IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 4/15 iphe. 15-20
  • Imini KaYehova Eyoyikekayo Isondele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imini KaYehova Eyoyikekayo Isondele
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ngemihla Yokugqibela”
  • UThixo Uyasondela Ukuba Agwebe
  • Abagcini Bengqibelelo Abasencwadini Yobomi
  • Ngubani Oya Kusinda Ngemini KaYehova?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Incwadi YeBhayibhile 39—Malaki
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • “Intsikelelo Kude Kungasweleki Nto”
    Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova
  • Ixesha Lokucikidwa Nelokuhluzwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 4/15 iphe. 15-20

Imini KaYehova Eyoyikekayo Isondele

“Incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.”—MALAKI 3:16.

1, 2. Yiyiphi imini eyoyikekayo uMalaki alumkisa ngayo kusengaphambili?

KWAKUSOYIKEKA! Njengokuba kwakusithi qheke ukusa ngoAgasti 6, 1945, ngesiquphe isixeko esikhulu satshatyalaliswa. Itshoba lalal’ umbethe kubantu abamalunga nama-80 000! Amashumi amawaka enzakala ngokumanyumnyezi! Kwakulephuza amadangatye omlilo! Ibhombu yenyukliya yayiwufezile umsebenzi wayo. Kwenzeka ntoni kumaNgqina kaYehova ebudeni baloo ntlekele? Kwakukho iNgqina elinye kuphela eHiroshima—lalivalelwe ngaphaya kweendonga ezikhuselayo zentolongo ngenxa yengqibelelo yalo yobuKristu. Loo ntolongo yawa bhuma, kodwa umzalwana wethu akazange enzakale. Xa ebalisa uthi, loo bhombu yeathom yamkhupha entolongweni—mhlawumbi leyo kuphela kwento elungileyo eyaphunyezwa yiloo bhombu.

2 Nangona ukudubula kwaloo bhombu kwakusoyikeka kangako, akuthathi nento le xa kuthelekiswa ‘nemini enkulu eyoyikekayo kaYehova’ ezayo. (Malaki 4:5) Kakade, kwixa elidluleyo ziye zakho iimini ezoyikekayo, kodwa le kaYehova imini iya kuzigqwesa zonke.—Marko 13:19.

3. Nguwuphi umahluko ophawulekayo phakathi kwayo “yonke inyama” nentsapho kaNowa ngaphambi koNogumbe?

3 Ngemihla kaNowa ‘yonke inyama yayiyonakalisile indlela yayo ehlabathini,’ waza uThixo wavakalisa oku: “Ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi.” (Genesis 6:12, 13) Njengokuba kubhalwe kuMateyu 24:39, uYesu wathi abantu ‘abazange baqonde, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke.’ Kodwa uNowa othembekileyo, “umvakalisi wobulungisa,” wasinda kuloo Nogumbe, kunye nentsapho yakhe eyoyik’ uThixo.—2 Petros 2:5.

4. Nguwuphi umzekelo osisilumkiso esiwufumana kwiSodom neGomora?

4 UYuda 7 uyabalisa, “ISodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo . . . imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhleni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade.” Abo bantu bangahloneli Thixo batshabalala ngenxa yendlela ababephila ngayo engamanyala ngokugqithisileyo. Abantu abathe phithi sisini kweli hlabathi lanamhlanje mabalumke! Noko ke, phawula ukuba uLote owoyika uThixo neentombi zakhe basindiswa bephila ebudeni baloo ntlekele, njengokuba abanquli bakaYehova beya kukhuselwa ebudeni bembandezelo enkulu esondela ngokukhawuleza.—2 Petros 2:6-9.

