Ngaba Ufundisa Njengokuba UYesu Wayesenza?
“Zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.”—MATEYU 7:28, 29.
1. Ngoobani ababelandela uYesu njengokuba wayefundisa eGalili, ibe wasabela njani uYesu?
KUZO zonke iindawo awayesiya kuzo uYesu, izihlwele zazithontelana kuye. “Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.” Njengoko ingxelo yomsebenzi wakhe yayisasazeka, “walandelwa zizihlwele ezininzi zivela kwelaseGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.” (Mateyu 4:23, 25) Akuzibona, “wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.” Njengoko wayefundisa zazinokuluva uvelwano okanye imfesane awayenayo ngazo; yayifana namafutha emanxebeni azo awayezenza zitsaleleke kuye.—Mateyu 9:35, 36.
2. Ukongezelela kwimimangaliso kaYesu, yintoni eyayitsala izihlwele ezininzi?
2 Hayi indlela awayebaphilisa ngokungummangaliso ngayo uYesu ngokwenyama—ehlambulula abaneqhenqa, esenza izithulu zive, iimfama zibone, iziqhwala zihambe, ebuyisela abafi ebomini! Ngokuqinisekileyo ukubonakaliswa kwamandla kaYehova awayesebenza kuYesu ngezi ndlela zikhwankqisayo kwakuya kutsala izihlwele ezikhulu kakhulu! Kodwa zazingatsalwa yimimangaliso kuphela; izihlwele ezikhulu zazisiza ukuze ziphiliswe ngokomoya nto leyo eyayisenzeka xa uYesu wayefundisa. Ngokomzekelo, phawula indlela ezasabela ngayo, emva kokuba zive iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni edumileyo: “Xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.” (Mateyu 7:28, 29) Abafundisi bazo babecaphula izithethe ezazidluliselwe ngomlomo ngabafundisi bamandulo njengegunya labo. UYesu wayezifundisa ngegunya elivela kuThixo: “Izinto endizithethayo mna, njengoko uBawo andixeleleyo, ndenjenjalo ukuzithetha.”—Yohane 12:50.
Iimfundiso Zakhe Zazifikelela Intliziyo
3. Indlela uYesu awayesidlulisela ngayo isigidimi sakhe yayahluke njani kuleyo yababhali nabaFarisi?
3 Iimfundiso zikaYesu nezababhali nabaFarisi zazingahlukanga ngoko zazikuqulethe kuphela—iinyaniso ezivela kuThixo ngokwahlukileyo kwizithethe zabantu ezazidluliselwe ngomlomo nezaziluxanduva—kodwa kwanendlela ezazidluliselwa ngayo. Ababhali nabaFarisi babenekratshi yaye bengqwabalala, ngempakamo befuna ukubizwa ngezibizo zokubaphakamisa yaye ngendelelo bezijongela phantsi izihlwele ‘njengoluntu oluqalekisiweyo.’ Noko ke, uYesu wayelulamile, enobulali, enobubele, enovelwano, yaye ngokufuthi eyekelela yaye wayenemfesane kuzo. UYesu wayengafundisi ngamazwi ayinyaniso nje kuphela kodwa wayekwasebenzisa amazwi amyoli aphuma entliziyweni yakhe, awafikelela iintliziyo zabaphulaphuli bakhe. Isigidimi sakhe esivuyisayo sasibatsalela kuye abantu, sibashukumisela ukuba bafike kwangethuba etempileni ukuze bamphulaphule, yaye sibabangela banamathele kuye yaye bakuvuyele ukumphulaphula. Babesiza beyimiqodi ukuza kumphulaphula, besithi: “Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.”—Yohane 7:46-49; Marko 12:37; Luka 4:22; 19:48; 21:38.
