Ngaba Ngokwenene Bubusela?
UABIODUN wayengumphathi weeweyitala kwihotele enkulu yaseNigeria. Ngobunye ubusuku xa wayetshixa iholo yokutyela, wafumana ingxowa enemali elingana nama-R6 066. Kwangoko wayidlulisela ngaphambili loo mali, owathi kamva wavela umniniyo eyifuna, undwendwe olwalukuloo hotele. Abaphathi behotele bamvuza ngokumnyusela uAbiodun baza bamnika ibhaso lokuba “ngoyena msebenzi unkqenkqeza phambili wonyaka.” Nomnini wemali wamnika umvuzo.
Iphephandaba lasekuhlaleni iQuality, lalibalaselisa eli bali, libiza uAbiodun ngokuthi ‘ngumSamariya Olungileyo.’ Xa wayebuzwa yiQuality enoba akazange alingeke afune ukuzigcinela loo mali kusini na, uAbiodun wathi: ‘Ndingomnye wamaNgqina kaYehova. Ngoko ukuba ndifumana nantoni na engeyoyam, ndiyibuyisela kumniniyo.’
Abaninzi ekuhlaleni bamangaliswa kukunyaniseka okwabonakaliswa nguAbiodun. AmaNgqina akhonza kunye noAbiodun avuyiswa koko kwenzekayo, kodwa akuzange kuwamangalise. Emhlabeni wonke amaNgqina kaYehova ayaziwa ngemigaqo yawo ephakamileyo. Kuwo ukunyaniseka akunto ingaqhelekanga; ngumgaqo, inxalenye ebalulekileyo yobuKristu bokwenyaniso.
Noko ke, ngezinye izihlandlo iimeko zisenokwenza kube nzima ukwahlula phakathi koko ikukunyaniseka noko kungekuko. Khawucinge ngale meko. UFestus, owayenyamekela iminikelo nemali kwibandla lamaNgqina kaYehova kwiNtshona Afrika, wayefuna imali ngokungxamisekileyo.a Umfazi wakhe kwakufuneka enziwe utyando olukhulu awathi ugqirha wakhe lwalufanele lwenziwe ngokukhawuleza. Isibhedlele sasifuna isiqingatha semali ngaphambi kokuba lwenziwe olo tyando.
UFestus wayengenayo imali. Xa waya kubantu abaliqela eboleka imali, wabuya nembande yesikhova. Ngoko wacinga ngala mali ayinyamekelayo waza waqiqa ngelithi, ‘Ngaba kufanelekile ukuba ndiyeke umfazi wam afe ngoxa kukho okuthile endinokukwenza ukuze angafi? Kutheni “ndingaboleki” kwimali yebandla nje? Ndinokuyibuyisela xa abanye abantu bendihlawule imali abandityala yona.’
UFestus wasebenzisa loo mali yayingeyoyakhe ukuze ahlawule isibhedlele. Ngaba indlela awayeqiqa ngayo yayichanile? Ngaba isenzo sakhe sasifanelekile ngenxa yemeko yongxamiseko awayejamelene nayo?
Yimali Kabani?
Xa sihlolisisa le mibuzo, ngokufutshane makhe sihlolisise iingongoma ezimbalwa ngokuphathelele umthombo nenjongo yemali awayithabathayo uFestus. Le mali yiminikelo yokuzithandela eyenziwa ngamalungu ebandla afuna ukuhambisela phambili unqulo olunyulu lukaYehova. (2 Korinte 9:7) Ayisetyenziselwa ukuhlawula imivuzo, ekubeni kungekho namnye uhlawulwayo ngoko akwenzayo ebandleni. Ngokwahlukileyo, imali engumnikelo ngokuyintloko isetyenziselwa ukufumana nokunyamekela indawo yeentlanganiso, ngokuqhelekileyo iHolo yoBukumkani. Le yindawo elungileyo nefanelekileyo apho abantu—abancinane nabakhulileyo, abazizityebi nabangamahlwempu—banokuhlanganisana khona ukuze bafumane imiyalelo yeBhayibhile.
Yimali kabani? Yeyalo lonke ibandla. Akukho lungu lithile elimisela indlela emele isetyenziswe ngayo le imali. Ngoxa iqumrhu labadala lisalathisela ukuhlawulwa kweendleko eziqhelekileyo zebandla, xa kufuneka kukhutshwe imali yento ethile engaqhelekanga, abadala bawandlala ebandleni liphela umcimbi ukuze unconyelwe.
Ngaba Kukuboleka Okanye Bubusela?
Ngenxa yokuba wayezimisele ukuyibuyisela ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka loo mali, uFestus wasigqala isenzo sakhe njengokuboleka. Noko ke, iThe Greater Dictionary of Xhosa isebenzisa amanye amagama ngokuphathelele “isenzo sokuthabatha izinto zabanye ngasese ngaphandle kwemvume.” Loo magama lelithi “ubusela” nelithi “isela.” Ngaphandle kwemvume okanye kokugunyaziswa, uFestus wathabatha imali yebandla. Ngoko ke, ewe, wayenetyala lobusela. Wayelisela.
