Iindawo Ezithile Zelizwe Lledinga
IGiliyadi—Ummandla Wabantu Abakhaliphileyo
KUNGEKUDALA ngaphambi kokuba amaSirayeli awele uMlambo iYordan esiya kwiLizwe Ledinga, uMoses wawabongoza esithi: “Yomelelani nikhaliphe . . . nguYehova uThixo wakho ohamba nawe.”—Duteronomi 31:6.
Isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase zaziqukiwe kwisibongozo sikaMoses. Zazibonile ukuba ‘ilizwe laseGiliyadi laliyindawo yemfuyo,’ ngoko zazicele ukuba zabelwe ukuhlala kummandla waseGiliyadi.—Numeri 32:1-40.
IGiliyadi yayikwelinye icala, ngakwimpuma, yeYordan. Ngokusisiseko yayililo lonke icala langasempuma, ukususela esiphelweni somntla woLwandle Olufileyo ukusa kuLwandle lwaseGalili. Lo mmandla wawuphakame ukusuka kwiNtlambo yaseYordan ukusa kwihewu elifumana amanzi awaneleyo kunye nenduli eziwujikelezileyo. Ngoko iGiliyadi yayingummandla ofanelekileyo wokulima ukutya okuziinkozo nonamadlelo amahle emfuyo. Lo mfanekiso ungasentla ukunika umbono wendlela eyayimi ngayo inxalenye yeGiliyadi. Kodwa kutheni kunxulunyaniswa inkalipho nalo mmandla uthandeka kangaka ngokwentelekiso?
Ngokuqinisekileyo izizwe ezazinyula ukuhlala eGiliyadi zazingakwenzi oko ngomzimba ongenaxhala. Khumbula ukuba zavuma ukuwela iYordan ukuya kulwa neentshaba ezikwiLizwe Ledinga. Ibe ekubuyeleni kwazo eGiliyadi, zazifanele zibe nenkalipho engakumbi. Ngoba? Kaloku, zazisemdeni, kumzantsi-mpuma zazichanabeke ekuhlaselweni ngama-Amon ibe kumntla zazichanabeke kumaSiriya. Yaye ngokwenene zahlaselwa.—Yoshuwa 22:9; ABagwebi 10:7, 8; 1 Samuweli 11:1; 2 Kumkani 8:28; 9:14; 10:32, 33.
Olo hlaselo yayizizihlandlo ezikhethekileyo zaxa kwakufuneka inkalipho. Ngokomzekelo, emva kokuba uYehova evumele ukuba ama-Amon abandezele iGiliyadi, abantu bakaThixo baguquka baza babuyela ‘kwindoda eligorha elinobukroti,’ eyise wayo wayekwabizwa ngokuba nguGiliyadi, ukuze ibakhokele. Le ndoda iligorha, okanye ikhaliphileyo, yayinguYifeta. Udume ngesifungo esasibonisa ukuba, nakubeni wayekhaliphile, wayefuna ukhokelo nenkxaso kaThixo. UYifeta wenza isibhambathiso sokuba ukuba uThixo wayenokuwanikela esandleni sakhe ama-Amoni awayebabandezela, owokuqala oya kuphuma endlwini yakhe eze kumkhawulela wayeza ‘kunyuswa abe lidini elinyukayo,’ okanye kubingelelwe ngaye kuThixo.a Lowo yaba ngokuphela komntwana kaYifeta, intombi yakhe, eyathi kamva yaya kukhonza etempileni kaThixo. Ewe, ngendlela eyahlukileyo, uYifeta nentombi yakhe, babonakalisa inkalipho.—ABagwebi 11:1, 4-40.
Imbonakaliso yenkalipho mhlawumbi engaziwa kangako yenzeka ngexesha likaSawule. Ukuze ube nombono wale meko, khumbula ukuba xa uSawule waba ngukumkani, ama-Amoni ayesongele ukukrukra iliso lasekunene kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi dolophu leyo esenokuba yayimi phezu komfula oqukuqela ezindongeni usinge eYordan. Ngokukhawuleza uSawule wahlanganisa umkhosi ukuze kuncediswe iYabheshe. (1 Samuweli 11:1-11) Sinoku engqondweni, masiye kwisiphelo solawulo lukaSawule size sibone indlela eyabonakaliswa ngayo inkalipho.
Usenokuba uyakhumbula ukuba uSawule noonyana bakhe abathathu babulawa ebudeni bemfazwe namaFilisti. Ezo ntshaba zayinqumla intloko kaSawule zaza ngoloyiso zaxhoma isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe kudonga lwaseBhete-shan. (1 Samuweli 31:1-10; ngasekunene, ubona induli eyembiweyo yaseBhete-shan.) Olu daba lwaya kufikelela eYabheshe, ekwiinduli zaseGiliyadi ezingaphesheya kweYordan. Yintoni eyayinokwenziwa ngabemi baseGiliyadi kutshaba olunamandla kangaka kangangokuba lude loyise ukumkani wakwaSirayeli?
Khangela kwimaphu. “Esuka onke amadoda anobukroti, ahamba ubusuku bonke, awuthabatha umzimba kaSawule, nemizimba yoonyana bakhe, eludongeni lwaseBhete-shan; eza eYabheshe, ayitshisa khona.” (1 Samuweli 31:12) Ewe, ngobusuku aya kuhlasela kwiindawo elizinqabise kuyo utshaba. Unokusiqonda isizathu sokuba iBhayibhile iwabiza ngokuba ngamadoda anobukroti, okanye akhaliphileyo.
Ekuhambeni kwexesha, izizwe ezilishumi zahlukana ukuze zibumbe ubukumkani basentla bakwaSirayeli, yaye oku kwakuquka iGiliyadi. Iintlanga ezizingqongileyo, okokuqala amaSiriya elandelwa ngama-Asiriya, zaqalisa ukuthabathela kuzo imimandla yalo mhlaba esempuma yeYordan. Ngoko phezu kwazo nje izihlandlo zokubonakalisa inkalipho, abantu baseGiliyadi bavuna ababekuhlwayele ngokumisa kwabo emdeni.—1 Kumkani 22:1-3; 2 Kumkani 15:29.
[Umbhalo osemazantsi]
a Uhlolisiso olwenziwe ngenyameko luyaphikisana nesityholo sokuba uYifeta wabingelela ngomntwana wakhe. Bona i-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 27-8, eyapapashwa yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Imaphu ekwiphepha 8]
ULWANDLE LWASEGALILI
ULWANDLE OLUFILEYO
UMlambo IYordan
IBhete-shehan
IRamoti yaseGiliyadi
IYabheshe
IGILIYADI
[Inkcazelo]
Based on a map copyrighted by Pictorial Archive (Near Eastern History) Est and Survey of Israel.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.