IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 10/1 iphe. 10-15
  • Ngaba UThixo Uyakwazi Ngokwenene?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Uyakwazi Ngokwenene?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Lowo Uzibonayo Zonke Iindlela Zethu
  • Nokuba Siphi Na, UThixo Unokusinceda
  • Lowo Usiqondayo Ngokwenene
  • UYehova Usazi Kakuhle!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • ‘Senziwe Ngokumangalisayo’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Zama Ukubajonga Abanye Ngendlela UYehova Abajonga Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • UYona Ufunda Ngenceba KaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 10/1 iphe. 10-15

Ngaba UThixo Uyakwazi Ngokwenene?

“Yehova, . . . uqhelene neendlela zam zonke.”—INDUMISO 139:1, 3.

1. Ixhaphake kangakanani imvakalelo yokuba ‘abanye abawaqondi’ amaxhala, iingxaki neengcinezelo esijamelene nazo?

NGABA ukho umntu owaqonda ngokwenene amaxhala, iingcinezelo neengxaki ojamelene nazo? Emhlabeni wonke kukho izigidi zabantu, abaselula nabadala, abangenazintsapho okanye zalamane ezikukhathaleleyo okwenzekayo kubo. Kwanakwiintsapho, abafazi abaninzi—ewe, kwanamadoda—bavakalelwa kukuba amaqabane abo omtshato awaziqondi ngokwenene iingcinezelo abajamelene nazo. Maxa wambi, ngokucaphuka, baye bakhale ngelithi: “Kodwa akuqondi kakuhle!” Yaye baninzi abantu abaselula abaye bagqiba kwelokuba akukho mntu ubaqondayo. Sekunjalo, phakathi kwabo banqwenela ukuqondwa kakuhle ngabanye kukho abathile ubomi babo kamva obuye banenjongo ngokwenene. Kwenzeka njani oko?

2. Yintoni enokunceda abanquli bakaYehova babe nobomi obanelisayo ngokwenene?

2 Kungenxa yokuba, kungakhathaliseki ukuba abanye abantu baziqonda kakuhle na iimvakalelo zabo okanye akunjalo, beyisekile kukuba uThixo uyakuqonda oko bajamelene nako yaye, njengabakhonzi bakhe, abajamelananga neengxaki zabo bodwa. (INdumiso 46:1) Ngaphezu koko, iLizwi likaThixo kunye noncedo lwabadala abaqondayo abangamaKristu libanceda babone ngaphaya kweengxaki zabo zobuqu. IZibhalo zibanceda baqonde ukuba inkonzo yabo yokuthembeka ixabisekile emehlweni kaThixo nokuba abo bathembela ngaye namalungiselelo awawenza ngoYesu Kristu baya kufumana ikamva elinqabisekileyo.—IMizekeliso 27:11; 2 Korinte 4:17, 18.

3, 4. (a) Ukuqonda isibakala sokuba “uYehova nguThixo” nokuba “wasenza” yena kunokusinceda njani sifumane uvuyo enkonzweni yakhe? (b) Kutheni sinentembelo epheleleyo kwinyameko enothando kaYehova?

3 Kusenokwenzeka ukuba uqhelene neNdumiso 100:2, ethi: “Mkhonzeni uYehova nivuya; yizani phambi kwakhe nimemelela.” Bangaphi abanqula uYehova ngaloo ndlela ngokwenene? Izizathu ezivakalayo zokwenjenjalo zinikelwa kwindinyana 3, esikhumbuza oku: “Yazini ukuba uYehova nguThixo yena; wasenza yena, asisithi; singabantu bakhe nezimvu ezaluswa nguye.” KwisiHebhere, apho kubhekiselwa kuye ngokuthi ’Elo·himʹ, nto leyo ebonisa ubungangamsha, isihomo, nokubalasela kwakhe. Nguye kuphela uThixo wokwenyaniso. (Duteronomi 4:39; 7:9; Yohane 17:3) Abakhonzi bakhe bayazi ukuba unguThixo, kungekuphela nje njengento abayifundisiweyo kodwa njengento abanamava ayo nabanikela ubungqina ngayo ngokumthobela, ukukholosa ngaye, nokumhlonela.—1 Kronike 28:9; Roma 1:20.