5. Sinokufunda ntoni kwimigwebo eyaphunyezwa kwiYerusalem?

5 Ngoko qwalasela imizekelo elumkisayo yaxa uYehova wasebenzisa imikhosi ehlaselayo ukutshabalalisa iYerusalem, eso sixeko sizukileyo sakha saba “yimihlali yehlabathi lonke.” (INdumiso 48:2) Ezi ziganeko ziyintlekele zenzeka, okokuqala ngowama-607 B.C.E. yaye kwakhona ngowama-70 C.E., ngenxa yokuba abantu ababezibanga bengabakaThixo balulahla unqulo lokwenyaniso. Okuvuyisayo kukuba abakhonzi abanyanisekileyo bakaYehova basinda. Intlekele yowama-70 C.E. (eboniswe ngezantsi) ichazwa ‘njengembandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwangelo xesha.’ Yayitshayela ngokupheleleyo inkqubo yezinto ewexukileyo yamaYuda, yaye ngokuqinisekileyo ngaloo ngqiqo ‘ayisayi kubuya ibekho.’ (Marko 13:19) Kodwa kwanoku kuphunyezwa kwemigwebo kaThixo kwakungumfuziselo nje kuphela ‘wembandezelo enkulu’ ngoku esongela le nkqubo yehlabathi yezinto iphela.—ISityhilelo 7:14.

6. Kutheni uYehova evumela iintlekele?

6 Kutheni uThixo evumela iintlekele ezimanyumnyezi, ekufa abantu abaninzi kuzo? Kwimeko kaNowa, yaseSodom naseGomora, nakweyaseYerusalem, uYehova wayephumeza umgwebo kwabo babeyonakalisile indlela yabo emhlabeni, ababesingcolise ngokoqobo esi sijikelezi-langa sihle nangokuziphatha okuthoba isidima, nababewexukile, okanye balugatya, unqulo lokwenyaniso. Namhlanje sesisondele kakhulu kumgwebo oya kubandakanya wonk’ ubani oya kugubungela ihlabathi liphela.—2 Tesalonika 1:6-9.

“Ngemihla Yokugqibela”

7. (a) Imigwebo kaThixo yamandulo yayiprofeta ngantoni? (b) Liliphi ithemba elizukileyo eliseza kuzaliseka?

7 Ezo ntshabalaliso zamandulo zaziprofeta ngembandezelo enkulu eyoyikekayo echazwe kweyesi-2 kaPetros 3:3-13. Lo mpostile uthi: “Nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko.” Andule ke, ebhekisela kumhla kaNowa, uPetros abhale athi: “Ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala. Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.” Emva kweyona mbandezelo inkulu, ulawulo lukaMesiya loBukumkani ekudala lulindelwe luya kubonakala ngendlela entsha—“elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.” Elinjani lona ukuvuyisa ithemba!

8. Iziganeko zehlabathi zisondela njani kuvutho-ndaba?

8 Kule nkulungwane yethu yama-20, iziganeko zehlabathi ngokuthe ngcembe bezisinge kuvutho-ndaba. Nangona ukutshatyalaliswa kweHiroshima kwakungengomsebenzi kaThixo, kusenokuqukwa ‘kwizinto ezoyikekayo’ uYesu awaprofeta ukuba ziya kwenzeka ngexesha lokuphela. (Luka 21:11) Kwaba kukuqalisa kwesisongelo senyukliya esisagrogrisa uluntu nanamhlanje. Ngaloo ndlela, umxholo owawukwiThe New York Times kaNovemba 29, 1993, ufundeka ngolu hlobo: “Kusenokwenzeka Ukuba Imipu Ayisekho Kwimeko Entle Kodwa Izixhobo Zenyukliya Zihleli Zilungile.” Okwangoku, iimfazwe phakathi kwamazwe, phakathi kweentlanga naphakathi kwezizwana ziyaqhubeka zisenza omkhulu umonakalo. Mandulo iingxwelerha ezininzi zazisiba phakathi kwamajoni. Namhlanje, ama-80 ekhulwini kwiingxwelerha zemfazwe kuthiwa iba ngabantu abangabandakanyekanga emfazweni, singasathethi ke ngezigidi ezibaleka kumazwe azo okuzalwa njengeembacu.

