IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 4/1 iphe. 8
  • Inyaniso YeBhayibhile Imanyanisa Intsapho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inyaniso YeBhayibhile Imanyanisa Intsapho
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Uthembisa UDaniyeli Umvuzo Oncumisayo
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Incwadi KaDaniyeli Kunye Nawe
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Womelezwa Ngumthunywa Ovela KuThixo
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Ngaba uThixo Ukukhathalele Ngokwenene?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 4/1 iphe. 8

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Inyaniso YeBhayibhile Imanyanisa Intsapho

NAMHLANJE, kwiindawo ezininzi zehlabathi, umanyano lwentsapho phantse luyinto yamandulo. Noko ke, iBhayibhile ityhila imfihlelo yomanyano lwentsapho. Phawula amazwi kaYesu: “Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.” (Mateyu 7:24) Amawaka eentsapho eziphakathi kwamaNgqina kaYehova aye alufumana umanyano ngokusebenzisa la mazwi nangokusebenzisa iBhayibhile njengesiseko sokwakha intsapho emanyeneyo. Bambi bayalufumana nabo umanyano olunjalo, njengoko la mava alandelayo ebonisa.

Ngoxa uDaniel wayesemkhosini eFransi, umfundisi wasemkhosini wacebisa uDaniel ukuba athenge iBhayibhile, nto leyo wayenzayo, yaye waqalisa ukuyifunda rhoqo. Ekugqibeleni watshintshelwa eTahiti. Amanye amajoni awayekunye noDaniel ayengamaSabatha, yaye amanye ayeziiMormon. Ngokufuthi iincoko zabo zaziba zezonqulo. Ngenye imini usajini omkhulu wazisa uDaniel emfazini wakhe, owayengomnye wamaNgqina kaYehova. Wachitha imva kwemini yonke ephendula imibuzo emininzi kaDaniel waza wamdibanisa nelinye lamabandla asekuhlaleni amaNgqina kaYehova eTahiti. Kungekudala waqalisa isifundo seBhayibhile esithe rhoqo.

Abazali bakaDaniel ababehlala eFransi babengamaKatolika anyaniseke kakhulu. Uyise wayengumcebisi esikolweni yaye wayengumhlohli wezonqulo kwisikolo samaKatolika. Efuna ukwabelana nabazali bakhe ngolwazi lokomoya awayefunda ngalo, uDaniel ngokuthe ngcembe waqalisa ukufaka iingcamango ezimbalwa zeBhayibhile kwiileta awayebabhalela zona.

Ekuqaleni unina kaDaniel wayevuya, kodwa wothuka akufumana igama elithi Yehova kwenye yeeleta zonyana wakhe. Kwiintsuku ezimbalwa kamva, weva inkqubo kanomathotholo eyayichaza amaNgqina kaYehova ngokuthi “lihlelo eliyingozi.” Wabhalela uDaniel, emxelela ukuba ayeke ukunxulumana namaNgqina ngokukhawuleza. Noko ke, uDaniel waqhubeka esenza inkqubela kufundisiso lwakhe lweBhayibhile yaye ngokukhawuleza wenza amalungiselelo okuyeka emkhosini aze abuyele eFransi.

Akuba esekhaya kwakhona, uDaniel wayechitha ingokuhlwa nganye—maxa wambi kude kube sezinzulwini zobusuku—kwiingxubusho ezinde zeBhayibhile nonina. Ekugqibeleni wavuma ukupheleka uDaniel ukuya kwiHolo yoBukumkani. Xa waya kwiintlanganiso isihlandlo sokuqala, wachukumiseka kangangokuba waqalisa ukuba nesifundo seBhayibhile sakhe esithe rhoqo. Wenza inkqubela ekhawulezileyo yaye wabhaptizwa kungekudala.

Uyise kaDaniel wayeyindoda eqondayo kodwa wayezinikele kakhulu kwimicimbi yomsebenzi neyonqulo lwakhe. Sekunjalo, ngesinye isihlandlo wasa umfazi wakhe noDaniel kwindibano yesithili. KwakungoJulayi 14 yaye wayecinga ngokuya kubukela umboniso woSuku lweBastille esixekweni. Ngoxa wayelindile, enomdla wokwazi, wenza isigqibo sokuba aye kukhangela ngaphakathi kwiholo yendibano. Wachukunyiswa lucwangco noxolo awalubona phakathi kwabantu bakaYehova, yaye njengoko wayehambahamba kumasebe awahlukahlukeneyo endibano wonke ubani wayembiza ngokuthi “mzalwana.” Walibala tu ngomboniso woSuku lweBastille waza wahlala de kwaphela indibano. Wacela isifundo seBhayibhile waza wenza inkqubela ngokukhawuleza ekufundeni inyaniso. Noko ke, okukhona wayefunda, kokukhona waziva engonwabanga ngenxa yomsebenzi wakhe, ngoko eneminyaka engama-58 ubudala, wawushiya umsebenzi wakhe. Ngoku bobathathu entsatsheni bazahlulele yaye babhaptiziwe kwaye bakhonza uYehova kunye ngokumanyeneyo.

Yinyaniso yeBhayibhile eyamanyanisa intsapho yakuloDaniel. Inako ukumanyanisa kwanezinye iintsapho ukuba zifunda ukuyisebenzisa ngentliziyo iphela.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share