4 Ngenxa yokuba uYehova enguThixo ophilayo, okwaziyo ukubona kwaneentliziyo zethu, akukho nto ifihlakeleyo emehlweni akhe. Ukuqonda ngokupheleleyo okwenzekayo kubomi bethu. Uyakuqonda oko kubangela iingxaki esijamelana nazo kwaneengxaki engqondweni kwanakwiimvakalelo ezisenokubangelwa zizo. NjengoMdali, usazi ngaphezu kokuba sizazi. Uyayazi nendlela yokusinceda sihlangabezane nemeko esikuyo nendlela yokusikhulula ngokupheleleyo. Ngothando uya kusinceda—njengomalusi ophethe itakane esifubeni sakhe—njengokuba sikholosa ngaye ngentliziyo yethu iphela. (IMizekeliso 3:5, 6; Isaya 40:10, 11) Ukufundisisa INdumiso 139 kunokuyomeleza kakhulu loo ntembelo.

Lowo Uzibonayo Zonke Iindlela Zethu

5. ‘Ukusigocagoca’ kukaYehova kuthetha ukuthini, yaye kutheni oko kunqweneleka?

5 Ngoxabiso olunzulu, umdumisi uDavide wabhala: “Yehova, undigocagocile, wandazi.” (INdumiso 139:1) UDavide wayeqinisekile ukuba uYehova wayemazi ngokupheleleyo. UThixo wayengamboni uDavide ngendlela abantu abasenokumbona ngayo, babone kuphela indlela akheke ngayo, ubuchule bakhe bokuthetha, okanye ubuchule bakhe bokudlala uhadi. (1 Samuweli 16:7, 18) UYehova ‘wayegocagoce’ oyena mntu uDavide wayenguye ngaphakathi yaye oko wayekwenze ngenkxalabo enothando ngentlalo-ntle yakhe yokomoya. Ukuba ungomnye wabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo, nawe ukwazi kakuhle njengokuba wayemazi uDavide. Ngaba oko akushukumisi ngaphakathi kuwe iimvakalelo zombulelo noloyiko?

6. INdumiso 139:2, 3 ibonisa njani ukuba uYehova uzazi zonke izinto esizenzayo, kwaneengcinga zethu?

6 Zonke izenzo zikaDavide zazibonakala kuYehova, yaye uDavide wayekuqonda oko. Umdumisi wabhala: “Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; uyaziqonda izicamango zam nakude. Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela; uqhelene neendlela zam zonke.” (INdumiso 139:2, 3) Isibakala sokuba uYehova esemazulwini, ekude kakhulu emhlabeni, asizange simthintele ekwazini oko uDavide wayekwenza okanye ekucinga. ‘Wazela’ okanye wazihlolisisa ngenyameko, izenzo zikaDavide, emini nasebusuku, ukuze azazi uhlobo ezilulo.

7. (a) Usebenzisa izinto ezenzeka kubomi bukaDavide, khawuthi gqaba gqaba ngezinto uThixo azaziyo kubomi bethu. (b) Ukuqonda oku kufanele kusichaphazele njani?

