Ukulothulel’ Umnqwazi Ihlabathi Elitsha LikaThixo Lenkululeko
“Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.”—ISITYHILELO 21:4.
1, 2. Ngubani kuphela onokuzisa inkululeko yokwenyaniso, yaye sinokufunda ntoni eBhayibhileni Ngaye?
IMBALI iye yabonisa ukuba yinyaniso koko kwathethwa ngumprofeti uYeremiya: “Ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” Ngubani ekuphela konokukuqinisela ngokufanelekileyo ukunyathela komntu? UYeremiya wahlabela mgama wenjenje: “Ndithethise, Yehova.” (Yeremiya 10:23, 24) Ewe, nguYehova kuphela onokuzisa inkululeko yokwenyaniso kwiingxaki ezithwaxa intsapho engabantu.
2 EBhayibhileni kukho imizekelo emininzi ebonisa amandla kaYehova okukhulula abo bamkhonzayo. “Izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.” (Roma 15:4) Imigwebo kaYehova nxamnye nonqulo lobuxoki nayo yabhalwa, yaye yona ‘ingumfuziselo kuthi bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.’—1 Korinte 10:11.
Ukukhulula Abantu Bakhe
3. UYehova wawabonakalisa njani amandla akhe okukhulula abantu bakhe eYiputa?
3 Umzekelo obonisa amandla kaThixo okugweba unqulo lobuxoki nokukhulula abo benza ukuthanda kwakhe wenzeka xa abantu bakhe bamaxesha amandulo babesebukhobokeni eYiputa. IEksodus 2:23-25 ithi: “Kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi. Wakuva uThixo ukugula kwabo.” Ebonakalisa ngokoyikekayo ukuba wongamile kunoothixo bobuxoki baseYiputa, uThixo uSomandla walehlisela izibetho ezilishumi olo hlanga. Sibetho ngasinye sasilungiselelwe ukuhlazisa uthixo othile waseYiputa, nto leyo eyayibonisa ukuba abo thixo babengabobuxoki yaye babengenakuwanceda amaYiputa awayebanqula. Ngaloo ndlela uThixo wabakhulula abantu bakhe waza wamtshabalalisa uFaro nemikhosi yakhe kuLwandle Olubomvu.—Eksodus, isahluko 7 ukusa kwese-14.
4. Kutheni kwakungekokungabi sesikweni ukuba uThixo agwebe amaKanan?
4 Xa uThixo wangenisa amaSirayeli kwaKanan, abemi balapho abanqula iidemon batshatyalaliswa laza elo lizwe lanikwa abantu bakaThixo. NjengoMongami Wendalo Iphela, uYehova unelungelo lokuphumeza imigwebo yakhe kunqulo lobuxoki. (Genesis 15:16) Kwaye ngokuphathelele unqulo lwamaKanan, iBible Handbook kaHalley ithi: “Ukunqulwa . . . koothixo bakwaKanan kwakubandakanya okona kuziphatha kuphantsi; iitempile zabo zazingamaziko okuhenyuza. . . . AmaKanan ayenqula, ngokuzifica ekuziphatheni okubi okwakuyinxalenye yemithendeleko yawo yonqulo, ekwenza oku phambi koothixo bawo; andule ke, abulale amazibulo awo, abingelele ngawo kwakwabo thixo banye. Ngomlinganiselo omkhulu, kubonakala ukuba lonke ilizwe lakwaKanan lalifana neSodom neGomora.” Walek’ umsundulo athi: “Ngaba ibutho labantu elalingcole nelalikrwada ngolo hlobo lalinalo naliphi na ilungelo lokuqhubeka liphila? . . . Abembi bezinto zakudala abaye bemba kumabhodlo ezixeko zakwaKanan bamangaliswe yinto yokuba uThixo engazange awacim’ igama kwangaphambi koko.”
5. Ukukhulula kukaThixo abantu bakhe kunguwo njani umzekelo kwixesha lethu?
5 Le ngxelo yokutshabalalisa kukaThixo unqulo lobuxoki, ekhulula abantu bakhe bomnqophiso, aze abanike ilizwe ledinga ingumzekelo wezinto eziseza kwenzeka. Yalatha kwixesha elingekude xa uThixo eya kutshayela kuthi tu iinkonzo zobuxoki zeli hlabathi nabaxhasi bazo aze angenise abakhonzi banamhlanje kwihlabathi elitsha lobulungisa.—ISityhilelo 7:9, 10, 13, 14; 2 Petros 3:10-13.
