Ukutyhila Imfihlelo Yelona Gama Libalaseleyo
Kubangel’ umdla ukuphawula ukuba iKoran yamaSilamsi neBhayibhile yamaKristu ziyathetha ngelona gama libalaseleyo. Le ngxubusho icacisa intsingiselo nokubaluleka kwelona gama libalaseleyo. Kwakhona ibonisa indlela elo gama eliluchaphazela ngayo lonke uluntu nekamva lethu apha emhlabeni.
IZIGIDI zamadoda namabhinqa ziye zaphila zaza zafa kulo mhlaba. Kwiimeko ezininzi amagama azo aye afa kunye nazo, yaye azisakhunjulwa. Kodwa amagama abalaseleyo—njengelika-Avicenna, uEdison, uPasteur, uBeethoven, uGandhi noNewton—ahlala ekhunjulwa. La magama anxulunyaniswa nezinto abazifezayo, abazifumanisayo nabazenzayo abanini bawo.
Noko ke, kukho elona gama libalaseleyo kunawo onke amanye. Zonke izinto ezimangalisayo zexesha elidluleyo nezangoku kwindalo iphela zinxulumene nalo. Kaloku, ithemba loluntu lobomi obude nobonwabisayo linxulumene neli gama!
Abaninzi baye bafuna ukulazi eli gama. Baye baphanda baza babuza ngalo, kodwa abalifumananga. Kubo liye lahlala liyimfihlelo. Enyanisweni, akukho mntu unokulazi eli gama ngaphandle kokuba uMnini walo alityhile kuye. Okuvuyisayo kukuba, imfihlelo yeli gama lingenakufaniswa nanto ityhiliwe. UThixo uye wakwenza oku ukuze abo bakholwayo kuye bamazi. Watyhila igama lakhe kuAdam, kuAbraham, kuMoses, nakwabanye abakhonzi Bakhe abathembekileyo bamandulo.
Iphulo Lokufuna Elona Gama Libalaseleyo
IKoran ithetha ngomntu othile “owayezazi kakhulu iZibhalo.” (27:40) Icacisa le ndinyana, incwadi eyaziwa ngokuthi yiTafsīr Jalālayn ithi: “UAsafu unyana kaBherekiya wayeyindoda elilungisa. Wayelazi elona gama libalaseleyo likaThixo, yaye nanini na ecela into esebenzisa lona, wayephendulwa.” Oku kusikhumbuza ngombhali weBhayibhile uAsafu, owathi kwiNdumiso 83:18: “Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke.”
KwiKoran 17:2, sifunda oku: “Sanika uMoses iZibhalo saza senza amaSirayeli akhokelwa zizo.” Kwezo Zibhalo, uMoses wathetha noThixo, esithi: “Uyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo? UThixo wamphendula uMoses ngokuthi: “Wothi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade.”—Eksodus 3:13, 15.
Kumaxesha amandulo, amaSirayeli ayelazi eli gama libalaseleyo likaThixo. Ayedla ngokulisebenzisa nakumagama awo. Kunjengokuba ngoku kukho igama elithi Abdullah, elithetha ukuthi “Umkhonzi KaThixo,” abantu bakwaSirayeli wamandulo babenegama elithi Obhadiya, elithetha ukuthi “Umkhonzi KaYehova.” Unina womprofeti uMoses wayenegama elinguYokobhede, ekunokwenzeka ukuba lithetha ukuthi “UYehova Ububuqaqawuli.” Igama elithi Yohane lithetha ukuthi “UYehova Ube Nobubele.” Yaye igama lomprofeti uEliya lithetha ukuthi “UThixo Wam NguYehova.”
Abaprofeti babelazi eli gama libalaseleyo yaye babelisebenzisa ngentlonelo enzulu. Lifumaneka izihlandlo ezingaphezu kwama-7 000 eZibhalweni eziNgcwele. UYesu Kristu, unyana kaMariya, walibalaselisa xa wathetha oku kumthandazo wakhe kuThixo: “Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona . . . Ndabazisa igama lakho, ndandiya kubazisa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.” (Yohane 17:6, 26) Kwincwadi yakhe edumileyo agqabaza kuyo ngeKoran, uBayḍāwī ugqabaza ngeKoran 2:87, esithi uYesu wayedla “ngokuvusa abantu abafileyo ngelona gama libalaseleyo likaThixo.”
Ngoko, kwenzeka ntoni ukuze elo gama libe yimfihlelo? Elo gama linokulichaphazela njani ikamva lakhe ngamnye kuthi?
Kwenzeka Njani Ukuba Elo Gama Libe Yimfihlelo?
Bambi bacinga ukuba igama lesiHebhere elithi “Yehova” lithetha ukuthi “Allah” (Thixo). Kodwa igama elithi “Allah” sisithetha nto-nye nelesiHebhere elithi ʼElo·himʹ, elisisininzi esibonisa ubungangamsha segama elithi ʼelohʹah (thixo). Phakathi kwamaYuda kwavela inkolo eyawathintela ukuba angalibizi igama likaThixo, elinguYehova. Ngoko ke, xa ayefunda iZibhalo eziNgcwele aze abone igama elithi Yehova, kwada kwangumkhwa wawo ukuthi ʼAdho·naiʹ, okuthetha ukuthi “Nkosi.” Kwezinye iindawo, kumbhalo wesiHebhere wantlandlolo ade alisusa igama elithi “Yehova” afaka elithi ʼAdho·naiʹ.
