Ngaba Ulufumene Unqulo Oluchanileyo?
“Unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu.”—YAKOBI 1:27.
1, 2. (a) Abantu abaninzi bacinga ukuba yintoni egqibayo enoba unqulo lwabo luchanile kusini na? (b) Yintoni ekufuneka iqwalaselwe ngokunzulu ekugwebeni unqulo?
SIPHILA kwixesha apho abantu abaninzi banelisekileyo kukwenza unqulo lube yinto engenamsebenzi ebomini babo. Basenokuya kwiinkonzo ezithile zonqulo, kodwa bambalwa abakwenza rhoqo oko. Abantu abaninzi abakholelwa ukuba zonke ezinye iinkonzo ziphosakele yaye lolwabo oluchanileyo. Basenokuvakalelwa kukuba unqulo lwabo lubalungele bona.
2 Ngenxa yoku, ngaba umbuzo othi, Ngaba ulufumene unqulo oluchanileyo? uthetha ukuba, Ngaba ulufumene unqulo oluthandayo? Yintoni egqiba ngoko ukuthandayo? Yintsapho yakho? Zizinxulumani zakho? Yindlela ovakalelwa ngayo? Uyiqwalasele ngokunzulu kangakanani imbono kaThixo ngalo mbandela?
Sinokuyazi Njani Imbono KaThixo?
3. (a) Ukuba siza kwazi imbono kaThixo, yintoni esimele sibe nayo? (b) Yiyiphi imibuzo esifanele siyibuze ngesizathu sokuba thina sikholelwe ukuba iBhayibhile ivela kuThixo?
3 Ukuba siza kwazi oko uThixo akucingayo, ngoko ke umele asityhilele ngandlel’ ithile. IBhayibhile yeyona ncwadi yamandulo ezibanga iphefumlelwe nguThixo. (2 Timoti 3:16, 17) Kodwa ngaba ngokwenyaniso kunokuthiwa le ncwadi, ngokuchaseneyo nazo zonke ezinye, iqulethe isigidimi sikaThixo kulo lonke uluntu? Ubunokuwuphendula njani loo mbuzo, yaye ngoba? Ngaba kungenxa yokuba abazali bakho babenaloo mbono? Ngaba kungenxa yesimo sengqondo sezinxulumani zakho? Ngaba ubuhlolisise ngokwakho ubungqina? Kutheni ungenzi oko ngoku, usebenzisa ezi nkalo zine zobungqina?
4. Ngokuphathelele ukufumaneka, yintoni ebonisa ukuba iBhayibhile, kungekhona enye incwadi, ivela kuThixo?
4 Ukufumaneka: Isigidimi esivela kuThixo ngokwenene nesilungiselelwe intsapho yabantu iphela sifanele sifumaneke kubo. Ngaba kunjalo ngeBhayibhile? Khawuqwalasele oku: IBhayibhile, iphelele okanye ngokuyinxenye, ngoku ipapashwa ngeelwimi ezingaphezu kwama-2 000. Ngokutsho koMbutho weeBhayibhile waseMerika, phantse kwiminyaka elishumi edlulileyo iilwimi ebishicilelwa ngazo iBhayibhile beziyenza ifumaneke kuma-98 ekhulwini abemi behlabathi. IGuinness Book of World Records ibonisa ukuba, iBhayibhile yeyona “ncwadi isasazwa ngokubanzi ehlabathini.” Besiya kulindela ukuba kube njalo ngesigidimi esivela kuThixo esilungiselelwe abantu bazo zonke iintlanga nezizwe neelwimi. (Thelekisa ISityhilelo 14:6.) Ayikho enye incwadi ehlabathini esondelayo kwaukusondela apho.
