Unokufumana Intuthuzelo Ngamaxesha Okubandezeleka
YIYIPHI imbono esifanele sibe nayo ngokuziva sibandezelekile? Ukuba sizahlulele kuYehova, ngaba sifanele sikujonge njengokungafanelekanga ngenxa yethemba elimangalisayo nobuncwane bethu bokomoya? Ngaba iimvakalelo ezinjalo zithetha ukuba asifanelekanga ngokomoya enkonzweni kaThixo?
“UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu,” wabhala oko umfundi uYakobi. (Yakobi 5:17) Nangona uThixo wamsebenzisa kakhulu uEliya, kwanaloo mprofeti wayethembekile wabandezeleka. Ngesinye isihlandlo uEliya wadanduluka wathi, “Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingalungile ngaphezu koobawo.” (1 Kumkani 19:4) Indoda eyagcina ingqibelelo uYobhi, umfazi owayethembekile uHana, nabanye abakhonzi bakaYehova ababenyanisekile baba namava okubandezeleka. Kwanomdumisi ohlonel’ uThixo uDavide wathandaza: “Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe [“ziphindaphindiwe,” NW]; ndikhuphe ekucuthekeni kwam.”—INdumiso 25:17.
Ukusetyenziswa kwabantu nguYehova enkonzweni yakhe akubenzi bangakhathazeki ngokupheleleyo. Basenabo ubuthathaka neemvakalelo zabantu yaye basengabandezeleka xa bevavanywa. (IZenzo 14:15) Sekunjalo, abakhonzi bakaThixo banoncedo olulunge ngakumbi kunabanye lokuhlangabezana neemvakalelo zokucinezeleka. Makhe siqwalasele imizekelo embalwa eBhayibhileni ukuze sibone oko kwabancedayo abanye ukoyisa ukudandatheka ngokwasengqondweni kunye neemvakalelo zokubandezeleka.
Umpostile Obandezelekileyo Ufumana Intuthuzelo
Umpostile uPawulos wayeqhelene nokudandatheka. Wathi, “Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu, . . . ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ikukoyika. Ke lowo ubathuthuzelayo abathobekileyo, uThixo ke, wasithuthuzela ngokufika kukaTito.” (2 Korinte 7:5, 6) Ukudandatheka kukaPawulos kwakubangelwa ziimeko eziliqela ezibandezelayo ezazisenzeka ngaxeshanye. “Ngaphandle ikukulwa”—intshutshiso eqatha ebeka engozini ubomi ngokwabo. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 1:8.) Ngaphezu koko, “ngaphakathi ikukoyika” ngokuxhalabela amabandla, njengelo laliseKorinte.
Kwiinyanga ezimbalwa ngaphambili, uPawulos wayebhale incwadi yakhe yokuqala eya kumaKristu aseKorinte. Kuloo ncwadi wagweba izinto eziliqela ezimbi gqitha kwelo bandla yaye kuyabonakala ukuba wayeyixhalabele indlela amaKorinte ayeza kuyamkela ngayo incwadi yakhe. Noko ke, uPawulos wathuthuzeleka xa uTito wafikayo evela eKorinte enengxelo encumisayo ngentsabelo yawo. Ngokufanayo, uYehova usenokusebenzisa omnye wabakhonzi bakhe banamhla ukuba basizisele iindaba ezivuyisayo kuze kudambe ukubandezeleka kwethu.
Indlela Yokujonga Izabelo Ezivela KuThixo
Amanye amaKristu anokubandezeleka okuthile ngokubhekisele kubulungiseleli bawo. Eneneni, bambi babakhonzi bakaYehova baye bacinga ukuba kuya kufuneka bazibhokoxe gqitha ukuze bakwazi ukuzalisekisa izabelo ezivela kuThixo. Ngokomzekelo, uMoses waziva engakufanelekelanga ukuba ngummeli kaThixo kumaSirayeli awayeseYiputa. Phakathi kwezinye izinto, wathi wayengelociko. (Eksodus 3:11; 4:10) Kodwa ngenxa yokukholosa ngoThixo yaye enoAron njengesithethi sakhe, uMoses wahamba waya kuphumeza isabelo sakhe.
