IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 12/1 iphe. 10-13
  • Izenzo ZikaYehova Zokusindisa Ngoku

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izenzo ZikaYehova Zokusindisa Ngoku
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubonisa Uthando
  • Ubuzalwana Bomhlaba Wonke
  • Umthombo Wokhuseleko Lokwenyaniso
  • Ukukhula Kunye Eluthandweni
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Izinto INkanyamba UAndrew Eyayingenakukwazi Ukuzitshabalalisa
    Vukani!—1993
  • Into Engenakukhukuliswa Naziinkqwithela
    Vukani!—2003
  • Umsebenzi Wokunceda Abanye
    UBukumkani BukaThixo Buyalawula!
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 12/1 iphe. 10-13

Izenzo ZikaYehova Zokusindisa Ngoku

IBHAYIBHILE isixelela oku ngoYehova: “Buninzi ububi obulihlelayo ilungisa, ke uYehova ulihlangula kubo bonke” yaye, “iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo.”—INdumiso 34:19; 2 Petros 2:9.

UYehova ubanceda njani abantu bakhe xa besembandezelweni? Akakwenzi oko ngokuguqula amandla emvelo ngommangaliso okanye ngesinye isenzo esingaphezu kwamandla okwemvelo, njengokuba abantu abaninzi becinga ukuba ufanele enjenjalo, kodwa ukwenza ngamanye amandla inkoliso yabantu engawaqondi ngokwenyaniso—uthando. Ewe, uYehova uyabathanda abantu bakhe, yaye uye wakhulisa phakathi kwabo ukuthandana gqitha kangangokuba uye wakwazi ukufeza kubo oko kubonakala kuphantse kube ngummangaliso.—1 Yohane 4:10-12, 21.

Bambi basenokuma ngelokuba ngamaxesha ongxamiseko, oko kufunekayo kukutya, amayeza nezinto zokwakha—kungekhona uthando. Kakade ke, ukutya, amayeza, nezinto zokwakha zibalulekile. Noko ke, umpostile uPawulos uqiqa ngale ndlela: “Ndingafanelana ndinalo lonke ukholo, ngokokude ndisuse iintaba, uthando ke ndingenalo, andinto yanto. Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.”—1 Korinte 13:2, 3.

Ngokufuthi sifunda ngezinto zokunceda ezithunyelweyo ezibolela ezishelufini okanye ezityiwa zizikrekrethi ngoxa abantu abazifunayo besifa zizifo nakukulamba. Okanye okude kwakubi nangakumbi, izinto ezinjalo zisenokulawulwa ngabantu ababawayo nabanamaqhetseba abazenzela ingeniso ngazo. Ngaloo ndlela, kuyenye into ukuba nazo ezi zinto zifunekayo, kodwa kukwayenye ukuqinisekisa ukuba abo basembandezelweni bayangenelwa kuzo. Uthando nenkxalabo yokwenene zinokwenza umahluko.

Ukubonisa Uthando

NgoSeptemba 1992, iNkanyamba uIniki yenza isivondoviya kwisiqithi saseHawaii iKauai, esinabemi abangama-55 000. Iphelekwa ngumoya ohamba ngeekhilomitha ezingama-210 ngeyure nesivunduvundu esifikelela kwiikhilomitha ezingama-260 ngeyure, yabulala abantu aba-2 yaza yangxwelerha abangama-98, yonakalisa amakhaya angama-75 ekhulwini, yashiya abantu abangama-8 000 bengenamakhaya, yaza yenza umonakalo oqikelelwa kwizigidi ezingawamaka amathathu eerandi. Phakathi kwabo bahlala kwesi siqithi sincinane kwakukho malunga namaNgqina kaYehova angama-800 kumabandla amathandathu. Ahlangabezana njani nale meko?