5. Kutheni isiseko sembali seBhayibhile sibalulekile?
5 Ukuchana ngokwembali: Ukukuhlolisisa ngenyameko oko kubaliswa eBhayibhileni kutyhila enye indlela iBhayibhile eyahluke ngayo kwezinye iincwadi ezizibanga zingcwele. IBhayibhile inezibakala ezichanileyo ngokwembali, kungekhona iintsomi ezingenabungqina. UIrwin Linton, njengegqwetha owayeqhele ukuhlalutya ubungqina obabufuneka enkundleni, wabhala wathi: “Ngoxa iintsomi, nobungqina bobuxoki buye buqinisekise ukuba iziganeko obubalisa ngazo zenzeka ndaweni ithile ekude nangexesha elingaziwayo, . . . ingxelo yeBhayibhile isinika ngokuthe ngqo ixesha nendawo ezenzeka kuyo izinto ethetha ngazo.” (Ngokomzekelo, bona eyoku-1 yooKumkani 14:25; Isaya 36:1; Luka 3:1, 2.) Kubantu abaphethukela elunqulweni kungekhona ukuze babaleke inyaniso kodwa kuba befuna inyaniso, le yenye into ebalulekileyo abafanele bayiqwalasele.
6. (a) IBhayibhile imnceda njani ngokwenene umntu oneengxaki zobomi? (b) Ziziphi iindlela ezintathu iBhayibhile emnceda ngazo umntu ajamelane neemeko ezinzima?
6 Ukusebenziseka: Abo bayihlolisisa ngokwenene iBhayibhile bakhawuleza baqonde ukuba imiyalelo nemigaqo yayo ayilungiselelwanga ukubaxhaphaza. Kunoko, ichaza indlela yokuphila ezisa iingenelo kwabo banamathelayo kuyo. (Isaya 48:17, 18) Indlela ethuthuzela ngayo kwabo babandezelekileyo iluncedo, ayisekelwanga kwiintanda-bulumko ezingento. Kunoko, inceda abantu bahlangabezane neemeko ezinzima ezenzeka ngokwenene ebomini. Njani? Ngeendlela ezintathu: (1) ngokunikela iziluleko ezisengqiqweni ngendlela yokuhlangabezana neenzima, (2) ngokucacisa indlela yokufumana inkxaso enothando uThixo ayinikela kubakhonzi bakhe ngoku, (3) nangokutyhila ikamva elimangalisayo uThixo aligcinele abo bamkhonzayo, nangokubanika izizathu ezisengqiqweni zokuthembela kumadinga akhe.
7. (a) Usebenzisa izibhalo ezicatshulwe kumbhalo osemazantsi, chaza isicombululo seBhayibhile kwenye yeengxaki ezinkulu ezixhalabisa abantu namhlanje. (b) Bonisa indlela iziluleko zeBhayibhile ezisikhusela okanye ezisinceda ngayo sijamelane neemeko ezicinezelayo.
7 Nangona ngokufuthi iziluleko zeBhayibhile zingathandwa ngabo bangalifuniyo igunya nabasukela ubomi bokuzifica, abaninzi baye baqonda ukuba ubomi obunjalo abubaziselanga ulonwabo lokwenene. (Galati 6:7, 8) IBhayibhile inikela iimpendulo ezingqalileyo kwimibandela efana nokuqhomfa, uqhawulo-mtshato nobufanasini. Iziluleko zayo ziyasikhusela ekusebenziseni kakubi iziyobisi notywala nasekufumaneni uGawulayo kwigazi elasulelweyo okanye ekuziphatheni kakubi ngokwesini. Isibonisa indlela yokuba neentsapho ezonwabileyo. Inikela iimpendulo ezinceda abantu bakwazi ukujamelana neemeko ezicinezelayo ebomini, kuquka ukulahlwa ngamalungu asondeleyo entsapho, ukugula okungaginyisi mathe nokufelwa ngothandekayo. Isinceda siqonde izinto eziza kuqala kuthi ukuze ubomi bethu bube nentsingiselo bungabi bobokuzisola.a
8, 9. (a) Sisiphi isiprofeto wena osijonga njengesibubethelelayo ubungqina bokuba iBhayibhile iphefumlelwe? (b) Iziprofeto eziseBhayibhileni zibonisa ukuba zinayiphi imvelaphi?