Ekuhambeni kwexesha uMoses wayengasaxhomekekanga kuAron. Ngokufanayo, bambi ekuqaleni babufumanisa bunzima ubulungiseleli bamaKristu, kodwa bayaqeqeshwa baze babe ngabashumayeli abanobuchule. Ngokomzekelo, amaNgqina kaYehova amaninzi aselula aye angabashumayeli bexesha elizeleyo njengoovulindlela nabavangeli basemazweni. Kuyathuthuzela ukwazi ukuba anokuthembela ngoYehova ngalo lonke ixesha ukuze awenze afaneleke njengabalungiseleli abangamaKristu aze awanike amandla okuphumeza izabelo zawo ezivela kuThixo.—Zekariya 4:6; 2 Korinte 2:14-17; Filipi 4:13.
Intuthuzelo Xa Ubandezelwe Kukuzisola
Sisenokutyhafa ngenxa yokuzisola kuba singakhange sizibhokoxe enkonzweni kaThixo. Umzalwana owayekhe waphola kangangeminyaka waqalisa ukuba nesabelo kubulungiseleli basentsimini kwakhona. Kungekudala emva koko, wahlaselwa kukugula waza akabi nako ukuphinda aphakame emandlalweni. Lo mzalwana utyumke intliziyo wathi: “Ngaphambilana, xa ndandinokusebenza ngenkuthalo, ndayiphepha imbopheleleko. Ngoku, xa ndifuna ukusebenza ngenkuthalo, andinako.”
Ayingebi bubulumko na ukwenza konke esinokukwenza ngoku kunokuba sichithe amandla ethu eemvakalelo ngento eyenzeka kwixesha elidluleyo? Abantakwabo Yesu ngonina uYakobi noYuda babengengomakholwa kwade kwasemva kokufa nokuvuka kwakhe. Ukuba ngandlel’ ithile babekhe bazisola ngenxa yoku, oko akuzange kubathintele ekubeni ngabakhonzi bakaThixo nababhali beBhayibhile.
Ungaze Uwutyeshele Umthandazo
Xa bedandathekile, abantu bakaThixo bafanele bathandaze ngokusuk’ entliziyweni. Enyanisweni, eZibhalweni kuthethwa ngemithandazo emininzi eyenziwa ngamaxesha okubandezeleka. (1 Samuweli 1:4-20; INdumiso 42:8) Bambi basenokucinga oku: ‘Ndidandatheke gqitha kangangokuba andikwazi nokuthandaza.’ Ngoko kutheni ungacingi ngoYona? Ngoxa wayesesiswini sentlanzi, wathi: “Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova; wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele. . . . Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela; endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova.” (Yona 2:4-9) Ewe, uYona wathandaza, yaye uThixo wamthuthuzela waza wamsindisa.
Nangona udade othile waseSweden wayenguvulindlela kangangeminyaka emininzi, wasuka waziva edakumbile yaye etyhafile phezu kwabo nje ubulungiseleli obuneziqhamo. Wakukhankanya kuYehova emthandazweni ukudandatheka kwakhe. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, watsalelwa umnxeba ngumzalwana okwiofisi yesebe yeWatch Tower Society. Wayefuna ukuqonda ukuba akangebi nako ukuya kuncedisa apho nokuba lusuku olunye evekini kumsebenzi wokwandiswa kweBheteli. Lo dade kamva wathi: “Umoya waseBheteli nokuba nethuba lokubona umsebenzi wokwandisa nokuba nesabelo kuwo kwandinika amandla angakumbi endandiwafuna.”
