IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 8/1 iphe. 15-20
  • Hlakulela Ulwazelelelo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hlakulela Ulwazelelelo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ulungele Ukuxolela”
  • Ukuba Bhetyebhetye Xa Ujamelene Neemeko Eziguqukayo
  • Ulwazelelelo Ekusebenziseni Igunya
  • Yiba Bhetyebhetye NjengoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • UYehova Unolwazelelelo!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Kuxabise Ukuba Nesisa Nengqiqo KukaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • AmaKristu—Angqalile Kanti Abhetyebhetye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 8/1 iphe. 15-20

Hlakulela Ulwazelelelo

“Ulwazelelelo lwenu malwazeke kubantu bonke. INkosi isondele.”—FILIPI 4:5, NW.

1. Kutheni kulucelomngeni ukuba nolwazelelelo kwihlabathi lanamhlanje?

“UMNTU onolwazelelelo”—intatheli eliNgesi uMhlekazi Alan Patrick Herbert wathi ngumntu wasentsomini. Eneneni, maxa wambi kusenokubonakala ngathi abantu abanolwazelelelo baphelile kweli hlabathi lizaliswe ziingxwabangxwaba. IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba kule “mihla yokugqibela” enomngcipheko, abantu babeya kuba ‘ziindlobongela,’ “abaneentloko ezilukhuni” kunye ‘nabangayifuni kwaphela imvisiswano’—ngamanye amazwi, babengayi kuba nalo kwaphela ulwazelelelo. (2 Timoti 3:1-5) Nangona kunjalo, amaKristu okwenyaniso aluxabisa ngokwenene ulwazelelelo, esazi ukuba luphawu lobulumko obuvela kuThixo. (Yakobi 3:17, TE) Asivakalelwa kukuba umntu akanako ukuba nolwazelelelo kwihlabathi elingenalo ulwazelelelo. Kunoko, silwamkela ngokupheleleyo ucelomngeni olwaphakanyiswa sisiluleko esiphefumlelweyo sompostile uPawulos esikwabaseFilipi 4:5 (NW): “Ulwazelelelo lwenu malwazeke kubantu bonke.”

2. Amazwi ompostile uPawulos kwabaseFilipi 4:5 asinceda njani sibone enoba sinolwazelelelo kusini na?

2 Phawula indlela amazwi kaPawulos asinceda ngayo sizihlole enoba sinolwazelelelo kusini na. Asingombandela nje wokuba thina sizibona njani; ngumbandela wokuba abanye basibona njani, okanye saziwa njani. Inguqulelo kaPhillips iyiguqulela ngolu hlobo le ndinyana: “Manaziwe ngokuba ngabantu abanolwazelelelo.” Ngamnye wethu usenokwenza kakuhle ukuzibuza, ‘Ndaziwa njani? Ngaba ndidume ngokuba ngumntu onolwazelelelo, oyekelelayo nothantamisayo? Okanye ngaba ndaziwa ngokuba ngumntu ongqongqo gqitha, ongqwabalala okanye onguntamo-lukhuni?’

3. (a) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ulwazelelelo” lithetha ukuthini, yaye kutheni olu phawu lunomtsalane? (b) UmKristu unokufunda ukuba nolwazelelelo ngakumbi njani?

3 Udumo lwethu kule nkalo luya kubonisa umkhamo esimxelisa ngawo uYesu Kristu. (1 Korinte 11:1) Ngoxa wayelapha emhlabeni, uYesu wawubonakalisa ngokugqibeleleyo umzekelo kaYise ophakamileyo wokuba nolwazelelelo. (Yohane 14:9) Eneneni, xa uPawulos wabhala ‘ngobulali nokuthantamisa kukaKristu,’ igama lesiGrike awalisebenzisayo ukuchaza ukuthantamisa (e·pi·ei·kiʹas) likwathetha “ulwazelelelo” okanye, ngokoqobo, “ukuyekelela.” (2 Korinte 10:1) IThe Expositor’s Bible Commentary ilibiza eli ngokuthi “lelinye lawona magama abalaseleyo okuchaza iimpawu zobuntu kwiTestamente Entsha.” Lichaza uphawu olunomtsalane kangangokuba omnye umphengululi uliguqulela eli gama ngokuthi “ulwazelelelo olumyoli.” Ngoko ke, masixubushe iindlela ezintathu uYesu, njengoYise, uYehova, awabonisa ulwazelelelo ngazo. Ngaloo ndlela sinokufunda iindlela esinokuba nolwazelelelo ngakumbi ngazo nathi.—1 Petros 2:21.

