulo, ziziphi iintsikelelo inkululeko esiyinikwe nguThixo ezizisele abantu bakaYehova?
◻ Kutheni sifanele sikhonzane ngothando?
◻ Ziziphi ezinye iintsikelelo ezinxulumene nenkululeko esiyinikwe nguThixo?
◻ Abantu bakaThixo banokuhlala bevuya njani?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
“Onke ameva enidibana nawo wabaleleni ekuthini ziintyatyambo; onke amatye ahlabayo ekuthini ngamanyathelo abalulekileyo akhawulezisa ukulufikelela kwenu usukelo”