Inkululeko Yokwenyaniso Kwihlabathi Elitsha LikaThixo
6. Ziziphi ezinye zeenkululeko ezimangalisayo uThixo aya kuzinikela kwihlabathi elitsha?
6 Kwelo hlabathi litsha, uThixo uya kubasikelela abantu bakhe ngeenkalo ezimangalisayo zenkululeko ayicebele intsapho yoluntu. Baya kukhululwa kwingcinezelo yezobupolitika, yezoqoqosho neyonqulo lobuxoki. Baya kukhululwa esonweni nasekufeni, yaye abantu baya kuba nethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29; Mateyu 5:5.
7, 8. Kuya kwenzeka ntoni xa sifumana impilo efezekileyo kwihlabathi elitsha?
7 Kamsinya emva kokungeniswa kwelo hlabathi litsha, ngokungummangaliso abemi balo baya kubuyiselwa kwimpilo efezekileyo. UYobhi 33:25 uthi: “Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; ubuyela emihleni yobudodana bakhe.” UIsaya 35:5, 6 uthembisa oku: “[Ngelo xesha] aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”
8 Abo kuni baneziphene emzimbeni ngenxa yokwaluphala okanye yempilo enkenenkene, khanibe nomfanekiso-ngqondweni wenu nikwihlabathi elitsha yaye suku ngalunye nivuka niziva niphilile yaye nisemandleni. Imibimbi ebe ninayo inyamalele kwasala ulusu olumpuluswa nolucwengileyo—akusekho mfuneko yazithambiso zolusu. Amehlo enu anorhatyazo okanye angaboniyo abuyiselwe kwimeko yokubona ngokugqibeleleyo—akusekho mfuneko yamehlo emboleko. Iindlebe zivulwe ngokupheleleyo—balahleni kude oomatshini bokuva. Amalungu alimeleyo amilile kwakhona yaye aphelele—lahlani kude loo misimelelo nezo zihlalo zinamavili. Akusekho kugula—lahlani kude onke loo mayeza. Ngenxa yoko, uIsaya 33:24 uxela kwangaphambili oku: “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” Uphinda athi: “Baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.”—Isaya 35:10.
9. Imfazwe iya kupheliswa njani ngonaphakade?
9 Akusayi kuphinda kubingelelwe ngaye nabani na emfazweni. ‘[UThixo] uphelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; waphula isaphetha, angqumze umkhonto, atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.’ (INdumiso 46:9) Izixhobo zemfazwe azisayi kuze ziphinde zivunyelwe nguMlawuli woBukumkani bukaThixo, uKristu Yesu, lowo kuIsaya 9:6 ubizwa ngokuba ‘nguMthetheli Woxolo.’ Nd 46 Indinyana 7 yongezelela oku: “Ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela.”
10, 11. Uxolo olupheleleyo luya kuthetha ntoni ngomhlaba?
10 Enjani yona intsikelelo ekuya kuba yiyo kuluntu, nakulo mhlaba, ukungabi sathuthunjiswa bubukho bezixhobo zemfazwe! Kaloku, sithetha nje, izixhobo ezazisetyenziswe kwiimfazwe zangaphambili zisasuba ubomi babantu. Kwilizwe nje elinye, iFransi, ukususela ngowe-1945 iingcaphephe ezingaphezu kwama-600 zokuhlakaza iibhombu ziye zabulawa ngoxa zizama ukususa iziqhushumbisi ezasala kwiimfazwe zangaphambili. Intsumpa yeziko lokuhlakaza iibhombu lalapho yathi: “Sisafumana iintolo zeenkanunu ezisasebenzayo ezasala ebudeni bemfazwe eyayiphakathi kweFransi nePrussia ngowe-1870. Kukho amachibi aneziqhushumbisi ezinetyhefu nezazisetyenziswa kwiMfazwe Yehlabathi I. Ngamathuba athile, umlimi ohamba ngetrekta unyathela isigcayiseli sokudubula iinqwelo zokulwa esasala ngeMfazwe Yehlabathi II esithi siqhushumbe lize ngoko nangoko lihlanz’ iselwa. Ezi zinto zikho kuyo yonke indawo.” Kwiminyaka emibini edluleyo IThe New York Times yathi: “Kwiminyaka engama-45 ukususela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II, [iingcaphephe zokuhlakaza iibhombu] ziye zakhupha iimbumbulu zeenkanunu ezili-16 lezigidi, iibhombu ezingama-490 000 nezigcayiseli zasemanzini ezingama-600 000 emhlabeni [waseFransi]. . . . Izigidi [zeehektare] zisabiyelwe ngocingo, kukho izixhobo ezigqunyelelwe apho yaye loo mhlaba ujikelezwe ngezibhengezo ezibhaliweyo nezilumkisa ngelithi: ‘Ungachukumisi. Iyabulala!’”