7 Xa uthando ngoThixo nentembelo kumandla Akhe okuhlangula zashukumisela uDavide owayesengumfana ukuba azinikele ukuya kulwa nengxilimbela yomFilisti uGoliyati, uYehova wayekwazi oko. (1 Samuweli 17:32-37, 45-47) Kamva, xa ukuthiywa ngabantu kwayenza buhlungu gqitha intliziyo kaDavide, xa ingcinezelo yayinkulu kangangokuba wade walila ebusuku, wathuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova waziva izikhungo zakhe. (INdumiso 6:6, 9; 55:2-5, 22) Ngokufanayo, xa intliziyo ezaliswe ngumbulelo yabangela ukuba uDavide acamngce ngoYehova xa ephuthelwe ebusuku, uYehova wayekuqonda kakuhle oko. (INdumiso 63:6; thelekisa eyabaseFilipi 4:8, 9.) Ngobunye ubusuku xa uDavide wabukela umfazi wommelwane ehlamba, uYehova wayekwazi noko, yaye wakubona okwenzekayo xa uDavide, okwethutyana elifutshane, wavumela umnqweno wesono umkhuphele ngaphandle uThixo kwiingcinga zakhe. (2 Samuweli 11:2-4) Kamva, xa umprofeti uNatan wathunyelwa ukuya kubonisa uDavide ubunzulu besono sakhe, uYehova akazange aphelele nje ngokuva amazwi awayephuma emlonyeni kaDavide kodwa wayiqonda nentliziyo eguqukileyo loo mazwi awayephuma kuyo. (2 Samuweli 12:1-14; INdumiso 51:1, 17) Ngaba oko akufanele kusenze sicinge nzulu ngeendawo esiya kuzo, izinto esizenzayo, noko kusezintliziyweni zethu?

8. (a) ‘Amazwi aselulwimini lwethu’ akuchaphazela njani ukuma kwethu noThixo? (b) Ubuthathaka kwindlela yokusebenzisa ulwimi bunokoyiswa njani? (Mateyu 15:18; Luka 6:45)

8 Ekubeni uThixo esazi yonke into esiyenzayo, akufanele kusimangalise ukuba esazi indlela esilisebenzisa ngayo kwanelungu lomzimba elincinane njengolwimi. UKumkani uDavide wakuqonda oku, waza wabhala wathi: “Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam ongalaziyo ke, Yehova, kanye.” (INdumiso 139:4) UDavide wayesazi kakuhle ukuba abo babenokuba ziindwendwe ententeni kaYehova ngabantu abangabahlebiyo abanye nabangavumiyo ukusebenzisa ulwimi lwabo ukuze basasaze ulwimi oluvangiweyo oluya kuzisa ugculelo kumhlobo osenyongweni. Abo uYehova abathandayo babeya kuba ngabantu abathetha inyaniso kwanasezintliziyweni zabo. (INdumiso 15:1-3; IMizekeliso 6:16-19) Akukho namnye kuthi okwaziyo ukululawula ngokupheleleyo ulwimi lwakhe, kodwa uDavide akazange abambelele koko aze agqibe kwelokuba wayengenakwenza nto ukuze aphucule imeko yakhe. Wachitha ixesha elininzi eqamba yaye evumela uYehova iindumiso. Kwakhona wakuvuma ngokuphandle ukuba wayefuna uncedo waza waluthandazela kuThixo. (INdumiso 19:12-14) Ngaba indlela nathi esilusebenzisa ngayo ulwimi kufuneka siyinikele ingqalelo ngomthandazo?

9. (a) Ingcaciso ekwiNdumiso 139:5 ibonisa ntoni ngendlela uThixo ayazi ngokunzulu ngayo imeko yethu? (b) Oku kusenza sibe nentembelo kwintoni?

9 Indlela uYehova asibona ngayo thina okanye imeko yethu ayisikelwanga mda. Usibona ngokupheleleyo, nxa zonke. Esebenzisa isixeko esingqingiweyo njengomzekelo, uDavide wabhala: “Ngasemva nangaphambili undingqingile.” Kwimeko kaDavide, uThixo wayengelotshaba olungqingileyo; kunoko, wayengumlondolozi. UDavide wongezelela wathi: “Wasibeka phezu kwam isandla sakho,” ngaloo ndlela ebonisa ulawulo nenkuselo kaThixo eyenzelwa ukuze bangenelwe ngonaphakade abo bamthandayo. Waza uDavide wavuma ukuba, “Kubalulekile kum oko kwazi, kuphezulu, kundinqabele.” (INdumiso 139:5, 6) Iphelele, igqibelele, indlela uThixo abazi ngayo abakhonzi bakhe, kangangokuba asinakuyiqonda ngokupheleleyo. Kodwa sinolwazi olwaneleyo lokusenza sibe nentembelo yokuba uYehova usiqonda ngokwenene yaye uncedo alunikelayo lolona lulungileyo.—Isaya 48:17, 18.