4. Ngokukhethekileyo yintoni eyayitsala abantu abaninzi ekushumayeleni kukaYesu?
4 Ngokuqinisekileyo, esinye sezizathu ezazibangela abantu bazive betsaleleka kwiimfundiso zakhe kukusebenzisa kwakhe imizekeliso. UYesu wayebona oko abanye babekubona, kodwa wayecinga ngezinto ababengazange bacinge ngazo. Iinyibiba ezikhula endle, iintaka ezakha iindlwane zazo, amadoda atyalayo, abalusi ababuya namatakane abelahlekile, abafazi abathungela iziziba kwiimpahla ezindala, abantwana abadlala kwindawo yembutho, ababambisi beentlanzi abatsala iminatha yabo—izinto eziqhelekileyo ezazibonwa nguwonke wonke—uYesu wayengazijongi njengezingenamsebenzi. Naphi na apho wayekhangela khona, wayebona into awayenokuyisebenzisa ukuze enze umzekeliso ngoThixo noBukumkani Bakhe okanye abethelele ingongoma ethile ngoluntu olwalumngqongile.
5. UYesu wayeyisekela kwintoni imizekeliso yakhe, yaye yintoni eyayiyenza ibe nempumelelo?
5 Imizekeliso kaYesu isekelwe kwizinto abantu abazibona izihlandlo ezininzi mihla le, yaye xa iinyaniso zinxulunyaniswa nezi zinto ziqhelekileyo, zibetheleleka ngokukhawuleza yaye zendela nzulu ezingqondweni zabo baphulaphuleyo. Abapheleli nje ngokuziva iinyaniso ezinjalo; kodwa bayazibona ngeliso lengqondo yaye zikhumbuleka lula kwixesha elizayo. Imizekeliso kaYesu yayilula, ingazaliswanga yinkcazelo eninzi engeyomfuneko eyayinokuphazamisa ize ithintele ukuba baziqonde iinyaniso. Ngokomzekelo, khawuqwalasele umzekeliso womSamariya ongummelwane olungileyo. Ukubona ngokucacileyo oko kuthethwa kukuba ngummelwane olungileyo. (Luka 10:29-37) Kwandule ke kubekho oonyana ababini—omnye owathi wayeya kusebenza esidiliyeni kodwa akasebenza, omnye owathi wayengayi kusebenza kodwa waya. Ngokukhawuleza uyakubona oko kuthethwa kukuthobela—ukwenza umsebenzi owabelweyo. (Mateyu 21:28-31) Abantu babengozeli okanye iingqondo zabo zibhadule ebudeni beemfundiso zikaYesu ezazidlamkile. Zazigcinwa zixakekile ziphulaphule yaye zibona.
UYesu Wayeyekelela Xa Kufuneka Oko Ukuze Kuboniswe Uthando
6. Ulwazelelelo, okanye ukuyekelela, kuba luncedo ngokukodwa nini?
6 Amaxesha amaninzi xa iBhayibhile ithetha ngokuba nolwazelelelo, umbhalo osemazantsi weNW ubonisa ukuba ithetha ukuba ngoyekelelayo. Ubulumko obuvela kuThixo buyayekelela xa kukho iimeko ezithethelelayo. Sifanele sibe nolwazelelelo, okanye siyekelele, ngamathuba athile. Abadala bafanele bakulungele ukuyekelela xa kufuneka oko ukuze kuboniswe uthando yaye kukho inguquko. (1 Timoti 3:3; Yakobi 3:17) UYesu washiya imizekelo ebalaseleyo yokuyekelela, enganamatheli ngokungqongqo kwimithetho eqhelekileyo xa kufuneka oko ukuze kuboniswe inceba okanye imfesane.
7. Yiyiphi eminye yemizekelo ebonisa ukuba uYesu wayeyekelela?
7 UYesu wakha wathi: “Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.” Kodwa akazange amlahle uPetros, nangona uPetros wamkhanyela izihlandlo ezithathu. Kwakukho iimeko ezithethelelayo, ekubonakala ukuba uYesu waziqwalasela. (Mateyu 10:33; Luka 22:54-62) Kwakhona kwakukho iimeko ezithethelelayo xa umfazi owayeyinqambi enethombo legazi waphula uMthetho kaMoses ngokungena phakathi kwizihlwele. UYesu akazange amgwebe naye. Wayiqonda imeko ebuhlungu awayekuyo. (Marko 1:40-42; 5:25-34; bona kwanoLuka 5:12, 13.) UYesu wayexelele abapostile bakhe ukuba bangachazi ukuba unguMesiya, kodwa akazange anamathele kuloo mthetho ngokungqongqo xa wazichaza ngolo hlobo kumSamariyakazi owayesequleni. (Mateyu 16:20; Yohane 4:25, 26) Kuzo zonke ezi meko, uthando, inceba nemfesane zenza kwafaneleka ukuyekelela.—Yakobi 2:13.