11 Hayi indlela eliya kwahluka ngayo ihlabathi elitsha! Wonk’ ubani uya kuba nendlu eva yena, intabalala yokutya, nomsebenzi owanelisayo nowoxolo wokuguqula umhlaba wonke ube yiparadisi. (INdumiso 72:16; Isaya 25:6; 65:17-25) Abantu, nomhlaba ngokwawo, abasayi kuze baphinde bahlaselwe zizigidi zeziqhushumbisi. UYesu wayecinga ngehlabathi elitsha elinjalo xa wamxelela oku lowo wabonakalisa ukholo kuye: “Uya kuba nam eParadisi.”—Luka 23:43.
Imfundo Yomhlaba Wonke Ekhokelela Ebomini
12, 13. Nguwuphi umsebenzi wokufundisa emhlabeni wonke uYesu noIsaya abaxela kwangaphambili ukuba uya kwenziwa kulo mhla wethu?
12 Xa umntu efunda ngehlabathi elitsha likaThixo, ukwafunda nokuba kulo mhla wethu, uYehova uvelise ehlabathini lonke ibandla elilungelelaniselwe unqulo lokwenyaniso. Liya kuba sisiseko sehlabathi elitsha, yaye ngoku uThixo ulisebenzisela ukufundisa abanye ngeenjongo zakhe. Le ntlangano yamaKristu yenza umsebenzi wokufundisa emhlabeni wonke ngomkhamo ongazange ubonwe ngaphambili. UYesu waxela kwangaphambili ukuba oku kuya kwenziwa. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.”—Mateyu 24:14.
13 NoIsaya wathetha ngalo msebenzi wazwenibanzi wokufundisa: “Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla [kwixesha lethu], intaba yendlu kaYehova [unqulo lwakhe lokwenyaniso noluphakanyisiweyo] ivelele ezincotsheni zazo iintaba, . . . zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, . . . asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.”—Isaya 2:2, 3.
14. Sinokubabona njani abantu bakaThixo namhlanje?
14 Ngenxa yoko, lo msebenzi wokunikela ubungqina ngoBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke ububungqina obeyisayo bokuba ngokwenene sisondele ekupheleni kwale nkqubo ingendawo yezinto nokuba inkululeko yokwenyaniso isemnyango. Abo batyelela abantu benesigidimi esinik’ ithemba sehlabathi elitsha likaThixo bachazwa kwiZenzo 15:14 ngokuthi “abantu [belikaThixo] igama.” Ngoobani abathwala igama likaYehova nabanikela ubungqina emhlabeni wonke ngoYehova noBukumkani bakhe? Ingxelo engokwembali yale nkulungwane yama-20 inikela impendulo: kuphela ngamaNgqina kaYehova. Namhlanje angaphezu kwezigidi ezine kumabandla angaphezu kwama-66 000 emhlabeni wonke.—Isaya 43:10-12; IZenzo 2:21.
