Zinokuthenjwa Kangakanani Izinto Ezaxelwa Kwangaphambili YiBhayibhile?
IINCWADI zembali zininzi namhlanje. Ezi ngxelo zoko kuye kwenzeka kwixa elidluleyo ngokufuthi ziye zangqineka zibangela umdla ngokwenene. Njengoko sizifunda, sinokuzithelekelela sikwimeko-bume yamandulo. Intelekelelo yethu isenokuya ikhula njengoko oko sikufundayo ngabantu, ngeendawo nangeziganeko kubonakala kusiya kuyondelelana.
IBhayibhile yincwadi enjalo—ezele ziingxelo zembali ezichwayitisayo. Ngokuyifunda, sinokuqhelana namadoda nabafazi abafana noAbraham, umfazi wakhe uSara, uKumkani uDavide, uKumkanikazi uEstere, kwakunye noMfundisi Omkhulu, uYesu Kristu. Ngokungathi kunjalo, sinokuhamba nabo, sive oko bakuthethayo size sibone oko bakubonayo. Kodwa abaninzi iBhayibhile bayigqala njengebaluleke ngakumbi kunencwadi nje yembali. Bakholelwa ukuba iqulethe oko kubizwa ngokuba yimbali eyabhalwa kusengaphambili. Kutheni kunjalo? Kungenxa yokuba iBhayibhile izaliswe zizinto ezaxelwa kusengaphambili, okanye iziprofeto.
Kanti, zinokuthenjwa kangakanani izinto ezaxelwa kwangaphambili yiBhayibhile? Ukuba iziprofezo zeBhayibhile zazaliseka kwiziganeko zamandulo, ngaba asifanele silindele ukuba izinto ezinjalo ezaxelwa kwangaphambili ngekamva zibe yinyaniso? Ngoku makhe siqwalasele eminye imizekelo ukuze sibone enoba izinto ezixelwe kwangaphambili yiBhayibhile zinokuthenjwa kusini na.
Okwenzeka KuSirayeli NakwiAsiriya
Umprofeti kaThixo uIsaya, owaqalisa ukuprofeta malunga nowama-778 B.C.E., waxela oku kusengaphambili: “Siya kunyhashwa ngeenyawo isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim [uSirayeli]. Intyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo, yoba njengekhiwane elilikhikhizela, kungekabi sehlotyeni; athi olibonileyo alibone, aliginye esaliphethe ngesandla.” (Isaya 28:3, 4) Ngaloo ndlela njengoko kwakuxelwe kusengaphambili, phakathi kwinkulungwane yesibhozo Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, ikomkhulu lakwaSirayeli, iSamari, lalifana nekhiwane elivuthiweyo elilungele ukukhiwa lize liginywe ngumkhosi waseAsiriya. Oko koko kanye kwenzekayo xa iSamari yoyiswa ngama-Asiriya ngowama-740 B.C.E.—2 Kumkani 17:6, 13, 18.
Ekuhambeni kwethuba iAsiriya nayo yayiza kutshatyalaliswa. Ikomkhulu layo yayiyiNineve, eyayidume kakubi ngokuphatha amabanjwa ngenkohlakalo kangangokuba yayibizwa ngokuba ‘ngumzi wamagazi.’ (Nahum 3:1) UYehova uThixo wayalela ukuba iNineve itshatyalaliswe. Ngokomzekelo, ngomprofeti uNahum, uThixo wathi: ‘Yabona, ndikuchasile ndiya kukwenza inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo. Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile.’ (Nahum 3:5-7) UZefaniya wakuxela kusengaphambili ukutshatyalaliswa kweAsiriya nokuphanziswa kweNineve. (Zefaniya 2:13-15) Ezi ziprofeto zazalisekiswa ngowama-632 B.C.E., xa, ngokungummangaliso, imikhosi edibeneyo kakumkani waseBhabhiloni uNabopolassar noCyaxares umMedi yahlasela yaza yatshabalalisa iNineve—ngokucokisekileyo kangangokuba nendawo esasikuyo esi sixeko ayizange yaziwe kangangeminyaka engaphezu kwama-2 000. Emva koko kwalandela uBukhosi baseBhabhiloni.