Iinkokeli zonqulo zeNgqobhoko zenza okufanayo. Zalithabathela indawo igama elithi Yehova ngelithi “Thixo” (ngesiArabhu “Allah”) nangelithi “Nkosi.” Oko kwafak’ isandla ekuveleni kwemfundiso yobuxoki kaBathathu Emnye, engasekelwanga eZibhalweni eziNgcwele. Ngenxa yoku, ngokuphosakeleyo izigidi zinqula uYesu nomoya oyingcwele yaye zibagqala belingana noThixo.a
Ngoko, ziinkokeli zobuYuda nezeNgqobhoko ezibekek’ ityala ngokungaziwa okusasazekileyo kwelona gama libalaseleyo. Kodwa uThixo waprofeta: “Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu [elibalaseleyo], . . . ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova.” Ewe, uYehova uya kwenza igama lakhe laziwe kuzo zonke iintlanga. Ngoba? Ngenxa yokuba asingoThixo wamaYuda kuphela okanye wohlanga oluthile olunye okanye wabantu abathile. UYehova unguThixo walo lonke uluntu.—Hezekile 36:23; Genesis 22:18; INdumiso 145:21; Malaki 1:11.
Elona Gama Libalaseleyo Nekamva Lethu
IZibhalo eziNgcwele zithi: “Bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.” (Roma 10:13) Ukusindiswa kwethu ngemini yomgwebo kuya kunxulumana nokwazi kwethu igama likaThixo. Ukwazi igama lakhe kuquka ukwazi iimpawu, imisebenzi neenjongo zakhe, nokuphila ngokuvisisana nemigaqo yakhe ephakamileyo. Ngokomzekelo, uAbraham wayelazi igama likaThixo yaye elinqula elo gama. Ngenxa yoko, wanandipha ulwalamano oluhle noThixo, wabonakalisa ukuba nokholo kuye, wathembela ngaye, waza wamthobela. Ngaloo ndlela uAbraham waba ngumhlobo kaThixo. Ngokufanayo, ukwazi igama likaThixo kusisondeza kuye yaye kuyasinceda sibe nolwalamano lobuqu naye, sithembele ngokupheleleyo ngothando lwakhe.—Genesis 12:8; INdumiso 9:10; IMizekeliso 18:10; Yakobi 2:23.
EBhayibhileni sifunda oku: “UYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) Kutheni kufuneka ‘sicinge’ ngelona gama libalaseleyo? Igama elithi Yehova ngokoqobo lithetha ukuthi “Ubangela Kubekho.” Oku kutyhila uYehova njengaLowo ubangela ukuba abe nguMzalisekisi wamadinga. Usoloko eziphumeza iinjongo zakhe. UnguThixo usomandla, okuphela koMdali, onazo zonke iimpawu ezintle. Akukho nalinye igama elinokubuchaza ngokupheleleyo ubume bukaThixo. Kodwa uThixo wazikhethela elona gama libalaseleyo elithi—Yehova—yaye lisikhumbuza ngazo zonke iimpawu, neenjongo zakhe.
EZibhalweni eziNgcwele, uThixo usixelela ngeenjongo zakhe ngoluntu. UYehova uThixo wadala umntu ukuba anandiphe ubomi obungunaphakade nobonwabisayo eParadisi. Ukuthanda kwakhe ngoluntu kukuba bonke abantu babumbe intsapho enye, emanyeneyo ngothando nangoxolo. UThixo wothando uza kulizalisekisa eli dinga kungekudala.—Mateyu 24:3-14, 32-42; 1 Yohane 4:14-21.
UThixo uchaza izizathu zokuba uluntu lubandezeleka aze abonise ukuba lunokusindiswa. (ISityhilelo 21:4) KwiNdumiso 37:10, 11, sifunda oku: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”—Kwakhona bona iKoran 21:105.
Ewe, uThixo uya kwaziwa ngegama lakhe elibalaseleyo. Iintlanga kuya kufuneka zazi ukuba unguYehova. Elinjani lona ukumangalisa ilungelo ekulilo ukwazi elona gama libalaseleyo, ukunikela ubungqina ngalo, nokubambelela kulo! Ngoko, le njongo ivuyisayo kaThixo iya kuzaliseka kuye ngamnye wethu: “Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam. Wondibiza, ndiphendule, . . . Ndimanelise ngemihla emide, ndimbonise ukusindisa kwam.”—INdumiso 91:14-16.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ubungqina bokuba uBathathu Emnye akayomfundiso yeBhayibhile, bona incwadana enemifanekiso ethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? epapashwe ngowe-1989 yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Kwityholo elalisitsha, uThixo wazichaza kuMoses ‘njengoYehova, uThixo ka-Abraham’
[Inkcazelo]
Moses and the Burning Bush, by W. Thomas, Sr.