Ukuhamba Sinentliziyo Emanyanisiweyo
“Ndiyalele, Yehova . . . Yibandakanye [“yimanyanise,” NW] intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.”—INDUMISO 86:11.
1. UYehova ubavuza njani abakhe abanyanisekileyo?
‘OWU YEHOVA, unguThixo wena, wedwa.’ (INdumiso 86:8, 10, NW) UDavide wamdumisa uThixo ngokusuka kwintliziyo ephuphuma uxabiso. Kwanangaphambi kokuba uDavide abe ngukumkani wakwaSirayeli, uYehova wamhlangula kuSawule nakumaFilisti. Ngenxa yoko, wakwazi ukuthi: “Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msizi wam mna lo, Thixo oliliwa lam, endizimela ngalo. Kowenceba uzenza owenceba.” (2 Samuweli 22:2, 26) UYehova wayemlondolozile lo mkhonzi wakhe unyanisekileyo kwiimvavanyo ezininzi. UDavide wakwazi ukuthembela kuThixo wakhe onyanisekileyo, kodwa wafuna ukhokelo oluqhubekayo. Ngoku uDavide wambongoza uThixo esithi: “Ndiyalele, owu Yehova, indlela yakho.”—INdumiso 86:11, NW.
2. UYehova uye wawenza njani amalungiselelo okusifundisa?
2 UDavide wayengafuni ukuba nanto yakwenza neengcamango okanye iintanda-bulumko zehlabathi. Wayefuna ‘ukufundiswa nguYehova,’ njengoko umprofeti kaThixo watshoyo kamva. (Isaya 54:13) Kusenokuba uDavide wayenokucamngca ngeencwadi ezisithoba kuphela zeBhayibhile ezazifumaneka kumhla wakhe. Sekunjalo, loo myalelo wawuvela kuYehova wawuxabisekile kuye! Thina namhlanje sinandipha ukufundiswa ngeencwadi zeBhayibhile ezingama-66, kwanangentabalala yoncwadi loBukumkani oluveliswa ‘ngomkhonzi othembekileyo noqondayo.’ (Mateyu 24:45) NjengoDavide, masicele kuYehova, ukuba umoya wakhe usincede siphengulule izinto “uThixo awazilungiselela abo bamthandayo. . . . Neenzulu zikaThixo.”—1 Korinte 2:9, 10.
3. Sinokungenelwa njani kwimfundiso yeBhayibhile?
3 IBhayibhile iphendula nawuphi na umbuzo nengxaki enokuvela kubomi bethu. “Kuba izinto zonke ezabhalwayo ngenxa engaphambili, zaye zibhalelwa okwethu ukufundiswa, ukuze sithi ngalo unyamezelo novuselelo lwezibhalo sibe nalo ithemba.” (Roma 15:4) Ukufunda imiyalelo evela kuYehova kuya kusomeleza ukuze sinyamezele ubunzima, kuya kusithuthuzela ngamaxesha okubandezeleka, yaye kuya kugcina ithemba loBukumkani liqaqambile ezintliziyweni zethu. Ngamana singafumana uvuyo ekufundeni nasekucamngceni ngeLizwi likaThixo “imini nobusuku,” kuba ubulumko obusekelwe eBhayibhileni “bungumthi wobomi kwababambelela kubo, unoyolo obubambayo.”—INdumiso 1:1-3; IMizekeliso 3:13-18; bona noYohane 17:3.
4. Ngokuphathelele izenzo zethu, nguwuphi umzekelo uYesu aye wasibekela wona?
4 UNyana kaThixo, uYesu, okwabizwa ngokuba ‘nguNyana kaDavide,’ wayesoloko ekhangele kuYehova ukuze afundiswe nguye. (Mateyu 9:27)a Wathi: “UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo.” “Andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.” (Yohane 5:19; 8:28) UYesu wasishiya nomzekelo “ukuze silandele emkhondweni wakhe.” (1 Petros 2:21) Khawufan’ ucinge ngako oku! Ukuba sifundisisa ngendlela uYesu amele ukuba wayefundisisa ngayo, kuyo nayiphi na imeko siya kukwazi ukwenza izinto njengoko uYehova afuna senze ngako. Indlela kaYehova isoloko iyindlela elungileyo.