Ukutshatyalaliswa kweBhabhiloni Kuxelwa Kusengaphambili
IBhayibhile yaxela kusengaphambili ukuba uBukhosi baseBhabhiloni babuya kubhukuqwa yaza yaxela kusengaphambili indlela ikomkhulu layo, iBhabhiloni, elaliya kuwa ngayo. Phantse kwiinkulungwane ezimbini kusengaphambili, umprofeti uIsaya walumkisa wathi uMlambo umEfrati wawuya koma. Wawuqukuqela udlula eBhabhiloni, yaye amasango awayesecaleni komlambo ayeluncedo ekukhuseleni isixeko. Isiprofeto sachaza uKoreshi njengalowo wayeya koyisa saza saphawula ukuba “iingcango ezingambini” zaseBhabhiloni zazingayi kuvalwa ukuze abahlaseli bangene. (Isaya 44:27–45:7) Ngokuvisisana noko, uThixo waqinisekisa ukuba iingcango ezingambini zaseBhabhiloni ezazisecaleni komEfrati zashiywa zivuliwe ebudeni bomsitho ngobusuku imikhosi kaKoreshi Omkhulu eyahlasela ngabo. Ngoko ke, yangena lula esixekweni ngentsele yomlambo yaza yayithimba iBhabhiloni.
Umbhali-mbali uHerodotus wabhala oku: “UKoreshi . . . wamisa inxalenye yomkhosi wakhe kwindawo umEfrati oqukuqela kuyo [eBhabhiloni] waza elinye iqela lomkhosi walimisa kwicala umlambo ophuma kulo, wawayalela omabini la maqela ukuba angene ngentsele ngokukhawuleza esakubona ukuba amanzi awuthe ngokwaneleyo. . . . Wenza umsele waza umlambo wawujikela echibini (elalingumgxobhozo ngelo xesha) yaye ngale ndlela wabuwuthisa kanobom ubunzulu bamanzi okwintsele yomlambo kangangokuba kwaba lula ukungena kuwo, yaye umkhosi wamaPersi, owawushiywe eBhabhiloni ngale njongo, wangena emlanjeni, ngoku kubunzulu bawo amanzi ayefikelela ethangeni lendoda, yaye uhamba kuwo, wangena esixekweni. . . . Kwakukho umsitho owawuqhubeka, yaye kwanaxa eso sixeko sasisiwa baqhubeka bengqungqa yaye beziyolisa, de bakuphawula oko kwakusenzeka.”—Herodotus—The Histories, eguqulelwe nguAubrey de Selincourt.
Kwangobo busuku, umprofeti kaThixo uDaniyeli walumkisa umlawuli waseBhabhiloni ngelokuba kwakukho intlekele ekufuphi ezayo. (Daniyeli, isahluko 5) IBhabhiloni eyayingenamandla yakha yaqhubeka ikho kangangeenkulungwane ezithile emva koko. Ngokomzekelo elapho umpostile uPetros wabhala incwadi yakhe yokuqala ephefumlelweyo ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. (1 Petros 5:13) Kodwa isiprofeto sikaIsaya sasithe: “IBhabheli . . . iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora. Ayi kumiwa naphakade.” Kwakhona uThixo wathi: “IBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo.” (Isaya 13:19-22; 14:22) Njengoko kwakuxelwe kusengaphambili, ekugqibeleni iBhabhiloni yaba ngamabhodlo. Ukuba singalungiswa eso sixeko sinokuba nomtsalane kubakhenkethi kodwa sekunjalo asinakuba “nanyana nanzala.”
UDaniyeli—umprofeti kaYehova owayekho xa iBhabhiloni yayisiwa—waba nombono awabona kuwo ukoyisa kwamaMedi namaPersi. Wabona inkunzi yegusha eneempondo ezimbini nenkunzi yebhokhwe enophondo olukhulu phakathi kwamehlo ayo. Ibhokhwe yahlasela igusha yayingqula emhlabeni, yazaphula iimpondo zayo zombini. Lwaza uphondo olukhulu lwebhokhwe lwaphuka, esikhundleni salo kwavela ezine. (Daniyeni 8:1-8) Njengoko iBhayibhile yachazayo kusengaphambili yaza nembali yakungqina oko, igusha eneempondo ezimbini yayimela amaMedi namaPersi. Inkunzi yebhokhwe yayimela iGrisi. Yaye kuthekani ‘ngophondo lwayo olukhulu’? Olu lwangqineka lunguAlesandire Omkhulu. Xa olo phondo lokomfuziselo lwaphukayo, iimpondo ezine zokomfuziselo (okanye, izikumkani) zaluthabathela indawo. Njengokutsho kwesiprofeto, emva kokuba uAlesandire efile, iinjengele zakhe ezine zazimisela njengabalawuli—uPtolemy Lagus eYiputa nasePalestina; uSeleucus Nicator eMesopotami naseSiriya; uCassander eMakedoni naseGrisi; noLysimachus eThrace naseAsiya Mayina.—Daniyeli 8:20-22.
