Ngoobani Abazalwa Ngokutsha?
NGABA bonke abantu abalungileyo baya ezulwini? Abaninzi bacinga njalo, kodwa uYesu Kristu akazange avumelane noko. Ethetha nomlawuli ongumYuda uNikodemo, owachwechwa weza kuye ebusuku, uYesu wathi: “Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini.”—Yohane 3:13.
Sekunjalo, uYesu wabonisa uNikodemo ukuba kwakuza kufika ixesha laxa abanye abantu babeya kuba nethuba lokungena kuBukumkani bamazulu. Ethetha ngaba uYesu wathi: “Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo. Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya. Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.” Kodwa uNikodemo wamangaliswa kukuba umntu angazalwa njani ngokutsha.—Yohane 3:1-9.
Mhlawumbi nawe uyazibuza ukuba uYesu wayethetha ukuthini. Ngaba amazwi akhe abhekisela ekuguquleni ngesiquphe abaninzi abavakalelwa kukuba bazaliswe ngumoya oyingcwele kaThixo abathi kuyenzeka?
Iimvakalelo Nengqondo
Bambi bathi ukuze ugqibe enoba umntu uzelwe ngokutsha kusini na, into ebalulekileyo kukuva amandla omoya. Kodwa, intliziyo nengqondo yethu inokusilahlekisa, ingakumbi ukuba iphenjelelwe ziimvakalelo ezinamandla.—Yeremiya 17:9.
UWilliam Sargant, umphandi wemiphumo yeemvakalelo engqondweni, uthetha ngemfuneko “yokuphaphela iinkolelo ezibakho ngokuvuseleleka kweemvakalelo xa iingqondo zethu zisenokuba ziyasilahlekisa.” Ngokutsho kukaSargant, omnye umzekelo ngumphumo wentshumayelo yokuvuselela nezisongelo zokohlwaya kwisihogo somlilo. Ngubani obengenakungafuni ukuzalwa ngokutsha ukuze aye ezulwini xa ekuphela kwenye indlela ikukuthuthunjiswa ngonaphakade? USargant uthi phantsi kokuxinezeleka okunjalo kweemvakalelo, “ukuqiqa kubekwa ecaleni, ikhompyutha yengqondo eqhelekileyo okwexeshana iyayeka ukusebenza, yaye iimbono neenkolelo ezintsha zamkelwa ngaphandle kokugocagocwa.”—The Mind Possessed.
Ngoko, ubani unokuqonda njani ukuba iinkolelo kulo mbandela wokuzalwa ngokutsha ziye “zamkelwa ngaphandle kokugocagocwa”? Ikhondo lobulumko benyaniso kukukhokelwa yiyo yonke into umoya oyingcwele kaThixo owabangela ukuba ababhali beBhayibhile bayibhale. AmaKristu akhuthazwa ukuba anqule uThixo ‘ngamandla awo engqiqo’ yaye kufuneka aqiniseke ukuba oko akukholelwayo kuyinyaniso.—Roma 12:1, 2, NW; 1 Tesalonika 5:21.
Ukuzalwa ngokutsha kuvulela elinye lawona malungelo abalulekileyo akha alulelwa kubantu. Kunxulunyaniswa nesiganeko esiphawulekayo sokwenyaniso ekuphumezeni injongo kaThixo. Nangona konke oku kuyinyaniso, kuphakama imibuzo efana nale: Ngoobani abazalwa ngokutsha? Kwenzeka njani oku? Abo banjalo balindelwe ngawaphi amathemba? Yaye ngaba ngabo kuphela abaya kusindiswa?
[Umfanekiso okwiphepha 3]
UNikodemo wamangaliswa kukuba umntu angazalwa njani ngokutsha