Kakade ke, ukubekek’ ityala kusenokungafani ngenxa yentshukumisa yobusela. Oko sinokukubona kumzekelo kaYuda Sikariyoti, owayephathiswe ukunyamekela imali eyayigcinwa nguYesu nabapostile bakhe abathembekileyo. IBhayibhile ithi: “[UYuda] ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo.” (Yohane 12:6) Eshukunyiswe yintliziyo embi nokubawa ngokupheleleyo, uYuda waya enganyaniseki ngokunganyaniseki. Ekugqibeleni weyela ekungcatsheni uNyana kaThixo—ngamaqhosha angama-30 esilivere.—Mateyu 26:14-16.
Noko ke, uFestus wayebangelwa kukuxhalabela umfazi wakhe owayegula. Ngaba oku kuthetha ukuba wayengenatyala? Nakanye. Cinga ngoko iBhayibhile ikutshoyo ngobusela obenziwa ngenxa yenye imeko ebonakala iyeyongxamiseko: “Alidelwa isela, xa lithe labela ukwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba; lifunyenwe, lihlawula kasixhenxe, lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.” (IMizekeliso 6:30, 31) Ngamanye amazwi, xa lithe lafunyanwa, isela limele lifumane isohlwayo esipheleleyo esimiselwe ngumthetho. Ngokutsho koMthetho kaMoses, isela lalimele lihlawule ngesenzo salo sokwaphula umthetho. Ngoko kunokuba ibukhuthaze okanye ibuthethelele ubusela, iBhayibhile ilumkisa ngokuba kwanakwiimeko zongxamiseko, ukuba kunokuphumela ekulahlekelweni kwezoqoqosho, ekuhlazekeni, yaye okubi ngakumbi, ekuphulukaneni nenkoliseko kaThixo.
NjengamaNgqina kaYehova, onke amaKristu okwenyaniso, ngokukodwa lawo aphathiswe iimbopheleleko ebandleni, amele abe ngumzekelo, ‘abe ngangenakumangaleleka.’ (1 Timoti 3:10) UFestus akazange ayifumane imali awayeyilindele, yaye ngaloo ndlela akazange akwazi ukubuyisela imali awayeyithabathile. Abanye bakuva oko wayekwenzile. Kwenzeka ntoni kuye? Ukuba wayelisela elingaguqukiyo, ngewayesusiwe kwibandla elicocekileyo lamaKristu. (1 Petros 4:15) Kodwa wazisola waza waguquka. Ngenxa yoko, wahlala ebandleni nangona waphulukana namalungelo akhe enkonzo.
Ukukholosa NgoThixo
Umpostile uPawulos walumkisa ngelokuba ukuba komntu othi ukhonza uYehova kunokuzisa ugculelo kwigama likaThixo nakubantu begama lakhe. UPawulos wabhala: “Wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba? Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu.”—Roma 2:21, 24.
UAgure, indoda esisilumko yamandulo, waphuhlisa ingongoma efanayo. Emthandazweni wakhe wacela ukuba ‘angahlwempuzeki, abe, alicukuceze igama likaThixo [wakhe].’ (IMizekeliso 30:9) Phawula ukuba le ndoda isisilumko yavuma ukuba ukuhlwempuzeka kunokubangela iimeko ezisenokuhenda kwanomntu olilungisa ukuba abe. Ewe, amaxesha anzima anokuluvavanya ukholo lomKristu kumandla kaYehova okunyamekela iintswelo zabantu bakhe.
Sekunjalo, amaNgqina kaYehova anyanisekileyo, kuquka nalawo angamahlwempu, anokholo lokuba uThixo “ungumvuzi wabo bamfunayo.” (Hebhere 11:6) Ayazi ukuba uYehova uyabavuza abantu bakhe abathembekileyo ngokubanceda banyamekele iintswelo zabo. UYesu wakwenza kwacaca oko kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, esithi: “Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na? . . . Kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.”—Mateyu 6:31-33.
UThixo ubalungiselela njani abasweleyo ebandleni lamaKristu? Ngeendlela ezininzi. Enye yazo kungokusebenzisa amanye amakholwa. Abantu bakaThixo babonakalisa uthando lokwenene omnye komnye. Bawuthabatha nzulu umyalelo weBhayibhile othi: “Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe? Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.”—1 Yohane 3:17, 18.
Ehlabathini lonke, kumabandla angaphezu kwama-73 000, amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezine ezinesiqingatha ngenkuthalo azabalazela ukukhonza uThixo ngokwemilinganiselo yakhe yobulungisa. Ayazi ukuba uThixo akasokuze abalahle abanyanisekileyo bakhe. Abo bakhonze uYehova kangangeminyaka emininzi bavumelana ngokupheleleyo noKumkani uDavide, owabhala oku: “Ndakha ndamtsha, kungokunje ndimdala; ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa, nembewu yalo ivukela ukutya.”—INdumiso 37:25.
Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukuba nokholo kuThixo owaphefumlela loo mazwi, kunokuzivumela ukuba uhendelwe ekubeni uze mhlawumbi uphulukane nenkoliseko kaThixo ngonaphakade!—1 Korinte 6:9, 10.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama liguquliwe.