Ngaphambi kokuba kufike uIniki, abadala bebandla, phantsi kolwalathiso lomveleli ohambahambayo, babesele beqhagamshelene nawo onke amalungu ebandla ngenjongo yokuqinisekisa ukuba ayekhuselekile yaye enqabisekile, eyilungele loo ntlekele. Inyameko enjalo yothando yaba luncedo ekuthinteleni ukwenzakala kakhulu okanye ukufa kwamaNgqina.—Thelekisa uIsaya 32:1, 2.

Nakubeni unxibelelwano nezothutho zaphazamiseka gqitha, abameli abathathu beofisi yesebe yeWatch Tower Bible and Tract Society eHonolulu babephakathi kwabokuqala abafika apho emva kwenkanyamba, benikwe imvume ekhethekileyo ngumbutho wabemi wokunikela uncedo yokuya eKauai ngenqwelo-moya. Ngoko nangoko, baqhagamshelana namaNgqina asekuhlaleni yaye, ngentsasa elandelayo, balungiselela intlanganiso yokuceba indlela ekuza kusetyenzwa ngayo ekunikeleni uncedo. Kwamiselwa ikomiti yokunikela uncedo ukuze baqikelele iintswelo nokuze bafumane izinto eziyimfuneko bencedwa yiofisi yesebe eHonolulu. Besebenza imini nobusuku, balathisa umsebenzi wokusa izinto zoncedo kwabo babeswele yaye becoca belungisa namakhaya awayenomonakalo.

AmaNgqina akwesinye isiqithi asabela ngokukhawuleza kubazalwana bawo abasweleyo. Kamsinya nje emva kokuba isikhululo seenqwelo-moya esiseKauai sivuliwe, amaNgqina angama-70 aya apho ngenqwelo-moya ngenjongo yokunceda. Izinto zokunceda ezixabisa ama-R300 000, kuquka noomatshini bokwenza umbane, izitovu zokupheka ezincinane zegesi, iilanteni nokutya zathunyelwa apho. Enye yeeHolo zoBukumkani kweso siqithi yasetyenziswa njengendawo yokufikela nokugcina izinto zokunceda; noko ke, kwakusoyikelwa ukuba isenokuphangwa. Kwandula ke kwafika iilori zaseMkhosini kwindawo yokumisa iinqwelo-mafutha kwiHolo yoBukumkani, baza abaqhubi bazo babuza enokuba babenokuzimisa apho na iilori zabo. Amajoni awayeshiywe ukuba akhusele ezo lori akwanceda ekunciphiseni ingxaki yokuphangwa kwezinto zoncedo.

Abazalwana basa oomatshini bokwenza umbane kwindlu ngendlu, bebasebenzisa kwikhaya ngalinye kangangeeyure ezimbini okanye ezintathu ukuze bancede abantu bagcine izikhenkcisi zabo zisebenza. Amaqela abazalwana asiwa kumakhaya ahlukahlukeneyo ukuze ancede acoce aze alungise umonakalo. Xa ayesebenza kwindlu yomnye udade owayenomyeni owayemchase ngokukrakra kwixesha elidluleyo, lo myeni wayechukumiseke gqitha kangangokuba ekuphela kwento awayenokuyenza yayikukubukela ekhala. Undwendwe olwalusuka kowona mmandla umkhulu welo lizwe olwabona elinye iqela lamaNgqina lisebenza lwachukumiseka gqitha yihambo nalulungelelwano lwawo ngokokude luye kulo luze lubuze into eyayilenza lahluke ngolo hlobo. Xa omnye umzalwana wachaza ukuba yayiluthando ngoThixo nangamaKristu akhonza kunye nawo, le ndoda yathi: “Ndingamazi njani uThixo?” (Mateyu 22:37-40) Yongezelela ngelithi: “Nina bantu nilungelelene gqitha mhlawumbi ndiya kufika kukho umntu ondilindileyo xa ndibuyela eFlorida!”