Ukuba sidandathekile, kuhle ukukhumbula ukuba umthandazo yenye yeendlela zokulwa nokudandatheka. (Kolose 4:2) Ephendula imithandazo yethu, uYehova usenokuvula umnyango ongena kwinxalenye enkulu ngakumbi yenkonzo yakhe okanye unokusikelela ubulungiseleli bethu ngokwandisa isiqhamo. (1 Korinte 16:8, 9) Nokuba imeko iyintoni na, “intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, imbulaleko ayongezi nento kuyo.” (IMizekeliso 10:22) Ngokuqinisekileyo oku kuya kusikhuthaza.
Ngaba Ubandezelwe Ngamathandabuzo?
Maxa wambi, omnye wabakhonzi bakaYehova usenganamathandabuzo. Ukuba oko kunokwenzeka kuthi, asifanele ngokukhawuleza sigqibe kwelokuba siphulukene nenkoliseko kaThixo. UYesu akazange amlahle umpostile uTomas ngokuthandabuza iingxelo zamangqina okuzibonela ukuvuka kweNkosi. Kunoko, ngothando uYesu wamnceda uTomas ukuba aphelise amathandabuzo akhe. Yaye hayi indlela awachwayita ngayo uTomas xa waphawula ukuba uYesu wayevukile!—Yohane 20:24-29.
Ngeemfundiso zabo ezibubuxoki, izikrokro, njalo njalo, abantu “abangahloneli Thixo” abathwethwela kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala babebangela abanye ukuba babe namathandabuzo abangela ukubandezeleka. Ngenxa yoko, umfundi uYuda wabhala: “Inxenye [enamathandabuzo, NW] okunene yenzeleni inceba, nibaphanga emlilweni.” (Yuda 3, 4, 16, 22, 23) Ukuze baqhubeke befumana ulwazelelelo lwenceba kaThixo, abo babekhonza kunye noYuda—ingakumbi abadala bebandla—kwakufuneka bebonakalise inceba kwabo bathandabuzi babeyifanelekele. (Yakobi 2:13) Ubomi babo obungunaphakade babusemngciphekweni, kuba babesengozini ‘yomlilo’ wentshabalalo engunaphakade. (Thelekisa uMateyu 18:8, 9; 25:31-33, 41-46.) Olunjani lona uvuyo ekuba lulo ukubona amanye amakholwa ebenamathandabuzo encedwa ngobubele aze omelele ngokomoya!
Ukuba iimvavanyo ezibuhlungu zisenza sithandabuze ukuba uThixo unathi, kufuneka singqale xa sithandaza. Kwiimeko ezinjalo, masizingise ekuceleni ubulumko kuYehova. Akasingcikivi ngenxa yokuswela kwethu ubulumko size sibuthandazele kuye koko usipha ngobubele. Simele “siqhubeke sicela ngokholo, singathandabuzi konke konke,” kuba lowo uthandabuzayo “ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka” macala onke. Abantu abanjalo abafumani nto kuThixo kuba bamphefumlo umbaxa, ‘bayahlozinga’ ekuthandazeni nakuzo zonke iindlela zabo. (Yakobi 1:5-8) Ngoko masibe nokholo lokuba uYehova uya kusinceda sizijonge ngokufanelekileyo iimvavanyo zethu size sizinyamezele. IZibhalo zisenokuziswa engqalelweni yethu ngabo sikholwa nabo okanye ngesifundo seBhayibhile. Ngolwalathiso lukaThixo iziganeko ezenzekayo zisenokusinceda sibone esifanele sikwenze. Izithunywa zezulu zisenokuba nesabelo ekusalathiseni, okanye sinokufumana ukhokelo ngomoya oyingcwele. (Hebhere 1:14) Undoqo kukuthandazela ubulumko sikholose ngokupheleleyo ngoThixo wethu onothando.—IMizekeliso 3:5, 6.
Khumbula Ukuba UYehova Uyathuthuzela
UPawulos ngomthandazo wayethembele ngoYehova kwaye wayemazi ukuba unguMthombo wentuthuzelo. Lo mpostile wabhala oku: “Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo.”—2 Korinte 1:3, 4.
