Ofanele Ukwazi Ngekhwele
YINTONI ikhwele? Yimvakalelo enamandla enokumenza umntu azive enexhala, elusizi okanye ecaphukile. Sisenokuba nekhwele xa omnye umntu ebonakala ephumelela ngakumbi kumsebenzi othile kunathi. Okanye sisenokuba nekhwele xa umhlobo wethu enconywa ngaphezu kwethu. Kodwa ngaba kusoloko kuphosakele ukuba nekhwele?
Abantu abonganyelwa likhwele banotyekelo lokungabathembi abo banokusukuzana nabo. UKumkani uSawule wakwaSirayeli mandulo wayengumzekelo woku. Ekuqaleni wayemthanda umphathi weentonga zakhe, uDavide, kangangokuba wamnyusela waba yinkokeli yomkhosi. (1 Samuweli 16:21; 18:5) Kwandula ke ngenye imini uKumkani uSawule weva abafazi bencoma uDavide ngala mazwi: “USawule ubulele amawaka akhe, uDavide ubulele amawaka akhe angamashumi.” (1 Samuweli 18:7) USawule wayengafanele akuvumele oku kuchaphazele ulwalamano lwakhe oluhle noDavide. Noko ke, wacaphuka. “USawule wahlala emgxeleshile uDavide, kususela kuloo mini.”—1 Samuweli 18:9.
Umntu onekhwele usenokuba akamnqweneleli bubi omnye. Usenokuba akakuthandi nje ukuphumelela komhlobo wakhe yaye unqwenela ukuba neempawu okanye ukuba kwiimeko ezifanayo nezakhe. Kwelinye icala, umona luhlobo lwekhwele elingathandekiyo kwaphela. Ngokufihlakeleyo umntu onomona usenokwenza ukuba uthile ammonelayo angakufumani okuthile okulungileyo okanye usenokumnqwenelela ukuba ehlelwe bububi. Maxa wambi, umntu onomona akakwazi kuyifihla indlela avakalelwa ngayo. Usenokushukunyiselwa ekubeni amenzakalise ngokuphandle omnye, kanye njengokuba uKumkani uSawule wazama ukubulala uDavide. Izihlandlo eziliqela, uSawule wamgibisela ngomkhonto uDavide ezama “ukumqhama nodonga.”—1 Samuweli 18:11; 19:10.
Usenokusabela ngelithi: ‘Kodwa andimntu unekhwele.’ Liyinyaniso elokuba ubomi bakho busenokuba abulawulwa likhwele. Noko ke, ngomlinganiselo othile sonke siyachatshazelwa likhwele—ikhwele esinalo okanye elabanye. Nangona sikhawuleza ukuliphawula ikhwele kwabanye, sisenokungaliboni msinya kuthi.
‘Utyekelo Lokuba Nomona’
Ingxelo yabantu abanesono njengoko yandlalwe eLizwini likaThixo, iBhayibhile, ngokufuthi ibalaselisa izono ezibangelwa ngumona. Ngaba uyayikhumbula ingxelo kaKayin noAbheli? Bobabini aba nyana baka-Adam noEva banikela imibingelelo kuThixo. UAbheli wenjenjalo kuba wayeyindoda yokholo. (Hebhere 11:4) Wayenokholo kumandla kaThixo okuzalisekisa injongo Yakhe ezukileyo ngomhlaba. (Genesis 1:28; 3:15; Hebhere 11:1) Kwakhona uAbheli wayekholelwa ukuba uThixo wayeya kubavuza ngobomi kwiParadisi esemhlabeni abantu abathembekileyo. (Hebhere 11:6) Ngaloo ndlela, uThixo wabonisa ukuba wayekholiswa ngumbingelelo ka-Abheli. Ukuba uKayin wayemthanda ngokwenene umntakwabo, ngekwakumvuyisile ukusikelelwa kuka-Abheli nguThixo. Kunoko, uKayin “waqumba kunene.”—Genesis 4:5.