Lilonke, amaNgqina kaYehova ancedisa ekucoceni nasekulungiseni amakhaya angama-295 eKauai. Kula, angama-207 ayefuna ukulungiswa nje kancinane, kodwa angama-54 ayonakele kakhulu, yaye ali-19 ayetshabalele ngokupheleleyo. Umsebenzi wawo wawukwaquka nokuya kuwo onke amaNgqina kweso siqithi ukuze aqinisekise ukuba ayenyanyekelwe. Xa kwakusiwa izinto zokunceda komnye udade, ummelwane ongumBhuda waphawula ukuba akakhange afumane namagqabi la eti kwiqela lakhe. Elinye inenekazi, elacocelwa indlu yalo liqela lamaNgqina, lathi: “Benindityelela kangangexesha elide, yaye bendinigqala njengabamelwane abalungileyo, kodwa le mbonakaliso yothando ngommelwane indibonisa oko intlangano yenu engako. Ndibamba ngazibini ngawo wonke umsebenzi wenu onzima.”

Ukongezelela ekunyamekeleni iintswelo zezinto eziphathekayo zawo onke amaKristu akhonza kunye nabo, abo babekhokela ekunikeleni uncedo ngokufanayo babekwaxhalabile ngobumoya babo. Kungaphelanga neentsuku ezimbini emva kwenkanyamba, amabandla aliqela ayesele eqhuba iintlanganiso zawo. Kamsinya, amaqela amancinane esifundo sencwadi ayesele ephinde aqhubeka. Abadala abalishumi abavela kwezinye iziqithi baya eKauai ngenjongo yokunceda abadala basekuhlaleni khon’ ukuze kwenziwe amatyelelo okwalusa kwiNgqina ngalinye kweso siqithi. NgeCawa elandelayo, onke loo mabandla mathandathu aqhuba iSifundo seMboniselo, kwanikelwa intetho yemizuzu engama-30 engenkqubo yokunikela uncedo lilungu leKomiti Yokunikela Uncedo, nentetho yokuqukumbela yemizuzu engama-30 lilungu leKomiti yeSebe elalivela eHonolulu lizokuphumeza le njongo. Ingxelo yengqina lokuzibonela ithi: “Bonke babethuthuzelekile lulwalathiso oluhle olwalunikelwe yaye baziva bekulungele ngokomoya ukumelana neengxaki zabo ezazishiyekile. Abaphulaphuli abaninzi babentywizisa njengokuba ucwangciso lwaluqukunjelwa, yaye ukuqhwatywa kwezandla kwazenzekela.”

Ubuzalwana Bomhlaba Wonke

Uthando nenkxalabo enjalo zimpawu zabantu bakaYehova ehlabathini lonke. Xa iSitshingitshane uVal satshayela kulo lonke elaseNtshona Samoa malunga nonyaka ngaphambilana, sabangela umonakalo omkhulu, kodwa amaNgqina kaYehova kwezinye iindawo zehlabathi ngokukhawuleza abanceda abazalwana bawo apho. Kamva, xa urhulumente wanikela ngemali kuzo zonke iinkonzo—kuquka namaNgqina kaYehova—ukuze alungise izakhiwo zazo, amaNgqina ayibuyisela loo mali neleta eyayichaza ukuba wonke umonakalo wawusele ulungisiwe, yaye loo mali yayinokusetyenziselwa ukulungisa ezinye zezakhiwo zikarhulumente. Isenzo sawo sapapashwa kwiphephandaba lasekuhlaleni. Liphawula oku, igosa laseburhulumenteni laxelela elinye iNgqina ukuba laliziva lineentloni noko ngecawa yalo kuba yayiyamkele loo mali ivela kurhulumente noxa zonke izakhiwo zayo ezazonakaliswe sisitshingitshane zazifumene imali yeinshorensi.