UThixo onako konke ukuthuthuzela uyakwazi ukubandezeleka abajamelana nako abakhonzi bakhe yaye ufuna ukubanika isiqabu. Kwimeko kaPawulos yokuxhalabela abaseKorinte, isiqabu seza ngeqabane lakhe elingumKristu, uTito. Le yenye indlela esinokuthuthuzelwa ngayo namhlanje. Ngoko ke, xa sibandezelekile, sifanele sikuphephe ukuzenza amakheswa. (IMizekeliso 18:1) Ukunxulumana namanye amaKristu yenye yeendlela uThixo asithuthuzela ngazo. Sisenokucinga oku: ‘Ndidandatheke gqitha kangangokuba andikwazi ukuba nabahlobo bam abangamaKristu.’ Phofu ke, sifanele silwe neemvakalelo ezinjalo size singazibandezi intuthuzelo esinokuyinikwa ngamanye amakholwa.
Musa Ukunikezela!
Abanye bethu basenokuba abakabi nawo amava eemvavanyo ezibakhokelela ekubeni babandezeleke ngokunzulu. Kodwa ubulwelwe, ukufelwa liqabane lomtshato, okanye enye imeko elinga ngokunzulu inokubangela ukubandezeleka ngokweemvakalelo. Ukuba oko kunokwenzeka, masingagqibi kwelokuba siyagula ngokomoya. Umntu odandathekileyo usengafaneleka kakuhle enkonzweni kaThixo, kwanokunceda abanye ngokomoya. UPawulos wabongoza abazalwana ukuba ‘babakhuze abamxhelo mncinane,’ bangakrokreli ukuba babenze okuthile okuphosakeleyo okanye babegula ngokomoya. (1 Tesalonika 5:14) Nangona maxa wambi ukubandezeleka kunxulunyaniswa nesenzo esiphosakeleyo netyala, oko akunjalo ngabo bakhonza uThixo ngentliziyo enyulu. Unqulo lwabo, mhlawumbi olunikelwa phantsi kwemeko enzima gqitha, lwamkelekile kuYehova. Uyabathanda yaye ubanika uncedo nentuthuzelo efunekayo.—INdumiso 121:1-3.
Abo babumba intsalela kaSirayeli wokomoya babandezeleka kakhulu ngenxa yeemvavanyo ngowe-1918. (Thelekisa amaGalati 6:16.) Intlangano yabo yokushumayela yaphantse yatshatyalaliswa, abanye babo bavalelwa entolongweni ngokuphosakeleyo, yaye abaninzi bamaqabane abo angaphambili aba ngabawexuki abanganyanisekanga nabaphikisayo. Ngaphezu koko, abathanjiswa abathembekileyo abazange basiqonde isizathu sokuba uThixo avumele konke oku ukuba kwenzeke. Kangangexesha elithile ‘bahlwayela beneenyembezi,’ kodwa abazange banikezele. Baqhubeka bekhonza uYehova yaye bazivavanya bona ngokwabo. Waba yintoni umphumo? ‘Babuya bememelela ngovuyo, bethwele izithungu zabo.’ (INdumiso 126:5, 6) Abathanjiswa bayaqonda ngoku ukuba uThixo wazivumela iimvavanyo ezinjalo ukuze abacocele umsebenzi ababeza kuwenza wokuvuna kwazwenibanzi.
Ukuba sinokubandezeleka ngenxa yokukhathazwa ziimvavanyo ezahlukahlukeneyo, sinokungenelwa kumava entsalela yabathanjiswa. Kunokuba sinikezele, masiqhubeke sisenza okulungileyo, nokuba simele senjenjalo silila. Ekuhambeni kwexesha, kuya kuvela ithuba lokuphuma eluvavanyweni, yaye ‘siya kubuya simemelela ngovuyo.’ Ewe, uvuyo—isiqhamo somoya oyingcwele kaThixo—siya kuba sesethu ngenxa yokuba siye sazinyamezela iimvavanyo zethu. Kuthi, ngokuqinisekileyo uYehova uya kuzingqina “enguThixo onako konke ukuthuthuzela.”