8 Iziprofeto: IBhayibhile ihamba yodwa kwiincwadi zeziprofeto, iyincwadi exela kwangaphambili oko kuya kwenzeka kwixesha elizayo, ibe yenjenjalo ngokweenkcukacha. Yakuxela kwangaphambili ukutshatyalaliswa kweTire yamandulo, ukuwa kweBhabhiloni, ukwakhiwa kwakhona kweYerusalem, ukuvuka nokuwa kookumkani bamaMedi namaPersi nabaseGrisi nezinye iziganeko eziliqela zobomi bukaYesu Kristu. Kwakhona yazixela kwangaphambili ngokweenkcukacha iimeko zehlabathi ebezikho kule nkulungwane, yaye iyayichaza nentsingiselo yazo. Ibonisa indlela iingxaki ezongamele abalawuli babantu eziya kuconjululwa ngayo, yaye ichaza uMlawuli oya kuzisa uxolo oluhlala luhleli nonqabiseko lokwenyaniso kuluntu.b—Isaya 9:6, 7; 11:1-5, 9; 53:4-6.
9 Okuphawulekayo kukuba iBhayibhile ithi ubuchule bokuxela ikamva kwangaphambili ngokuchanileyo luvavanyo lokuba nguThixo. (Isaya 41:1–46:13) Lowo unokukwenza oko okanye unokuphefumlela abanye ukuba bakwenze akasosithixo singaphiliyo. Akangomntu uzinikele elunqulweni nje kuphela. NguThixo oyinyaniso, yaye incwadi eneziprofeto ezinjalo liLizwi lakhe.—1 Tesalonika 2:13.
Ngaba Bonke Abasebenzisa IBhayibhile Bachanile?
10, 11. Njengoko uYesu ebonisa, nangona umfundisi esenokuyisebenzisa iBhayibhile, yintoni esenokwenza unqulo lwakhe lungabi nto yanto?
10 Ngoko, ngaba kusengqiqweni—okubaluleke ngakumbi, ngaba kungokweZibhalo—ukugqiba kwelokuba onke amaqela onqulo athi asebenzisa iBhayibhile afundisa unqulo lokwenyaniso? Ngaba wonke ubani ophatha okanye ocaphula iBhayibhile ukunqulo oluchanileyo?
11 Abefundisi abaninzi, nangona benayo iBhayibhile, basebenzisa unqulo njengendlela yokuzizukisa. Iinyaniso ezimsulwa bazingxenga nezithethe neentanda-bulumko zabantu. Ngaba unqulo lwabo lwamkelekile kuThixo? Kwiinkokeli zonqulo zenkulungwane yokuqala eYerusalem ezazisenza kanye oko, ngokufanelekileyo uYesu Kristu wasebenzisa amazwi uThixo awawathetha ngomprofeti uIsaya, esithi: “Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; kanti intliziyo yabo ikude lee kum; bafumana ke bendihlonela, befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.” (Mateyu 15:8, 9; 23:5-10) Ngokucacileyo, unqulo olunjalo asilonqulo lokwenyaniso.
12, 13. (a) Ihambo yamalungu ecawa inokumnceda njani umntu abone enoba unqulo lwawo luchanile na? (b) UThixo uya kulujonga njani unqulo lwethu ukuba sikhetha angabafuniyo njengezinxulumani? (2 Kronike 19:2)
12 Kuthekani ukuba iziqhamo zeemfundiso zeenkonzo ezithile, njengoko zibonakala kubomi bamalungu azo aphambili, zibolile? KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu walumkisa: “Balumkeleni abaprofeti ababuxoki . . . Nobaqonda ngeziqhamo zabo. . . . Yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.” (Mateyu 7:15-17) Liyinyaniso elokuba abantu basenokuphazama kuze kufuneke balungiswe. Kodwa imeko iyahluka xa amalungu ecawa, kwanabefundisi, bezifica kuhenyuzo nokukrexeza, ekulweni, ekunxileni, ekubaweni, ekuxokeni, ekusebenzelaneni nemimoya, kunqulo lwezithixo—kuyo nayiphi na okanye kuzo zonke ezi zinto—sekunjalo bangohlwaywa, baze abo baqhubeka neli khondo bangakhutshwa ebandleni. Ngokucacileyo iBhayibhile ithi abo benza izinto ezinjalo bafanele bagxothwe ebandleni; abayi kungena eBukumkanini bukaThixo. (Galati 5:19-21) Unqulo lwabo alumkholisi uThixo, ibe nolwethu unqulo aluyi kumkholisa uThixo ukuba sikhetha abo angabafuniyo njengezinxulumani.—1 Korinte 5:11-13; 6:9, 10; ISityhilelo 21:8.