8. Ababhali nabaFarisi babeyityeshela nini imithetho, yaye bengayaphuli nini?
8 Babahlukile ababhali nabaFarisi ababengayekeleli. Kwezabo izinto babezityeshela izithethe zabo zeSabatha ukuze baye kuseza inkomo yabo. Okanye ukuba inkomo okanye unyana wabo wayewele equleni, babeyityeshela iSabatha ukuze bamkhuphe. Kodwa kubantu abaqhelekileyo, babengayekeleli nakancinane! Bona ‘babengathandi kuyishukumisa [imithetho] nangomnwe lo wabo.’ (Mateyu 23:4; Luka 14:5) KuYesu, abantu babebalulekile kunenkoliso yemithetho; kubaFarisi, imithetho yayibalulekile kunabantu.
Ukuba ‘Ngunyana Womthetho’
9, 10. Emva kokubuyela eYerusalem, abazali bakaYesu bamfumana phi, yaye kwakubaluleke ngantoni ukubabuza kukaYesu imibuzo?
9 Bambi bakhalaza ngelithi sinye kuphela isiganeko esibhaliweyo esenzeka ngoxa uYesu wayeseyinkwenkwe. Sekunjalo abaninzi bayasilela ukubona ukubaluleka kweso siganeko. Ingxelo yaso siyifumana kuLuka 2:46, 47: “Emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza. Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.” ITheological Dictionary of the New Testament kaKittel ivelisa ingcamango yokuba kule meko igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ebabuza” alibonisi umdla wobukhwenkwe nje kuphela. Eli gama lisenokubhekisela kwimibuzo esetyenziswa xa kuvavanywa ityala enkundleni, kuphandwa, okanye kuncinwa, “kwanakwimibuzo egocagocayo neyobuqili yabaFarisi nabaSadusi,” enjengaleyo ikhankanywe kuMarko 10:2 nese-12:18-23.
10 Kwaesi sichazi-magama sihlabela mgama senjenje: “ngenxa [yale] ndlela lisetyenziswa ngayo kusenokubuzwa enoba . . . [uLuka] 2:46 akabonisi ubukhulu becala umdla wobukhwenkwe wokuthand’ ukubuza, kodwa kunoko ubonisa ukuxoxa kwakhe ngokunempumelelo. [INdinyana] 47 ibiya kuhambelana kakuhle gqitha nale mbono yamva.”a Indlela uRotherham ayiguqulela ngayo Lu 2 indinyana 47 iyibeka njengempikiswano: “Kaloku bonke ababemva basuka bee ndwanya, ngenxa yendlela awayeziqonda ngayo izinto neempendulo zakhe.” IWord Pictures in the New Testament kaRobertson ithi ukumangaliswa kwabo kuthetha ukuba “basuka bee ndwanya ngokungathi namehlo abo ayeza kuphuma.”
11. UMariya noYosefu basabela njani koko bakubonayo nabakuvayo, yaye sathini esinye isichazi-magama sezakwalizwi ngoku?
11 Bakuba ekugqibeleni befikile abazali bakaYesu, “bakhwankqiswa.” (Luka 2:48) Lo kaRobertson uthi igama lesiGrike kweli binzana lithetha “ukothuka, ukugxadazeliswa ngenqindi.” Wongezelela athi uYosefu noMariya “bothuswa” koko bakubonayo nabakuvayo. Ngandlel’ ithile, uYesu wayesele engumfundisi omangalisayo. Yaye ngenxa yoku kwenzeka etempileni, incwadi kaKittel ithi “uYesu uyiqalisa eseyinkwenkwe imbambano ekwakuza kufuneka ekugqibeleni abo wayebambene nabo kuyo banikezele.”