15. Mayela nemicimbi yobupolitika, sinokubabona njani abakhonzi bakaThixo bokwenyaniso?
15 Obunye ubungqina bokuba amaNgqina kaYehova azalisekisa iziprofeto eziphathelele umsebenzi wokushunyayelwa koBukumkani buphawulwa kuIsaya 2:4: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.” Ngoko abo benza umsebenzi wokushumayela ngolawulo loBukumkani bukaThixo ehlabathini lonke bamele ‘bangabi safunda ukulwa.’ UYesu wathi bamele ‘bangabi ngabehlabathi.’ (Yohane 17:16) Oku kuthetha ukuba bamele bangathabathi cala nje kwaphela kwimicimbi yezobupolitika, bangabi nanxaxheba kuzo naziphi na iingxwaba-ngxwaba neemfazwe zeentlanga. Ngoobani abangengabo abehlabathi nabangasafundi ukulwa? Kwakhona, ingxelo yembali yale nkulungwane yama-20 iyangqina isithi: ngamaNgqina kaYehova kuphela.
16. Uya kwenziwa ngokucokiseke kangakanani umsebenzi kaThixo wokufundisa emhlabeni wonke?
16 Umsebenzi wokufundisa ehlabathini lonke owenziwa ngamaNgqina kaYehova uya kuqhubeka kwanasemva kokuba uThixo ephelise eli hlabathi lingendawo likhoyo. UIsaya 54:13 uthi: “Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova.” Ebonisa indlela oya kwenziwa ngokucokiseke ngayo lo msebenzi wokufundisa uIsaya 11:9 uxela kwangaphambili oku: “Ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” Abantu ekuya kufuneka baqhubeke befundiswa kwihlabathi elitsha asingobantu abaya kusinda kwisiphelo seli hlabathi lidala nabantwana abasenokuzalwa kwihlabathi elitsha kuphela koko kuya kuba njalo nangamawaka ezigidi zabantu abaya kubuyiselwa ebomini ngovuko. Ekugqibeleni, mntu ngamnye ophila emhlabeni uya kufundiswa indlela yokuyisebenzisa ngokufanelekileyo inkululeko yakhe yokuzikhethela ngokuvisisana nemida emiselwe yimithetho kaThixo. Uya kuba yintoni umphumo? “Abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11.
Inkululeko Ebalaseleyo Kwanangoku
17. UMoses wabaxelela ukuba benze ntoni abantu bakaThixo bamandulo?
17 Xa amaSirayeli amandulo ayesemgubasini weLizwe Ledinga, uMoses wathetha nawo wathi: “Ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilime. Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa. Ngokuba luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kulo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke?”—Duteronomi 4:5-7.
18. Yiyiphi inkululeko ebalaseleyo abayifumanayo kwanangoku abo bakhonza uThixo?
18 Namhlanje izigidi zabanquli bakaYehova nazo zisemgubasini welizwe ledinga—ihlabathi elitsha. Ngenxa yokuba zithobela imithetho kaThixo, usondele kuzo yaye zahlukile kuzo zonke ezinye iintlanga. UThixo sele ezikhulule kwiingcamango zonqulo lobuxoki, kubuzwe, ekusebenziseni kakubi iziyobisi, kubuhlanga, kwimfazwe nakubhubhani wezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. Ngaphezu koko, uzimanyanise kubuzalwana bothando bezizwe ngezizwe obungenakuqhawulwa. (Yohane 13:35) Aziphazamiseki xa zicinga ngekamva kodwa ‘ziyamemelela ngokuchwayita kwentliziyo.’ (Isaya 65:14) Hayi indlela ebalasele ngayo inkululeko eziyinandiphayo kwanangoku ngokukhonza uThixo njengoMlawuli!—IZenzo 5:29, 32; 2 Korinte 4:7; 1 Yohane 5:3.
Ukukhulula Abanye Kwiinkolelo Zobuxoki
19, 20. Imfundiso yeBhayibhile engemeko yabafi ibakhulula njani abantu?
19 Abantu abaninzi ashumayela kubo amaNgqina kaYehova nabo bayayifumana le nkululeko. Ngokomzekelo, kumazwe ekuxhaphake kuwo unqulo lweminyanya, amaNgqina kaYehova azisa abanye ukuba akukho ndawo baphila kuyo abafi yaye abanakubenzakalisa abaphilayo. AmaNgqina alatha kwiNtshumayeli 9:5, ethi “abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.” Ababonisa neNdumiso 146:4, ethi xa umntu esifa ‘ubuyela emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.’ Ngoko iBhayibhile ibonisa ukuba akukho zithunzela okanye mphefumlo ungafiyo onokuphilisa okanye uthuthumbise abaphilileyo. Ngoko ke, akukho mfuneko yokuchitha imali ebilelwe nzima kufunwa uncedo lwamagqirha okanye abathandazeli.