“Ulungele Ukuxolela”

4. UYesu wabonisa njani ukuba “ulungele ukuxolela”?

4 NjengoYise, uYesu wabonisa ulwazelelelo lwakhe ‘ngokulungela ukuxolela’ izihlandlo ezininzi. (INdumiso 86:5, NW) Khawucinge ngesihlandlo xa uPetros, iqabane elisenyongweni, wakhanyela uYesu izihlandlo ezithathu ngobusuku bokubanjwa nokuchotshelwa kwetyala likaYesu. Ngaphambilana uYesu wayethe: “Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo.” (Mateyu 10:33) Ngaba uYesu wawusebenzisa ngokungqongqo gqitha nangokungenanceba lo mthetho kuPetros? Hayi; emva kokuvuswa Kwakhe, uYesu wamtyelela uPetros, ngokungathandabuzekiyo ukuze amthuthuzele aze amomeleze lo mpostile wayeguqukile, etyumke intliziyo. (Luka 24:34; 1 Korinte 15:5) Kungekudala emva koko, uYesu wavumela uPetros abe neembopheleleko ezinkulu. (IZenzo 2:1-41) Ungalufumana phi olungaphezu kolu ukuba myoli ulwazelelelo! Ngaba akuthuthuzeli ukucinga ukuba uYehova umisele uYesu njengoMgwebi woluntu lonke?—Isaya 11:1-4; Yohane 5:22.

5. (a) Abadala bafanele badume ngantoni phakathi komhlambi? (b) Yiyiphi inkcazelo abadala abasenokuyihlola ngaphambi kokusingatha amatyala okugweba, yaye ngoba?

5 Xa abadala begweba ebandleni, bazabalazela ukulandela umzekelo kaYesu wolwazelelelo. Abafuni izimvu ziboyike njengabohlwayi. Kunoko, bafuna ukuxelisa uYesu ukuze izimvu zizive zikhuselekile xa zinabo njengabalusi abanothando. Kwimicimbi yokugweba, bazabalazela ukuba ngabanolwazelelelo, abalungele ukuxolela kangangoko. Ngaphambi kokusingatha imicimbi enjalo, bambi abadala bakufumanise kuluncedo ukuhlola amanqaku eMboniselo kaJulayi 1, 1992 athi “UYehova, ‘Umgwebi Wehlabathi Lonke’ Ongakhethi Buso” nelithi “Badala, Gwebani Ngobulungisa.” Ngaloo ndlela bakhumbula ushwankathelo lwendlela kaYehova yokugweba: “Ukuba ngqongqo apho kuyimfuneko, ukubonakalisa inceba apho kunokwenzeka.” Akuyompazamo ukutyekela ngakwinceba ekugwebeni xa kukho izizathu ezivakalayo zokwenjenjalo. (Mateyu 12:7) Kuyimpazamo enkulu ukuba ngqwabalala okanye ukungabi nanceba. (Hezekile 34:4) Ngaloo ndlela abadala bayakuphepha ukuphazama ngokuzabalazela ukubonakalisa uthando, nenceba kangangoko ngokuvumelana nokusesikweni.—Thelekisa uMateyu 23:23; Yakobi 2:13.

Ukuba Bhetyebhetye Xa Ujamelene Neemeko Eziguqukayo

6. UYesu walubonisa njani ulwazelelelo xa wayeqhubana nomfazi weeNtlanga owayenentombi eyayiphethwe ziidemon?

6 NjengoYehova, uYesu wazingqina ekhawuleza ukuguqula ikhondo lakhe okanye ukuzivisisanisa neemeko eziguqukayo njengokuba zazivela. Ngasihlandlo sithile umfazi weeNtlanga wamcenga ukuba aphilise intombi yakhe eyayiphethwe ziidemon ngamandla. Ngeendlela ezintathu ezahlukahlukeneyo, ekuqaleni uYesu wabonisa ukuba wayengayi kumnceda—okokuqala, ngokwala ukumphendula; okwesibini, ngokumxelela ngokuthe ngqo ukuba wayethunywe kumaYuda, kungekhona kwabeeNtlanga; yaye okwesithathu, ngokumenzela umzekeliso owawubalaselisa ingongoma ekwafanayo. Sekunjalo, lo mfazi wazingisa phezu kwako konke oku, enikela ubungqina bokholo olubalaseleyo. Ngenxa yezi meko zikhethekileyo, uYesu wayenokubona ukuba yayingeloxesha lokuba anyanzelise umthetho owawusaziwa kakhulu; yayilixesha lokuba abe bhetyebhetye avumelane nemigaqo ephakame ngakumbi.a Ngaloo ndlela, uYesu wenza kanye oko wayebonise izihlandlo ezithathu ukuba wayengayi kukwenza. Wayiphilisa intombi yalo mfazi!—Mateyu 15:21-28.