12. Kamva yintoni eyayibalasele kwiingxubusho zikaYesu neenkokeli zonqulo?
12 Ibe banikezela ngokwenene! Kwiminyaka kamva, uYesu waboyisa abaFarisi ngokubabuza kangangokuba “kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.” (Mateyu 22:41-46) NabaSadusi ngokufanayo bashiywa bengenamilomo kumbandela wovuko, yaye “baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le.” (Luka 20:27-40) Kwenzeka okufanayo nangababhali. Emva kokuba omnye wabo ebephikisana noYesu, ‘akuzange kube sabakho mntu ubenobuganga bakumbuza nto.’—Marko 12:28-34.
13. Yintoni eyabangela ukuba oko kwenzeka etempileni kube kokubalulekileyo kubomi bukaYesu, yaye oku kubonisa ukuba yintoni enye awayeyiqonda?
13 Kwakutheni ukuze kukhethwe esi siganeko sibandakanya uYesu nabafundisi etempileni kuphela kwimbali yobukhwenkwe bakhe? Sasilixesha lokuguquka kobomi bukaYesu. Xa wayemalunga ne-12 leminyaka ubudala, waba koko amaYuda ayekubiza ngokuthi “unyana womthetho,” owayenembopheleleko yokuthobela yonke imithetho. Xa uMariya wakhalazela uxinezeleko uYesu awayebabangele lona benoYosefu, impendulo yonyana wakhe yabonisa ukuba wayeyiqonda indlela awazalwa ngokungummangaliso ngayo nokuba kamva wayeya kuba nguMesiya. Oko kuboniswa kukutsho kwakhe ngokungqalileyo ukuba uThixo wayenguYise: “Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?” Okubangel’ umdla kukuba la ngamazwi okuqala kaYesu abhaliweyo eBhayibhileni, yaye abonisa ukuba wayeyiqonda injongo kaYehova yokumthumela emhlabeni. Ngaloo ndlela, sonke esi siganeko sibaluleke gqitha.—Luka 2:48, 49.
UYesu Uyabathanda Yaye Uyabaqonda Abantwana
14. Ziziphi iingongoma ezibangel’ umdla abantu abaselula abasenokuzifunda kwingxelo engoYesu oselula etempileni?
14 Le ngxelo ifanele ibe yechulumancisa ngokukodwa kubantu abaselula. Ibonisa indlela amele ukuba uYesu wayefundisisa ngenkuthalo ngayo njengoko wayekhulela ebudodeni. Abafundisi etempileni bathi manga bubulumko balo “nyana womthetho” uneminyaka eli-12 ubudala. Kodwa waqhubeka esebenza noYosefu kwishishini lokuchwela, “wabalulamela” benoMariya, yaye wahambela phambili “ekuthandweni nguThixo nangabantu.”—Luka 2:51, 52.
15. UYesu wayebaxhasa njani abantu abaselula ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni, ibe oku kuthetha ntoni kubantu abaselula namhlanje?
15 UYesu wayebaxhasa ngokwenene abantu abaselula ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni: “Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide: basuka bacaphuka, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele udumiso?” (Mateyu 21:15, 16; INdumiso 8:2) Uwaxhasa ngokufanayo amakhulu amawaka abantu abaselula namhlanje abagcina ingqibelelo yabo nabamdumisayo, bambi babo abade baphulukana nobomi babo ngokwenjenjalo!
16. (a) UYesu wabafundisa siphi isifundo abapostile bakhe ngokumisa umntwana oselula phakathi kwabo? (b) Kungaliphi ixesha elinzima ebomini bukaYesu awathi nangalo wazipha ixesha nabantwana?
16 Xa abapostile babephikisana ngokuba nguwuphi owayengoyena mkhulu, uYesu wathi kwabali-12: “Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke. Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo, Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.” (Marko 9:35-37) Ngaphezu koko, ngoxa wayesinge eYerusalem okwesihlandlo sokugqibela, ukuze ajamelane nemeko ebuhlungu nokufa, wazipha ixesha nabantwana: “Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.” Wandula ke “wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.”—Marko 10:13-16.
