Ngaba UThixo Uyaphulaphula Xa Uthandaza?
IGOSA eliyintloko ligqiba ekubeni liwudlulisele komnye umntu umbandela othile okanye liwusingathe ngokwalo kusini na. Ngokufanayo, uMlawuli onguMongami wendalo unelungelo lokugqiba ukuba uya kubandakanyeka ngokobuqu kangakanani na kuwo nawuphi na umbandela. IZibhalo zifundisa ukuba uThixo ukhethe ukuzibandakanya ngokobuqu kwimithandazo yethu yaye ngoko ke usiyalela ukuba sithandaze kuye.—INdumiso 66:19; 69:13.
Ukhetho lukaThixo kulo mbandela lutyhila umdla wobuqu anawo kwimithandazo yabakhonzi bakhe abangabantu. Kunokubadimaza abantu bakhe ekuyeni kuye ngenkathalo nangenyameko, ubayalela oku: “Thandazani ningayeki,” “mayela nomthandazo, zingisani,” “umthwalo wakho wulahlele kuYehova,” “lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe [uThixo].”—1 Tesalonika 5:17; Roma 12:12; INdumiso 55:22; 1 Petros 5:7.
Ukuba uThixo ebengafuni ukunikel’ ingqalelo kwimithandazo yabakhonzi bakhe, ngewayengazange alungiselele indlela enjalo yokuya kuye aze akhuthaze ukusetyenziswa kwayo ngokukhululekileyo. Ngoko, isibakala sokuba uThixo ekhethe ukubenzela lula abantu ukuze basondele kuye, sesinye isizathu sokuba nentembelo yokuba ngokwenene uyaphulaphula. Ewe, unikela ingqalelo kuyo yonke imithandazo yabakhonzi bakhe.
Asifanele sibethwe ngoyaba isibakala sokuba iBhayibhile ikuchaza ngokuphandle ukuba uThixo uyayiphulaphula imithandazo. Ngokomzekelo, umpostile uYohane ubhala oku: “Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva.” (1 Yohane 5:14) UKumkani uDavide wathetha ngoYehova uThixo ‘njengomphulaphuli wemithandazo’ waza ngentembelo wavakalisa oku: “Uya kuliva izwi lam.”—INdumiso 55:17; 65:2.
Ngoko ngoxa ukuthandaza ngokungathandabuzekiyo kuneengenelo, iZibhalo zibonisa ukuba kubandakanyeke okungakumbi xa umntu olilungisa ethandaza. Kukho umntu ophulaphulayo. Loo mphulaphuli nguThixo.—Yakobi 5:16-18.
Imithandazo Eyaviwayo
Enyanisweni, iBhayibhile izaliswe ziingxelo zabantu abamithandazo yabo yathi yaviwa yaza yaphendulwa nguThixo. Okwenzeka kubo ngokucacileyo kungqina ukuba iingenelo zomthandazo zithetha okungakumbi kunomphumo ophilisayo wokucacisa nowokuchaza iingcinga zikabani. Zidlulela ngaphaya kwemizamo yomntu yobuqu yokwenza ngokuvisisana nemithandazo yakhe.
Ngokomzekelo, xa wayejamelene neyelenqe lika-Abhisalom lokurhwaphiliza ubukumkani bakwaSirayeli, uKumkani uDavide wathandaza: “Yehova, khawulitshitshise icebo lika-Ahitofele [umcebisi ka-Abhisalom].” Eso yayingesosicelo sincinane, njengoko “icebo lika-Ahitofele . . . belinjengelobuze kwilizwi likaThixo; belinjalo lonke icebo lika-Ahitofele.” Emva koko uAbhisalom walichasa icebo awayelinikwe nguAhitofele lokubhukuqa uKumkani uDavide. Kwakutheni? “UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom.” Ngokucacileyo, umthandazo kaDavide waviwa.—2 Samuweli 15:31; 16:23; 17:14.
Ngokufanayo, emva kokuba uHezekiya ebongoze uThixo ukuba amhlangule ekuguleni kwakhe okubulalayo, wachacha. Ngaba oku kwabangelwa ziingenelo zasengqondweni uHezekiya awazifumana ngenxa yokuba ethandazile? Enyanisweni, akunjalo. Isigidimi sikaYehova esiya kuHezekiya, njengoko savakaliswa ngumprofeti uIsaya, sasisithi: “Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa.”—2 Kumkani 20:1-6.
UDaniyeli, omthandazo wakhe waphendulwa kade kunexesha asenokuba wayelilindele, waqinisekiswa sisithunywa sikaYehova: ‘Aviwe amazwi akho.’ Imithandazo yabanye, njengomthandazo kaHana, eyabafundi bakaYesu neyomthetheli-mkhosi uKorneli, yaphendulwa ngeendlela ezingenakuphunyezwa ngamandla abantu odwa. Ngoko, iBhayibhile, ngokucacileyo ifundisa ukuba imithandazo evisisana nokuthanda kukaThixo iyamkelwa, iviwe ize iphendulwe nguThixo.—Daniyeli 10:2-14; 1 Samuweli 1:1-20; IZenzo 4:24-31; 10:1-7.
Kodwa uThixo uyiphendula njani imithandazo yabakhonzi bakhe abathembekileyo namhlanje?