13 Licacile elokuba asingawo onke amaqela athi asebenzisa iBhayibhile alunqulo lokwenyaniso eluchazayo. Ngoko, yintoni iBhayibhile eyichaza njengeempawu zokufanisa unqulo lokwenyaniso?
Iimpawu Ezifanisa Unqulo Lokwenyaniso
14. (a) Zisekelwe kwintoni zonke iimfundiso zonqulo lokwenyaniso? (b) Ngaba iimfundiso zeNgqobhoko ngoThixo nangomphefumlo ziyaluphumelela olu vavanyo?
14 Iimfundiso zalo zisekelwe ngokuqinileyo kwiZibhalo eziphefumlelweyo. “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka.” (2 Timoti 3:16) Kodwa iBhayibhile eNgcwele ithetha phi ngoBathathu Emnye weNgqobhoko? Yaye kuphi apho iBhayibhile ifundisa, njengokuba besenza abefundisi, ukuba abantu banomphefumlo oqhubeka uphila emva kokufa komzimba wenyama? Ngaba wakha wamcela umfundisi ukuba akubonise ezo mfundiso eBhayibhileni yakho? IThe New Encyclopædia Britannica ithi: “Igama elithi uBathathu Emnye kwanemfundiso yakhe ecacileyo azibonakali kwiTestamente Entsha.” (1992, Micropædia, uMqulu 11, iphepha 928) Yaye iNew Catholic Encyclopedia ithi: “Phakathi kwaBaseki beCawa abangabaPostile, akuzange kubekho nto esondela kwaukusondela kwingcamango okanye kwingqiqo enjalo.” (1967, uMqulu XIV, iphepha 299) Ke yona ingcamango yeNgqobhoko yomphefumlo owahlukanayo nomzimba ekufeni, abaphengululi becawa bayavuma ukuba baboleka ingcamango yentanda-bulumko yamaGrike. Noko ke, unqulo lokwenyaniso aluyilahleli kwesinomhlwa inyaniso yeBhayibhile ngenxa yentanda-bulumko yabantu.—Genesis 2:7; Duteronomi 6:4; Hezekile 18:4; Yohane 14:28.
15. (a) IBhayibhile imchaza njani Lowo kufanelwe kunqulwe yena kuphela? (b) Abanquli bokwenyaniso bavakalelwa njani ngokusondela kuYehova?
15 Unqulo lokwenyaniso lukhuthaza ukunqulwa koThixo omnye kuphela oyinyaniso, uYehova. (Duteronomi 4:35; Yohane 17:3) Ebeka ngawakhe amazwi oko kuthethwa kwiDuteronomi 5:9 nesesi-6:13, uYesu Kristu ngokuqinileyo wathi: “YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.” (Mateyu 4:10) Ngokuvisisana noko, uYesu wazisa abafundi bakhe igama likaYise. (Yohane 17:26) Ngaba unqulo lwakho lukufundisile ukunqula uYehova? Ngaba uMntu omelwa lelo gama uyamazi—iinjongo zakhe, imisebenzi yakhe, iimpawu zakhe—kangangokuba uvakalelwa kukuba ngentembelo unokusondela kuye? Ukuba unqulo lwakho luyinyaniso, umele uphendule uthi ewe.—Luka 10:22; 1 Yohane 5:14.
