Kutheni Ufanele Ukuhlolisise Ukuchana KweBhayibhile?
Uyijonga njani iBhayibhile? Ngokuqinileyo bambi bakholelwa kwelokuba isisityhilelo sikaThixo esiya ebantwini. Abanye bakholelwa kwelokuba iyincwadi nje efana nezinye. Sekunjalo abanye abaqinisekanga. Ukuba unawo nawaphi na amathandabuzo ngemvelaphi yeBhayibhile, kukho izizathu ezikunyanzelisayo zokuba ufanele uyihlolisise uze uyizinzise loo mbambano.
DE KWAYINKULUNGWANE ye-18, iBhayibhile yayihlonelwa ngokubanzi njengeLizwi likaThixo kumazwe eNgqobhoko. Kodwa ukususela kwinkulungwane ye-19 ukusa phambili, inani elikhulayo lezifundiswa, izazinzulu, kwanabafundi ngezakwalizwi neenkokeli zecawa zaqala zakuthandabuza ngokuphandle ukuchana kweBhayibhile.
Ngenxa yoko, ukuhlalutywa kweBhayibhile kuye kwasasazeka ngokubanzi ngokokude abaninzi bayigwebe bengakhange bakwazi noko iBhayibhile ikuquletheyo. Kunokuba bathembele eBhayibhileni, abantu abaninzi kwiNgqobhoko ngoku bathembele kwiintandabulumko zabantu. Kanti, intandabulumko yanamhlanje ayikhange ivelise ihlabathi elikhuseleke nelonwabe ngakumbi. Eso sesinye isizathu esivakalayo sokuhlolisisa iBhayibhile uze ubone enoba ukhokelo lwayo lukhokelela kulonwabo nakwimpumelelo kusini na.
Esinye isizathu sokuhlolisisa ukuchana kweBhayibhile lithemba elimangalisayo eliquletheyo ngoluntu. Ngokomzekelo, INdumiso 37:29 ithi: “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” (ISityhilelo 21:3-5) Izithembiso ezinjalo zikwenza uvakalelwe njani? Ngokuqinisekileyo ezo zizizathu ezaneleyo zokuhlolisisa iBhayibhile uze ubone ukuba inokuthenjwa.
Ngamaxesha onke eli phephancwadi liye laphakamisa ubunyaniso beBhayibhile yaye ngokufuthi liye lanikela ubungqina ngokuchana kwayo. Kukho iinkalo eziliqela okunokuhlolisiswa kuzo ukuchana kweBhayibhile. Iinkupho ezahlukahlukeneyo zeMboniselo ziya kukunceda uphendule le mibuzo: Ngaba izibakala ezaziwayo kwimbali yamandulo ziyangqinelana neBhayibhile? Ngaba izinto eyazixela kwangaphambili zichanile? Ngaba icebiso layo liyasebenziseka, okanye ngaba izifundiswa nezithandi zobulumko zanamhlanje ziye zangqina ukuba iBhayibhile iphelelwe lixesha?
Ukuma komhlaba kuyenye inkalo onokuhlolisisa ngayo ukuchana kweBhayibhile. Ngokufuthi iintsomi zobuhedeni ziyangqubana nezibakala zokuma komhlaba. Ngokomzekelo, abantu abaninzi bamandulo babalisa amabali angohambo oluya kwihlabathi ekuthiwa lelabafileyo. Ithetha ngamaGrike amandulo, incwadi ethi A Guide to the Gods ithi: “Umhlaba wawubonakala uyindawo esisithabazi ungqongwe ngummandla omkhulu wamanzi obizwa ngokuba luLwandlekazi. Ngapha kwawo kwakukho Elemimoya, indawo engumqwebedu enezityalo ezimnyama nezingenaziqhamo.” Xa oku kwangqineka kuyintsomi, izithandi zobulumko ezingabahedeni kwafuneka ziphinde zilifune kwenye indawo elo lifanwe libizwe ngokuba lelemimoya. Umbhali uRichard Carlyon wathi, “Indawo efanelekileyo yafunyanwa, phantsi komhlaba, iqhagamshelana nomhlaba ngemiqolomba.” Namhlanje, siyazi ukuba noku kukwayintsomi. Akukho hlabathi lingaphantsi komhlaba okanye ipaseji enjalo.
Ngokungafaniyo neentsomi zabantu bamandulo, iBhayibhile ayiqulethanga imbono engachananga yokuba umhlaba usisithabazi. Kunoko, ichaza inyaniso engokwenzululwazi yokuba umhlaba usisazinge esihleli kokungeni. (Yobhi 26:7; Isaya 40:22) Kuthekani ngezinye iinkcazelo ezingokuma komhlaba ezikhankanywe eBhayibhileni? Ngaba ziyintsomi, okanye ngaba kungenzeka ukuba ube nomfanekiso-ngqondweni ochanileyo weziganeko zeBhayibhile xa utyelela iYiputa yanamhlanje, kuquka noSingasiqithi weSinayi, noSirayeli wanamhlanje?
[Umfanekiso okwiphepha 3]
“Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi.”—Isaya 40:22
‘Axhome ihlabathi phezu kokungeni.’—Yobhi 26:7