17. Kutheni kwakulula ngoYesu ukubaqonda abantwana, yaye yintoni abantwana abamele bayikhumbule ngaye?
17 UYesu uyazi ukuba kunjani ukuba ngumntwana phakathi kwabantu abadala. Wayephila nabantu abadala, esebenza nabo, waba namava okubathobela, yaye waba namava okuziva efudumele yaye enqabisekile ngenxa yokuba ethandwa ngabo. Bantwana, lo Yesu ukwangumhlobo wenu; wanifela, yaye niya kuphila ngonaphakade ukuba nithobela imithetho yakhe.—Yohane 15:13, 14.
18. Yiyiphi ingcamango ekhwankqisayo esifanele siyikhumbule, ngokukodwa ngamaxesha okuxinezeleka okanye obunzima?
18 Ukwenza njengokuba uYesu eyalela akunzima njengokuba kusenokubonakala ngathi kunjalo. Lutsha, uhlala elungele ukunixhasa nabo bonke abanye abantu, kanye njengokuba sifunda kuMateyu 11:28-30: “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. Thabathani idyokhwe yam niyithwale [okanye, “Ngenani edyokhweni yam kunye nam,” umbhalo osemazantsi weNW], nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.” Khawufan’ ucinge, njengokuba uqhubeka nobomi bakho ukhonza uYehova, uYesu usecaleni kwakho, esenza idyokhwe ibe mnandi nomthwalo ube lula. Leyo yingcamango echulumancisayo kuthi sonke!
19. Yiyiphi imibuzo engeendlela uYesu awayefundisa ngazo esimele siyihlolisise ngamathuba athile?
19 Emva kokuqwalasela ezimbalwa nje kwiindlela uYesu awayefundisa ngazo, ngaba sifumanisa ukuba sifundisa njengokuba wayesenza? Xa sibona abo bagulayo ngokwenyama okanye balambayo ngokomoya, ngaba imfesane isishukumisela ekubeni senze okusemandleni ethu ukubanceda? Xa sifundisa abanye, ngaba sifundisa iLizwi likaThixo, okanye, njengabaFarisi, ngaba sifundisa ezethu iingcamango? Ngaba siziphaphele izinto ezenzeka mihla le phakathi kwethu ezinokusetyenziswa ukuze sicacise, sakhe umfanekiso-ngqondweni, sikhanyise, size sihambisele phambili ukuqondwa kweenyaniso zokomoya? Ngaba siyakuphepha ukubambelela ngokungqongqo kwimithetho ethile xa, ngenxa yeemeko, uthando nenceba ziya kubonakaliswa kakuhle ngakumbi ngokuyekelela ekusetyenzisweni kwemithetho enjalo? Yaye kuthekani ngabantwana? Ngaba sibonakalisa inkxalabo kubo nobubele obunothando ngokufanayo noYesu? Ngaba abantwana bakho ubakhuthaza ukuba bafundisise njengokuba uYesu wenzayo ngoxa wayeseyinkwenkwe? Ngaba uya kubonisa ubungqongqo njengoYesu kodwa ukulungele ukubamkela ngobubele abaguqukayo, kanye njengokuba isikhukukazi siwahlanganisa amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso?—Mateyu 23:37.
20. Sinokuzikhuthaza ngayiphi ingcamango evuyisayo njengokuba sikhonza uThixo?
20 Ukuba sizabalazela ukwenza okusemandleni ethu ukufundisa njengokuba uYesu wayesenza, ngokuqinisekileyo uya kusivumela ‘singene edyokhweni yakhe kunye naye.’—Mateyu 11:28-30.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kakade ke, sinezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba uYesu wayeya kubonisa intlonelo efanelekileyo kubantu abadala kunaye, ngokukodwa iingwevu nababingeleli.—Thelekisa iLevitikus 19:32; IZenzo 23:2-5.
Uyakhumbula Na?
◻ Yintoni eyayibangela izihlwele zithontelane ukuza kuYesu?
◻ Maxa wambi kwakutheni ukuze uYesu ayekelele kwimithetho ethile?
◻ Sinokufunda ntoni kwindlela uYesu awayebabuza ngayo abafundisi etempileni?
◻ Sinokufunda ntoni kulwalamano lukaYesu nabantwana?