9. Iinkokeli zonqulo zibubonise njani ubuhlobo nehlabathi?

9 Iinkokeli zonqulo ngokufuthi zibonise, yaye zisaqhubeka zibonisa, “ubuhlobo balo ihlabathi” ngokubandakanyeka ngokupheleleyo kwiimfazwe nakuvukelo-mbuso ekuphalala igazi kulo. (Yakobi 4:4) Zimbi ziye zasebenzisana noosomashishini ababawayo beli hlabathi njengoko aba bevelisa intaphane yezixhobo yaye bethengisa iziyobisi. Ngokomzekelo, ichaza ngokubulawa komnye umthengisi weziyobisi waseMzantsi Merika, iThe New York Times yathi: “Ukuthengisa kwakhe iziyobisi ebekufihla ngobutyebi abufumana kumashishini asemthethweni nokuzenza umncedi wabantu, ebenenkqubo yakhe kunomathotholo yaye ngokufuthi ubumfumana ephahlwe ngabefundisi bamaRoma Katolika.” IThe Wall Street Journal yathi ukongezelela ekonakaliseni ubomi bezigidi eziye zangamakhoboka eziyobisi, lo mthengisi weziyobisi uye wayalela ukubulawa kwamawaka abantu. IThe Times yaseLondon yathi: “Ngokufuthi ababulali bahlawulela uMthendeleko okhethekileyo wokubulela . . . ngexesha elinye nelo lenkonzo yomngcwabo walowo ubuleweyo oqhubeka kwenye indawo.” Obunjani bona ubungendawo!

10. Sifanele sikujonge njani ukonakala ngakumbi kweemeko zehlabathi?

10 Ngubani owaziyo ukuba ngumonakalo ongakanani amadoda aphenjelelwa ziidemon aseza kuwenza kulo mhlaba? Njengoko eyoku-1 kaYohane 5:19 isitsho, “ihlabathi liphela lilele kongendawo,” uSathana uMtyholi. Namhlanje ‘nguyeha, kwabo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.’ (ISityhilelo 12:12) Noko ke, okuvuyisayo kukuba amaRoma 10:13 asiqinisekisa ukuba “bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.”

UThixo Uyasondela Ukuba Agwebe

11. Ziziphi iimeko ezazikho kwaSirayeli ezabangela ukuba uMalaki aprofete?

11 Ngokuphathelele ikamva loluntu elingekude, isiprofeto sikaMalaki sicacisa oko kuza kwenzeka kungekudala. UMalaki ubhalwe ekugqibeleni kuludwe lwabaprofeti abangamaHebhere bamandulo. USirayeli wayebone ukuphanziswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. Kodwa emva kweminyaka engama-70 ngenceba uYehova wabonisa ububele obunothando ngokubuyisela olo hlanga kwilizwe lalo. Noko ke, kungaphelanga neminyaka elikhulu, uSirayeli waphinda wawela kuwexuko nobungendawo. Aba bantu babengalihloneli igama likaYehova, beyiphose kwelokulibala imithetho yakhe yobulungisa, yaye bengcolisa itempile yakhe ngokuzisa izilwanyana zokwenza amadini eziziimfama, eziqhwalelayo nezigulayo. Babelahla abafazi bobutsha babo ukuze batshate abafazi basemzini.—Malaki 1:6-8; 2:13-16.

12, 13. (a) Kukuphi ukucocwa okuye kwayimfuneko kudidi lwabathanjiswa abangababingeleli? (b) Isihlwele esikhulu sona singenelwa njani ekucocweni?

12 Kwakufuneka kwenziwe umsebenzi wokucoca. Lo msebenzi uchazwa kuMalaki 3:1-4. NjengamaSirayeli amandulo, amaNgqina kaYehova ale mihla nawo kwafuneka ecociwe, ngoko umsebenzi wokucoca ochazwe nguMalaki unokubhekiselwa nakuwo. Njengoko imfazwe yehlabathi yokuqala yayisondela ekupheleni, aBafundi beBhayibhile abathile, njengokuba amaNgqina ayesaziwa njalo ngoko, abazange babe ngoondilele ngokupheleleyo kwimicimbi yehlabathi. Ngowe-1918, uYehova wathumela ‘umthunywa Wakhe womnqophiso,’ uKristu Yesu, kwilungiselelo letempile Yakhe yokomoya ukuze acoce iqela elincinane labanquli Bakhe ekudyobhekeni lihlabathi. Eprofeta, uYehova wabuza: “Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yokuza [komthunywa]? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo. Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi [iqela lababingeleli abathanjisiweyo], abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.” Njengabantu abahlanjululweyo, baye benza oko kanye!

