Unokungenelwa Njani KwiVangeli?
IBHAYIBHILE ixatyiswe kakhulu ngenxa yexabiso layo—kwanangabo bantu bangakholelwayo kuThixo. Nangona, ngokwenene bembalwa abo bayifundela ukuze bakusebenzise oko ikutshoyo. Ngaphezu koko, ekubeni iindaba ezilungileyo ezikuyo zithetha ngezinto ezenzeka kwiminyaka enokuba ngamawaka amabini eyadlulayo, abantu abaninzi babonakala bekholelwa ukuba ifanele ihlaziywe, yenziwe ilungele ezi mini. Ngaba iVangeli indala okanye iphelelwe lixesha? Akunjalo konke konke.
Kukho amadoda nabafazi, abancinane nabakhulu, abazizigidi, abaziyo ukuba iBhayibhile ingumthombo woncedo oxabiseke gqitha. Kunjengokuba intshayelelo yeToday’s English Version ifundeka: “IBhayibhile asiyoncwadi nje yokubukwa nokunqulwa; iziiNdaba Ezilungileyo kubo bonke abantu kuzo zonke iindawo—isisigidimi esimele siqondwe size sisetyenziswe kubomi bemihla ngemihla.”
Ithetha ntoni iVangeli kuwe? Ngaba uyisebenzisa njengesikhokelo kubomi bakho bemihla ngemihla? Khawuqwalasele indlela iindaba ezilungileyo ezaba yingenelo ngayo kwabanye abaziphulaphulayo kwinkulungwane yokuqala nendlela eziye zabayingenelo ngayo kwabanye kumhla wethu.
Abantu Abancedwa YiVangeli
Ngomhla kaYesu abantu abafana nabalobi nabafazi ababesebenza nzima batsaleleka kwiindaba ezilungileyo baza bafunda inyaniso ngenjongo kaThixo ngomntu. Iindaba ezilungileyo zabuguqula ngokugqibeleleyo ubomi babo yaye ngokufuthi zabakhulula ngokupheleleyo. Ngokomzekelo, uMariya waseMagadala wakhutshwa iidemon. UZakeyu, owayengumbuthi werhafu ngaphambili, washiya ubomi bokubawa awayebuphila. (Luka 8:2; 19:1-10) Iimfama nabaneqhenqa bancedwa xa beza kuYesu, owayeshumayela iindaba ezilungileyo. (Luka 17:11-19; Yohane 9:1-7) UYesu ngokufanelekileyo wayenokuthi: “Iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.”—Mateyu 11:5.
Noko ke, eyona nto ibalulekileyo kunokuphiliswa kwalo yindlela iindaba ezilungileyo ezabuguqula ngayo ubomi boninzi lwabo bantu babezintsizana. Abantu ababeneentliziyo ezinyanisekileyo bazaliswa lithemba ngekamva. Bathembela kuBukumkani bukaThixo—into elunge ngakumbi kunayo nayiphi na ivangeli yokuphucula intlalo. (Mateyu 4:23) Ithemba labo alizange liphanze ngokufa kukaYesu. Ichaza iimeko nasemva kweso siganeko, incwadi yeZenzo 5:42 ithi ngabafundi bakhe, “Imihla yonke etempileni, nasemakhaya, babengayeki ukufundisa nokushumayela iindaba ezilungileyo zokuba uYesu unguye uKristu.” Kwinkulungwane yokuqala, kumazwe amaninzi abantu bafumana uncedo lokomoya kuba basabela koko kushumayela.
UBukumkani babuzezona ndaba zilungileyo ngelo xesha. Ngaba isigidimi soBukumkani siseziindaba ezilungileyo?
Zithetha Ntoni Iindaba Ezilungileyo Namhlanje?
Ukuba ulangazelela ihlabathi elinoxolo, elinqabisekileyo, ngoko ngokuqinisekileyo iindaba zoBukumkani zilungile. Eneneni, kwihlabathi elinamakhulu ezigidi zabantu abangondlekanga nabalambayo, elinezifo ezoyikekayo ezisongela wonk’ ubani, elinolwaphulo-mthetho olwanda ngokoyikisayo, nokungazinzi kwezopolitiko okwandayo zikukuphela kweendaba ezilungileyo zokwenyaniso nezisisigxina. Zinikela ekuphela kwethemba lenguqulelo yokwenene.