20 Olo lwazi luchanileyo lweBhayibhile luyabakhulula abantu kwiimfundiso zobuxoki zesihogo somlilo nendawo yentlambululo-miphefumlo. Xa abantu befunda ngenyaniso yeBhayibhile yokuba abafileyo abazi lutho, ngokungathi balele obentlombe, abasakhathazeki ngoko kwenzekileyo kwabafileyo ababathandayo. Kunoko, bakhangela phambili kwixesha elimangalisayo umpostile uPawulos awayethetha ngalo xa wathi: “Kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.”—IZenzo 24:15.
21. Ngokungathandabuzekiyo ngoobani abaya kuba phakathi kwabo baya kuvuswa, yaye kusenokwenzeka ukuba baya kusabela njani?
21 Eluvukweni abafileyo baya kubuyela ebomini emhlabeni okhululwe ngonaphakade kukufa okwazuzw’ ilifa kuAdam. Ngokungathandabuzekiyo phakathi kwabo baya kuvuswa kuya kubakho abantwana ekwabingelelwa ngabo koothixo bamaKanan, abanjengoMoleki, abafana ekwenziwa amadini ngabo koothixo bama-Aztec, nezigidi ezingenakubalwa ekubingelelwe ngazo kuthixo wemfazwe. Hayi indlela abaya kumangaliswa yaye babe nemihlali ngayo abo babengamaxhoba eenkolelo zobuxoki! Abo bavusiweyo ngovuyo banokudanduluka bathi: ‘Kufa, luphi na ulwamvila lwakho? Aphi na amandla akho okutshabalalisa, Shiyoli?’—Hoseya 13:14, NW.
Funa UYehova
22. Ukuba sifuna ukuphila kwihlabathi elitsha likaThixo, yintoni ekufuneka siyikhumbule?
22 Ngaba ufuna ukuphila kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa, apho kuya kubakho inkululeko yokwenyaniso? Ukuba kunjalo, ngoko wahlolisise ngenyameko amazwi akweyesi-2 yeziKronike 15:2 athi: “UYehova unani ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.” Kwaye hlala ukhumbula ukuba imigudu yokunyaniseka oyenzayo yokufunda ngoThixo nokumkholisa ayiyi kuba lilize. AmaHebhere 11:6 athi uThixo “ungumvuzi wabo bamfunayo.” Kwaye amaRoma 10:11 athi: “Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.”
23. Kutheni sifanele silothulel’ umnqwazi ihlabathi likaThixo elitsha lenkululeko?
23 Kanye elundini phayaa lihlabathi elitsha likaThixo lenkululeko yokwenyaniso. Apho “nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.” Yaye “uThixo [uya kuzisula] zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.” (Roma 8:21; ISityhilelo 21:4) Ngelo xesha bonke abakhonzi bakaYehova baya kuphakamisa iintloko zabo baze ngovuyo balothulel’ umnqwazi ihlabathi elitsha likaThixo lenkululeko ngokudanduluka bathi, ‘Enkosi, Yehova, ngokuthi ekugqibeleni usinike inkululeko yokwenyaniso!’
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ UYehova wawabonisa njani amandla akhe okukhulula abantu bakhe?
◻ Ziziphi iinkululeko ezimangalisayo eziya kubakho kwihlabathi elitsha likaThixo?
◻ UYehova ubafundisa njani abantu ukuze bafumane ubomi?
◻ Ziziphi ezinye zeenkululeko abantu bakaThixo abazinandiphayo kwanangoku ngokukhonza uYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UYehova wabonisa ukuba wongamile kunoothixo bobuxoki baseYiputa, ekhulula abanquli bakhe
[Umfanekiso okwiphepha 12, 13]
Namhlanje, abakhonzi bakaThixo bokwenyaniso babonwa ngokuphumeza umsebenzi wakhe wokufundisa emhlabeni wonke nangokuthwala igama lakhe