IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 4/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Igazi—Libalulekile Ebomini
    Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
  • Bonakalisa Uxabiso Olufanelekileyo Ngesipho Onaso Sobomi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ukusindisa Ubomi Ngegazi—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imbono KaThixo Ngobomi
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 4/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Xa amajoni kaSawule adla inyama enegazi, kwakutheni ukuze angabulawa, ekubeni eso yayisisohlwayo esasimiselwe kuMthetho kaThixo?

La madoda awaphula umthetho kaThixo ongegazi, kodwa kusenokuba enzelwa inceba kuba ayelihlonela igazi, nakubeni ayefanele ukuba ayibonakalise ngenyameko ngakumbi intlonelo enjalo.

Makhe siyihlolisise le meko. AmaSirayeli angaphantsi koKumkani uSawule nonyana wakhe uYonatan ayesilwa namaFilisti. Xa “amadoda akwaSirayeli ayeminyekile kukudinwa” edabini, ngokungxama uSawule wafunga esithi amadoda akhe afanele angadli de loyiswe utshaba. (1 Samuweli 14:24) Kungekudala isifungo sakhe sabangela ingxaki.

Amadoda akhe ayephumelela kwelo dabi lalinzima, kodwa imiphumo yalo mgudu yabonakala. Ayesifa yindlala yaye edinwe eyimfe. Enza ntoni kuloo meko yayinzima ngolo hlobo? “Baziphosa abantu emaxhobeni, bathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namathole eenkomo, baxhelela emhlabeni, abantu bayidla inegazi.”—1 Samuweli 14:32.

Oko yayikukwaphula umthetho kaThixo ongegazi, njengoko abathile kubantu bakaSawule bamxelelayo, besithi: “Uyabona, abantu bayona kuYehova ngokuyidla inegazi.” (1 Samuweli 14:33) Kaloku, uMthetho wawusithi xa kuxhelwa isilwanyana, kwakumele kuphalazwe igazi ngaphambi kokuba inyama idliwe. UThixo wayengafuni zenzo zempambano ekuphalazweni kwegazi. Ngokuliphalaza ngendlela esengqiqweni, abakhonzi bakhe babeya kuba babonisa intlonelo ngokubaluleka kwegazi. (Duteronomi 12:15, 16, 21-25) Igazi lesilwanyana lalinokusetyenziswa njengedini esibingelelweni, kodwa lalingamele lidliwe. Isohlwayo sokuwaphula ngabom lo mthetho sasikukufa, kuba abantu bakaThixo baxelelwa oku: “Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazi layo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.”—Levitikus 17:10-14.

Ngaba amajoni kaKumkani uSawule ayewaphula ngabom uMthetho? Ngaba ayebonisa ukuwutyeshela ngokupheleleyo umthetho kaThixo ongegazi?—Thelekisa iNumeri 15:30.

Asimele sigqibe ngelitshoyo. Ingxelo ithi ‘azixhelela emhlabeni izilwanyana, azidla zinegazi.’ Ngoko kusenokwenzeka ukuba azenza iinzame ezithile zokuliphalaza igazi. (Duteronomi 15:23) Sekunjalo, ngenxa yokudinwa nokulamba, akazange ayixhome loo mizimba ixheliweyo aze ayiyeke kangangexesha elaneleyo ukuze igazi liphalale ngomlinganiselo ofanelekileyo. Azixhelela “emhlabeni” iigusha neenkomo, nto leyo eyayinokubangela ukuba igazi lingaphalali ngokukhawuleza. Yaye ayinqunqa ngokukhawuleza loo nyama ekusenokwenzeka ukuba yayisenegazi. Ngenxa yoko, kwanokuba ayecinga ngokuthobela umthetho kaThixo, akazange awulandele ngeendlela ezifanelekileyo okanye ukusa kumlinganiselo ofanelekileyo.

Imiphumo yaba kukuba “abantu bayidla inegazi” loo nyama, nto leyo eyayisisono. USawule wakuqonda oku waza wayalela ukuba kuqengqelwe ilitye elikhulu kuye. Wawayalela oku amajoni: “Zisani kum elowo inkomo yakhe, elowo igusha yakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokuyidla inegazi.” (1 Samuweli 14:33, 34) Loo majoni ayenetyala athobela, waza “uSawule wakha isibingelelo kuYehova.”—1 Samuweli 14:35.

Mhlawumbi ukuxhelela izilwanyana elityeni kwakubangela ukuba igazi liphalale ngokwaneleyo. Inyama yezilwanyana yayinokutyelwa kude nendawo ekuxhelelwe kuyo. Kusenokwenzeka ukuba uSawule wasebenzisa elinye legazi elaphalazwayo esibingelelweni xa wayefuna inceba kaThixo ngakwabo babonile. UYehova wabenzela inceba, mhlawumbi kuba wayezazi iinzame loo majoni awayezenzile nakubeni ayediniwe yaye ekhatywe yinkawu. Kwakhona uThixo usenokuba wayeqonda ukuba isifungo sokungxama sikaSawule sawanyanzelela kuloo meko iyingozi amadoda akhe.

Le ngxelo ibonisa ukuba imeko yongxamiseko ayisosizathu sokuwutyeshela umthetho kaThixo. Kwakhona ifanele isincede siqonde imfuneko yokucinga ngenyameko ngaphambi kokwenza isifungo, kuba isifungo esenziwe ngokungxama sinokubangela iingxaki kuthi nakwabanye.—INtshumayeli 5:4-6.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share