5. Iyintoni “inyaniso”?
5 Ngokulandelayo uDavide uthi: “Ndihambe ngenyaniso yakho.” (INdumiso 86:11) Kwiminyaka eliwaka kamva, uPilato, xa wayethetha noNyana kaDavide, uYesu, wabuza oku: “Yintoni na yona inyaniso?” Kodwa uYesu wayesandul’ ukuwuphendula loo mbuzo, emxelela oku uPilato: “Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi,” wongezelela oku: “Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” (Yohane 18:33-38) Ngaloo ndlela uYesu wayesazisa ukuba inyaniso yalatha kuBukumkani obungoMesiya. Eneneni, wonke umxholo weBhayibhile ukukungcwaliswa kwegama likaYehova ngobo Bukumkani.—Hezekile 38:23; Mateyu 6:9, 10; ISityhilelo 11:15.
6. Xa sihamba ngenyaniso, ziintoni esifanele sizilumkele?
6 Kuthetha ukuthini ukuhamba ngenyaniso? Kuthetha ukwenza ithemba loBukumkani libe yeyona nto ibalulekileyo kubomi bethu. Sifanele siphile ngenyaniso yoBukumkani. Sifanele singakuthandabuzi ukubeka tanci izilangazelelo zoBukumkani, sibe nenzondelelo ngokuvisisana namathuba ethu ekungqineleni inyaniso yoBukumkani, silandela umzekelo kaYesu. (Mateyu 6:33; Yohane 18:37) Asinakungxungxa enyanisweni, sinikele inkonzo nje yokudlulisel’ usana kunina sandule ke sizikholise ngokuthabatha iindlela ezizezinye zokubandakanyeka ekuzihlaziyeni ngokugqithiseleyo okanye singenele umsebenzi wokuziphilisa otya ixesha okanye ‘sikhonze ubutyebi.’ (Mateyu 6:24) Sinokulahleka kwenye yezo ndlela zisemacaleni, singabuye siphinde siyifumane indlela yokubuyela ‘endleleni ecutheneyo ekhokelela ebomini.’ Masingaphambuki kuloo ndlela! (Mateyu 7:13, 14) UMyaleli wethu Ozukileyo, uYehova, ngeLizwi nangentlangano yakhe, uyayikhanyisa le ndlela, esithi: “‘Nantsi indlela. Hambani ngayo, nina bantu,’ hleze nisinge ekunene okanye hleze nisinge ekhohlo.”—Isaya 30:21, NW.
Uloyiko Olufanelekileyo
7. ‘Sinokuzimanyanisa’ njani iintliziyo zethu?
7 Umthandazo kaDavide uyaqhubeka kwindinyana 11, (NW): “Yimanyanise intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.” NjengoDavide, sifanele sifune ukuba iintliziyo zethu zingahlulelani, ziphelele, ekwenzeni ukuthanda kukaThixo. Oku kuvumelana nesiluleko sikaMoses: “Kaloku ke Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke; ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulunge kuwe?” (Duteronomi 10:12, 13) Eneneni, kukokokulungelwa kwethu ukuba sinikezele intliziyo nomphefumlo wethu ekukhonzeni uYehova. Ngaloo ndlela sibonakalisa uloyiko olufanelekileyo ngegama lakhe elizukileyo. Ngokoqobo igama likaYehova lithetha “Ubangela Kubekho,” libhekisela ngokukodwa ekufezekiseni kwakhe iinjongo zakhe ezizukileyo. Kwakhona limela igunya lakhe elongamileyo kwindalo iphela. Ukuba sikhonza ngokoyika ulongamo lukaThixo, asiyi kushenxiswa kukoyika umntu ofayo. Iintliziyo zethu aziyi kwahlulelana. Kunoko, siya koyika ukwenza nayiphi na into eya kungamkholisi uYehova, uMgwebi Owongamileyo neNkosi enguMongami, obuxhomekeke kuye ubomi bethu.—Isaya 12:2; 33:22.
8, 9. (a) Kuthetha ntoni ‘ukungabi nguye owehlabathi’? (b) Ngawaphi amanyathelo esifanele siwathabathe ngenxa yokuba ‘sanekwe senziwe intlekisa’?
8 Kwanaxa sijamelene nenkcaso nentshutshiso, siya kulandela umzekelo kaYesu wokungoyiki wokungabi yinxalenye yehlabathi elingendawo elisingqongileyo. (Yohane 15:17-21) Oku akuthethi ukuba abafundi bakaYesu bafanele baphile njengamalolo okanye bazivalele kwizindlu zoonongendi. UYesu wathi kuYise emthandazweni: “Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo. Abangabo abehlabathi njengokuba nam ndingenguye owehlabathi. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso. Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.” (Yohane 17:15-18) NjengoYesu, sithunywe ukuba sivakalise inyaniso yoBukumkani. UYesu wayengeneka. Abantu babehlaziywa yindlela awayefundisa ngayo. (Thelekisa uMateyu 7:28, 29; 11:28, 29; Yohane 7:46.) Nathi sifanele sibe njalo.