13 Elo qela lababingeleli abathanjisiweyo li-144 000 kuphela. (ISityhilelo 7:4-8; 14:1, 3) Noko ke, kuthekani ngamanye amaKristu azahluleleyo namhlanje? Ngoku afikelela kwizigidi, la ayila “isihlwele esikhulu” naso esimele sicocwe kwiindlela zehlabathi, ‘sihlambe iingubo zaso ezinde, sizenze mhlophe egazini leMvana.’ (ISityhilelo 7:9, 14) Ngaloo ndlela, ngokukholwa kwidini lentlawulelo leMvana, uKristu Yesu, siyakwazi ukuhlala sicocekile phambi koYehova. Sithenjiswe ukusinda kuyo yonke imbandezelo enkulu, imini eyoyikekayo kaYehova.—Zefaniya 2:2, 3.

14. Ngawaphi amazwi abantu bakaThixo namhlanje abafanele bawathobele njengoko beqhubeka behlakulela ubuntu obutsha?

14 Kunye nentsalela yababingeleli, esi sihlwele sikhulu simele sithobele amazwi kaThixo abhekele phaya: “Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; . . . Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki.” (Malaki 3:5, 6) Nakanye, imilinganiselo kaYehova ayiguquguquki, ngoko besoyika uYehova, abantu bakhe namhlanje bamele baluphephe unqulo-zithixo lwazo zonke iintlobo yaye babe nenyaniso, banyaniseke, yaye babe nesisa njengoko beqhubeka behlakulela ubuntu bobuKristu.—Kolose 3:9-14.

15. (a) Sisiphi isimemo senceba uYehova asidluliselayo? (b) Sinokukuphepha njani ‘ukumqhatha’ uYehova?

15 UYehova udlulisela isimemo kuye nabani na oye wazishiya iindlela zakhe zobulungisa, esithi: “Buyelani kum, ndibuyele kuni.” Ukuba aba bayabuza: “Sibuye ngokuthini na?” uphendula athi: ‘niyandiqhatha.’ Yaye xa ephendula umbuzo obhekele phaya othi: “Sitheni na ukukuqhatha?” uYehova uthi bamqhathe ngokungazisi okona kulungileyo banako xa benikela kwinkonzo yetempile yakhe. (Malaki 3:7, 8) Ekubeni siyinxalenye yabantu bakaYehova, ngokwenene sifanele sifune ukunikela eyona nxalenye inkulu yamandla, ubuchule nezinto zethu eziphathekayo kwinkonzo kaYehova. Ngaloo ndlela, kunokumqhatha uThixo, ‘sifuna tanci ubukumkani nobulungisa bakhe.’—Mateyu 6:33.

16. Sifumana luphi ukhuthazo kuMalaki 3:10-12?

16 Baya kufumana umvuzo ozukileyo bonke abo bazishiyayo iindlela zehlabathi zokuzikholisa nokuthanda izinto eziphathekayo, njengoko uMalaki 3:10-12 ebonisa: “Nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.” Bonke abo banoxabiso, uYehova uthembisa ukuba baya kuphumelela yaye baxakathe iziqhamo ngokomoya. Wongezelela athi: “Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo.” Ngaba akubanga njalo phakathi kwezigidi zabantu bakaThixo abanombulelo emhlabeni wonke namhlanje?

Abagcini Bengqibelelo Abasencwadini Yobomi

17-19. (a) Isaqunge esiqhubeke eRwanda sibachaphazele njani abazalwana bethu apho? (b) Aba bathembekileyo batyhalele phambili ngaluphi uzimiselo?

17 Xa kulapha, makhe sithi gqabagqaba ngengqibelelo yabazalwana noodade wethu baseRwanda. Bebesoloko besizisa eyona minikelo ilungileyo ngokomoya kwindlu kaYehova yokomoya yonqulo. Ngokomzekelo, kwiNdibano yabo yeSithili “Yemfundiso Yobuthixo” ngoDisemba 1993, nangona benabavakalisi boBukumkani abangama-2 080 bebonke abantu ababezile babengama-4 075. Kwabhaptizwa amaNgqina amatsha angama-230, yaye kula, phantse ali-150 abhalisela inkonzo yobuvulindlela bobuncedani kwinyanga elandelayo.