Ukuphendulwa Kwemithandazo
Imithandazo ekhankanywe ngasentla yaphendulwa ngeendlela eziphawulekayo nezimangalisayo. Noko ke, nceda ukhumbule ukuba nakumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, izihlandlo eziliqela iindlela eyayiphendulwa ngazo imithandazo zazingaqondwa ngokulula. Oku kungenxa yokuba zazinxulumene nokunikela ukhuthazo nokhanyiselo, zinceda abakhonzi bakaThixo ukuba babambelele kwikhondo lobulungisa. Ukuphendulwa kwemithandazo ngokukodwa kumaKristu, kwakubandakanya imibandela ubukhulu becala yokomoya, kungekhona izenzo ezinomtsalane okanye zamandla.—Kolose 1:9.
Ngenxa yoko ungaphoxeki ukuba imithandazo yakho ayisoloko iphendulwa ngendlela obulindele okanye obungathanda ngayo. Ngokomzekelo, kunokuba alushenxise uvavanyo, uThixo usenokukhetha ukukunika ‘amandla ayincamisa’ ukuze ulunyamezele. (2 Korinte 4:7; 2 Timoti 4:17) Singaze sikuthabathe kancinane ukuxabiseka kwala mandla, yaye singaze sigqibe kwelokuba uYehova akayiphendulanga konke konke imithandazo yethu.
Khawucinge ngemeko yoNyana kaThixo, uYesu Kristu. Exhalabele ukungafi njengomntu obonakala engumnyelisi, uYesu wathandaza: “Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe kum.” Ngaba lo mthandazo waviwa ngokufanelekileyo nguThixo? Ewe, njengoko kuboniswa kumaHebhere 5:7. UYehova akazange amkhulule uNyana wakhe ekufeni okwakuyimfuneko kumthi wentuthumbo. Kunoko, ‘isithunywa esivela ezulwini sabonakala kuye saza samomeleza.’—Luka 22:42, 43.
Ngaba le yayiyimpendulo ekhwankqisayo nengummangaliso? Kuthi sonke, ibinganjalo! Kodwa kuYehova uThixo, umthombo wamandla anjalo, lo yayingengommangaliso. Yaye ngenxa yobomi bangaphambili, uYesu wayeqhelene neziganeko zangaphambili xa izithunywa zabonakala ebantwini. Ngoko ukubonakala kwesithunywa kwakungenakumkhwankqisa yena njengokuba bekuya kwenza kuthi. Sekunjalo, esi sithunywa, ekucacileyo ukuba uYesu wayesazi ngokobuqu ngenxa yobukho Bakhe bangaphambi kokuba ngumntu, samnceda samomelezela uvavanyo olwaluphambi kwakhe.
Ekuphenduleni imithandazo yabakhonzi bakhe abathembekileyo namhlanje, uYehova usoloko enikela amandla ayimfuneko okunyamezela. La mandla asenokuba lukhuthazo oluvela kubanquli abakunye nathi esinxulumene nabo ngokobuqu. Ngaba nabani na kuthi ebengathanda ukulugatya olo khuthazo, mhlawumbi sigqiba ngelithi ekubeni abo sikhonza nabo bengakhange bajamelane neemvavanyo ezifana nezethu, abanakukwazi ukusomeleza? UYesu ngewayenembono enjalo ngesithunywa esabonakala kuye. Kunoko, walwamkela ukhuthazo njengempendulo kaYehova kumthandazo wakhe yaye ngoko wakwazi ukukufeza ngokuthembekileyo ukuthanda kukaYise. Nathi siya kufuna ukwamkela amandla esiwanikwa nguThixo xa ephendula imithandazo yethu. Kwakhona khumbula ukuba loo maxesha okunyamezela ngomonde adla ngokulandelwa ziintsikelelo ezininzi.—INtshumayeli 11:6; Yakobi 5:11.
Qiniseka Ukuba UThixo Uyaphulaphula
Ungaze uphelelwe lithemba ekusebenzeni komthandazo ukuba awuphendulwa kwangoko. Eminye imithandazo, njengaleyo yokukhululwa ekubandezelekeni kobuqu okanye yokufumana imbopheleleko engakumbi kwinkonzo ubani ayinikela kuThixo, kusenokufuneka ukuba ilinde ixesha uThixo alazi lilungile yaye lifanelekile ngaphambi kokuba iphendulwe. (Luka 18:7, 8; 1 Petros 5:6) Ukuba uthandazela umbandela onzulu wobuqu, mbonise uThixo ngokuzingisa ukuba umnqweno wakho unyanisekile, unentshukumisa emsulwa neyokwenyaniso. UYakobi wawubonakalisa lo moya xa, emva kokuba ejijisene nesithunywa ixesha elide, wathi: “Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.” (Genesis 32:24-32) Simele sibe nentembelo efanayo yokuba ukuba siyaqhubeka sicela, siya kuzuza intsikelelo ngexesha elifanelekileyo.—Luka 11:9.
Nantsi ingongoma yokugqibela. Ukuphulaphulwa nguMongami wendalo kulilungelo elixabisekileyo. Ngenxa yoku, ngaba siphulaphula ngenyameko xa uYehova uThixo, ngeLizwi lakhe, esixelela izinto azifunayo? Njengoko imithandazo yethu isisondeza ngakumbi kuMdali wethu, siya kufuna ukunikela ingqalelo epheleleyo kuyo yonke into ayithethayo kuthi.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UThixo uyayiphulaphula imithandazo. Ngaba siyamphulaphula xa ethetha ngeLizwi lakhe?