Ngokufanayo, ngoSeptemba 1992, xa uMlambo iOuvèze osemazantsi-mpuma eFransi wakhukulisa waza watshabalalisa iVaison-la-Romaine neendawo ezili-15 eziyingqongileyo, amaNgqina asabela ngokukhawuleza. Ngobusuku obunye, eso sikhukula sasibulele abantu abangama-40, satshabalalisa amakhaya angama-400, sonakalisa amanye angamakhulu, saza sashiya amawaka eentsapho engenamanzi engenawo nombane. Ngentseni elandelayo, amaNgqina avela kumabandla asekuhlaleni ayengawokuqala ukunceda amaxhoba esikhukula. Abo babefuna indawo yokuhlala bamkelwa ngothando ziintsapho zamaNgqina akuloo mmandla. Amakhulu amaNgqina avela nxa zonke afika ngenjongo yokunikela uncedo. Kwamiselwa ikomiti yokunikela uncedo kwisixeko esikufutshane saseOrange ukuze kulungelelaniswe umsebenzi wamaqela amane abasebenzi bokuzithandela, abakhupha udaka baza bacoca izindlu, bahlamba imidovu yeempahla ezazinodaka, baza balungisa yaye bahambisa ukutya namanzi aselekayo kuyo yonke loo mimandla ichaphazelekayo. Bade ngokuzithandela bacoca isikolo sasekuhlaleni nezakhiwo eziliqela zebhunga ledolophu. Imigudu yawo yokuzinikela yaxatyiswa ngabazalwana babo nabantu abakuloo ndawo ngokufanayo.

Kwezinye iindawo ezininzi, amaNgqina kaYehova aye ahlelwa ziintlekele, ezinjengezikhukula, izichotho, neenyikima, kanye njengokuba wonk’ ubani esehlelwa zizo. Eqonda ukuba oku kuyimiphumo yeemeko ezingenakuphepheka okanye ezingenakuthinteleka, akambek’ ityala uThixo okanye naye nabani na. (INtshumayeli 9:11) Kunoko, aqinisekile ukuba uthando lokuzincama lwabo bakhonza kunye nawo luya kuwanceda nokuba angagaxeleka kweziphi iimeko ezinokuwehlela. Izenzo ezinjalo zothando zingumphumo wokholo analo onke. Umfundi uYakobi ucacisa athi: “Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe ze, beswele ukudla imihla ngemihla, athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na? Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.”—Yakobi 2:15-17.

Umthombo Wokhuseleko Lokwenyaniso

Kunokulindela imimangaliso engokungenelela kukaThixo ngandlel’ ithile, amaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba ukhuseleko lunokufunyanwa kubazalwana bawo abangamaKristu ehlabathini lonke. Enyanisweni, into ephunyezwa ngabazalwana ngamaxesha embandezelo ingummangaliso. Akhumbula amazwi kaYesu akuMateyu 17:20: “Beningathi ninokholo olunjekhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.” Ewe, imiqobo enjengeentaba iphel’ emehlweni xa ukholo lwamaKristu okwenyaniso, oluphelekwa luthando, lusebenza.

Abantu bakaYehova ehlabathini lonke bayasiva isandla esikhuselayo sikaThixo wabo kula maxesha angaqinisekanga nayingozi. Bavakalelwa ngendlela umdumisi awavakalelwa ngayo: “Ndiya kulala phantsi, ndilale ubuthongo kwangoku, ndixolile, ngokuba wena, Yehova, undihlalisa ndikholosile, noko ndindedwa.” (INdumiso 4:8) Ngokuqiniseka, banikel’ ingqalelo yabo kumsebenzi ekufuneka wenziwe: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:14) Yaye ngokuqiniseka bakhangele phambili kwinzaliseko yesithembiso sikaYehova sehlabathi elitsha elinoxolo nobulungisa, apho bengasayi kwehlelwa yintlekele yalo naluphi uhlobo, ebangelwe ngabantu okanye yokwemvelo.—Mika 4:4.

[Imifanekiso ekwiphepha 12]

AmaNgqina afika evela nxa zonke ezokunceda amaxhoba esikhukula

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share