9 Ukuba nobuhlobo kwethu, ukunxiba nokukhangeleka kakuhle, incoko yobubele necocekileyo, zifanele zisenze thina nesigidimi sethu samkeleke kubantu abantliziyo zilungileyo. Sifanele sikuphephe ukunxiba ngokungakhathali nangokungenasidima, unxulumano olunokusikhokelela ekubandakanyekeni kwizinto zehlabathi nendlela yokuphila kavula-zibhuqe nengenamigaqo esiyibonayo kwihlabathi elisingqongileyo. Ekubeni “sanekwe senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu,” sifanele sisebenze iiyure ezingama-24 usuku ngalunye ukuze sikhonze size siphile njengamaKristu angumzekelo. (1 Korinte 4:9; Efese 5:1-4; Filipi 4:8, 9; Kolose 4:5, 6) Intliziyo yethu ifanele imanyaniswe kuko oku.
10. UYehova ubakhumbula njani abo bamanyanisa iintliziyo zabo enkonzweni engcwele?
10 UYehova uya kusikhumbula thina bamanyanisa iintliziyo zethu ukuba zoyike igama likaYehova, sicamngca ngeenjongo zakhe ezizukileyo size sizalise ubomi bethu ngenkonzo yakhe engcwele. “Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye.” (2 Kronike 16:9) Ebhekisela ngokuprofetayo kumhla wethu, uMalaki 3:16 ufundeka ngolu hlobo: “Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.” Ngamana iintliziyo zethu zingamanyaniswa kolo loyiko lufanelekileyo lukaYehova!
Ububele Obunothando BukaYehova
11. Ububele obunothando bukaYehova buya kubonakaliswa njani kwabanyanisekileyo?
11 Hayi indlela onyaniseke ngayo umthandazo kaDavide! Uhlabela mgama esithi: “Ndiya kubulela kuwe, [owu Yehova, NW], Thixo wam, ngentliziyo yonke, ndilizukise igama lakho ngonaphakade: ngokuba inceba [“ububele obunothando,” NW] yakho ibe inkulu kum; wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.” (INdumiso 86:12, 13) Okwesihlandlo sesibini kule ndumiso, uDavide udumisa uYehova ngenxa yobubele Bakhe obunothando—uthando Lwakhe olunyanisekileyo. Olu thando lukhulu kangangokuba lunokusisindisa nakwiimeko ekubonakala kungenakwenzeka oko kuzo. Xa uSawule wayemzingela entlango, kusenokwenzeka ukuba uDavide wayevakalelwa kukuba umhlaba ungasuke uvuleke aze angene. Kwakufana nokujamelana neyona ndawo ingaphantsi yelabafileyo—iinzulu zengcwaba. Kodwa uYehova wamhlangula! Ngokufanayo, uYehova uye wabahlangula abakhonzi bakhe banamhlanje ngeendlela ezimangalisayo, kwaye uye wazimasa abagcini bengqibelelo abaye banyamezela ngokuthembeka kwada kwasekufeni. Bonke abanyanisekileyo baya kuwufumana umvuzo wabo, ngokuvuswa xa kuyimfuneko.—Thelekisa uYobhi 1:6-12; 2:1-6, 9, 10; 27:5; 42:10; IMizekeliso 27:11; Mateyu 24:9, 13; ISityhilelo 2:10.b
12. Abefundisi baye bazikhukhumalisa baza bakhohlakala ngayiphi indlela, ibe uya kuba yintoni umvuzo wabo?
12 Ngokuphathelele abatshutshisi uDavide uyadanduluka: “[Owu] Thixo, abakhukhumali basukele phezulu kum; ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; abakumisi wena phambi kwabo.” (INdumiso 86:14) Namhlanje, abefundisi beNgqobhoko baye baphakathi kwabatshutshisi. Bazibanga benqula uThixo kodwa igama lakhe elingcwele balithabathel’ indawo ngesibizo esithi “Nkosi” yaye bamchaza njengoBathathu Emnye oyimfihlelo nto leyo engakhankanywayo eBhayibhileni. Okunjani kona ukuzikhukhumalisa! Ukongezelela koku, bazama ukuqhubela amagunya ezobupolitika ukuba awaval’ umlomo okanye awaphos’ entolongweni amaNgqina kaYehova, njengoko ngendlela eyothusayo kusenjalo kumazwe amaninzi emhlabeni wonke. Aba banyelisi begama likaThixo abatsho ngeengubo ezinde baza kuwufumana umvuzo wabo, ndawonye nawo onke amahlelo eBhabhiloni Enkulu anjengehenyukazi.—ISityhilelo 17:1, 2, 15-18; 19:1-3.