UThixo wambongoza uKayin ukuba enze okulungileyo ukuze naye asikelelwe. Emva koko uThixo wamlumkisa: “Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.” (Genesis 4:7) Okulusizi kukuba, uKayin akazange awulawule umsindo wakhe obangelwa likhwele. Wamqhubela ekubeni ambulale umntakwabo olilungisa. (1 Yohane 3:12) Ukususela ngoko, amadabi neemfazwe ziye zabulala abantu abangamakhulu ezigidi. IThe World Book Encyclopedia ichaza oku: “Ezinye izinto ezisisiseko ezibangela imfazwe, isenokuba kukunqwenela umhlaba ongakumbi, ukunqwenela ubutyebi obungakumbi, ukunqwenela igunya elingakumbi, okanye ukunqwenela unqabiseko.”
AmaKristu okwenyaniso akananxaxheba kwiimfazwe zeli hlabathi. (Yohane 17:16) Noko ke, okulusizi kukuba maxa wambi amanye amaKristu aye abandakanyeke kumadabi omlomo. Ukuba amanye amalungu ebandla athabatha icala, la madabi anokuphethukela kwiimfazwe zomlomo eziyingozi. Umbhali weBhayibhile uYakobi wawabuza oku amanye amakholwa: “Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu?” (Yakobi 4:1) Wawuphendula loo mbuzo ngokubhenca ukubawela kwabo izinto eziphathekayo waza wongezelela ngelithi, “Niyakhanuka,” okanye niyaqhubeka nisiba ‘nekhwele.’ (Yakobi 4:2, umbhalo osemazantsi kwiNW) Ewe, ukuthanda izinto eziphathekayo kunokukhokelela ekukhanukeni okanye ekubeni nekhwele ngakwabo babonakala benandipha iimeko ezilunge ngakumbi. Ngenxa yesi sizathu, uYakobi walumkisa nxamnye ‘notyekelo lokuba nomona.’—Yakobi 4:5, NW.
Kuyingenelo ngantoni ukuhlolisisa oonobangela bekhwele? Oku kunokusinceda sinyaniseke yaye sihlakulele ulwalamano oluhle ngakumbi nabanye. Kwakhona kunokusinceda sibe ngabantu abaqondayo, abanyamezelayo nabaxolela ngakumbi. Ngaphezu kwako konke, kubalaselisa indlela umntu alufuna ngokunzulu ngayo ilungiselelo likaThixo lothando lokusindisa nokuhlangula uluntu kutyekelo lwesono.—Roma 7:24, 25.
Ihlabathi Elingenalo Ikhwele Elibangelwa Sisono
Ngokwembono yomntu, alinakubakho ihlabathi elingenalo ikhwele elibangelwa sisono. Umbhali uRom Landau wavuma: “Ubulumko obufunyenwe kwizizukulwana ezininzi ezidlulileyo, nako konke okuthethwe zizithandi zobulumko . . . nazizazi ngengqondo ngalo mbandela, akunikeli lukhokelo kumntu othuthunjiswa likhwele. . . . Ngaba ukho ugqirha owakha waphilisa umntu onekhwele?”
Kodwa iLizwi likaThixo lisinika ithemba lokufumana ubomi obufezekileyo kwihlabathi elitsha apho kungayi kubakho bani uya kuphinda akhathazwe likhwele elingelolabuthixo okanye umona. Ngaphezu koko, uxolo lwelo hlabathi aluyi kuphazanyiswa ngabantu abanezo mpawu zingendawo.—Galati 5:19-21; 2 Petros 3:13.
Sekunjalo, asizizo zonke iintlobo zekhwele ezingafanelekanga. Eneneni, iBhayibhile ithi uYehova “nguThixo onekhwele.” (Eksodus 34:14) Kuthetha ntoni oko? Yaye ithini iBhayibhile ngekhwele elifanelekileyo? Kwangaxeshanye, umntu unokulilawula njani ikhwele elingafanelekanga? Bona amanqaku alandelayo.