16. Ukukholwa kuKristu kuthetha ukuthini kwabo bangamalungu onqulo lokwenyaniso?
16 Inxalenye ebalulekileyo yonqulo olumkholisayo uThixo kukuba nokholo kuNyana wakhe, uYesu Kristu. (Yohane 3:36; IZenzo 4:12) Oku akuthethi ukukholwa ukuba waphila okanye wayengumntu obalaseleyo nje kuphela. Kuquka ukuxabisa oko iBhayibhile ikufundisayo ngexabiso ledini lobomi bukaYesu obufezekileyo nokugqala isikhundla sakhe namhlanje njengoKumkani wasezulwini. (INdumiso 2:6-8; Yohane 3:16; ISityhilelo 12:10) Ukuba unxulumana nabo bakunqulo lokwenyaniso, uyazi ukuba kubomi bemihla ngemihla bazabalazela ukuthobela uYesu, ukuxelisa umzekelo wakhe, nokuba nesabelo ngokobuqu ngenzondelelo kumsebenzi awawuthuma abafundi bakhe. (Mateyu 28:19, 20; Yohane 15:14; 1 Petros 2:21) Ukuba oko akuyonyaniso ngabo unqula nabo, kufuneka uqhubeke ukhangela.
17. Kutheni abanquli bokwenyaniso bekuphaphele ukungadyojwa lihlabathi, ibe oko kuquka ntoni?
17 Unqulo lokwenyaniso alungcoliswa kukubandakanyeka kwezobupolitika nakwiimbambano zehlabathi. (Yakobi 1:27) Ngoba? Ngenxa yokuba uYesu wathi ngabalandeli bakhe: “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” (Yohane 17:16) UYesu akazange agxuphuleke kwezobupolitika, yaye wabanqanda abalandeli bakhe ekusebenziseni izixhobo zokwenyama. (Mateyu 26:52) Abo bakunikela ingqalelo oko iLizwi likaThixo likutshoyo ‘abaphindi bafunde ukulwa.’ (Isaya 2:2-4) Ukuba naluphi na unqulo olilungu lalo nokuba kungegama nje aluyifanelekeli loo nkcazelo, ngoku lixesha lokuba uqhawule lonke unxibelelwano nalo.—Yakobi 4:4; ISityhilelo 18:4, 5.
18. (a) UYohane 13:35 ubonisa ukuba luluphi uphawu olubalaseleyo lonqulo lokwenyaniso? (b) Unokumnceda njani umntu abone ukuba luluphi unqulo oluvisisana noYohane 13:35?
18 Unqulo lokwenyaniso lufundisa luze luqhelisele uthando lokungazingci. (Yohane 13:35; 1 Yohane 3:10-12) Uthando olunjalo alupheleli nje ngokushunyayelwa. Luthi ngokwenene lumanyanise abantu beentlanga zonke kubuzalwana bokwenene, abakwimigangatho eyahlukahlukeneyo ngokwezoqoqosho, abathetha zonke iilwimi nabazo zonke izizwe. (ISityhilelo 7:9, 10) Luyawahlula amaKristu kwihlabathi eliwangqongileyo. Ukuba ubungekayi, khawuye kwiintlanganiso eziqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, kwanakwiindibano zawo ezinkulu. Wabukele njengokuba esebenza kunye esakha enye yeeHolo zawo zoBukumkani. Wabukele indlela abaphatha ngayo abantu abakhulileyo (kuquka abahlolokazi) kwanabantu abaselula (kuquka abo banomzali omnye okanye baziinkedama). (Yakobi 1:27) Thelekisa oko ukubonayo noko sele ukubonile kwezinye iinkonzo. Wandule ke uzibuze, ‘Ngoobani abakunqulo lokwenyaniso?’
19. (a) Unqulo lokwenyaniso luthi sisiphi isicombululo seengxaki zoluntu? (b) Amalungu onqulo lokwenyaniso afanele abambelele kwintoni?