13. Ziziphi iimpawu uYehova azibonakalisayo xa esazisa ukulunga kwakhe?
13 Okonwabisayo kukuba uDavide uhlabela mgama ngokuchasene noko esithi: “Ke wena, [owu Yehova, NW], unguThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba [“ngobubele obunothando,” NW] nenyaniso.” (INdumiso 86:15) Enyanisweni, iimpawu ezinjalo zoThixo wethu zibalasele. La mazwi asibuyisela kwiNtaba yeSinayi xa uMoses wacela ukubona ubuqaqawuli bukaYehova. UYehova waphendula: “Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho.” Kodwa wamlumkisa uMoses esithi: “Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.” Emva koko, uYehova wehla esefini, evakalisa oku: “UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba [“ububele obunothando,” NW] nenyaniso.” (Eksodus 33:18-20; 34:5, 6) UDavide wacaphula la mazwi kumthandazo wakhe. Iimpawu ezinjalo zikaYehova zithetha okungakumbi gqitha kuthi kunayo nayiphi na inkangeleko yomzimba! Ngokusuka kumava ethu, ngaba asikuxabisi ukulunga kukaYehova njengoko kubonakaliswe zezi mpawu zintle?
“Umqondiso Wokulungileyo”
14, 15. UYehova ubenzela njani abakhonzi bakhe “umqondiso wokulungileyo”?
14 Kwakhona uDavide ubongoza intsikelelo kaYehova, esithi: “Ndibheke, undibabale; mphe amandla umkhonzi wakho, umsindise unyana womkhonzazana wakho. Ndenzele umqondiso wokulungileyo, bawubone abandithiyayo, badane, kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.” (INdumiso 86:16, 17) UDavide uyaqonda ukuba ‘njengonyana womkhonzazana kaYehova,’ naye ufanele abe ngokaYehova. Kukwanjalo nangathi sonke namhlanje abahlulele ubomi bethu kuYehova nabakwinkonzo yakhe. Sifuna ukufumana amandla kaYehova okusindisa ngomoya wakhe oyingcwele. Ngenxa yoko, sicela uThixo wethu ukuba asenzele “umqondiso wokulungileyo.” Ukulunga kukaYehova kuhambisana neempawu ezintle esisandul’ ukuxubusha ngazo. Ngokusekelwe koku, nguwuphi umqondiso esinokulindela ukuba uYehova asinike wona?
15 UYehova unguMniki waso “sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo” yaye, njengoko uYesu esiqinisekisa, unesisa ekupheni “uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo.” (Yakobi 1:17; Luka 11:13) Umoya oyingcwele—esinjani sona isipho esingenakuthelekiswa nanto esivela kuYehova! Ngomoya oyingcwele, uYehova unikela uvuyo lwentliziyo, kwanakumaxesha entshutshiso. Ngaloo ndlela, abapostile bakaYesu, xa bekwizilingo ezisongela ubomi babo, babenokuvakalisa ngovuyo ukuba uThixo unikela umoya oyingcwele kwabo bamthobelayo njengomlawuli. (IZenzo 5:27-32) Uvuyo lomoya oyingcwele ngokuqhubekayo luye lwabavelisela “umqondiso wokulungileyo.”—Roma 14:17, 18.
16, 17. (a) Nguwuphi umqondiso wokulungileyo uYehova awawunika uPawulos noBharnabhas? (b) Nguwuphi umqondiso owanikwa amaTesalonika awayetshutshiswa?
16 Ebudeni bohambo lwabo lobuvangeli basemazweni ukutyhubela elaseAsia Minor, uPawulos noBharnabhas badibana nobunzima, kwanentshutshiso eqatha. Xa babeshumayela kwa-Antiyokhwe kwelasePisidi, amaYuda asichasa isigidimi sabo. Ngenxa yoko, baya kubantu beentlanga. Waba yintoni umphumo? “Bakuva ke oko abeentlanga, bavuya balizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade.” Kodwa amaYuda abangela imvukelo, kangangokuba abo bavangeli basemazweni bagxothwa kwelo lizwe. Ngaba oku kwabakhathaza kwakunye nabo basandul’ ukukholwa? Nakanye! Kunoko, “baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.” (IZenzo 13:48, 52) UYehova wabanika loo mqondiso wokulunga kwakhe.