18 Ekuqhambukeni kwentiyo yobuhlanga ngoAprili 1994, ubuncinane amaNgqina ali-180, kuquka umveleli wesixeko saseKigali, idolophu elikomkhulu, nentsapho yakhe yonke, abulawa. Abaguquleli abathandathu kwiofisi yeWatch Tower Society eKigali, abane kubo bengamaHutu ababini bengamaTutsi, baqhubeka besebenza iiveki eziliqela besongelwa ngamandla, de abangamaTutsi kwafuneka babaleke, suka babulawa kwiindawo ekwakuhlolwa kuzo. Ekugqibeleni, bethwele oko kwakusasele kwizixhobo zabo zekhompyutha, abane abaseleyo babalekela eGoma, eZaire, apho baqhubeka ngokunyaniseka beguqulela IMboniselo kulwimi lwesiKinyarwanda.—Isaya 54:17.

19 La maNgqina aziimbacu, nangona iimeko zawo zimbi, ebesoloko ecela ukudla kokomoya ngaphambi kwamalungiselelo ezinto eziphathekayo. Ngokuzincama okukhulu, abazalwana abanothando abasuka kumazwe aliqela bakwazi ukubazisela izinto eziyimfuneko. Ngoko zikuthethayo nangocwangco lwazo ngaphantsi kweemeko ezinzima, ezi mbacu ziye zanikela obumangalisayo ubungqina. Ngokwenene ziye zaqhubeka zisizisa okona kulungileyo kunqulo lukaYehova. Zilubonisile uzimiselo lwazo, olufana nolo lukaPawulos oluboniswe kwabaseRoma 14:8: “Nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi.”

20, 21. (a) Ngamagama oobani angabhalwanga kwincwadi kaYehova yokukhumbuza? (b) Ngamagama oobani akhoyo kuloo ncwadi, ibe ngoba?

20 UYehova uyabazi bonke abo bamkhonza ngengqibelelo. Isiprofeto sikaMalaki siqhubeka sithi: “Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.”—Malaki 3:16.

21 Hayi indlela ekubaluleke ngayo namhlanje ukuba sibonise ukoyika uThixo ngokuhlonela igama likaYehova! Xa sisenjenjalo, asiyi kufumana umgwebo oqatha, njengokuba kuya kwenzeka kwabo bayiqhwabel’ izandla le nkqubo yeli hlabathi. ISityhilelo 17:8 sichaza ukuba ‘amagama abo akabhalwanga encwadini yobomi.’ Ngokusengqiqweni ke, igama elibhalwe kwindawo yokuqala kwincwadi kaYehova yobomi leloMmeli oyiNtloko wobomi, uNyana kaThixo, uYesu Kristu. UMateyu 12:21 uvakalisa oku: “Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.” Idini likaYesu lentlawulelo libaqinisekisa ngobomi obungunaphakade bonke abanokholo kulo. Elinjani ilungelo ekulilo ukuba amagama ethu abhalwe kunye nelo likaYesu kuloo ncwadi!

22. Nguwuphi umahluko oya kubonakala xa uYehova ephumeza umgwebo wakhe?

22 Kuya kwenzeka ntoni kubakhonzi bakaThixo ngomgwebo? UYehova uyaphendula kuMalaki 3:17, 18: “Ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo. Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.” Lo mahluko uya kucaca nakuthathatha: abangendawo, bamiswa kwelinye icala ukuze baye elubethweni olungunaphakade, yaye amalungisa, afanelekela ubomi obungunaphakade phantsi koBukumkani. (Mateyu 25:31-46) Ngaloo ndlela isihlwele esikhulu sezinye izimvu siya kusinda kuloo mini inkulu neyoyikekayo kaYehova.

Uyakhumbula Na?

◻ Yiyiphi imigwebo eyaphunyezwa nguYehova ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

◻ Iimeko zanamhlanje zifana njani nezo zamandulo?

◻ Kukuphi ukuhlambulula okuye kwenzeka kuzaliseka isiprofeto sikaMalaki?

◻ Ngamagama oobani abhaliweyo encwadini kaThixo yokukhumbuza?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share