19 Unqulo lokwenyaniso luthi uBukumkani bukaThixo sesona sicombululo siya kuhlala sihleli seengxaki zoluntu. (Daniyeli 2:44; 7:13, 14; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:4, 5) Ngaba zikho iicawa zeNgqobhoko ezikwenzayo oko? Wagqibela nini ukuva umfundisi echaza uBukumkani bukaThixo noko iZibhalo zibonisa ukuba buya kukufeza? Ngaba intlangano olilungu layo iyakukhuthaza ukuba uthethe nabanye ngoBukumkani bukaThixo, yaye ukuba kunjalo, ngaba onke amalungu ayakwenza oko? UYesu wabunikela obo bungqina; abafundi bakhe bokuqala benjenjalo. Nawe unokuba nelungelo lokuba nesabelo kulo msebenzi. Ngowona msebenzi ubalulekileyo wenziwayo emhlabeni namhlanje.—Mateyu 24:14.
20. Ukongezelela ekufaniseni unqulo lokwenyaniso, simele senze ntoni?
20 Nangona kukho amawaka eenkonzo, iBhayibhile ngokukhawuleza isinceda siyeke ukudideka ukuze sikwazi ukufanisa eyinyaniso. Kodwa kufuneka senze okungakumbi kunokuyifanisa nje. Kubalulekile ukuba siluqhelisele. Oko kubandakanyekileyo koku kuya kuqwalaselwa ngokweenkcukacha kwinqaku lethu elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuqhomfa: IZenzo 17:28; INdumiso 139:1, 16; Eksodus 21:22, 23. Uqhawulo-mtshato: Mateyu 19:8, 9; Roma 7:2, 3. Ubufanasini: Roma 1:24-27; 1 Korinte 6:9-11. Ukusebenzisa kakubi iziyobisi notywala: 2 Korinte 7:1; Luka 10:25-27; IMizekeliso 23:20, 21; Galati 5:19-21. Igazi nokuziphatha kakubi: IZenzo 15:28, 29; IMizekeliso 5:15-23; Yeremiya 5:7-9. Intsapho: Efese 5:22–6:4; Kolose 3:18-21. Ukulahlwa: INdumiso 27:10; Malaki 2:13-16; Roma 8:35-39. Ukugula: ISityhilelo 21:4, 5; 22:1, 2; Tito 1:2; INdumiso 23:1-4. Ukufa: Isaya 25:8; IZenzo 24:15. Izinto eziza kuqala: Mateyu 6:19-34; Luka 12:16-21; 1 Timoti 6:6-12.
b Ukuze ubone imizekelo yeziprofeto ezinjalo nokuzaliseka kwazo bona incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?, iphepha 117-61; nethi Ukuqiqa NgeZibhalo, iphepha 72-4, 85-91, 135-42. Zombini zipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Ekufaniseni unqulo oluchanileyo, yimbono kabani eyona ibalulekileyo?
◻ Ziziphi iinkalo ezine zobungqina ezibonisa ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo?
◻ Kutheni ingezizo zonke iinkonzo ezisebenzisa iBhayibhile ezamkelekileyo kuThixo?
◻ Ziziphi iimpawu ezintandathu eziphawula okuphela konqulo oluchanileyo?
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
AmaNgqina kaYehova . . .
◆ Azisekela eBhayibhileni zonke iimfundiso zawo.
◆ Anqula okuphela koThixo oyinyaniso, uYehova.
◆ Aphila ngokuvisisana nokholo lwawo kuYesu Kristu.
◆ Akabandakanyeki kwezobupolitika nakwiimbambano zehlabathi.
◆ Azama ukubonakalisa uthando lokungazingci mihla le.
◆ Athi uBukumkani bukaThixo sisicombululo esiya kuhlala sihleli seengxaki zoluntu.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
IBHAYIBHILE—yintoni ebonisa ukuba iqulethe isigidimi sikaThixo esiya kulo lonke uluntu?