Kungenxa yoko uYesu waprofetayo ngokuphathelele umhla wethu: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:14) La mazwi azaliseka ngendlela ephawulekayo njengoko amaNgqina kaYehova eshumayela iindaba ezilungileyo kumazwe angaphezu kwama-200. Impapasho yamaKatolika, i-Nova Evangelização 2000, iyawancoma amaNgqina kule nkalo, isithi: “Siwafumana phi amaNgqina kaYehova? Kwiminyango yamakhaya abantu. Yaye ukuze ubani abe liNgqina likaYehova, ngaphandle kokuba ngokaYehova, umele abe lingqina. Ngoko ke, siwafumana esebenza, evakalisa, ethetha, ngoko akufundileyo.”
Noko ke, akukho namnye ongenelwa ngokuzenzekelayo kwiindaba ezilungileyo. Ziya kunceda kuphela abo baphulaphulayo baze bathobele. Ukuze ibonakale le ngongoma, uYesu wenza umzekeliso wendoda eyaya kuhlwayela imbewu. Iintlobo ezahlukahlukeneyo zomhlaba imbewu eyawela kuzo zazifanekisela iintlobo ezahlukahlukeneyo zeentliziyo zabo beva iindaba ezilungileyo. UYesu wathi: “Akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe . . . Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.”—Mateyu 13:18-23.
Njengakwinkulungwane yokuqala, abantu abaninzi namhlanje abenzi mgudu waneleyo ukuze baziqonde iindaba ezilungileyo. Abayiqondi intsingiselo yazo, yaye ngaloo ndlela abazifumani iingenelo. Abanye babonisa uxabiso ngeendaba ezilungileyo yaye bafunda indlela yokuvisisanisa ubomi babo nokuthanda kukaThixo. Ngale ndlela bayasikelelwa. Wena ukweliphi iqela?
Amandla EVangeli Namhlanje
Amava angqina ukuba ukuqonda iindaba ezilungileyo kunceda abo ‘babengenathemba, bengenaThixo.’ (Efese 2:12; 4:22-24) URoberto waseRio de Janeiro wayefuna uncedo. Ukususela ebutsheni bakhe, wayephila ubomi bokuziphatha kakubi, wayebandakanyeke kwiziyobisi, ekuziphatheni okubi, nasebuseleni. Ekugqibeleni wabanjwa. Ngoxa wayelapho uRoberto wafundisisa iBhayibhile neNgqina elalityelele. Wenza inkqubela entle gqitha ngokomoya kangangokuba isigwebo sakhe entolongweni sancitshiswa kakhulu.
Emva kokukhululwa kwakhe, uRoberto wadibana nentombazana eselula awayekhe wayiphanga waza wayigrogrisa ngompu. Nayo yayifundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kwenzeka ntoni? Le ilandelayo yinxalenye yeleta ebalisa okwenzekayo: “Babeqala ukudibana ngemva kohlaselo xa badibana kwiHolo yoBukumkani. Oku kudibana kwabo kwakuchukumisa. Ngenxa yokuchukumiseka bobabini bantywizisa yaye bawolana njengomzalwana nodade. Ngoku owayefudula elisela nexhoba lakhe badumisa uYehova.”
Kwakhona omnye umntu, uIsabel, naye wayefuna uncedo, kuba wayedume ngokuba nomsindo. Wayebandakanyeke ngokunzulu ekukhafuleni nakubugqwirha yaye wayethuthunjiswa ziidemon. Njengoko wayefundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, wafumanisa ukuba iindaba ezilungileyo ngokwenene ziyanceda. Emva kwexesha elithile, waphuncula ekulawulweni ziidemon waza waguqula ubuntu bakhe—ekugqibeleni wafunda ukuwulawula umsindo wakhe. Ngoku ungumKristu othembekileyo, owaziwa njengomntu onobubele kwabanye abantu.
Ewe, iindaba ezilungileyo aziyonto nje ithelekelelwayo. Zinamandla okwenene okuguqula ubomi. (1 Korinte 6:9-11) Zenza okungakumbi kunoko. Zikwathetha ngeentsikelelo eziza kubakho kwikamva.
