Iindawo Ezithile Zelizwe Ledinga
IGerizim—‘Sasinqula Kule Ntaba’
INTOKAZI yomSamariya isequleni. Ngaba elo binzana alenzi kuthi qatha engqondweni yakho ingxelo echukumisayo yokunikela kukaYesu ubungqina obungacwangciswanga kwintokazi ‘emthonjeni kaYakobi’ owawuseSikare, kwisixeko saseSamariya? Ngaba uya kukuthanda ukwandisa uxabiso lwakho ngeso siganeko sibalulekileyo?—Yohane 4:5-14.
Phawula iintaba ezimbini ezingasentla, ezimalunga neekhilomitha ezingama-50 ukusuka kumntla weYerusalem.a Ngasekhohlo (emazantsi) yiGerizim ezele yimithi; imithombo emininzi yamanzi ifak’ isandla ekuchumeni nakubuhle bayo. Ngasekunene (emantla) yiEbhali, ephakame nje kancinane kodwa enamatye nengumqwebedu.
Phakathi kwazo kuqukuqela intlambo echumileyo yakwaShekem. Khumbula ukuba xa umhlobo kaThixo uAbram (kamva owabizwa ngokuba nguAbraham) wayehamba esihla ecanda kwiLizwe Ledinga, waphumla kwaShekem. Apha wakhela uYehova isibingelelo, awayesandul’ ukuzibonakalisa kuye waza wathembisa ukunika imbewu yakhe eli lizwe. (Genesis 12:5-7) Enjani yona ukufaneleka indawo ukuba kwenzelwe kuyo idinga elinjalo, embindini welo lizwe! Enoba wayesencotsheni yeGerizim okanye ye-Ebhali, lo solusapho wayenokuwubona ummandla omkhulu weLizwe Ledinga. Isixeko sakwaShekem, (namhlanje esibizwa ngokuba yiNablus) sasisisazulu esibalulekileyo, esasakhiwe kwindlela yentaba esuka emantla isiya emazantsi kufutshane nendlela esuka empuma isiya entshona eyayiphakathi konxweme neNtlambo yaseYordan.
Isibingelelo sika-Abraham sasikuphela kwento eyenziweyo yonqulo ephawulekayo apha. Kamva, uYakobi wathenga umhlaba kulo mmandla waza wahambisela phambili unqulo lokwenyaniso. Kwakhona wemba okanye wahlawula ngokumbiwa kwequla elinzulu, kufuphi nasemazantsi eGerizim. Kwiinkulungwane kamva intokazi yomSamariya yamxelela oku uYesu: ‘Ubawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo.’ Lisenokuba lalixhaswa ngamanzi omthombo, nto leyo esicacisa kakuhle isizathu sokuba umpostile uYohane alibize ngokuthi “ngumthombo kaYakobi.”
Kwakhona ukukhankanywa konqulo lokwenyaniso ngokunxulumene neGerizim ne-Ebhali kusenokukukhumbuza ukuba uYoshuwa wawazisa apha amaSirayeli, njengoko uMoses wayeyalele. UYoshuwa wakha isibingelelo e-Ebhali. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wesiqingatha sabantu simi phambi kwentaba yeGerizim abanye bemi phambi kwentaba ye-Ebhali njengoko uYoshuwa wayelesa ‘umyalelo, iintsikelelo neziqalekiso.’ (Yoshuwa 8:30-35; Duteronomi 11:29) Kwiminyaka kamva, uYoshuwa wabuya waza ebaluleka okokugqibela wathetha oku: “Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.” Abantu banqophisa ukwenza okufanayo. (Yoshuwa 24:1, 15-18, 25) Kodwa ngaba ngenene, babeza kwenza njalo?
Impendulo yoku isenokukunceda uyiqonde incoko kaYesu nentokazi yomSamariya. Kaloku, unqulo lokwenyaniso olwalulandelwa nguAbraham, uYakobi noYoshuwa aluzange luqhubeke lukho apha kwelaseSamariya.
Emva kokuba izizwe ezilishumi zasentla zaqhekekayo, zaphethukela ekunquleni ithole. Ngoko uYehova wavumela ama-Asiriya ukuba awuthimbe lo mmandla ngowama-740 B.C.E. Bafudusa into eninzi yabemi, bazisa esikhundleni sabo abantu basemzini ababesuka kwenye indawo eyayiphantsi koBukhosi baseAsiriya, ababengabanquli boothixo basemzini. Kusenokwenzeka ukuba bambi babo bahedeni bendiselana namaSirayeli baza bafunda ezinye zeemfundiso zonqulo lokwenyaniso, ezinjengolwaluko. Kodwa ngokuqinisekileyo uhlobo lonqulo lwamaSamariya olwaba ngumphumo woku lwalungamkholisi ngokupheleleyo uThixo.—2 Kumkani 17:7-33.
Kunqulo lwawo oluxubileyo, amaSamariya amkela kuphela njengeSibhalo iincwadi zokuqala zikaMoses, ekuthiwa yiPentatiki. Malunga nenkulungwane yesine Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, akha itempile kwiNtaba yeGerizim, ngenjongo yokukhuphisana netempile kaThixo eyayiseYerusalem. Ekuhambeni kwexesha itempile yaseGerizim yanikelwa kuZeyus (okanye, kuJupiter) yaza ekugqibeleni yatshatyalaliswa. Sekunjalo, iGerizim yaqhubeka isisazulu sonqulo lwamaSamariya.
Ukuza kuthi ga kulo mhla, amaSamariya enzela isikhumbuzo sePasika saminyaka le eGerizim. Kuxhelwa iimvana ezininzi. Imizimba yazo ithiwa nkxu kwimiphanda yamanzi abilayo ukuze kusuke uboya, ize inyama iphekelwe emingxunyeni kangangeeyure eziliqela. Ezinzulwini zobusuku amakhulu-khulu amaSamariya, uninzi lwawo luvela eYerusalem, atya isidlo sawo sepasika. Ngasekhohlo, unokubona umbingeleli omkhulu wamaSamariya, intloko yakhe igqunyiwe, ekhokela kwisikhumbuzo sePasika phezu kweNtaba yeGerizim.
Khumbula oko intokazi yomSamariya yakuxelela uYesu: “Oobawo bethu babenqula kule ntaba.” UYesu wayicacisela ngokuchanileyo, yaye wacacisela nathi esithi: “Kuza lixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo . . . Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.”—Yohane 4:20-24.
[Umbhalo osemazantsi]
a Unokuwubona kakuhle lo mfanekiso kwiKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1993 apho wenziwe mkhulu.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 25]
Garo Nalbandian
Garo Nalbandian