7. Abazali banokulubonisa ngaziphi iindlela ulwazelelelo, ibe ngoba?

7 Ngaba nathi ngokufanayo saziwa njengabakulungeleyo ukuba bhetyebhetye xa kufanelekile? Ngokufuthi abazali bafanele babonise ulwazelelelo olunjalo. Ekubeni umntwana ngamnye ahlukile, iindlela ezisebenzayo komnye zisenokungafaneleki komnye. Ukongezelela, njengokuba abantwana bekhula, iimfuno zabo ziyaguquka. Ngaba ixesha abafanele babe sekhaya ngalo lifanele liguqulwe? Ngaba isifundo sentsapho siya kuba yingenelo ukuba sinokudlamka ngakumbi? Xa umzali esabela ngendlela ebaxiweyo kwisiphoso esincinane, ngaba ukulungele ukuzithoba aze alungise imicimbi? Abazali abayekelelayo ngezo ndlela bayakuphepha ukubacaphukisa ngokungeyomfuneko abantwana babo baze babakhukulise bemke kuYehova.—Efese 6:4.

8. Abadala bebandla banokukhokela njani ekuzivisisaniseni neemfuno zentsimi?

8 Nabadala kufuneka bazivumelanise neemeko eziguqukayo, ngoxa bengalalanisi kwimithetho kaThixo engqalileyo. Kumbandela wokuvelela umsebenzi wokushumayela, ngaba niziphaphele iinguqulelo entsimini? Njengoko iindlela abantu abaphila ngazo elumelwaneni ziguquka, mhlawumbi kumele kukhuthazwe ukunikela ubungqina ngamarhatya, ukunikela ubungqina esitratweni, okanye ukunikela ubungqina ngomnxeba. Ukuzivisisanisa neemeko ngezo ndlela kusinceda sizalisekise uthumo lwethu lokushumayela ngokunempumelelo ngakumbi. (Mateyu 28:19, 20; 1 Korinte 9:26) NoPawulos waqinisekisa ukuba wayezivisisanisa nazo zonke iindidi zabantu kubulungiseleli bakhe. Ngaba nathi senjenjalo, ngokomzekelo, ngokufunda ngokwaneleyo ngeenkonzo nezithethe zasekuhlaleni ukuze sikwazi ukunceda abantu?—1 Korinte 9:19-23.

9. Kutheni umdala engafanele agxininise ekusingatheni iingxaki ngendlela awayesenza ngayo kwixa elidluleyo?

9 Njengokuba le mihla yokugqibela iya isiba yenomngcipheko ngakumbi, abalusi kusenokufuneka bazivisisanise kwanezinye iingxaki ezintsonkothe ngendlela edidayo nezingathandekiyo umhlambi ojamelana nazo ngoku. (2 Timoti 3:1) Badala, eli asiloxesha lokuba ngqongqo ngokugqith’ emgceni! Ngokuqinisekileyo umdala ebengayi kugxininisa ekusingatheni iingxaki ngendlela ebesenza ngayo ngaphambili ukuba iindlela zakhe azisasebenzi okanye ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ ubone kufanelekile ukuba apapashe inkcazelo entsha ngaloo mibandela. (Mateyu 24:45; thelekisa INtshumayeli 7:10; 1 Korinte 7:31.) Omnye umdala othembekileyo ngokunyanisekileyo wazama ukunceda udade odandathekileyo owayefuna kakhulu umphulaphuli olungileyo. Noko ke, lo mdala wakujonga njengento engenkulu kangako ukudandatheka kwakhe waza wamnika isicombululo nje esilula. Yandula ke iWatch Tower Society yapapasha inkcazelo ethile esekelwe eBhayibhileni eyayithetha ngengxaki yalo dade. Lo mdala waqinisekisa ukuba wayethetha naye kwakhona, ngoku esebenzisa inkcazelo entsha yaye ebonisa uvelwano ngengxaki yakhe. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:14, 15.) Onjani wona ukuba mhle umzekelo wolwazelelelo!