Nokuba Siphi Na, UThixo Unokusinceda

10. Yiyiphi inyaniso ekhuthazayo edluliselwa yinkcazelo ecacileyo ekwiNdumiso 139:7-12?

10 Eyijonga ngenye indlela inyameko kaYehova enothando, umdumisi uhlabela mgama: “Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?” Wayenganqweneli ukuzama ukubaleka kuYehova; kunoko, wayesazi ukuba nokuba angaphi na, uYehova wayeya kumazi yaye, ngomoya oyingcwele, wayenokumnceda. Waqhubeka wenjenje: “Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ulapho wena; ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho. Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle, besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, sindibambe isandla sakho sokunene. Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa, nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum: kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; ubusuku bungaba mhlophe njengemini, ubumnyama bungaba njengokukhanya.” (INdumiso 139:7-12) Akukho ndawo sinokuya kuyo, akukho meko sinokujamelana nazo, ezinokwenza uYehova angasiboni okanye umoya wakhe ungabi nakufikelela kuthi ukuze usincede.

11, 12. (a) Nangona uYona wakha wawalibala okwethutyana, amandla kaYehova okubona nokunceda aboniswa njani kwimeko kaYona? (b) Sifanele singenelwe njani koko kwehlela uYona?

11 Ngasihlandlo sithile umprofeti uYona wakulibala oko. UYehova wayemnike isabelo sokuya kushumayela kubantu baseNineve. Ngasizathu sithile wavakalelwa kukuba wayengenakusisingatha eso sabelo. Mhlawumbi ngenxa yokuba ama-Asiriya ayedume kakubi, ingcamango yokukhonza eNineve yamoyikisa uYona. Ngoko wazama ukunyamalala. Kwizibuko laseYafo, wakhwela inqanawa eyayisinge eTarshishe (ngokuqhelekileyo eye inxulunyaniswe neSpeyin, ngaphezu kweekhilomitha ezingama-3 500 kwintshona yeNineve). Sekunjalo, uYehova wambona xa wayekhwela naxa wayesiya kulala ezantsi kuloo nqanawa. Kwakhona uThixo wayesazi apho akhoyo uYona xa kamva wajulelwa elwandle, yaye uYehova wamva uYona xa wathembisa esesiswini sentlanzi enkulu ukuba wayeya kuzizalisekisa izibhambathiso zakhe. Akuba ehlangulwe wabuyela emhlabeni owomileyo, kwakhona uYona wanikwa ithuba lokuphumeza isabelo sakhe.—Yona 1:3, 17; 2:1–3:4.

12 Hayi indlela engekwakulunge ngakumbi ngayo ukuba kwasekuqaleni uYona wayethembele ngomoya kaYehova ukuba umncede aphumeze isabelo sakhe! Noko ke, kamva ngokuthobeka uYona wakubhala oko kwamehlelayo, yaye loo ngxelo iye yanceda abantu abaninzi ukususela ngoko ukuba babe nentembelo kuYehova ekwakubonakala kunzima gqitha ukuba uYona abe nayo.—Roma 15:4.

13. (a) Ziziphi izabelo uEliya awaziphumeza ngokuthembeka ngaphambi kokuba abaleke uKumkanikazi uIzebhele? (b) UYehova wamnceda njani uEliya naxa wafuna ukuzimela ngaphandle kwemida yakwaSirayeli?