17 Kamva, ibandla elitsha eTesalonika lathwaxwa yintshutshiso. Oku kwakhokelela umpostile uPawulos ukuba alibhalele ileta yokulithuthuzela, encoma ukunyamezela kwalo phantsi kwentshutshiso. Baye ‘balamkela ilizwi besembandezelweni eninzi, benovuyo lomoya oyingcwele.’ (1 Tesalonika 1:6) ‘Uvuyo lomoya oyingcwele’ lwaqhubeka lubomeleza njengomqondiso obonakalayo ovela kuThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo nomninzi ngobubele obunothando nenyaniso.
18. Abazalwana bethu eMpuma Yurophu baye balubonakalisa njani uxabiso ngokulunga kukaYehova?
18 Kutshanje, uYehova uye wabonakalisa ukulunga kwakhe kubazalwana bethu abathembekileyo eMpuma Yurophu, ehlazisa abo baye babathiya—abo bebebatshutshisa ngaphambili. Nangona kutshanje beye bakhululwa kwingcinezelo yamashumi eminyaka, aba bazalwana bathandekayo kusafuneka benyamezele, kuba abaninzi kubo bajamelene nobunzima bezoqoqosho. Noko ke, ‘uvuyo lwabo lomoya oyingcwele’ luyabathuthuzela. Luluphi uvuyo olukhulu ngakumbi abanokuba nalo kunokusebenzisa inkululeko yabo abasandul’ ukuyifumana ekwandiseni ubungqina? Abantu abaninzi bayabaphulaphula, njengoko iingxelo zeendibano nezabantu ababhaptiziweyo zikubonisa oku.—Thelekisa IZenzo 9:31.
19. Amazwi akwiNdumiso 86:11 sinokuwenza njani awethu?
19 Konke oko kuye kwaxutyushwa kweli nqaku nakwelilandulelayo kuphinda umthandazo onyanisekileyo kaDavide kuYehova othi: “Ndiyalele, Yehova . . . Yibandakanye [“yimanyanise,” NW] intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.” (INdumiso 86:11) Loo mazwi omxholo wonyaka we-1993 masiwenze awethu njengoko sisebenza ngeentliziyo ezipheleleyo ekuxhaseni izilangazelelo zoBukumkani nasekuxabiseni ukulunga okungapheliyo koThixo wethu omnye, iNkosi enguMongami uYehova.
[Imibhalo esemazantsi]
a ‘Njengembewu’ eyaxelwa kwangaphambili, uYesu wayeyindlalifa yobukumkani bomnombo kaDavide yaye ngaloo ndlela ‘wayenguNyana kaDavide’ ngengqiqo yokoqobo neyokomoya.—Genesis 3:15; INdumiso 89:29, 34-37.
b Ukuze ufumane imizekelo yale mihla, bona iYearbook of Jehovah’s Witnesses, uhlelo lowe-1974, iphepha 113-212; eyowe-1985, iphepha 194-7; eyowe-1986, iphepha 237-8; eyowe-1988, iphepha 182-5; eyowe-1990, iphepha 171-2; eyowe-1992, iphepha 174-81.
Unokuphendula Njani?
◻ Sibonisa ntoni ngokuthandaza sithi, “Ndiyalele, Owu Yehova”?
◻ Kuthetha ntoni ukuba iintliziyo zethu zimanyaniselwe ukoyika igama likaYehova?
◻ UYehova uya kububonakalisa njani ububele obunothando kubo bonke abanyanisekileyo?
◻ UYehova usenzela njani “umqondiso wokulungileyo?”
[Ibhokisi ekwiphepha 16]
Umxholo wonyaka we-1993 uthi: “Ndiyalele, Yehova . . . Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.”—INdumiso 86:11.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYehova uliliwa negwiba labo bahamba ngokuthe tye enyanisweni
[Umfanekiso okwiphepha 18]
KwiNdibano Yezizwe Ngezizwe “Yabathwali Bokukhanya” YamaNgqina KaYehova eSt. Petersburg, eRashiya, ngoJuni, kweza abangam-46 214 kwaza kwabhaptizwa abangama-3 256. Hayi ukumangalisa kwendlela aba abakufuna ngayo ukulunga kukaYehova, “benovuyo lomoya oyingcwele”!