10. (a) Abadala banokusibonisa njani isimo sengqondo sokuyekelela omnye komnye nakulo lonke iqumrhu labadala? (b) Iqumrhu labadala lifanele libajonge njani abo babonakala bengenalwazelelelo?

10 Kwakhona abadala kufuneka babe nesimo sengqondo sokuyekelela omnye ngakomnye. Xa iqumrhu labadala lihlanganisene, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba kungabikho umdala omnye onyanzelisa izimvo zakhe! (Luka 9:48) Lowo wongameleyo kufuneka azibambe ngokukodwa kule nkalo. Yaye xa umdala omnye okanye ababini bengavumelani nesigqibo salo lonke iqumrhu labadala, abayi kunyanzela ukuba izinto zenziwe ngendlela yabo. Kunoko, logama nje kungaphulwanga umgaqo weZibhalo, baya kuyekelela, bekhumbula ukuba kufuneka abadala babe nolwazelelelo. (1 Timoti 3:2, 3, NW) Kwelinye icala, iqumrhu labadala lifanele likhumbule ukuba uPawulos walingxolisa ibandla laseKorinte ngenxa yokuba ‘lalinyamezela abantu abangenalwazelelelo’ ababesithi ‘bangabona bapostile baziincamisa.’ (2 Korinte 11:5, 19, 20, NW) Ngoko bafanele bakulungele ukululeka omnye umdala oziphatha ngobuntamo-lukhuni, ongenalwazelelelo, kodwa bona bafanele babe nobulali nobubele xa besenjenjalo.—Galati 6:1.

Ulwazelelelo Ekusebenziseni Igunya

11. Iinkokeli zonqulo zamaYuda zomhla kaYesu zazahluke njani kuYesu ngendlela ezazilisebenzisa ngayo igunya?

11 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, ulwazelelelo lwakhe lwalubonakala kwindlela awayelisebenzisa ngayo igunya awayelinikwe nguThixo. Hayi indlela awayahluke ngayo kwiinkokeli zonqulo zomhla wakhe! Khawuqwalasele umzekelo. Umthetho kaThixo wawusithi kwakungamele kwenziwe msebenzi, kwanowokuqokelela iinkuni, ngeSabatha. (Eksodus 20:10; Numeri 15:32-36) Iinkokeli zonqulo zazifuna ukulawula indlela abantu ababewusebenzisa ngayo loo mthetho. Ngoko zakwenza umthwalo wazo ukuyalela oko kanye umntu wayenako ukukuphakamisa ngeSabatha. Zawisa umthetho othi: akunakuphakamisa nto inobunzima obungaphezu kobamakhiwane amabini omileyo. Zade zawisa nomthetho wokuba kunganxitywa iimbadada ezinezikhonkwane, zisithi ukuphakamisa ubunzima obongezelelekileyo bezikhonkwane kwakungumsebenzi! Kuthiwa, xa iyonke, imithetho eyongezelelwa ngabefundisi kumthetho kaThixo ongeSabatha yayingama-39 baza bongezelela into engenasiphelo kuloo mithetho. Kwelinye icala, uYesu akazange azame ukulawula abantu ngokubenza bazive beneentloni ngokubabekela imithetho ebophelelayo engaphele ndawo okanye ngokumisela imilinganiselo engqongo gqitha nengafikelelekiyo.—Mateyu 23:2-4; Yohane 7:47-49.

12. Kutheni sinokuthi uYesu wayengaxengaxengi xa kufikelelwa kwimigaqo kaYehova yobulungisa?

12 Ngoko, ngaba simele sigqibe kwelokuba uYesu wayengekho ngqongqo ekumeleni imilinganiselo kaThixo yobulungisa? Ngokuqinisekileyo wayenjalo! Wayeqonda ukuba imithetho isebenza ngokwenene xa abantu benikela ingqalelo kwimigaqo elawula loo mithetho. Ngoxa abaFarisi babemaxhaphetshu bezama ukulawula abantu ngemithetho emininzi, uYesu wayezama ukufikelela iintliziyo. Ngokomzekelo, wayesazi kakuhle ukuba akunakuyekelelwa xa kufikelelwa kwimithetho kaThixo efana nothi “wubalekeni umbulo.” (1 Korinte 6:18) Ngoko uYesu walumkisa abantu ngeengcinga ezazinokukhokelela ekuziphatheni okubi. (Mateyu 5:28) Imfundiso enjalo yayifuna ubulumko nokuqonda okungakumbi kunokusuka nje uwise imithetho engqingqwa.