Iintsikelelo Eziza Kubakho
Ngokutsho kweLizwi likaThixo, ikamva lisiphathele amathemba angummangaliso. Siya kubona ukuzaliseka komthandazo kaYesu wokuba uBukumkani bukaThixo mabufike nokwenziwa kokuthanda Kwakhe emhlabeni njengasezulwini. (Mateyu 6:10) Kungekudala, le nkqubo ikhoyo yezinto yokonakala nenogonyamelo iya kushenxiswa, yaye urhulumente kaThixo wasezulwini, uBukumkani bakhe, uya kulawula abantu abantliziyo zilungileyo abebenomdla wokuphulaphula nokuthobela iindaba ezilungileyo.—Daniyeli 2:44.
Emva koko kuya kubakho inguqulelo ephawulekayo xa abantu abathembekileyo phantsi kolwalathiso beguqulela umhlaba ekubeni yiparadisi abaya kuhlala kuyo abantu abalulamileyo ngonaphakade. (INdumiso 37:11, 29) Ngokuqinisekileyo, ziindaba ezilungileyo ukuthi ulwaphulo-mthetho, izifo, iindlala, ungcoliso, neemfazwe ziya kunyamalala ngonaphakade! Ngaba unombono wakho nentsapho yakho niphila kwelo hlabathi litsha eluxolweni niphile qete ningoyiki kugula nakufa?—ISityhilelo 21:4.
Kuyinyaniso ukuba abaninzi iindaba ezilungileyo ezinjalo bazijonga njengezingekho ngqiqweni okanye njengentelekelelo. Kodwa bayaphazama. Iindaba ezilungileyo zisekelwe kobona bungqina buluqilima, yaye sele ziguqule ubomi bezigidi zabantu. Ngoko ke, musa ukuphazamiseka ukuba abanye abakholelwa.
Khawube nombono womntu osisilumko othenga umhlaba kwindawo ekusaqaliswayo ukwakhiwa kuyo, enethemba lokufumana inzuzo. Ngaba kukho mntu obeya kumgxeka ngokusebenzisa imali yakhe ngolu hlobo? Hayi. Kunoko, abantu bebeya kuthi wenza ngobulumko. Ngoko, kutheni ungabi nembono entle ngekamva ngokubhekisele kuBukumkani, ngokungathi kunjalo uziqwebele ubutyebi kwiindaba ezilungileyo? Ekubeni ukwamkela iindaba ezilungileyo kuthetha usindiso, akukho ndlela yimbi yokuziqwebela ubutyebi eya kukuzisela iingenelo ngaphezu kwale.—Roma 1:16.
Unokuziqwebela njani ubutyebi kwiindaba ezilungileyo? Okokuqala, yiba ngumntu okulungeleyo ukufundiswa nguThixo. Yenza ngokuvisisana noko ukufundayo. Landela iimfuneko ezisisiseko, ngokwendlela umprofeti wamandulo ongumHebhere awazidwelisa ngayo: “Akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.” (Mika 6:8) Ukufunda ukuhamba noThixo kuthabatha ixesha yaye kufuna umgudu. Sekunjalo, amaNgqina kaYehova, awanceda uRoberto noIsabel, aya kukuvuyela ukukunceda kule nkalo—njengoko eye anceda izigidi zabanye kwiminyaka edluleyo.
Ngoxa ulindele ukuzaliseka kwamadinga kaThixo, khulisa ubutyebi bakho ngokuphila ngokuvisisana neendaba ezilungileyo, unandiphe uxolo lwengqondo uze uzakhele ubuhlobo obusenyongweni noThixo. Ubutyebi bakho buya kukhuseleka—akukho kuwohloka kwezoqoqosho okanye iingxwabangxwaba zobupolitika eziya kubusongela. Yaye ekugqibeleni, buya kukuzisela imivuzo engummangaliso. Yintoni loo mivuzo? Umpostile uYohane wabhala: “Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Imbewu yeendaba ezilungileyo iwela kwiintlobo ezahlukahlukeneyo zomhlaba
[Inkcazelo]
Garo Nalbandian