13 Amava kaEliya ayahlukile noko. Wayewudlulisele ngokuthembeka umgwebo kaYehova wokuba uSirayeli wayeya kufikelwa yimbalela njengesohlwayo sezono zakhe. (1 Kumkani 16:30-33; 17:1) Wayelumele ngenkalipho unqulo lokwenyaniso kusukuzwano olwaluphakathi koYehova noBhahali kwiNtaba yeKarmele. Yaye wayekuphumezile ukutshatyalaliswa kwabaprofeti bakaBhahali abangama-450 emlanjaneni oyiKishon. Kodwa xa uKumkanikazi uIzebhele ngomsindo wafunga ukuba wayeya kumbulala uEliya, uEliya wabaleka kwelo lizwe. (1 Kumkani 18:18-40; 19:1-4) Ngaba uYehova wayekho ukuze amncede ngelo xesha linzima? Kakade, wayekho. Ukuba uEliya wayenyuke intaba ephakamileyo, ngokungathi wayesezulwini; ukuba wayezimele emqolombeni phakathi embilinini womhlaba, ngokungathi wayekwelabafileyo; ukuba wayebalekele kwisiqithi esithile esikude ngesantya esifana nesesifingo siphakamise amaphiko aso phezu komhlaba—isandla sikaYehova sasiya kuba lapho ukuze simomeleze yaye simkhokele. (Thelekisa amaRoma 8:38, 39.) Ibe uYehova wamomeleza uEliya kungekuphela nje ngokutya ukwenzela uhambo lwakhe kodwa nangokubonakalisa ngokumangalisayo amandla Akhe asebenzayo. Omelezwe ngaloo ndlela, uEliya waqalisa kwisabelo sakhe esilandelayo njengomprofeti.—1 Kumkani 19:5-18.

14. (a) Kutheni kuya kuba kokuphosakeleyo ukugqiba kwelokuba uThixo ukho ezindaweni zonke? (b) UYehova uye wabaxhasa ngothando phantsi kwaziphi iimeko abakhonzi bakhe banamhlanje? (c) Sitsho njani ukuba nokuba sinokuya kwelabafileyo, uThixo uya kuba lapho?

14 Amazwi abuprofeti akwiNdumiso 139:7-12 akathethi ukuba uThixo ukho ezindaweni zonke, okuthetha ukuba ukho ngokobuqu ezindaweni zonke ngamaxesha onke. IZibhalo zibonisa ngokucacileyo ukuba akunjalo. (Duteronomi 26:15; Hebhere 9:24) Sekunjalo, abakhonzi bakhe abaze babe kude kangangokuba akanakufikelela kubo. Oko kunjalo ngabo izabelo zabo zobuthixo zibathumele kwiindawo ezikude. Kwakunjalo ngamaNgqina anyanisekileyo kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, yaye kwakunjalo ngabavangeli basemazweni ababevalelwe bodwa eTshayina ngasekupheleni kweminyaka yee-1950 nangasekuqaleni kweyee-1960. Kwakunjalo ngabazalwana noodade wethu abathandekayo kwilizwe elikuMbindi weAfrika ekwafuneka basabe ngokuphindaphindiweyo kwiilali zabo, kwanakwelo lizwe. Xa kuyimfuneko, uYehova unokufikelela nakwelabafileyo, ingcwaba eliqhelekileyo, aze ababuyise abathembekileyo ngovuko.—Yobhi 14:13-15; Luka 20:37, 38.

Lowo Usiqondayo Ngokwenene

15. (a) UYehova ukwazi kwanini ukubona indlela esikhula ngayo? (b) Ukuthetha komdumisi ngezintso kuwubonisa njani umkhamo asazi ngawo uThixo?

15 Ngaphantsi kokuphefumlelwa, umdumisi utsalela ingqalelo kwisibakala sokuba uThixo esazi kwanangaphambi kokuba sizalwe, esithi: “Ngokuba wena wazibumba izintso zam, wandibiyela esizalweni sikama. Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; zibalulekile izenzo zakho, umphefumlo wam uyazi kakuhle.” (INdumiso 139:13, 14) Imizila yemfuza kamama notata edibana ngexesha lokukhawula iphembelela indlela esiya kwakheka ngayo emzimbeni nasengqondweni. UThixo uyayiqonda loo ndlela. Kule ndumiso zikhankanywa ngokukhethekileyo izintso, ngokufuthi eZibhalweni ezisetyenziselwa ukuchaza iinkalo zangaphakathi zobuntu.a (INdumiso 7:9; Yeremiya 17:10) UYehova uyazazi ezi nkcukacha zingathi kwangaphambi kokuba sizalwe. Ikwanguye nowathi ngenkxalabo enothando wayila umzimba womntu ngendlela yokuba iseli ekhulayo engaphakathi esizalweni sikamama yakhe isikhuselo ‘sokubiyela’ imveku esakhulayo esibelekweni size siyikhusele njengokuba ikhula.