13. (a) Kutheni abadala befanele bakuphephe ukumisa imithetho engqongqo? (b) Ziziphi ezinye zeenkalo ekubalulekileyo ukuhlonela isazela somntu ngamnye kuzo?

13 Ngokufanayo namhlanje abazalwana abakwizikhundla zembopheleleko banomdla wokufikelela iintliziyo. Ngaloo ndlela, bayakuphepha ukuwisa imithetho yobuqu, engekho bhetyebhetye okanye ukuguqulela iimbono zabo ekubeni yimithetho. (Thelekisa uDaniyeli 6:7-16.) Ngamathuba athile, ukukhumbuza ngobubele ngemibandela enjengesinxibo nokuzilungisa kunokuba yinto efanelekileyo nefike ngexesha, kodwa umdala usenokulonakalisa udumo lwakhe njengomntu onolwazelelelo ukuba usoloko elilisela ngaloo mibandela okanye uzama ukumisela oko kuyindlela yena akhetha ngayo. Eneneni, bonke ebandleni bafanele bakuphephe ukuzama ukulawula abanye.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 1:24; Filipi 2:12.

14. UYesu wabonisa njani ukuba wayenolwazelelelo ngoko wayekulindele kwabanye?

14 Abadala basenokufuna ukuzihlolisisa xa kufikelelwa komnye umbandela: ‘Ngaba ndibonisa ulwazelelelo koko ndikulindeleyo kwabanye?’ Ngokuqinisekileyo uYesu wayenjalo. Wayesoloko ebonisa abalandeli bakhe ukuba wayengalindelanga ngaphezu kwemigudu yabo yomphefumlo uphela yaye le migudu wayeyixabisa ngokwenene. Wamncoma umhlolokazi olihlwempu ngokunikela ngeemalana zakhe ezixabiso liphantsi. (Marko 12:42, 43) Wabangxolisa abafundi bakhe xa bagxeka umnikelo kaMariya oxabiso likhulu, esithi: “Nimaphulelani na? . . . Yena ukwenzile abenako.” (Marko 14:6, 8) Wayenolwazelelelo naxa abalandeli bakhe bemphoxa. Ngokomzekelo, nangona wabongoza abapostile bakhe abathathu ababengabona basenyongweni ukuhlala bephaphile yaye belindile kunye naye ngobusuku bokubanjwa kwakhe, bamdanisa ngokoyiswa bubuthongo ngokuphindaphindiweyo. Sekunjalo, ngovelwano wathi: “Umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.”—Marko 14:34-38.

15, 16. (a) Kutheni abadala befanele balumke bangawunyanzeli okanye bawuphathe rhabaxa umhlambi? (b) Omnye udade othembekileyo wakwazi njani ukuba ngolungeleleneyo koko wayekulindela kwabanye?

15 Liyinyaniso elokuba uYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba ‘bazibhokoxe ngamandla.’ (Luka 13:24, NW) Kodwa akazange abanyanzele ukuba benjenjalo! Wabakhuthaza, wabamisela umzekelo, wabakhokela, waza wazama ukufikelela iintliziyo zabo. Wayekholose ngamandla omoya kaYehova ukuba agqibezele. Ngokufanayo namhlanje abadala bafanele bakhuthaze umhlambi ukuba ukhonze uYehova ngentliziyo iphela kodwa bafanele bakuphephe ukuwenza uzive unetyala okanye uneentloni, ngokubonisa ukuba oko bakwenzayo ngoku enkonzweni kaYehova ngandlel’ ithile akwanelanga okanye akwamkelekanga. Ukuwuqhuba ngamandla ngokuthi “yenzani okungakumbi, yenzani okungakumbi, yenzani okungakumbi!” kusenokubatyhafisa abo benza okusemandleni abo. Hayi indlela ebekuya kuba lusizi ngayo ukuba umdala adume ngokuba ‘kunzima ukumkholisa’—nto leyo ekude lee nokuba ngonolwazelelelo!—1 Petros 2:18, NW.

16 Sonke sifanele sibe nolwazelelelo ngoko sikulindele kwabanye! Omnye udade, emva kokuba yena nomyeni wakhe besishiyile isabelo sabo sobuvangeli basemazweni ukuze banyamekele unina owayekhathazwa yimpilo, wabhala: “La maxesha anzima ngokwenene kuthi bavakalisi apha emabandleni. Ekubeni sasikumsebenzi wesiphaluka nowesithili, sikhuselekile kwiingcinezelo ezininzi, ngequbuliso kwasikhanyela kabuhlungu oku. Ngokomzekelo, ndandidla ngokucinga ukuba, ‘Kutheni laa dade enganikeli uncwadi oluchanileyo kule nyanga? Akabufundi kanti yena Ubulungiseleli BoBukumkani?’ Ngoku ndiyasazi isizathu. Kwabathile oku kuphela kwabanokukwenza ukuze baphume [baye enkonzweni].” Kulunge ngakumbi ukubancoma abazalwana bethu ngoko bakwenzayo kunokubagweba ngoko bangakwenziyo!