Ukuxelwa Kusengaphambili Kwekamva Eliqaqambileyo
Ukuxela kweBhayibhile kusengaphambili iziganeko ezinjengokuphanziswa kweBhabhiloni nokubhukuqwa kwamaMedi namaPersi yimizekelo yeziprofeto zeZibhalo ezininzi eziye zazaliseka kwixa elidluleyo. IBhayibhile ikwaqulethe izinto ezaxelwa kusengaphambili ngekamva eliqaqambileyo eliya kuphunyezwa ngenxa kaMesiya, uMthanjiswa kaThixo.
Ababhali beZibhalo zamaKristu zesiGrike bazisebenzisa ekuchazeni uYesu Kristu ezinye zezinto ezaxelwa kusengaphambili kwiZibhalo zesiHebhere ezithetha ngoMesiya. Ngokomzekelo, ababhali beVangeli bathi uYesu wazalelwa eBhetelehem, njengoko kwaxelwa kusengaphambili ngumprofeti uMika. (Mika 5:2; Luka 2:4-11; Yohane 7:42) Kuzalisekiswa isiprofeto sikaYeremiya, kwabulawa iintsana emva kokuzalwa kukaYesu. (Yeremiya 31:15; Mateyu 2:16-18) Amazwi kaZekariya (9:9) azaliseka xa uKristu wangena eYerusalem ekhwele ithole le-esile. (Yohane 12:12-15) Yaye xa amajoni abelana ngempahla kaYesu emva kokubethelelwa kwakhe emthini, oku kwazalisekisa amazwi omdumisi: “Babelana ngeengubo zam, isambatho sam basenzela amaqashiso.”—INdumiso 22:18.
Ezinye izinto ezaxelwa kusengaphambili ngoMesiya zalatha kwithuba lolonwabo kuhlanga loluntu. Embonweni, uDaniyeli wabona “onjengonyana womntu,” enikwa “igunya, nobuhandiba, nobukumkani” nguYehova, ‘uNyangelemihla.’ (Daniyeli 7:13, 14) Ngokubhekisele kulawulo lukaMesiya lwaloo Kumkani wasezulwini, uYesu Kristu, uIsaya wathi: “Igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko.”—Isaya 9:6, 7.
Ngaphambi kolawulo lukaMesiya lobulungisa, nto ithile ebalulekileyo imele yenzeke. Nayo le yaxelwa kusengaphambili eBhayibhileni. Ebhekisela kuKumkani onguMesiya, umdumisi wacula: “Bhinqa ikrele lakho ethangeni, gorha, . . . Tyhudisa, ukhwele uhambe, unobungangamela bakho, ngenxa yenyaniso, nolulamo olunobulungisa.” (INdumiso 45:3, 4) Zibhekisela kumhla wethu, iZibhalo zakwaxela kusengaphambili: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.”—Daniyeli 2:44.
INdumiso yama-72 yaxela kusengaphambili ngokuqaqamba kweemeko phantsi kolawulo lukaMesiya. Ngokomzekelo, “malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa, nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga.” (Nd 72 Indinyana 7) Ngoko akuyi kubakho ngcinezelo okanye lugonyamelo. (Nd 72 Indinyana 14) Akukho bani uya kulamba, kuba ‘kuya kubakho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba.’ (Nd 72 Indinyana 16) Yaye khawufan’ ucinge! Unokuzinandipha ezi ntsikelelo kunye nezinye kwiparadisi esemhlabeni xa le nkqubo ikhoyo yezinto ithatyathelwe indawo lihlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo.—Luka 23:43; 2 Petros 3:11-13; ISityhilelo 21:1-5.
Ngoko, ngokuqinisekileyo izinto ezaxelwa kusengaphambili yiBhayibhile ufanele uzifunde. Ngoko ke, kutheni ungafuni inkcazelo engakumbi kumaNgqina kaYehova? Ukuhlolisisa iziprofeto zeBhayibhile kunokukunceda ubone ukuba simi phi kumsinga wexesha. Kusenokukhulisa entliziyweni yakho uxabiso olunzulu ngoYehova uThixo nangelungiselelo lakhe elingummangaliso lokusikelela ngonaphakade bonke abo bamthandayo nabamthobelayo.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ngaba uyayazi intsingiselo yombono kaDaniyeli wenkunzi yebhokhwe neyegusha?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngaba uya kube ukho ukuze unandiphe ukuzaliseka kwezinto ezaxelwa kusengaphambili yiBhayibhile ngobomi bolonwabo kumhlaba oyiparadisi?