16. (a) INdumiso 139:15, 16 iwabalaselisa ngayiphi indlela amandla kaThixo okubona agqobhozelayo? (b) Kutheni oku kufanele kusikhuthaze?

16 Wandula ke, egxininisa amandla kaThixo agqobhozelayo okubona, umdumisi wongezelela athi: “Ayengagushekile kuwe amathambo am, mna ndenzelwayo entsithelweni, ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba [kubonakala ukuba usebenzisa ulwimi lombhali ukubhekisela kwisibeleko sikanina kodwa esifanisa nokudalwa kuka-Adam ngokusuka eluthulini]. Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; ziyiliwe ngenxa engaphambili [amalungu omzimba], kungekabikho ke nanye [ilungu lomzimba] kuzo.” (INdumiso 139:15, 16) Asithandabuzi—enokuba abantu bayasiqonda okanye abasiqondi, uYehova uyasiqonda. Kufanele kusichaphazele njani oko?

17. Xa imisebenzi kaThixo siyigqala njengemangalisayo, oku kusishukumisela ukuba senze ntoni?

17 Umbhali weNdumiso 139 wavuma ukuba imisebenzi kaThixo awayebhala ngayo yayimangalisa. Ngaba uvakalelwa ngaloo ndlela nawe? Into emangalisayo ibangela ukuba umntu acinge nzulu okanye abonise ingqalelo ngokupheleleyo. Kusenokwenzeka ukuba usabela ngaloo ndlela kwimisebenzi kaYehova yendalo. (Thelekisa INdumiso 8:3, 4, 9.) Kwakhona ngaba ucinga ngolo hlobo ngoko akwenzileyo ukuze amisele uBukumkani obungoMesiya, ngoko akwenzayo ukuze iindaba ezilungileyo zishunyayelwe emhlabeni wonke, nangendlela iLizwi lakhe elibuguqula ngayo ubuntu babantu?—Thelekisa eyoku-1 kaPetros 1:10-12.

18. Ukuba sifumanisa ukuba imisebenzi kaThixo iyoyikeka, iya kusichaphazela njani?

18 Ngaba nawe ngokufanayo ufumanise ukuba ukucinga ngemisebenzi kaThixo kubangela uloyiko, kukwenza ube noloyiko olufanelekileyo, olushukumisa ngamandla, olunemiphumo ehlala ihleli kubuntu bakho nakwindlela obusebenzisa ngayo ubomi bakho? (Thelekisa INdumiso 66:5.) Ukuba kunjalo, intliziyo yakho iya kukushukumisela ukuba umbulele uYehova, umdumise, uvule amathuba okuxelela abanye ngeenjongo zakhe nezinto ezimangalisayo azigcinele abo bamthandayo.—INdumiso 145:1-3.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona i-Insight on the Scriptures, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., uMqulu 2, iphepha 150.

Athini Amagqabaza Akho?

◻ Ukwazi kwethu ukuba “uYehova nguThixo” kusinceda njani simkhonze ngovuyo?

◻ Ubomi bethu bufanele buchatshazelwe njani kukwazi kukaThixo yonke into esiyenzayo?

◻ Kutheni isibakala sokuba uThixo uhlala esibona sikhuthaza?

◻ Kutheni uThixo esiqonda ngeendlela ekungekho mntu unokusiqonda ngazo?

◻ Kutheni ufundisiso olufana nolu lusenza sifune ukumbulela uYehova?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share