17. UYesu wamisela umzekelo njani ngokuba nolwazelelelo?

17 Khawuqwalasele umzekelo wokugqibela wendlela uYesu alisebenzisa ngayo igunya lakhe ngolwazelelelo. NjengoYise, uYesu akalikhuseli ngomona igunya lakhe. Naye ukwabalasele ngokwabela abanye imisebenzi, umisele udidi lomkhonzi wakhe othembekileyo ukuze lunyamekele ‘yonke impahla yakhe’ apha emhlabeni. (Mateyu 24:45-47) Yaye akoyiki ukuphulaphula iingcamango zabanye. Ngokufuthi wayebuza abo bamphulaphuleyo: “Nithini na nina?” (Mateyu 17:25; 18:12; 21:28; 22:42) Kufanele kube njalo naphakathi kwabo bonke abalandeli bakaKristu namhlanje. Nokuba sele benegunya kangakanani na abafanele bangafuni kuphulaphula. Bazali, phulaphulani! Madoda, phulaphulani! Badala, phulaphulani!

18. (a) Sinokufumanisa njani enoba sidume ngokuba nolwazelelelo kusini na? (b) Siya kuba senza kakuhle ukuzimisela kwintoni sonke?

18 Ngoko ke, ngamnye wethu ufuna ‘ukuduma ngokuba ngonolwazelelelo.’ (Filipi 4:5, Phillips) Kodwa sinokwazi njani ukuba sidume ngolo hlobo? Kaloku, xa uYesu wayenomdla wokwazi ukuba abantu bathini ngaye, wabuza izinxulumani zakhe awayezithembile. (Mateyu 16:13) Kutheni ungalandeli umzekelo wakhe? Unokubuza umntu omthembayo ukuba akafihli enokuba udume ngokuba ngumntu onolwazelelelo, oyekelelayo kusini na. Ngokuqinisekileyo sonke sinokwenza lukhulu ukuze siwuxelise ngokusondele ngakumbi umzekelo kaYesu ogqibeleleyo wolwazelelelo! Ngokukodwa ukuba sinegunya elithile phezu kwabanye, masisoloko silandela umzekelo kaYehova noYesu, ngalo lonke ixesha silisebenzisa ngolwazelelelo, ngamaxesha onke silungele ukuxolela, sibe bhetyebhetye, okanye siyekelele xa kufanelekile. Eneneni, ngamana ngamnye wethu angazabalazela ukuba ‘ngonolwazelelelo’!—Tito 3:2, NW.

[Umbhalo osemazantsi]

a Incwadi ethi New Testament Words ithi: “Umntu one-epieikēs [onolwazelelelo] uyazi ukuba kukho amaxesha apho into isenokuba yevumeleke ngokupheleleyo ngokomthetho ize sekunjalo ibe yephosakele ngokupheleleyo ngokwemigaqo yokuziphatha. Umntu one-epieikēs uyazi ukuba umele awunyenyise nini umthetho ngenxa yamandla aphakame ngakumbi kunomthetho.”

Ubuya Kuphendula Uthini?

◻ Kutheni amaKristu efanele afune ukuba nolwazelelelo?

◻ Abadala banokumxelisa njani uYesu ngokulungela ukuxolela?

◻ Kutheni sifanele sizabalazele ukuba bhetyebhetye njengokuba uYesu wayenjalo?

◻ Sinokulubonisa njani ulwazelelelo kwindlela esilisebenzisa ngayo igunya?

◻ Sinokuzihlola njani enoba sinolwazelelelo ngokwenene kusini na?

[Umfanekiso okwiphepha 15]

UYesu wamxolela ngokukhawuleza uPetros owayeguqukile

[Umfanekiso okwiphepha 16]

Xa omnye umfazi wabonisa ukholo olubalaseleyo, uYesu wabona ukuba yayingeloxesha lokunyanzelisa umthetho owawusaziwa kakhulu

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Bazali phulaphulani!

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Madoda phulaphulani!

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Badala phulaphulani!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share